xhosa.1613.cassius
AMANQINDI
UCassius Baloyi uphumelele imilo yentshinga eli-12 eminyakeni eli-14 kwaye kungoku nje uyintshatsheli ye-IBF Junior Lightweight, kodwa uthi akukabikho mbethi-manqindi enokuma phambi kwakhe... Kubhale uSteven Makhanya
XA uqala ukumbona uzibonela nje kwamfana, othobekileyo noneentloni ongenakumcingela ntweni. Xa sele umjongisisa uyabona ukuba uyindoda eyomeleleyo emzimbeni nasengqondweni. Uyindoda engenanto ingathi isafun' ukuyibonisa nekwaziyo ukubeth' inqindi.
Ukanti xa umbona ethe cwaka yazi ukuba kwiminyaka engama-20 ubethethelwa ngamanqindi akhe.
Yiminyak' emininzi leyo "kubomi bembethi-manqindi," kodwa uCassius Baloyi awunakumfanisa neziny' iimbethi-manqindi kuba wawuqala eselula gqitha lo mdlalo.
"Ngutata owandenza ndawathanda ndiselula amanqindi. Wayenendawo yokujima ekhaya ngoko ndandimbukela qho xa ebetha ipunchbag, ndaza nam ndawuthanda lo mdlalo," utsho.
UBaloyi wayefunda kumabanga aphantsi ngoko, kwaye ukungcweka ngamanqindi nabantakwabo nabazala bakhe kwamnceda wazuza imbasa yegolide kwitumente eyayiseJamani esafunda amabanga aphakamileyo.
"Ngo-1993 saya kubona uNick Durandt notata. Wathi mandize kwindawo aqeqeshela kuyo iimbethi-manqindi eJozi ukuze ndiziqeqeshe ngezinto ezisemgangathweni.
"Kumlo wam wokuqala kudidi lwabahlawulwayo ndandisilwa no-Isaac S'khosana. Andisokuze ndiwulibale loo mlo kuba ndophuk' isihlahla!"
Ukuza kuthi ga ngoku uBaloyi sele elwe imilo engama-39 kudidi lwabahlawulwayo, waphumelela kwengama-35, wabethwa kwemi-3, walwa ngokulingana komnye.
Ngoku nentombi yakhe elizibulo iwathanda gqitha amanqindi. "Indivusa nasebusuku xa kukho umlo wamanqindi kwiTV," utsho uBaloyi.
Angathini xa nayo ingafuna ukuba yimbethi-manqindi?
"Andinakuyalela, qha ndingayiyala ngokuba amanqindi ngumdlalo onzima noyingozi, kube kuye ke xa efuna ukuqhubeka nawo," utsho.
Le ntshatsheli ye-IBF Junior Lightweight itshate noNomagcino owadibana naye ngo-1995, kwaye balizwe ngeentombi ezimbini.
"UngumKrestu ozinikeleyo yaye uyandithandazela xa ndisilwa," utshilo uBaloyi ngenkosikazi yakhe.
"Usaxhalaba xa ndiye kulwa, kodwa uyazi ukuba amanqindi ndiyawathanda ngoko uyandikhuthaza."
Loo nkuthazo yamnceda nango-2001 xa wazifumana elixhoba lolwaphulo-mthetho. Wadutyulwa ethangeni zizikrelemnqa ezazizama ukuxhwil' imoto yakhe.
Wayenomlo owawusiza kwaye wakhawuleza ukuchacha wabuyela ejimini.
"Ndandingenakuvumela abo nqevu bandiphazamise emsebenzini wam. Yandinceda nemithandazo yenkosikazi yam..."
Omny' umntu onegalelo elikhulu ebomini nasemsebenzini kaBaloyi nguNick Durandt.
UDurandt yindoda esingayibiza "ngotata wamanqindi" kweli kwaye uthi inkampu yakhe ayiphelelwa nokuba iimeko zinzima kangakanani. Kaloku sonke siyazi ukuba amanqindi atsala nzima kweli nakwihlabathi liphela.
Xa uDurandt ethetha ngoCassius Baloyi utyhileka ngokungathi uthetha ngonyana wakhe.
"UCassius uyimbethi-manqindi ezinikeleyo. Uwathanda ngaphakathi amanqindi ngoko kulula ukusebenza naye.
"Eny' into entle kuye kukuba uyaluthanda usapho lwakhe. Uyabathanda kakhulu abantwana bakhe nowakwakhe ongumKrestu nophila ubomi ngendlela eyiyo."
Uzimisele nasemanqindini.
"Sazi ukuba siza kumbetha uMzonke Fana singekalwi naye. Kaloku uMzonke ubephethe intshinga yethu, ngoko kwafuneka silahlekelwe ukuze siyibuyise. Kuye kwafuneka silwe umlo wokuhluza ngaphambi kokuba sifike kuFana.
"UCassius ukholelwa ekubeni xa unezinto ozibekele zona ofuna ukuziphumeza kufanele kungabikho nto ixabe endleleni yakho. Usoloko eyilungele imilo yakhe ngokwasengqondweni, emzimbeni nasemphefumlweni," utsho uDurandt.[x]
BONA XHOSA August 2008
Uzibalule emanqindini
BONA XHOSA August 2008
Ubuso obuthathu bukaCassius Baloyi. Ukusuka ekhohlo, uCassius ecinga nzulu; ebila esoma eqongeni; engutata oneqhayiya nomlandeli wakhe oyintombi yakhe, uCasionelau.
UCassius Baloyi noMr Boxing weli, uNick Durandt, bebhiyozela impumelelo kunye.
