﻿USuku LokuGuqulela IiLwimi LwamaZwe NgamaZwe Lowama-2010
Umxholo walo nyaka we-ITD ubusithi “Umgangatho WokuGuqulela KuBantu NgaBantu”. Ingxelo eya kumaziko eendaba ekhutshwe yi-FIT iyafumaneka kwiwebhusayithi ye-SATI (www.translators.org.za > Int. Translation Day)
I-SATI iye yabhiyozela yaza yafak’ isandla ekuphakamiseni umgangatho walo msebenzi ngeendlela eziliqela:
Ngomhla we-18 kuSeptemba iCandelo laseBholani libhiyozele ukufinca kwalo iminyaka engama-20 eWelgemeend eKapa apho bekukho isidlo sasemini ebesiluncuthu mazangwa kunye nengqungquthela eshiye wonk’ umntu ethe hlaphu malunga nomxholo we-ITD wama-2010. Abantu abebexhuzul’ imikhala apho ibingamalungu eSATI sithetha ngoSharon Tabraham, uBarbara Bohle, u-Alta van Rensburg, uJohan Blaauw kunye no-Anne-Marie Beukes. Iikopi zeentetho eziye zenziwa kule ngqungquthela ziyafumaneka kwiwebhusayithi ye-SATI. Qhagamshelana noWilna Liebenberg apha: (wilna@lieben.co.za okanye kule nombolo: (082 824 8910) apho uya kufumana inkcazelo ngendlela yokuzimanya neli candelo.
Ilungu leBhunga uManzo Khulu wenze intetho kubafundi beYunivesithi yezoBugcisa yaseTshwane ngoSuku lokuguqulela kwikhampasi yaseSoshanguve South ngomhla wama-22 kuSeptemba. Ezinye izithethi beziquka ilungu le-SATI uMashite Mogale obesuka kwa-GCIS kunye noGqr. Rose Masubelele wase-UNISA. Esi siganeko sibe ngumchankcatho osithathe waya kusibeka kuSuku lwamaFa ngomhla wama-24 Septemba yaye owona mxholo ubutshila phambili ubukukuba kuyinto ebalulekileyo ngabemi baseMzantsi Afrika ukuba basebenzise baze baphakamise umgangatho weelwimi zabo zomthonyama.
Ngomhla wama-30 kuSeptemba i-SAfm yaluman’ iindlebe nosihlalo wakwa-SATI u-Anne-Marie Beukes malunga nokuguqulela nokutolika apha eMzantsi Afrika, apho abaphulaphuli baye bavakalisa inkxalabo abanayo ngokukodwa mayela nomgangatho wokutolika ezinkundleni.
Abakwa-SATI bedibene nabakwa-Van Schaik Publishers basindleke ukusungulwa kwencwadi ethi Veeltalige Vertaalterminologie/Multilingual Translation Terminology ka-Anne-Marie Beukes no-Marné Pienaar (okwalilungu le-SATI) ngomhla wama-30 Septemba kumsitho obunezimuncumuncu kwiYunivesithi yaseRhawutini. 
UJohan Blaauw, ongusekela-sihlalo we-SATI, wenze intetho malunga ne-SATI kwiiNkonzo zeeLwimi zePhondo loMntla-Ntshona kwimibhiyozo ye-ITD ngomhla wama-30 kuSeptemba. Abanye abantu abenze iintetho apho ibinguNjing. S. Sebate yena owenze amavandlakanya ngefuthe lengcamango yokuguqulela ekuguquleleni kwiilwimi zama-Afrika kwakunye no-Edwin de Klerk owenze umboniso wokusetyenziswa kwe-Trados.
