xhosa.1600.legal
AMANDL' OMTHETHO
INGXAKI:
Umsebenzi wam uquka ukuqeshela isibhedlele oonokontraka. Ndicele umntu ongumakhi weekhabhinethi owakhe wasebenza kweyam indlu ukuba andinike ixabiso angenzela ngalo isibhedlele iikhabathi. Ndithe ndakunika umphathi-sibhedlele wathi kufuneka kuze amany' amaxabiso eenkampani ezimbini phambi kokuba kuthathwe isigqibo. Ndaza ke mna ndayibeka imeko kulo mntu, noye wathi yena uza kwenza into eqhel' ukwenziwa zezinye iinkampani. Andinike la maxabiso mabini afunwayo esebenzisa amagama eenkampani ezingekhoyo aze aqinisekise ukuba la maxabiso amva angaphezulu kwelakhe. Ndithe ndakuvuma wathi uza kulibala nangemali endimtyala yona.
Umqeshi wam wafumanisa ukuba la maxabiso abubuxoki. Waza umphathi wesibhedlele namapolisa bafika kwam. Wandityhola ngokurhwaphiliza, esithi ukuba andiziyekeli umsebenzi ndiza kugxothwa. Ndithe ndingavuma ukuyibhala ileta ethi ndiyawuyeka umsebenzi ukuba nje uthembisa ukuba akukho manyathelo angamanye aza kuphinda athathwe.
Emva kweentsuku ezimbalwa umqeshi wam wandazisa ukuba isicelo sam sokuyeka umsebenzi samkelwe, kwaye ndiza kukhululwa ngoko nangoko, kodwa isicelo sokuba ndiwuyeka umsebenzi xa kungekho manyathelo aza kuthatyathwa malunga nesenzo sam, sicinyiwe. Andinikwanga silumkiso kwaye ndaxelelwa ukuba isicelo sam sokuyeka umsebenzi siza kuthathwa njengokugxothwa ngesaquphe. Ndabhatalwa ndagqitywa ngaloo mini ndaza ndakhatshwa ngunogada ukuphuma kwisakhiwo.
Ndizibona ndikhutshwe ngetshova emsebenzini wam kwaye andiqondi ukuba ndenze urhwaphilizo.
Ingaba ndinako ukufumana umsebenzi wam kwakhona ndihlawulwe nomvuzo wam weenyanga ezintandathu weli xesha ndingenawo umsebenzi.
Oxhalabileyo, eThekwini
IINGCEBISO ZESCORPION
Sicinga ukuba ngokomthetho okhusela amalungelo abasebenzi le meko yakho ibimelwe kukuchotshelwa yintlanganiso esemagunyeni yokwaluleka abasebenzi. Isibhedlele sikuvimbile ithuba lokuba nawe uchaze okwenzekileyo, kwaye indlela osuswe ngayo kwisakhiwo somsebenzi wakho nendlela ogxothwe ngayo ayamkelekanga.
Ubukho bamapolisa kwindibano yenu yokuqala kuyacaca ukuba ibisisoyikiso ukuze ukhawuleze uvume loo nto ifunwa ngumqeshi wakho - yokukugxotha. Loo nto nje ayenzileyo umqeshi wakho iyodwa ayamkelekanga. Ngokwezinto osixelele zona sibona ukuba liyelenqe eli. Umqeshi wakho uzame indlela yokuba ubukho bakho njengomsebenzi bungabi sanyamezeleka, bungathandeki kwaye unyanzeleke wena njengomsebenzi uyeke emsebenzi.
Kwityala elifanayo elisanda kuvela phambi kweCCMA kwafunyaniswa ukuba kugxothwe ngokungekho mthethweni kuba indlela umqeshi ayilandeleyo ayamkelekanga ngokomthetho. Umsebenzi wafumana i-R35 840 njengemali yesingxengxezo.
Umqeshi wasiphikisa esi sigqibo waza wabhena kwinkundla yamatyala abasebenzi (Labour court), esithi lo msebenzi akakhange anyaniseke nokuba nje engafunyanwanga enetyala lokurhwaphiliza kwintlanganiso yokwaluleka.
Inkundla yamatyala abasebenzi yajonga bonke ubungqina yaza yagqiba kwelokuba isoyikiso somphathi sokumgxotha umsebenzi xa engafuni kuziyekela, nobukho bamapolisa amabini ngenjongo zokumoyikisa kwenze esi senzo "yakukugxotha ngokoyikisa". Isenzo somsebenzi sokuza namaxabiso eenkampani ezingekhoyo kwabonwa njengesenzo esingamkelekanga, kodwa hayi urhwaphilizo.
Inkundla yakuqwalasela nokungathembeki komsebenzi kumqeshi wakhe kodwa yatsho isithi noba kunjalo kodwa ukungathembeki komsebenzi akunakude kubangele ukuba agxothwe yintlanganiso yokwaluleka abasebenzi.
Asiphunyezwanga eso sibheno, yaza inkundla yathi mayihlawulwe imali enikwe umsebenzi yokungxengxeza, yayalela umqeshi ukuba ahlawule iindleko zenkundla.
Ngokweli tyala siqinisekile ukuba, xa uqhagamshelana negqwetha lize eli tyala lihlale phambi komkomishinala weCCMA ityala lokugxothwa ngokoyikiswa lingavulwa ngempumelelo kwaye ufumane nemali efanelekileyo yokungxengxeza. [X]
Niziphathelwe yiBONA neScorpion Legal Protection.
Ndityholwa ngoRHWAPHILIZO
BONA XHOSA September 2008
Thumela ingxaki yakho yomthetho ku -BONA Legal Advice, Box 32083, Mobeni, 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi zalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
ABAFOTIWEYO BAYALINGANSA
BONA XHOSA August 2008
