Imirhumo yonyaka ka-2010
Imirhumo yonyaka ka-2010 ibimele ukuba sele ihlawulwe ekupheleni kukaMatshi. Ukuba owakho akukawuhlawuli, nceda uqhagamshelane ne-ofisi yakwa-SATI kamsinya apha: (office@translators.org.za). Uluhlu lwabantu esidla ngokubathumelela imbalelwano luza kuhlaziywa ekupheleni kukaMeyi kwaye amalungu angahlawulanga aza kukhutshwa kolu luhlu. Amalungu aneziqinisekiso ayakhunjuzwa ukuba iziqinisekiso zawo zisebenza kuphela xa esengamalungu alo Mbutho. Ukuba akukwazi ukuhlaziya ubulungu bakho ngenxa yokubetheka ngokwasezimalini, khumbula kaloku ukuba amalungu anako ukufaka isicelo soncedo kwiNgxowa-Mali YoPhuhliso YeSATI.
INdebe YeHlabathi Ka-2010
Ekubeni kusele nje inyanga enye qwaba ngaphambi kokuba kufike isiganeko esikhulu, abaguquleli bolwimi neetoliki baqhelene xa kungoku nombuzo othi – “Inokuba mninzi kakhulu umsebenzi eninawo njengoko kuza kuthontelana abantu abaninzi eMzantsi Afrika ngoJuni?” Singathanda ukwazi ukuba msebenzi mni weelwimi eniwenzayo ohlobene neNdebe YeHlabathi. Asijonganga ukuba nidize iimfihlo zenu zoshishino, kodwa sicela nisithumelele inkcazelo emfutshane apha: office@translators.org.za ngawo nawuphi na umsebenzi wokuguqulela okanye wokutolika eniwenzayo (okanye osele niwenzile) ngokunxulumene nesi siganeko.
Iziganeko zokudl’ imbadu ze-SATI
Enye yeenjongo iBhunga le-SATI elizimisele kuzo kukuvula amathuba okudl’ imbadu ngokuthe rhoqo. Esokuqala isiganeko nonyakanje, ebesisindlekwe lilungu leBhunga uMichelle Rabie, siqhutywe ngoApreli kwiVenkile Yokutyela iBlue Crane ePitoli. UMichelle usincazele iingcebiso ngendlela yokuzithengisa njengengcali ezimeleyo yaye sonke saba nemva kwemini emyoli.
Ilungu leBhunga uManzo Khulu ngomhla we-14 kuMeyi yena usindleke intlanganiso eRhawutini, ntlanganiso leyo ebijoliswe kumalungu asebenza ngeelwimi zesiNguni. UManzo ujonge ukuvula iCandelo elitsha le-SATI ekugqibeleni, apho amalungu anengcamango enye neyakhe enokuthi axoxe rhoqo ngemiceli mngeni adibana nayo xa esebenza ngezi lwimi. Nceda uqhagamshelane naye apha: manzo@translators.org.za ukuze ufumane inkcazelo engakumbi.
Kanti ke siceba ukuqhuba iziganeko ezingakumbi kulo lonke eli. Sazise xa ungathanda size kwisixeko sakho kwaye usichazele nangemiba ongathanda sinyathele kuyo.
Iindaba ezivela kwi-FIT
INtlanganiso YeBhunga le-FIT iza kubanjwa eMoscow ngomhla wama-28 nowama-29 kuMeyi. UMarion Boers uza kuzimasa le ntlanganiso ekwisikhundla sakhe njengoMongameli we-FIT. 
Isaziso sokuqala seNkongolo YeHlabathi Ye-FIT ye-XIX, eza kubanjwa ngo-Agasti ka-2011 eSan Francisco, siza kukhutshwa kungentsuku zatywala. Sijonge kwiwebhusayithi ye-FIT: www.fit2011.org 
London Book Fair 2010
Ngelishwa, uthuthu lwentaba-mlilo yase-Iceland luzitshabalalisile izicwangciso ze-SATI zokuzimasa iLBF: uWilna Liebenberg obeza kumela i-SATI inqwelo-moya yakhe inqunyaniswe nje kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kwesi siganeko. Kodwa ke, siye samelwa yintlangano engugxa wethu, i-PEG, yaye ingxelo emayela nesi siganeko iya kuvela kuhlelo oluzayo lweMuratho.