UJohan ebetshone akavela nangonwele kwimibhiyozo ye-ITD ye-PanSALB yoMntla-Ntshona neYunivesithi yoMntla-ntshona ePotchefstroom ngomhla we-9 kuOktobha. Inxalenye yenkqubo yokuqala inyathele phezu kwezinto eziyimfuneko ekusekeni iqumrhu labaguquleli neetoliki kwiPhondo loMntla-Ntshona (okwangoku liza kubizwa ngokuba nguMbutho WeeNgcali ZoLwimi ZaseMntla-Ntshona). Ukanti inxalenye yesibini yale nkqubo igxininise kumxholo wama-2010 we-ITD, ngokukodwa ekuphuculeni umgangatho ngokusebenzisa izixhobo ezinazo iingcali zolwimi. IZiko lezoBugcisa beMibhalo (CTexT) kwi-NWU nalo lenze iintetho kunye neBhodi yeSizwe yolwimi lwesiBhulu, bekukwakho neengxoxo mayela nezixhobo zokuhlola upelo-magama ngeelwimi zama-Afrika nenkqubo ye-CtexT yokuguqulela, i-Autshumato.
Ilungu le-SATI uTammy Baikie ubhale inqaku malunga nokuguqulela kwiMail & Guardian (eza kuphuma ngomhla we-15 kuOktobha). 
Umanyano lweeNgcali zoLwimi nezeeNdaba (LAMP)
I-SATI izimanye ne-PEG (iQela leeNgcali zabaHleli), i-Safrea (Southern African Freelancers Association) kunye ne-WGSA (Writers Guild of SA) ukuze iyile umanyano olungekho ngqingqwa lweengcali zolwimi nezeendaba. Ekuhambeni kwexesha, kuza kumenywa nezinye iintlangano ezikwanjalo ukuze zizibandakanye nazo kolu manyano. Injongo kukuhlanganisa amathamb’ entloko ukuze sibe nefuthe kumajelo eendaba, sinyuse umgangatho wethu kuwonke-wonke nokwabelana ngobuchule, ngoxa intlangano nganye izimele. Kuqulunqwa imemorandam eya kwenza wonk’ ubani aziqonde ngendlela efanayo zonke izinto yaye ngexesha elifanelekileyo amalungu aza kwaziswa ngokuqhubekileyo. 
Ukuwongwa ngesiqinisekiso sokutolika ngokulindela kwisithethi (consecutive interpreting)
Sibamba ngazibini kuwo onke amalungu ethu athathe inxaxheba kuphando malunga nokuwonga ngesiqinisekiso sokutolika ngokulindela kwisithethi. Sifumene iimpendulo esingaphaya kwe-100 yaye kubonakala ngathi kukho imfuneko emandla yokusungula olu hlobo lwesiqinisekiso. Inyathelo elilandelayo ke ngoku kukukhangela indlela yokuvavanya abo bazigqatsele olu hlobo lokuwongelwa isiqinisekiso.
	Khumbulani kaloku ukuba i-SATI sele iwongela ukutolika ngaxesha-nye, ukuguqulela, ukuguqulela okufungelweyo, ukuhlela ulwimi nesigama, ndawonye nokuwonga amaqumrhu anee-ofisi zolwimi nee-arhente. Ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe, qhagamshelana negosa lokuwonga apha (exams@translators.org.za).
Eziphathelele amalungu
Amalungu amatsha: NguLaetitia Allen, uMichelle Andrews, u-Evert Beukes, uJoanne Davies, uRachel Mashala, uSiphiwe Mkhatshwa, u-Estelle Neethling, uGangonde Pidi Pidi, uCeleste Ruiters, uSylvia Scholz
Osandul’ ukuwongwa ngesiqinisekiso: NguGail Zizzamia: oguqulela isiTaliyane nesiNgesi esifungelweyo
Iindaba ezivela kwi-FIT
I-FIT EC iza kubamba intlanganiso yayo elandelayo eMacau ngomhla wesi-4 nowesi-5 kuNovemba 2010. UMarion Boers (umlawuli ophetheyo we-SATI) uza kube ekho apho ekwisikhundla sakhe njengosihlalo we-FIT.
