 I Icandelo LaseBholani Le-SATI
UJohn Linnegar, ongusihlalo weProfessional Editor’s Group (PEG), uya kube ethetha kwicandelo laseBholani ngomhla wesi-3 kuJulayi ka-2010 ethetha malunga nencwadi yakhe esandul’ ukukhutshwa, ethi Engleish, our Engleish, kunye nezifundo eziphekwe nguye nogxa wakhe, uKen McGillivray. Ikopi zale ncwadi ziya kube zithengiswa ngolo suku. Intetho yakhe iya kube ikwiVenkile YokuTyela iCognito eStellenbosch. Ubhaliso luya kuvalwa ngomhla wama-21 kuJuni ka-2010. Nceda uqhagamshelane noWilna Liebenberg (wilna@lieben.co.za) ukuze ufumane inkcazelo engakumbi mayela nesi siganeko okanye mayela nokuzimanya neli candelo.
Icandelo LesiNguni Le-SATI
Ngomhla we-14 kuMeyi ilungu leBhunga le-SATI uManzo Khulu ubesindleke isiganeko sokudl’ imbadu eRhawutini, esijoliswe kumalungu athetha iilwimi zesiNguni. Abo bebezimase esi siganeko bavumelene ngokusungulwa kwecandelo lesiNguni, nto leyo eya kuvulela amalungu ithuba lokuzibandakanya kwingxoxo eqhubekayo emalunga nemingeni yokuguqulela ezi lwimi. Kukho izinto eziyimfuneko ke ngokomgaqo-siseko ekuvuleni icandelo, into ethetha ukuthi iqela lisenokuqala ngokuhlanganisana ngamathuba athile. Amalungu anomdla wokuzimanya neli qela okanye icandelo afanele aqhagamshelane noManzo apha manzo@translators.org.za. 
Amalungu ayakhunjuzwa ukuba iBhunga le-SATI lizivulile izandla malunga nokwamkela iingcebiso zokuvula amanye amacandelo. Into esiyifunayo thina ngamalungu atsha ziintambo naya kuthi ayiqhubele phambili le nkqubo. Nceda ke uqhagamshelane nalo naliphi na ilungu leBhunga kwiofisi ye-SATI (office@translators.org.za). 
Umcimbi Weencwadi EKapa
Lo mcimbi wencwadi waseKapa (CTBF) uya kubanjwa ukususela kumhla wama-30 kuJulayi ukuya kuma kowesi-2 ku-Agasti ka-2010 yaye i-SATI iza kuphinda itshile kunye nePEG kwakunye no-McGillivrayLinnegar Associates. Sinqwenela ukuba namatshantliziyo e-SATI amaninzi kangangoko kumaqonda ethu kangangeeyure nje ezimbalwa ngalo naluphi na usuku kwezi ntsuku. Esi simemo ke sisibhekisa kumalungu ethu aseNtshona Koloni nakwamanye ke phofu akwezinye iindawo zeli anqwenela ukuzimasa lo mcimbi. Ncedani niqhagamshelane noMarion apha office@translators.org.za ukuba nifuna ukuba yinxalenye yalo mcimbi. Ukuba litshantliziyo kuvula ithuba elihle lokuncazelana namanye amalungu e-SATI kunye ne-PEG, nokudla imbadu namalungu oluntu malunga ne-SATI, ngomsebenzi wakho kunye neenkonzo ozinikezelayo.
Uphengululo lweentlawulo
Iziphumo zophengululo lweentlawulo zika-2010 kumalungu sele zingenile yaye ziza kupapashwa kwiwebhusayithi kungentsuku zatywala. Olu phengululo lwathunyelwa kumalungu angama-820, kodwa ngama-21,6 ekhulwini athe aluzalisa (zili-177 iimpendulo ezipheleleyo). Ngelishwa, intsabelo yamalungu asebenza ngezinye iilwimi ezisemthethweni ngaphandle kwesiNgesi nesiBhulu noko ibingentle kwaphela, into ke eyenze kwanzima ukupapasha iziphumo ezicacileyo ngezi lwimi. Nceda ujonge inkcazelo ephantsi kwe-SATI Shorts kwiwebhusayithi ethi (www.translators.org.za). 
