PhilangeLogokaSATI
UmGaqo-nkqubo weLogo esemthethweni yakwaSATI ugqityiwe. Oku kuvumela wena njengelungu lakwaSATI ukuba ukubonise ngebhongo ukuzimanya nokuzibophelela kwakho kwabakwaSATI ngenxa yalo msebenzi. Le logo ungayisebenzisa emakhadini oshishino, kumaxwebhu anezihloko, kumaphetshana okwenza amagqabantshintshi noncomo, kwintelekelelo yamaxabiso, kumaphetshana anamaxabiso empahla ethengiweyo, kwiincwadana, kumaphepha achaza okufunekayo, kwiwebhusayithi yakho, kwindlela otyikitya ngayo kwi-imeyile yakho nakwizibhengezo ezishicilelweyo. Bhalela uMarion Boers kule dilesi: office@translators.org.za ucele umGaqo-nkqubo opheleleyo weLogo yakwaSATI kunye nekopi yakho yelogo esemthethweni.
Iziganeko zothungelwano lwakwaSATI 
Ilungu leQumrhu lakwaSATI elinguMichelle Rabie liza kwenza uzathuzo kuhlongozo-zimvo/ kucweyo lwakhe oluthandwayo olusihloko sithi “How to Market Yourself as a Freelance Language Practitioner” eThekwini ngomhla we-17 kuSeptemba 2010 naseBloemfontein ngomhla wama-22 ku-Oktobha 2010. Abase-ofisini yakwaSATI baza kuwathumela kwamsinyane amaxwebhu okubhalisa. Ungaphoswa leli thuba lokufunda into entsha, lokudibana nabantu abanomdla ofanayo nalowo wakho ukuze nizonwabise ngezimuncu-muncu ezinambithekayo.
Ilungu leQumrhu elinguManzo Khulu belisingathe intlanganiso ebe nempumelelo eRhawutini ngoMeyi. Injongo ibikukuhlolisisa indlela yokuseka uluhlu lokuxhasa amalungu asebenza ngeelwimi zase-Afrika. Intlanganiso elandela leyo iza kuba ngo-Agasti kwakhona eRhawutini. Iinkcukacha zosuku neyona ndawo kuyiwa kuyo iya kwaziswa kungekudala.
Umbhiyozo wabakwaSATI we-International Translation Day 2010 uza kuba ngoLwesine umhla wama-30 kuSeptemba kwiYuunivesithi yaseRhawutini. Umxholo wolo suku uya kuba kukuqinisekisa ubulunga / ikhwalithi. Esi siganeko siza kuquka ukwaziswa kokuqala kwencwadi yesigama sokuguqulela iilwimi kwezinye nebhalwe ngumhlali-ngaphambili wakwaSATI u-Anne-Marie Beukes nelungu lakwaSAT uMarné Pienaar. 
I-SATI Boland izakube ibhiyozela isikhumbuzo sonyaka wama-20 kulo nyaka. Kuya kubakho ixesha lezifundo kunye netheko lomjuxuzo eliya kuba ngempelaveki yomhla we-18/19 ngoSeptemba. Iinkcukacha ziza kulandela. 
Nceda uqhagamshelane nabe-ofisi yakwaSATI xa unokuba nezifundo onikezela ngazo okanye xa uneengcamango, okanye xa unezicelo ezithile ngeziganeko onokuthanda ukuba mazisingathwe liZiko eli.
INdebe yeHlabathi ka-2010
Ubukhona emidlalweni? Xa ububandakanyekile kuwo nowuphi na umsebenzi wokuguqula iilwimi okanye wokutolika onxulumene nesi siganeko (phambi, ngexesha lesiganeko esi okanye emva kokuba sidlulile), nceda usixelele ngaloo msebenzi. Sinqwenela ukuqulunqa ingxelo emfutshane ngohlobo lomsebenzi wolwimi oye wenziwa ngexesha leNdebe yeHlabathi, oko kusenzelwa abemi boMzantsi Afrika. Ingcombolo ungayithumela kuMarion kule dilesi: office@translators.org.za. 