Uhlelo lwamvanje lweleta yeendaba ze-FIT, iTranslatio, iyafumaneka sithethanje kwi-http://www.fit-ift.org/cms/uploads/file/infofit_documents/17921_Translatio_No3_2010_WEB.pdf. Olu hlelo luphethe iingxelo ngeziganeko eziququzelelwe yimibutho engamalungu eNew Zealand, eCuba, eVenezuela nase-Argentina nakubaguquleli boncwadi eFinland. Lukwacacisa ngokufuduka kwesiGqeba sooNobhala be-FIT ukusuka eMontreal ukuya eBasel, eSwitzerland nokubekwa koMlawuli oPhetheyo omtsha we-FIT, uJeannette Ørsted. 
Ukhuphiswano lwezoBugcisa bokuguqulela nge-ITD: Ingaba usebenzisa inkqubo yekhompyutha yasimahla eyenza umsebenzi wakho ube nemveliso yaye uwunandiphe nangakumbi? Ukuba kunjalo, nceda uthumele ingcaciso ngaloo nkqubo, indlela ekunceda ngayo wena njengomguquleli nendlela abanye abaguquleli abanokuyifumana ngayo ikopi yayo. Igama lakho liya kufakwa phakathi kwamagama aya kuthi abe nethamsanqa lokutsalwa aququzelelwa yiKomiti yokuGuqulela ngezoBugcisa ye-FIT. Inkcazelo efunyenwe kubo bonke abo baye bangenela olu khuphiswano iya kwenziwa ifumaneke kuye wonk’ umntu. Ophumeleleyo uya kuvela kwiwebhusayithi ye-FIT, kunye nengcombolo emfutshane malunga nomsebenzi wakhe. Olu khuphiswano lungenelwa simahla. Abo bangenela olu khuphiswano bafanele babe ngamalungu emibutho engamalungu e-FIT yaye bakwafanele bachaze igama lombutho wabo kunye nenkcazelo ngendlela yokuqhagamshelana nabo. Umhla wokugqibela wokufaka inkcazelo efunekayo nguLwesihlanu, umhla wesi-3 kuDisemba 2010. Le nkcazelo ifanele ithunyelwe nge-imeyili kwi-FITtrantech@gmail.com. Ophumeleleyo uya kwaziswa ngoJanuwari 2011. 
Ezenza umdla
Incwadi ethi Translating Information, ehlelwe nguRoberto A. Valdeón. ISBN 978-84-8317-815-7. Ilungu le-SATI u-Alet Kruger ngomnye wabantu abaye baphos’ ilitye esivivaneni kulo mqulu, "oyingqokelela yemisebenzi yabaphengululi abaliqela abangoompondo zihlanjiwe kolu qeqesho, ethi xa iyonke ichankcathe kwimiba yokuguqulela imibhalo enenkcazelo, nokuba yeyemiba yezempilo, eyabakhenkethi okanye izifundo zaseyunivesithi. Kodwa eyona nto ithande ukubalasela kulo mqulu ngamanqaku anyathela kumba ongafane usiwe-so wokuguqulela iindaba" (Luc van Doorslaer). Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.monabaker.com/tsresources/newpubs_more.php?id=3595_0_4_0_M
Incwadi ethi The Role of Translators in Children’s Literature: Invisible Storytellers ibhalwe nguGillian Lathey. Le ncwadi ihlomla kwimbali yokuhlalutywa kweencwadi zamhlamnene eziphambili eziguqulelweyo zabantwana, njengeencwadi zento kaHans Christian Andersen kunye neentsomi zomfo ka-Grimms. Lo kaLathey ulanda umkhondo wendima yomguquleli kunye nefuthe lokuguqulela kwimbali yoncwadi lwesiNgesi lwabantwana ukususela phayaa kwinkulungwane yethoba ukuya phambili. Iingxoxo malunga nemibhalo yodumo kwisizukulwana ngasinye zityhila amahlandinyuka kwiindlela eyayisamkelwa ngayo imibhalo yabantwana, kunye nokungenelela kwabaguquleli nababhali kwinkcubeko. Inkcazelo ethe xhaxhe ungayifumana apha: http://www.routledge.com/books/details/9780415989527/