Iindaba ezivela kwiFIT
INkongolo YeHlabathi yeFIT ye-XIX iza kubanjwa ngo-Agasti ka-2011 eSan Francisco. Ukuze ufumane inkcazelo ethe xhaxhe bona iwebhusayithi ethi www.fit2011.org.
Ukuze ufumane ezinye iindaba kunye nekhalenda yeziganeko tyelela kwiwebhusayithi ye-FIT (http://www.fit-ift.org/en/home.php). 
Eziphathelele amalungu
Amalungu amatsha: Alexa Barnby, Amanda Basson, Bernhard Bautsch, Karien Brits, Elizabeth Deysel, Rosy Eming, Anike Erasmus, Ana Escaleira, Excel Translations (corporate member), Guillermo Lapidus, Luc Larmigny, Tshikani Mabasa, Nombi Mafilika, Mathabo Monaheng, Jennifer Paz Etayo, Vera Schoeman, Catherine Scott, Jane Smith, Pamela Taschner, Lindiwe Tshuma, Mabet van Wyk, Ella Wehrmeyer, Peter Wiggett
Abangasengomalungu: Mairi-Ann Bonnet, Chrissie Botha, Nathalie Brodelle, Karen Calteaux, Gertruida du Buisson, Charl Hattingh, Yu-Shan Huang, Margie Hurndall, Jane Kim, Karen Kruger, Mahomed Mahomedy, Judith Peters, Marleen Rademeyer, Karen Sivertsen, Yolani van der Westhuizen, Tania van Vuuren, Bridget O'Neill Wolmarans
Iminikelo YeNgxowa-Mali YoPhuhliso: G Aalbers, E Adriaanse, A Barnard, M Behar, R Bertelsmann, A Beukes, JWH Blaauw, M Boers, MJ Boisacq, B Boland, JR Branco, JC Breytenbach, C Cao, I Catalano, G Colliins, AL Combrink, E Cornelius, J de Jager, G de Jager, R de Kock, M Delport, A Dladla, TA Eberlanz, A El-shahir, A Flegg, J Fourie, C Geldenhuys, T Göbel, M Grimbeek, S Gussmann, L Hartman, F Helluy, L Hodgkinson , B Judd, M Khulu, H Kleinhans, J Kok, C Kyriakos, L Labuschagne, P le Clus, W Liebenberg, AM Lopes, A Lourens, I Luus, Y Madolo, A Misch, VB Miya, AMP Moen, L More, Multilingua T/I Services, L O'Connell, BG Op't Hof, E Pooe, D Profir, S Richardson, P Schwartz, D Selibas, K Smit, C Snyman, T Steward, D Steyn, E Steyn, F Tallier-Pire, K van der Mast, C van der Pluym, H van der Walt, A van Rooyen, K van Rooyen, MJ (Rita) van Wyk, CM Voulakis, G Wang, CP Wienand, T Wylie
INgxowa-Mali YoPhuhliso
Uwonke umnikelo weNgxowa-Mali YoPhuhliso ye-SATI ofunyenwe kumalungu ukuza kuthi gaa ekupheleni kukaMatshi ngama-R8 610. Sithi amaqobokazan’ angalal’ endleleni kunyembelekile kwabo baye baphosa umnikelo kule Ngxowa-Mali xa behlawula imirhumo yabo yonyaka, singabalibali ke nabo baphawula iimviwo zeziqinisekiso (abamagama singenakuwapapasha ngezizathu ezicacileyo) abenza umnikelo ngeendleko zabo zokuphawula iimviwo kule ngxowa-mali.
Ingxelo
IBhunga le-SATI lavuya lisakufumana umyalezo ovela kwilungu eliliqumrhu, lisibulela ngokumana sisalathiswa abantu kulo nangenkxaso eqhubekayo.