Eziphathelele amalungu
Amalungu amatsha: nguEduardo Arques Esteve, uWena Coetzee, uDeborah Dawson, uLinda de Wet, uTheresa Engeström, uTertius Franzsen, uIlze Hattingh, uJo-Mari Huisamen, uNico Käber, uMorné Kotze, uBernie Kruger, uFanny Lacroix, uMelanie Law, uDiemut Magon, uPhakamani Mbatha, uJorge Milazzo, uMonnapula Molefe, uMila Naccari, uBrilliant Ndubane, uOupa Nkuna, uAna Cristina Nunes Escaleira, i-NWU CTrans (iqumrhu elililungu), uLindsay Palmer, uLaurent Roux, uBenjamin Shongwe, uYvane Stanford, uAnne Strauss, uJan Vink
Abangasengomalungu: uNoelle Lawson, uCathy Fazey, uHanelle Fourie, uFrances Esterhuizen, uCiaran MacCarron
Abasandul’ ukuwongwa ngeziqinisekiso: nguJulia Pedro: oguqulela isiNgesi nesiPhuthukezi esifungelweyo; uAntoinette van Rooyen: oguqulela isiNgesi nesiBhulu; uEugene Seegers: oguqulela isiNgesi nesiBhulu 
Ezenza umdla
IOfisi YaseYurophu Yokugaya Abasebenzi (European Personnel Selection Office) ngahle isungule ukhuphiswano ngoJulayi lokugaya abaguquleli bolwimi lwesiNgesi  ukwenzela amaziko oManyano lweYurophu. Abo bafaka izicelo bamele babe ngabemi balo naliphi na iLizwe eliliLungu le-EU, babe nesidanga se-bachelor kulo naliphi na uqeqesho baze bakwazi ukuguqulela iilwimi ezimbini ezisemthethweni ze-EU bezisa kwisiNgesi esikumgangatho othethwa ngabantu baso. Khawutyelele kule webhusayithi: http://www.eu-careers.eu okanye ufumane isaziso sokusungulwa kokhuphiswano ngokuzimanya neqela elikwiFacebook elibizwa ngokuthi ‘Silindele ukhuphiswano lokuguqulela isiNgesi lwe-EU luka-2010’ apha: http://www.facebook.com/home.php?#/group.php?gid=189470229968&ref=mf.
Livuliwe ithuba lokuchongelwa iWonga LamaZwe NgamaZwe Lokuguqulela le-Custodian of the Two Holy Mosques Abdullah bin Abdulaziz. Eli wonga likhutshwa minyaka le ukwenzela iinguqulelo eziphum’ izandla namaziko adume ngegalelo lawo elimandla lokuguqulelwa kwesi-Arabhu. Ukuchongwa kuvalwa ngomhla wama-20 kuAgasti ka-2010. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: www.translationaward.org 
IiNkqubo zekhompyutha neeWebhusayithi
I-Prolingua, engumbutho weengcali zolwimi zesiBhulu nesiNgesi nekwangugxa we-SATI, isungule iwebhusayithi yayo: http://www.prolingua.org.za. 
ISebe LobuGcisa NeNkcubeko (DAC) lisungule izintlu ngezintlu zesigama kwiwebhusayithi yalo eyile (www.dac.gov.za). Ezi zintlu unokuzikhuphelela okanye uzishicilele zona ukuze uzisebenzise okanye ufundise ngazo. Nceda uphos’ iliso kwiwebhusayithi ye-DAC ukuze ufumane ezi zintlu zilandelayo: Multilingual Soccer Terminology List, Multilingual ICT, Multilingual Mathematics, Multilingual Natural Sciences (ngeelwimi zesiNguni), Multilingual Natural Sciences (ngolwimi lwesiSuthu), Multilingual Natural Sciences (NgesiVenda nesiTsonga), Multilingual Parliamentary/Political Terminology
I-Infoterm, eyi-International Information Centre for Terminology (IZiko LeNkcazelo LamaZwe NgamaZwe LesiGama), yasekwa ngo-1971 ngokunxulumene ne-UNESCO, ngenjongo yokuxhasa nokulungelelanisa intsebenziswano yamazwe ngamazwe kwimiba yesigama. Ungazifundela iileta yayo yeendaba kunxibelelwano lwe-intanethi apha: http://infoterm.info/pdf/activities/INL/INL_135.pdf.