Incwadi ethi Translation, Resistance, Activism, ehlelwe nguMaria Tymoczko. ISBN 978-1-55849-833-4. Lo mqulu wezincoko ezimalunga nendima yabaguquleli njengoonozakuzaku beenguqu ihlola iindlela zokufunda iincwadi eziguqulelweyo njengeengxelo ezaliswe ngumlo weenkcubeko nomzabalazo wezimvo. Iincwadi eziguqulelweyo zigqalwa njengomsebenzi wezimilo, ezopolitiko nezimvo kunokuba zijongwe njengeendlela zonxibelelwano okanye imisebenzi yoncwadi lobuchule. Inkcazelo ethe xhaxhe ifumaneka apha: http://www.umass.edu/umpress/spr_10/tymoczko10.htm
Kwinyanga efileyo iphephancwadi eliyiRapport likhe lakhupha amanqaku abangela umdla ngokuphathelele ukuguqulelwa koncwadi. Jonga apha kwi-http://www.rapport.co.za/Boeke/Nuus/Kreatiewe-proses-stel-talle-uitdagings-20100903 (mayela nenguqulelo ka-Daniel Hugo yencwadi ethi Koning van Katoren eyisusa kwisiDatshi) uze ujonge nalapha kwi-http://www.rapport.co.za/Boeke/Nuus/Ander-lande-se-psige-kry-lewe-in-Duits-20100903 (mayela nomzi waseJamani wokupapasha othe waguqulela incwadi zabemi balapha eMzantsi Afrika, uLebogang Mashile, uSello K. Duiker kunye no-Ivan Vladislavic izisa kwisiJamani).
Abakwa-Wordfast LLC, ababonelela ngenkqubo yekhompyutha yokuguqulela (TM), bayile isixhobo sasimahla sokunceda ekuguquleleni kwi-iPad kwimeko ye-Wordfast Anywhere. Inkcazelo engakumbi iyafumaneka apha: http://www.wordfast.com/products_wordfast_anywhere.html
I-Modern Language Association imema abantu bangenele ukhuphiswano lwamabhaso eencwadi. Amabhaso alishumi elinesixhenxe eencwadi ziya kunikezelwa kwinkongolo ye-MLA eya kube ingoJanuwari 2012, kuquka neWonga likaLois Roth lenguqulelo ebalaseleyo yesiNgesi engangencwadi. Loo nguqulelo ifanele ukuba ibe ipapashwe ngowama-2010; akuyomfuneko ukuba abaguquleli abo ibe ngamalungu e-MLA. Umhla wokugqibela ngowoku-1 ku-Apreli 2011. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha awards@mla.org okanye apha http://www.mla.org/resources/awards/awards_submissions/awards_competitions/biennial_prizes2011/prizeinfo_roth
Inkqubo yekhompyutha neeWebhusayithi
Izichazi-magama iPharos, eziluluchwe lwabaPapashi bakwa-NB, kutshanje zikhuphe uhlelo lwenkqubo entsha yekhompyutha yeMultilingual Illustrated Dictionary, eya kwenza ukufunda isigama kube mnandi kunokuba bekunjalo ngaphambili. I-CD-ROM, esekelwe kwincwadi ebhalwe ngumfo apha onguJohn Bennet kunye noNthuseng Tsoeu, yaveliswa liZiko lezoBugcisa leMibhalo (CTexT®) kwiYunivesithi yoMntla-Ntshona (Ikhampasi yasePotchefstroom). Iilwimi ezikhoyo apho sisiNgesi, isiZulu, isiSuthu, isiXhosa, isiTswana, isiBhulu nesiPedi. Le CD-ROM ifumaneka apha kwi-On The Dot (orders@onthedot.co.za; 0800 220 224) okanye kuBowline (021 550 9700). Inkcazelo engakumbi: ifumaneka kuMoira Müller (Moira.Muller@nwu.ac.za). 