Ezinika umdla
I-Chichewa Dictionary Project ipapashe isichazi-magama sokuqala ngqa sesiChichewa nesiNgesi kwakunye nesiNgesi nesiChichewa ngo-2009, yaye mvanje esi sichazi-magama siyafumaneka nakwi-intanethi. Ngekopi nganye yaso ethengiweyo, kunikezelwa incwadi simahla kubafundi baseMalawi okanye abaseZambia abangenandlela yakuzithengela incwadi leyo. Jonga apha:  www.chichewadictionary.org nalapha:
http://translate.chichewadictionary.org/ ukuze ufumane ezinye iinkcukacha. 
Ukubhalisela izifundo ze-Certified Localisation Professional (CLP) Level 1 kuvulelekile ehlabathini lonke, ezi zifundo zilungiselelwe ngabakwa-Institute of Localisation Professionals (TILP) kulo nyaka ka-2010. Ezi zifundo zibandakanya iimodyuli ezilishumi ezifumaneka kwi-intanethi apho unokuzifundela ngokwakho, yaye kukwakho noqeqesho olumandla lweentsuku ezine kwindawo yeli ziko kunye nexesha leemviwo. Bonke abaphumeleleyo kwezi zifundo bawongwa nge-TILP Level 1 CLP Certification. Thumela imeyile kweli Ziko ngale dilesi:  info@tilponline.org okanye utyhile apha: http://www.tilponline.org ukuze ufumane inkcazelo engakumbi.
I-Riga Graduate School of Law isungule izifundo ze-masters zodidi oluphezulu ezithatha unyaka kwizifundo zolwimi zomthetho kusenzelwa amagqwetha kunye nabaguquleli beelwimi. Ezi zifundo zihlohlwa ngolwimi lwesiNgesi. Abantu abangamalungu ombutho oyi-FIT bafumana isaphulelo se-10 ekhulwini kwintlawulo yezifundo. Iinkcukacha zifumaneka apha: http://www.rgsl.edu.lv/index.php?option=com_content&task=view&id=53&Itemid=9
IiNkqubo zekhompyutha kunye neeWebhusayithi
Around WorldFast: Khawutyelele apha kwi-http://www.wordfast.fr ukuze ufunde kakhudlwana ngohambo lwelungu le-Proz.com uJohn Di Rico ukuze aqeqeshe abaguquleli beelwimi kwinkqubo yekhompyutha eyi-Wordfast, ngoxa kwangaxesha-nye enyusa ingxowa-mali yokuthenga iminatha yeebhedi ukuzama ukuthintela ukusasazeka kwesifo seengcongconi. Ngo-Agasti kuza kubakho iiseshoni ezimbini eRhawutini  (ungajonga nalapha:  http://www.proz.com/training/3340 nalapha http://www.proz.com/training/3343). Nize niphawule le ndawo ke mawethu, abakwaSATI abanalwazi luphuma ngqo kulo mthombo ungasentla ngolu cweyo, yaye asisayi kuluthwala uxanduva ngolo qeqesho kubonelelwa ngalo.
Ushicilelo lwakutshanje lwe-Dialogos, isigidimi seendaba kwiZiko leeLwini leYunivesithi yaseStellenbosch luyafumaneka kwiwebhusayithi yeli Ziko kule dilesi apha http://www0.sun.ac.za/taalsentrum/405.html. 