Iincwadi
I-Evaluation of Translation Technology, ebhalwe nguWalter Daelemans noVéronique Hoste (ISBN 9789054876823), yaza yapapashwa yi-Linguistica Antverpiensia New Series – Themes in Translation Studies, engulindixesha weSebe labaGuquleli NeeToliki kwikholeji yeyunivesithi i-Artesis eyi-Antwerp. Ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe ngena apha: http://www.aspeditions.be/article.aspx?article_id=EVALUA051P&langue=en-gb
I-Translator’s Agency, ehlelwe ngu-T. Kinnunen no-K. Koskinen yingqokelela yamanqaku ajoliswe kwindima edlalwa zii-arhente kumsebenzi wabaguquleli neetoliki. Njengoko ugxininisa kwinzululwazi yezentlalo kwezokuguqulela, lo mqulu usebenzisa indlela eziliqela ezivela kwinzululwazi yezentlalo. La manqaku acacisa ingcamango ye-arhente kwiinkqubo ezahlukeneyo: ingcinange yomsebenzi, ingcingane ye-arhente, uhlalutyo lonxibelelwano kunye nokucaciswa kusetyenziswa iindlela ezinxulumene nezentlalo, konke oku kudityaniswe kwingxoxo enempumelelo kunye nezifundo zokuguqulela iilwimi. Ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe ngena apha: http://tampub.uta.fi/english/tulos.php?tiedot=340 
Iziganeko kunye nokuhlatywa kwekhwelo lokungeniswa amaphepha
I-Linguistica Antverpiensia NS – Themes in Translation Studies 10/2011: Kuye kwenziwa isicelo sokuba kungeniswe amaphepha kuhlelo lukaDisemba ka-2011, oluthi “UkuGuqulela IiLwimi EkuHlaleni: Umsebenzi wokuguqulela njengomsebenzi wasekuhlaleni kunye nemivuka enokuvela (Community Translation: Translation as a social activity and its possible consequences”). Umsebenzi wokuguqulela iilwimi ujongene nemingeni ngenxa yeendlela ezikhoyo zobugcisa kule miba ilandelayo:  ‘ukuvuleleka’, ‘ukwabelana’ kunye ‘nokusebenzisana’, zinto ezo ezenza ukuba abasebenzisi bathathe inxaxheba kwimisebenzi yobuchule ezinzileyo. Kufuneka kungeniswe izindululo ezimalunga nalo mxholo ngomhla wama-20 kuJuni ka-2010 (ubude ngamagama angama-500) kumhleli uMinako O’Hagan apha: minako.ohagan@dcu.ie.
Ingqokelela yamanqaku ethi, Non-professionals translating and interpreting: Participatory and engaged perspectives, ehlelwe ngokumenywa ngu-Şebnem Susam-Sarajeva kunye noLuis Pérez-González, neza kupapashwa ngabakwa-St Jerome Publishers. Le ngqokelela yenza isindululo sokuba kuphononongwe umba wokuguqulela nokutolika okungabonisi buchule ngeenjongo zokuba kufundwe kwaba bantu benza lo msebenzi wokuguqulela nokutolika; iimeko abasebenza kuzo; amajelo osasazo ahambisa iinguqulelo ezingenabuchule; kunye noluntu apho le misebenzi ivela khona. Kufuneka kungeniswe izicatshulwa zamaphepha (ezingangama-500 amagama ubude) ngomhla wama-30 kuJulayi 2010 apha: s.susam-sarajeva@ed.ac.uk okanye apha: luis.perez-gonzalez@manchester.ac.uk. 
I-Multidisciplinarity in Audiovisual Translation, ehlelwe ngokumenywa ngu-Rosa Agost, uElena Di Giovanni kunye noPilar Orero: Kuye kwacelwa ukuba kungeniswe amaphepha kuHlelo Lwesi-4 (lukaJanuwari ka-2012). Kuhlatyw’ ikhwelo lokuba abantu baphos’ igada ekuhlalutyeni ubugcisa bokwenza inguqulelo yoko kuviwayo noko kubonwayo ngokwemiba eyahlukeneyo. Kuza kuqwalaselwa kakhulu izindululo ezijoliswe kwifuthe lenkqubela yezobugcisa ekuveliseni izixhobo nezenzo ezintsha, ukuhlalutywa kobunjani bababukeli nabaphulaphuli kunye notshintsho,  oko kusenziwa ngokujonga kwiinkalo ezahlukeneyo (ethnography, psychology, neuroscience, njalo njalo). Izindululo ezibhalwe ngokugqibeleleyo kufuneka zithunyelwe apha: MonTI Secretary (monti.secretaria@ua.es) phambi okanye ngomhla wama-30 kuMatshi ka-2011. Kungaqhagamshelwana nabahleli abandwendweleyo apha: agost@trad.uji.es, elenadigiovanni@unimc.it okanye apha: pilar.orero@uab.cat.