Ubulungu
Amalungu amatsha ngala: Marisan Blignaut, Danielle Boxshall-Smith, Ronny Diatezoya, Nosipho Dlomo, Siya Lokwe, Priscilla Mahlangu, Lizé-Marie Marais, Nomfanelo Matlatse, Malungi Mbhele, Boitumelo Phalatse noBen Steyn.
Ababhubhileyo ngaba: Malgorzata Johnson noPieter de Kock
Abenze umnikelo kwiNgxowa-mali yoPhuhliso: ngu-R Harm no-W Nolting
Okunika umdla
Ilungu lwakwaSATI elingu-Olivier Fléchais belikudliwanondlebe kwinkqubo kanomathotholo i-SAfm ethi “Word of Mouth” ngomhla wesi-4 kuJulayi  2010 nobelumalunga nokusebenza njengetoliki nomguquli weelwimi. Ipodcast iyafumaneka apha: www.safm.co.za.
Ukuze kuqulunqwe, kuphathwe, kulungelelaniswa isigama esikhethekileyo kwiinkalo zonke zeelwimi ezisemthethweni zoMzantsi-Afrika, iSebe lezobuGcisa neNkcubeko seliseke iRejista kaZwelonke yeeProwujekti zesiGama (National Register for Terminology Projects). Bonke abachaphazelekayo kwisigama bayakhuthazwa ukuba bazibhalise iiprowujekti zabo kwiNkonzo yeeLwimi kuZwelonke. Injongo kukuthintela uphinda-phindo lweeprowujekti ngamaqela ahlukileyo ecandelo elinye. Injongo yale Rejista kukuqinisekisa ukuba kukho uvimba weeprowujekti zesigama apho banokufikelela bonke abasebenzisi besigama. IRejista leyo iyafumaneka kule webhusayithi yeSebe: www.dac.gov.za/http://terminology.dac.gov.za/. Imibuzo ingathunyelwa kuNkszn. Alet Oelofse kule nombolo: (012 441 3827), kuMnu. Lutamo Ramuedzisi kule nombolo: (012 441 3844) okanye kuMnu. Solly Mnisi kule nombolo: (012 441 3851).
Eyakutshanje i-Infoterm Newsletter ifumaneka apha: http://infoterm.info/pdf/activities/INL/INL_136.pdf. Esi sigidimi seendaba sisemthwethweni  kwaye siphuma qho ngekota. Sisigidimi se-International Centre for Terminology (Infoterm), esazisa abo basifundayo ngokutsha okuqulunqiweyo kwicandelo lesigama. Kananjalo linikezela ngengcombolo yemisebenzi yakutshanje nangeziganeko zexesha elizayo zamalungu kunye namaqabane e-Infoterm. 
Ukufakwa kwezicelo zezifundo zesidanga se-Wits BA Publishing Studies Honours zonyaka wama-2011 kuyaqhubeka. Ezi zifundo zifanele abo banomdla emsebenzini wokushicilela, okanye abo sebeqeshwe ngabashicileli, okanye abo bafuna ukusebenza okwexeshana kolu hlobo lokushishina. Umhla wokugqibela wokufakwa kwezicelo zonyaka wama-2011 ngowama-30 kuNovemba 2010.  Ukuze ufumane ingcombolo ngokuqulathwe zezi zifundo, qhagamshelana noColleen Dawson kule dilesi: colleen.dawson@wits.ac.za okanye kule nombolo: 011 615 2335. Ukuze ufumane ingcombolo ngenkqubo yokufaka izicelo, qhagamshelana noMerle Govind kule dilesi: merle.govind@wits.ac.za okanye kule nombolo: 011 717 4140. Ezinye iinkcukacha zilapha: http://web.wits.ac.za/Academic/Humanities/SLLS/Disciplines/PublishingStudies
Izixhobo ezifakwa ekhompyutheni neeWebhusayithi
I-WikIdioms, sisichazi-magama esineelwimi ngeelwimi esikhoyo nesineelwimi ezingama-30, abantu abenze iminikelo abali-100 kunye neentetho ezingama-30 000. Tyelela apha ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe: http://www.wikidioms.com. 