Iincwadi
I-New Voices in Translation Studies 6 (2010), ulindixesha okwi-intanethi ekwaxhaswa nguMbutho WamaZwe NgamaZwe WokuGuqulelwa KweeLwimi (International Association for Translation), ngabeZifundo ZeeNtlanga NgeeNtlanga (Intercultural Studies), liZiko LeziFundo ZokuGuqulela IiLwimi NokuBhala (Centre for Translation and Textual Studies) kwiYunivesithi yesiXeko saseDublin, inamanqaku amathathu avela kubaphandi abaselula, inezicatshulwa ezisithoba zeengcingane zePhD ezisandula ukungeniswa nezigxininisa ekuguqulelweni kweelwimi zoncwadi. Iyafumaneka apha:
http://www.iatis.org/newvoices/contents2010.php  
Iziganeko nezibongozo zokungenisa amaphepha
I-Journal of Specialised Translation (JoSTrans) iza kupapasha uhlelo olukhethekileyo ngokuguqulelwa kweelwimi nangoqeqesho lonyaka ka-2011, yaye kumenywa abantu bafak’ isandla ngawo nawuphi na umba kulo mxholo. Amaphepha azeleyo okanye amafutshane kunoko amkelekile, neziqwentshana emazifakwe kwiKona yabaGuquleli beeLwimi kwakulo Lindixesha. Onke amanqaku ( amagama angama-4 000 ukuya kwangama-7 000), uhlolo (olumagama angama-500 ukuya kutsho kwangama-800) neziqwentshana, mazithunyelwe kumhleli wexeshana nguMichail Sachinis kule dilesi: michail.sachinis05@imperial.ac.uk or
michail.sachinis@hotmail.com.
I-PowerPoint: Ukulungelelanisa okuphetheyo ukuze kube yintetho enempumelelo: Ucweyo oluthatha usuku olunye kwiZiko leeLwimi leYunivesithi yaseStellenbosch, ngomhla wama-27 kuJulayi ka-2010. Umhla wokuvalwa kwezibongozo eziceliweyo ngowe-16 kuJulayi ka-2010. Xa nifuna ezinye iinkcukacha qhagamshelanani no-Audrey Poole kule nombolo: 021 808 2167 okanye kule dilesi:  taalsentrum@sun.ac.za, okanye nityhile apha: www.sun.ac.za/taalsentrum.
ISikolo SeHlobo SeziFundo ZokuGuqulela IiLwimi E-Afrika: Siya kuba kwiYunivesithi yaseStellenbosch ukususela ngomhla wama-29 kuNovemba ukuya kuthi xhaxhe kowesi-4 kuDisemba ka-2010. Njengoko sisindlekwa ngabeSebe leziFundo ze-Afroasiatic, abeNtetho YeZandla, abezoShishino LweeLwimi kwiYunivesithi yaseFreyistata, abeSebe lesiBhulu nesiDatshi kwiYunivesithi yaseStellenbosch, esi Sikolo Sehlobo sesabafundela ezobugqirha kunye okanye abahlohli bezifundo zokuguqulela iilwimi nonxibelelwano lweenkcubeko ngeenkcubeko, apho injongo ikutyhalela phambili umbono wama-Afrika wezifundo zokuguqulelwa kweelwimi. Ezinye iinkcukacha zilapha:  http://www.ufs.ac.za/SSTSA 
ISikolo SoPhando LokuGuqulela IiLwimi SeHlobo SaseHong Kong: Siya kuba kwiYunivesithi yaseHong Kong yamaBhaptizi, ngomhla we-12 ukusa kowama-23 kuJulayi ka-2010. I-TRSS (HK) ilungiselele kwa-inkqubo ekwanjalo kwi-TRSS yase-UK engumpondo zihlanjiwe yaye ikwavuleleke nakubafundi abafanelekileyo abasuka mbombo zonke zehlabathi abanesidanga se-MA nasele beqalisile okanye abacinga ngokwenza uphando lokuguqulela iilwimi kunye okanye izifundo zenkcubeko ngeenkcubeko. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.researchschool.org/index.php?module=content&task=view&id=26 