IzaKhono zokuBhala iMizuzu yeNtlanganiso eneNtswane kwabaziFundayo (Writing Skills for Effective Minutes): Olu cweyo losuku olunye oluza kubanjelwa kwiZiko leeLwimi eYunivesithi yaseStellenbosch ngomhla wama-28 kuMeyi ka-2010. Umhla wokuvalwa kwezicelo ngama-21 kuMeyi ka-2010. Ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe qhagamshelana no-Audrey Poole kule nombolo yefowuni: 021 808 2167 okanye kule imeyile: taalsentrum@sun.ac.za 
 
Izakhono zekhompyutha zeengcali kwezeelwimi nezabasebenzi nabafundi abasuka kumasebe eelwimi: Iya kuba kwiYunivesithi yaseStellenbosch, ngomhla wesi-7 ukuya kutsho kowe-9 kuJuni. IKommuniko iza kubamba ucweyo lweentsuku ezintathu ezinesiqingatha kwi-MS Word, i-MS Powepoint ne-MS Excel ngokulandelelana; Olu cweyo lujolise kubasebenzisi abaqalayo nabaphakathi. Olu cweyo luza kwenziwa ngesiBhulu, kodwa imibuzo yesiNgesi iza kwamkeleka. Qhagamshelana no-Amanda Lourens apha: alou@iafrica.com okanye kule nombolo yefowuni; 084 514 8111.
Isikolo saseHlotyeni saseHong Kong sezoPhando kumsebenzi wokuGuqulela iiLwimi: Siya kuba kwiYunivesithi yamaBhaptizi yaseHong Kong ngomhla we-12 ukuya kuthi xhaxhe kowama-23 kuJulayi ka-2010. I-TRSS (HK) inikezela ngenkqubo ehambelanayo kwi-UK TRSS ezinzileyo, kwaye ivuleleke kubafundi abangabo nabaneziqinisekiso abasuka kwihlabathi liphela abanesidanga seMA, naselebeqalise okanye abasacinga ukuqalisa uphando kwizifundo zokuguqulela iilwimi kunye/okanye kwizifundo zonxibelelwano oluphakathi kweenkcubeko ngeenkcubeko Ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe yiya apha: http://www.researchschool.org/index.php?module=content&task=view&id=26
Society for Editors and Proofreaders (SfEP) AGM and 21st annual conference: KwiYunivesithi yaseStrathclyde, e-Glasgow, e-UK, ngomhla wesi-4 ukuya kuma kowesi-6 kuSeptemba ka-2010. Le nkomfa iya kuquka iingqungquthela eziya kunyathela kwimixholo enjengethi typesetter-copy-editor interface, exploiting social internet platforms for professional networking, nothi ethics and plagiarism in publishing, kwaneengqungquthela ezahlukeneyo. Iincwadi zivalwa ngomhla wesi-9 kuJulayi 2010. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: http://www.sfep.org.uk/pub/confs/conf10/conf2010_advance.asp
International Conference on Translation and Accessibility in Video Games and Virtual Worlds: EYunivesithi i-Autónoma de Barcelona, eseSpeyin, ngomhla wesi-2 ukuya kutsho kowesi-3 kuDisemba ka-2010. Le nkomfa ijonge ukudibanisa bonke abo banomdla kwimiba yokuqulunqa isigama nakufikelelo kwisigama eso kunye nakwindima yokuguqulela iilwimi kwihlabathi elililo. Izicatshulwa zezindululo (ubude: 300 amagama) kufuneka zithunyelwe phambi okanye ngomhla we-15 kuJulayi: VG.VW.translation.accessibility@gmail.com. Ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe ngena apha: http://jornades.uab.cat/videogamesaccess/ 
Critical Link 2010 Conference: Interpreting in a changing landscape, yona iya kuba kwiYunivesithi yase-Aston, eBirmingham, e-UK, ngomhla wama-26 ukusa kowama-30 kuJulayi ka-2010. Injongo yayo kukuhlola iinkalo zokutolika kwinkonzo yaseburhulumenteni neyasekuhlaleni kwezopolitiko, ezomthetho, ezamalungelo oluntu, ezamazwe ngamazwe, ezoqoqosho, ezentlalo yoluntu, kunye nezeelwimi zoluntu. Inkqubo ecwangcisiweyo iya kufumaneka ngomhla woku-1 kuMeyi 2010. Ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe tyelela iwebhusayithi ye-Critical Link 6 apha http://www.aston.ac.uk/CL2010 okanye qhagamshelana noNjing. uChristina Schaffner apha c.schaeffner@aston.ac.uk.