Abaguquleli abaninzi bafumana ii-imeyili ezivela kwabo bathi banemisebenzi yokuguqulela, ekuye kuthi kanti ngoodyakalashe abankone ngamaqhinga. Bona inqaku le Wiki le-Proz.com malunga nendlela yokubona nento ofanele uyenze xa ufumana izibonelelo zobuqhinga zemisebenzi nobunye ubuqili bobumenemene: http://wiki.proz.com/wiki/index.php/Detecting_and_reacting_to_false_job_offers_and_other_scams
Kusungulwe iwebhusayithi entsha yeengcali ezingabaguquleli kunye nabaxumi. Le webhusayithi iquka ukubhalisa kwi-intanethi, inkqubo yokulawula iprojekthi, inkonzo ye-Escrow neendlela zokuncokola nokuthumela imiyalezo. Tyelela apha: www.bewords.com.
Iziganeko kunye nokuhlatywa kwekhwelo lokungeniswa kwamaphepha
Ukubhala iingxelo nezindululo: Le mbizo yeentsuku ezintathu kwiZiko LeeLwimi leYunivesithi yaseStellenbosch, neyakubanjwa ngomhla wama-26 ukuya kutsho kowama-28 kuOktobha 2010, iya kukuxhobisela indlela yokulungiselela amaxwebhu abalulekileyo ngempumelelo nangokuzithemba. Umhla wokugqibela wokubhalisa ngowe-15 kuOktobha 2010. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi qhagamshelana no-Audrey Poole kule nombolo 021 808 2167 okanye kwi-taalsentrum@sun.ac.za.
I-16th International Congress of the Names Society of Southern Africa (NSA): Homo Nominans – Mankind, the namer: Iya kuba kwi-Club Mykonos, eNtshona Koloni, ngomhla wama-26 ukuya kutsho kowama-28 ku-Oktobha ka-2010. Le yona inkomfa iya kuhlola ukuthiya amagama kunye nomnqweno uluntu olungakwazi kuwubamba wokuthiya imibutho amagama. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, qhagamshelana noBertie Neethling ku-bneethling@uwc.ac.za
Imbizo yokuguqulela nokuhlela: Iya kubanjwa kwakwiYunivesithi yaseStellenbosch/Kommunico, ngomhla woku-1 ukusa kowesi-5 kuNovemba 2010. Le nkqubo iya kuxovula ingcamango yokuguqulela, ukuhlela, ukucaphula njengembekiselo, ukuguqulela ezomthetho, ukuhlela ezomthetho, ukuguqulela ezemali, ukuhlela ezemali, ukuhlela umbhalo okwiwebhu kunye nokuguqulela uncwadi. Umhla wokugqibela wokubhalisa ngowama-28 kuOktobha 2010. Qhagamshelana no-Amanda Lourens oya kukunika inkcazelo ethe vetshe: alou@iafrica.com or 084 514 8111
Imibhalo ekwiwebhu kunye neewebhusayithi: Isiqhuma esipheleleyo: Le mbizo yeentsuku ezintlanu eya kubanjwa kwiZiko LeeLwimi leYunivesithi yaseStellenbosch, ngomhla wesi-8 ukuya kuma kowe-12 kuNovemba 2010, iya kuhl’ amahlongwane phezulu indlela yokuyala, ukuvelisa nokulondoloza iwebhusayithi. Umhla wokugqibela wokufakwa kwezicelo ngowama-28 kuOktobha yaye ngabantu abangama-20 kuphela abaya kungena kwiseshoni nganye. Ukuze ufumane inkcazelo ebhekele phaya qhagamshelana no-Audrey Poole kule nombolo 021 808 2167 okanye apha taalsentrum@sun.ac.za.