U-Wordfast LLC, ongumnikezi-nkonzo wezixhobo zokukhumbuza ezifakwa ekhompyutheni uye wavelisa u-Wordfast Anywhere, osisixhobo sokukhumbuza soguqulo-lwimi nesisekelwe emnatheni (web), ukwenzela ukuba abaguquli-lwimi nee-arhente zikwazi ukufikelela kwimpahla ye-TM kubume bemeko yoguqulo-lwimi ekhompyutheni ekhuselekileyo. Ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe yiya apha: http://www.wordfast.com
Iziganeko nezimemo zokufunda amaphepha
Synthesis Vol. 4 (2011): Translation and Authenticity in a Global Setting. Le nguqulelo yale jenali ijonge ekuboniseni umsebenzi obalulekileyo woguqulo-lwimi kwitopholoji ekhoyo yehlabathi, kuqwalaselwe ngakumbi imiba echanekileyo kunye nokufana kwehlabathi/kwendawo. Kumenywa amanqaku angezihloko ezinxulumene nepolitiki yoguqulo-lwimi, isithuba soguqulo-lwimi, iindlela zoguqulo-lwimi, uguqulo-lwimi nehlabathi jikelele, uguqulo-lwimi nokuwela imida kunye nokungaguquleki / nokuguquleka kolwimi. Izindululo ezicacileyo (800 – 1000 amagama) zamaphepha kufuneka zithunyelwe nge-imeyile kubaHleli bezi Nguqulelo zombini: Ku-Dionysios Kapsakis (d.kapsaskis@roehampton.ac.uk) nakuLucile Desblache (l.desblache@roehampton.ac.uk). Umhla wokugqibela wokungeniswa kwezishwankathelo ngama-30 kuNovemba 2010, uze umhla wokungenisa amaphepha ube ngowama-30 kuSeptemba 2010. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: http://www.enl.uoa.gr/synthesis/about.htm  
Unxibelelwano, inkcubeko nembonakalo yeziko lakho (Communication, Culture and the Image of your Organisation): Uhlongozo-zimvo oluza kuthatha isiqingatha sosuku kwiZiko leeLwimi laseYunivesithi yaseStellenbosch, ngomhla wama-26 ku-Agasti 2010. Umhla wokugqibela wokubhalisa ngowe-17 ku-Agasti 2010. Ngolwazi oluthe vetshe qhagamshelana no-Audrey Poole kule nombolo: 021 808 2167 okanye apha: taalsentrum@sun.ac.za. 
TM-Europe 2010 International Translation Management Conference: eKrakow, ePoland, ngomhla wama-30 kuSeptemba ukuya kumhla woku-1 ku-Okhthobha 2010. Umxholo: Project and Technology Management, and Business Optimisation for the Translation and Localisation Industry. Uhlongozo-zimvo olwandulela inkomfa lungomhla wama-29 kuSeptemba 2010. Ubhaliso luyaqhubeka. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: http://www.tm-europe.org
International Conference: Role of Translation in Nation Building, Nationalism and Supra-nationalism: eNew Delhi, e-Indiya, 16–19 Disemba 2010. Iququzelelwe ngendibaniselwano yi-Indian Translators Association and Linguaindia Foundation,. Le nkomfa iza kugxila kwindima edlalwa luguqulo-lwimi kwimeko yase-Indiya. Jonga apha: http://www.itaindia.org/itaindia2010.php ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe kwiziza nemixholo ekujoliswe kuyo. Izishwankathelo zamaphepha kufuneka zingeniswe ngomhla wama-30 ku-Agasti 2010 kunobhala we-ITAINDIA apha: info@itaindia.org. 
