xhosa.1367.metrocop
XA BENDINGENA kwi-ofisi kaChief Superintendent Beauty Legoabe kumahlomela-dolophu akumantla eJozi bendingalindelanga ukufikela kwinenekazi elinesiqwana neliyindlezana.
Ndishiyeke ndimatshekile xa liphakama lindixhawula eli nenekazi liphambili ekulweni nolwaphulo-mthetho. Ndizibuze ngaphakathi ukuba ingaba nguye lo waqeqeshwa yiFBI?
Nakanye! Kodwa uncumo lwakhe lundixelele ukuba yeyona nto imsebenzelayo kuba abantu bayamdela njengokuba besenza kumapolisa aseMzantsi Afrika, kanti badel' umqulu wesilika iiyadi bengazibalanga.
Uthi akakholelwa ekunikweni kwabantu izikhundla ngokwebala labo, yena uthi ufanele usinikwe isikhundla ngokomsebenzi wakho. Sithetha nje uyintloko yamaqela amathathu eJohannesburg Metro Police Department (JMPD) alwa nolwaphulo-mthetho ukususela eMidrand ukuya eVaal River.
"Sinceda namapolisa eSouth African Police Services ekufuneni izikrelemnqa ezenze ulwaphulo-mthetho."
Kaloku naye uqale ukulwa ulwaphulo-mthetho esaphangela kwiSAPS, apho wayekwisikhundla sokuba yikapteni kwaye ephanda amatyala odlwengulo eMamelodi. Ushiye kwiSAPS emva kweminyaka eli-17 waya kuphangela kwiJMPD.
Icandelo aliphetheyo liphinde lijongane namatyala odlwengulo, ukuqhekezwa kwezindlu nobusela.
Amadoda namabhinqa aphangela kwicandelo lakhe ayazi ukuba uLegoabe akawafuni amavila.
Undibonise "imbonakalo yobuso bakhe xa kusetyenzwa", nam ndabona ukuba ngenene uyatshintsha xa kusetyenzwa
"Ndifun' iziphumo ezibonakalayo xa kusetyenzwa kuba injongo yam kukulusiphula neengcambu ulwaphulo-mthetho apha eJoburg," utshilo.
Luza kumnceda uqeqeqsho alufumana kwikomkhulu leFBI eQuantico, nalapho waqeqeshelwa ukuncina abarhanelwa, ukuphatha indawo yophando ekusweleke kuyo abantu, wafumana noqeqesho olunzima lomzimba.
Ukufumana uncedo yeyona nto ikwenza uqhubeke ixesha elide kulo msebenzi.
ULegoabe usoloko ewabeke elisweni amapolisa aphantsi kwakhe ukuze awabone xa sele onganyelwe luxinzelelo lwengqondo olubangelwa ngulo msebenzi. Namapolisa akhe ke ayamnika iziphumo azifunayo ekulweni ulwaphulo-mthetho.
"Ngamapolisa ecandelo lam abamba ababulali bakaLucky Dube," utsho.
Ikwalicandelo lakhe ebelidubulana nemigulukudu kutshanje eDobsonville, eSoweto. Emva kolo dubulwano kwafunyanwa imipu, iziqhushumbisi, iintambo zomnxeba, iiselfowuni noomatshini be-ATM.
ULegoabe ubeyinxalenye yegqiza lamapolisa aye kubonana noonoteksi emva kokuhlaselwa kwebhinqa elalinxibe iskeyiti esifutshane kwirenki eseNoord Street.
"Andizange ndabubona ubulwanyana obunjeya busenziwa ngabantu. Phofu ke bakhona oonoteksi abanesimilo nabazimiseleyo ukusinceda kuphando esilwenza ngesi siganeko, ukanti bakhona ke nabo bayimiqwebedu."
ULegoabe unethemba lokuba ethubeni ziza kuphucuka izixhobo zokusebenza zamapolisa.
"Ngokomzekelo eMelika amapolisa aneelephthophu ezimotweni kwaye ziyakwazi ukuqhagamshelana nezikhululo zamapolisa."
Nathi siza kubanazo ethubeni - ingakumbi xa sinamapolisa anjengoBeauty Legoabe azimisele ukusigcina sikhuselekile. [x]
Intetho ethi 'ungawudeli umqulu wesilika iiyadi ungazibalanga' imfanele uBeauty Legoabe olelinye lamapolisa aphambili eMzantsi Afrika...
Kubhale uForce Khashane
Ndifun' ukulutshayela ulwaphulo-mthetho eJoburg
ULWAPHULO-MTHETHO 2
OBUNGAKWAZI NGAYE
Akuthandayo: "Ukuthenga ingakumbi izihlangu neebhedi ezincinane. Ungandibuzi ke ukuba ndinezihlangu neebhegi ezingaphi.
"Ndiyakuthanda nokupheka yaye ndichith' ixesh' elininzi ekhitshini xa ndisekhaya."
Okumkhuthazayo: "Ndingathi umama ngoyena mntu undikhuthazayo kuba wenza into ayitshoyo. Ndikufunde kuye ukuhlonipha abany' abantu.
"Omnye liSekela leNtloko yeMetro Police eKapa, uPinkie Mathabathe. Ngoyena wayendikhuthaza ngamaxesha obunzima kulo msebenzi.
"Ukuzimisela kwakhe ukuwenzisisa umsebenzi wakhe kwandenza nam ndabhinq' omfutshane emsebenzini wam."
Iqela alithandayo: "YiMamelodi Sundowns."
Akuthandayo: "Abantu abawuthandayo umsebenzi neetalente zabo."
Angakuthandiyo: "Abantu abangathembekanga."
BONA XHOSA June 2008
