xhosa.1617.BEC success-tips
UKULAWULA ixesha ngokukuko kuyakunceda uphumelele, ubek' ixesha lokwenz' izinto yaye kuthintela uxinzelelo olwenziwa ngumsebenzi omninzi ekufuneka wenziwe.
Nasi isikhokelo esiza kukunceda ulawule ixesha ngokukuko uze uyonwabel' imini yakho emsebenzini.
1 Musa ukuthandabuza, khuthala
Kubalulekile ukuceba ngokukuko uzazi izinto ezibaluleke kakhulu kodwa ungayeki ukwenz' izinto eziyimfuneko. Xa kukho into ekufuneka uyenze, yenze! Sonke sinazo izinto esiziyekayo singazenzi de sishiywe lixesha.
Khawuzibuze ukuba kutheni le nto uthandabuza nje ukwenza into ethile okanye umsebenzi othile uze uthabathe amanyathelo ayimfuneko ukwenza loo msebenzi.
2 Wenz' umsebenzi wakho wamaphepha
Xa usenz' umsebenzi wamaphepha ungawupakishi uwushiye ungawugqibanga. Uza kukuphazamisa kuba uza kuzibona sel' unamaphepha amaninzi abefuna nje ukusetyenziswa aze alahlwe kamva okanye agqithiswe.
Xa kufika iphepha edesikeni yakho yenza enye yezi zinto zilandelayo:
n Lisebenzise ngokukhawuleza.
n Ligqithisele komny' umntu oza kulisebenzisa.
n Lifake kwifayili xa uza kulisebenzisa ngeny' imini.
n Lilahle emgqonyeni wenkunkuma.
3 Zilawule izinto ezikuphazamisayo
Qinisekis' ukuba uphazanyiswa zizinto eziyinxalenye yomsebenzi wemini. Linga ezi zinto zilandelayo:
n Xelel' abantu oxelenga nabo ukuba awunangxaki ngokuthetha ngemiba yomsebenzi ngexesha lesidlo sasemini okanye emva kwemini.
n Cwangcisa iminxeba yakho engenayo ukuba ithathwe ngumphenduli-minxeba xa ukwazi ukwenjenjalo. Makakuthathel' imiyalezo ukuze wena ubatsalele abo bantu xa sele ukulungele ukuthetha nabo. Mxelel' ukuba ngubani ofuna ukuthetha naye kwanokuba abathini na abanye abakufunayo.
Xa ungakwazi ukwenza ngolu hlobo, cela omny' umntu oxelenga naye athathe iminxeba ngamaxesha athile ukuze omnye akwazi ukwenz' izinto ezibaluleke kakhulu.
4 Ukunik' umntu owaziyo umsebenzi kong' ixesha
Mus' ukucing' ukuba xa umsebenzi unikwe wena kunyanzelekile ukuba wenziwe nguwe. Umsebenzi owunikwayo wujonge ukuba kufuneka uwenze na okanye ungawunika omny' umntu awenze.
Qinisek' ukuba umntu omnik' umsebenzi uyawazi ukuba wenziwa njani, nini, kufuneka wenziwe ube kuliphi inqanaba yaye uyalwaz' uxanduva lwakhe. Vumelanani ngokuthi xa enengxaki abuyele kuwe.
Ungenzi umsebenzi womny' umntu. Kulula ukuzibona sele wenz' umsebenzi womny' umntu xa ubavumel' ukuba bazigqithisele kuwe izinto. Kukangaphi usithi, "Zisa apha kum ndiza kuyenza""
5 Ukucetywa komsebenzi makube nemigwaqo
Ivakala ilula le nto. Kukangaphi uhlangabezana nengxaki yokuphinda-phind' umsebenzi kuba ungenalo ulwazi okanye izixhobo ezaneleyo" Loo nto ilibazis' umsebenzi kodwa ukuceba ngokukuko kungakuthintela oku kulibaziseka. Ukuceba kukunceda wenze umsebenzi uwugqibe kuselithuba. Xa umsebenzi owenzayo ungenayo imigwaqo kwaye ungabekelwanga xesha emawugqitywe ngalo, zibekele wena. Loo nto iza kukunceda umilisel' ingqondo yakho emsebenzini uze uwugqibe ngaphandle kwamagingxi-gingxi.
Yenza into ibenye ngexesha. Xa umilisele ingqondo yakho kuloo msebenzi uwenzayo uyakwazi ukuwenza ngokukuko kwaye uwugqibe ngokukhawuleza.
BONA XHOSA - July 2006
Ukulawula ixesha
Sizame ngako konke okusemandleni ukuziquka zonk' iinkalo eziyinxalenye yalo mba kodwa kungenzeka ukuba kukho ezifunwa lishishini lakho ngokukodwa. Xa kukho into ongayiqondiyo fun' uncedo kwabanolwazi.
BONA - August 2005