IMizekelo YokuPhanda KwiZifundo ZokuGuqulela II (Research Models in Translation Studies II): Yona iya kubanjwa eManchester, ngomhla wama-29 ku-Apreli ukuya kuma kowesi-2 kuMeyi 2011. Le nkomfa yona ijoliswe ekudaleni iqonga lengxoxo eshushu nelulutho ngemiba edla umzi, ukuphethukela kwimizekelo emitsha naleyo sele ikho kakade yokuphanda kwanokuphonononga iingcamango ezibethabethanayo ebezikho kule minyakana imbalwa idluleyo. Umhla wokugqibela wokubhalisa kwangoko ngowoku-1 kuNovemba 2010. Bhalisa apha kwi-http://www.llc.manchester.ac.uk/ctis/activities/conferences/researchmodels2/registration/.
Ngomhla we-13 kuNovemba 210 i-Qela leeNgcali zabaHleli (PEG) liya kube lisindleke isiganeko sokudl’ imbadu kunye kwi-Zoo Lake Sportsmen’s Club eParkview ngentsimbi yesi-2 emva kwemini. ULia Marus uya kube ethetha ngomxholo othi “Indlela YokuYila UZenzele WeWebhusayithi”. Amatikiti axabisa ama-R30 kumalungu e-PEG ize ibe ngama-R40 kwabo bangengomalungu e-PEG yaye iziselo nokutya uya kuzithengela ngokwakho. Thumela i-imeyili ku-Joan Fairhurst ku-joanfair@global.co.za ukuze uzifumanele indawo.
Isebe LaseKapa le-PEG liza kube libambe iimbizo ezimbini ekupheleni kwalo nyaka: Ziya kube zitshayelela iNkomfa ye-PEG eya kube isithi: ‘IiNgcali ZabaHleli NeeMviwo Kunye NeeNgcamango ZeSidanga SobuGqirha: Izimilo Nezinye Izinto Ezifanelwe Kukunikwa Ingqwalasela’ (ngomhla we-13 kuNovemba 2010 kwiRoyal Cape Yacht Club kwiZibuko laseTable Bay) nomxholo othi Ukusingatha Imiba Engqalileyo Yolwimi Nemikhwa Ethile (ngomhla we-11 kuDisemba 2010 kwakwindawo enye). Qhagamshelana ngale imeyili peg@editors.org.za ukuze ufumane inkcazelo ebhekele phaya.
INkomfa yoNyaka yokuQala yemiGaqo yeziMilo e-Afrika (APCA): Iya kuba kwiZiko leeNKongolo lamaZwe ngamaZwe le-CSIR, ePitoli, ngomhla we-17 ukuya kowe-19 kuNovemba 2010. Le nkomfa iya kunyathela kwimiba enjengenkqubo-mgaqo, ukuthobela imigaqo yezimilo yamasiko eentlanga ezahlukeneyo zase-Afrika, amatyelelo asemthethweni, izibizo kunye neendlela zokuthetha, indlela yokusetyenziswa kweflegi nendlela yokuqhubana nabamajelo eendaba, kunye neseshoni eya kuthetha ngabaguquleli neetoliki, eya kusingathwa ngusekela-sihlalo we-SATI, uJohan Blaauw. Inkcazelo ebhekele phaya ifumaneka apha: http://www.protocolconference.net/
ISikolo SesiBini SangeNtwasahlobo SeZifundo ZokuGuqulela E-Afrika: Sona siya kusindlekwa kwiYunivesithi yaseStellenbosch, ngomhla wama-29 kuNovemba ukuya kowesi-4 kuDisemba 2010. Siya kusindlekwa liSebe LoLawulo LweeLwimi NoMsebenzi WeeLwimi kwiYunivesithi yaseFreyistata kunye neSebe lesiBhulu nesiDatshi leYunivesithi yaseStellenbosch, i-SSTSA yona ilungiselelwe abafundi besidanga sobugqirha/eseemasters kunye/okanye abahlohli bezifundo zokuguqulela nonxibelelwano lweentlanga ngeentlanga kwi-Afrika iphela ngenjongo yokutyhalela phambili umba wezifundo zokuguqulela e-Afrika. Inkcazelo ebhekele phaya ifumaneka apha: http://www.ufs.ac.za/SSTSA