INkongolo YesiBini YabaBhali NabaGuquleli BeeLwimi BamaZwe NgamaZwe (Second Writers’ and Literary Translators’ International Congress) (WALTIC): Iya kubanjelwa kwiYunivesithi yaseBilgi, e-Istanbul, eTurkey, ngomhla wesi-2 ukuya kuma kowesi-5 kuSeptemba ka-2010. Le nkongolo iya kushikixa imingeni yoncwadi, inkululeko yokuthetha, amalungelo ababhali namanani. Izithethi eziya kube zitshotsh’ entla iya kube inguRenata Saleci (waseSlovenia) kunye noKo Un (waseKorea). Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.waltic.com/ 
XII Simposio Iberoamericano de Terminología (RITerm 2010): Yona iya kubanjelwa kwi-Universidad del Museo Social Argentino eseBuenos Aires e-Argentina, ukususela ngomhla we-14 kude kube ngowe-17 kuSeptemba ka-2010. Ezinye iinkcukacha zilapha: www.traductores.org.ar okanye riterm_2010@traductores.org.ar (Iya kwenziwa ngeSpanish)
16th International Congress of the Names Society of Southern Africa (NSA): Homo Nominans – Mankind, the namer: Iya kuba kwi-Club Mykonos, eNtshona Koloni, ngomhla wama-26 ukuya kutsho kowama-28 ku-Oktobha ka-2010. Le yona inkomfa iya kuhlola ukuthiya amagama kunye nomnqweno uluntu olungakwazi kuwubamba wokuthiya imibutho amagama. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, qhagamshelana noBertie Neethling ku-bneethling@uwc.ac.za.
Translating Multimodalities: KwiYunivesithi yasePortsmouth, eUK, ngomhla wesi-6 kuNovemba ka-2010. Ngokuqhelekileyo xa uguqulela ubhala phantsi, kodwa kwimeko yanamhlanje eneenkalo ezahluka-hlukeneyo abaguquleli bolwimi bamele bacingele nezinto ezibalulekileyo (imifanekiso emiyo neshukumayo, izazobe, umculo, itayipografi okanye ukulungiswa kwephepha). Kumenywa abanokuba negalelo kwimiceli-mngeni ejongene nabaguquleli ngenxa yezi zinto zahluka-hlukeneyo. Imibuzo kunye/okanye izicatshulwa zamagama angama-300 zifanele zithunyelwe kuCarol O’Sullivan ku-carol.osullivan@port.ac.uk ungadlulanga umhla wama-30 kuJuni ka-2010. Inkcazelo engakumbi: www.port.ac.uk/translationconference.    
TKE (Terminology and Knowledge Engineering) Conference 2010: KwiYunivesithi yaseDublin, e-Ireland, ngomhla we-12 ukuya kowe-13 kuAgsti ka-2010. Le nkomfa ingokukhuthaza ulwazi nokusasaza ubugcisa ukwenzela unxibelelwano olukhethekileyo lweelwimi phezu kweenkqubo zesigama nenkcazelo. Iya kubek’ umnwe ngokukodwa kumxholo wokuza nesigama kunye nezinto ezandisa ulwazi kwi-intanethi. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha:
http://www.dcu.ie/fiontar/conference/home_baile.shtml
 
Iguqulelwe kwisiZulu:ngu Manzo Khulu noMakhosana Malinga
Iguqulelwe kwisiSuthu:Grace Noge
Iguqulelwe kwisiXhosa: nguAngelinah Dazela noSonwabile Cotiyana 
Iguqulelwe kwisiFrentshi:nguJean-Christophe Courbin, nguAndy Nsimundele no Béatrice Boltz
Iguqulelwe kwisiBhulu: nguAntoinette Burger, nguIsabel Claassen no Wilna Liebenberg 
Iguqulelwe kwisiPedi: nguMapule Moswane
Iguqulelwe kwisiSwati:nguBenjie Shongwe
__________________________________________________________________________________________________________________
Dintlha tsa go ikgolaganya le Setheo:
     Marion Boers. Mogala: 011 803-2681. Fekese: 0866 199 133. Imeili: publications@translators.org.za
     Irene Dippenaar. Mogala: 079 492 9359. Fekese: 086 511 4971. Imeili: registrar@translators.org.za