IALB-Tradulex Conference – Languages and Business Today and Solutions for Tomorrow: eLisbon, ePortugal, 1–2 Okhthobha 2010. Iququzelelwe yi- International Association Language and Business (IALB) kunye nonxibelelwano lwehlabathi iTradulex. Le nkomfa iza kugxila kutshintsho olwenzeke kushishino lwezeelwimi ngenxa yemeko enzima esandula ukubakho yezoqoqosho. Ngolwazi  oluthe vetshe yiya apha: http://www.ialb-tradulex.org/
Eighth International Conference and Exhibition on Language Transfer in Audiovisual Media: The Digital Revolution in the Field of Audiovisual Media – Boon or Bane? eBerlin, eJamani, 6–8 Okhthobha 2010. Abathathi-nxaxheba baza kuxoxa ngotshintsho nangophuculo kwimijelo yosasazo yehlabathi, apho kuza kube kugxilwe kutshintshelo lolwimi. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: http://www.languages-media.com/index.php
16th International Congress of the Names Society of Southern Africa (NSA): Homo Nominans – Mankind, the namer: eClub Mykonos, eNtshona Koloni, 26–28 Okhthobha 2010. Le nkomfa iza kuphengulula isiza sokuthiya igama kunye nolangazelelo olungalawulekiyo loluntu lokuthiya izinto. Ngolwazi oluthe vetshe qhagamshelana noBertie Neethling apha: bneethling@uwc.ac.za. 
International Postgraduate Conference in Translation and Interpreting (IPCITI) 2010: From Reflection to Refraction – New perspectives, new settings and new impacts: eYunivesithi yase-Manchester, e-UK, 29–31 Okhthobha 2010. Le yinkomfa yesithandathu eluhlwini nejonge ukunika abaphandi abatsha ithuba lokuba babelane ngophando lwabo, kunye nokuthabatha inxaxheba kwisiganeko esibalulekileyo sonxibelelwano nesisesehlabathi liphela. Imibuzo ingabhekiswa apha: ipciti2010@manchester.ac.uk. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: http://www.ipciti.org.uk/
Isikolo saseHlotyeni seziFundo zoGuqulo-lwimi e-Afrika: Eyunivesithi yaseStellenbosch, ngomhla wama-29 kuNovemba – kowesi - 4 kuDisemba 2010. Siza kwenziwa leli sebe, Department of Afroasiatic Studies, Sign Language and Language Practice laseYunivesithi yaseFreyistatha kunye neSebe lesiBhulu nesiDatshi laseYunivesithi yaseStellenbosch. Esi sikolo sasehlotyeni senzelwe abafundi abenza izifundo zesidanga esiphezulu sobugqirha (doctoral) kunye/okanye nabahlohli abahlohla izifundo zoguqulo-lwimi ngenjongo yokusebenzela inkqubo yase-Afrika yezifundo zoguqulo-lwimi. Ngolwazi oluthe vetshe yiya apha: http://www.ufs.ac.za/SSTSA
Inkongolo i-FIT XIX World: eSan Francisco, e-USA, 1–4 Agastit 2011. Umxholo wale nkongolo uthi “Bridging Cultures”. Umhla wokugqibela wokungena kwezindululo ngowe-10 kuDisemba 2010. Ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe yiya apha: www.fit2011.org
Iguqulelwe kwisiBhulu:nguEttienne van Zyl, kwanoAnne-Marie Beukes
 Iguqulelwe kwisiTswana:nguPeter Mekgwe, kwanoPauline More
Iguqulelwe kwisiZulu: nguManzo Khulu
Iguqulelwe kwisiSuthu:nguMike Mahase
Iguqulelwe kwisiXhosa:nguThokozile Mabeqa, kwanoAngelinah Dazela
Iguqulelwe kwisiPedi:nguMapule Moswane
Iguqulelwe kwisiSwati:nguBenjie Shongwe
Dintlha tsa go ikgolaganya le Setheo:
Marion Boers. Mogala: 011 803-2681. Fekese: 0866 199 133. Imeili: publications@translators.org.za
Irene Dippenaar. Mogala: 079 492 9359. Fekese: 086 511 4971. Imeili: registrar@translators.org.za