IZiko LesiNgesi LamaZantsi E-Afrika: Inkomfa Yowama-2011 YamaZwe NgamaZwe YokuFinca ImiNyaka Engama-50 – Iincwadi, Ukufunda Nokubhala noLwimi: Iya kuba seKapa, ngomhla wama-27 ukuya kowama-30 kuSeptemba 2011. Kule nkomfa kumenywa abaphandi abangoompondo zihlanjiwe kwanabo basaqingqayo, ootitshala kunye nabo baqulunqa imigaqo-nkqubo ukuba beze kuncazelana nathi ngemingeni nemiba kwiinkalo ezintathu zoncwadi lwesiNgesi, izifundo zokulesa nokubhala kunye nemfundo yolwimi lwesiNgesi. Amaphepha atyunjiweyo aya kupapashwa kulindixesha ovunyiweyo weZiko lesiNgesi lamaZantsi e-Afrika, oyi-The English Academy Review. Izicatshulwa zamaphepha (esingadlulanga kumagama angama-300) zifanele zithunyelwe kuNksz. Naomi Nkealah apha: englishacademy@societies.wits.ac.za ngomhla wama-30 kuNovemba 2010.
INkongolo YeHlabathi Ye-XIX YE-FIT: Iya kubanjelwa eSan Francisco, e-USA, ngomhla woku-1 ukuya kowesi-4 kuAgasti 2011. Umxholo lwale nkongolo uya kube usithi “Ukuvala Umsantsa Kwiinkcubeko Ngeenkcubeko”. Amaphepha ezindululo (esingadlulanga kumagama angama-300) ayacelwa kwiiseshoni namaqela aya kube exovula imiba eyahlukeneyo. Umhla wokugqibela wokungeniswa kwala maphepha ngumhla woku-1 kuDisemba 2010. Iintetho zesiNgesi zifanele zithunyelwe apha ku-tarek.shamma@uaeu.ac.ae. Inkcazelo ebhekele phaya nobhaliso nantsi apha: www.fit2011.org
Iguqulelwe! Umnyhadala wokuncazelana ngokuguqulela uncwadi: Uya kuba kwiYunivesithi yaseMonash, eMelbourne, e-Ostreliya, ngomhla we-7 ukuya kuma kowe-12 kuFebruwari 2011. Lo mnyhadala ujoliswe kubaguquleli abasakhasayo nakwabo bakwinqanaba lokuqingqa kulo msebenzi kwaye uya kubandakanya nenkqubo yeveki yonke yasekuhlaleni yomsebenzi wokuguqulela, kunye neengxoxo malunga neenkalo zale ngcamango, umsebenzi noshishino lokuguqulela iincwadi. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.arts.monash.edu.au/translation-interpreting/translated.php
Iguqulelwe kwisiBhulu:Mariènne Botha, Leona Labuschagne, Johan Blaauw
Iguqulelwe kwisiTswana: Peter Mekgwe, Pauline More
Iguqulelwe kwisiZulu: Manzo Khulu
Iguqulelwe kwisiSuthu: Mike Mahase
Iguqulelwe kwisiXhosa: Sonwabile Cotiyana, Angelinah Dazela
Iguqulelwe kwisiSwati: Benjie Shongwe _________________________________________________________________________________________________________________

Indlela yokuqhagamshelana noMbutho:      

	UMarion Boers. Umnxe: 011 803-2681. Ifeksi: 0866 199 133. I-Imeyili: office@translators.org.za

	U-Irene Dippenaar. Umnxe: 079 492 9359. Ifeksi: 086 511 4971. I-Imeyili: registrar@translators.org.za