. 
Second Writers’ and Literary Translators’ International Congress (WALTIC): KwiYunivesithi iBilgi, e-Istanbul, eTurkey, ngomhla wesi-2 ukusa kowesi-5 kuSeptemba ka-2010. Le nkongolo iza kuxoxa ngemingeni ehambisana nokufunda nokubhala, inkululeko yokuthetha, amalungelo ababhali kunye nedigitalisation. Ukuze ufumane ulwazi oluthe vetshe ngena apha: http://www.waltic.com/
Eighth National Conference and International Forum on Interpreting in China: Iya kuba kwiYunivesithi yaseSichuan, eChengdu, ngomhla we-15 ukuya kutsho kowe-16 ku-Oktobha ka-2010. Umxholo wayo uthi: Interpreting in the Age of Globalization. Inkcazelo engakumbi nantsi apha: www.kouyi8.org, www.flc.scu.edu.cn, www.tac-online.org.cn okanye apha www.fltrp.com.
16th International Congress of the Names Society of Southern Africa (NSA): Homo Nominans – Mankind, the namer: Iya kuba kwi-Club Mykonos, eNtshona Koloni, ngomhla wama-26 ukuya kutsho kowama-28 ku-Oktobha ka-2010. Le yona inkomfa iya kuhlola ukuthiya amagama kunye nomnqweno uluntu olungakwazi kuwubamba wokuthiya imibutho amagama. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, qhagamshelana noBertie Neethling ku-bneethling@uwc.ac.za.
International Postgraduate Conference in Translation and Interpreting (IPCITI) 2010: From Reflection to Refraction – New perspectives, new settings and new impacts: KwiYunivesithi yaseManchester, eUK, ngomhla wama-29 ukuya kuthi xhaxhe kowama-31 kuOktobha ka-2010. Le iya kube iyinkomfa yesithandathu kolu dederhu, ejoliswe ekuvuleleni abaphengululi abaselula ithuba lokwabelana ngophando lwabo nokuthath’ inxaxheba kumcimbi omkhulu wokudl’ imbadu noluntu lwamazwe ngamazwe. Umhla wokugqibela wokufakwa kwezicatshulwa ngumhla wama-30 kuMatshi ka-2010. Imibuzo ifanele ibhekiswe apha ipciti2010@manchester.ac.uk. Inkcazelo ebhekele phaya ifumaneka apha: http://www.ipciti.org.uk/ 
  
Translation and Interpretation in a Multilingual Context: INkomfa YamaZwe NgamaZwe YokuGuqulela IiLwimi Nokutolika: EBangkok, eThailand, ngomhla woku-1 ukuya kowesi-3 kuNovemba ka-2010. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.ictithailand.com/.
International Conference on Literary Translation: Writing Past Each Other? Literary Translation and Community: KwiYunivesithi iVictoria eWellington, kwelaseNew Zealand, ngomhla we-11 ukusa kowe-13 kuDisemba ka-2010. Le nkomfa ijonge ukuhlola indlela ukuguqulelwa koncwadi ekukuzisa ngayo ukukhanya kwanendlela yokwamkela ezinye iinkcubeko, ngoxa ngaxesha-nye isenza sibe banye ekuhlaleni nakumazwe ngamazwe – okanye indlela ukulambatha kwezo zinto okuyibukula ngayo inkcubeko yoncwadi. Kuza kubakho kwaneengqungquthela kunye neeseshoni zokufunda. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.victoria.ac.nz/victoria-conferences/default.aspx
 
Iguqulelwe kwisiNdebele:Thomas Ntuli
Iguqulelwe kwisiBhulu:Johan Blaauw, Eugene Seegers
 Iguqulelwe kwisiTswana:Peter Mekgwe, Pauline More 
Iguqulelwe kwisiZulu: Manzo Khulu 
Iguqulelwe kwisiSuthu:Abel Mphanya 
Iguqulelwe kwisiXhosa:Sonwabile Cotiyana, Thokozile Mabeqa 
Iguqulelwe kwisiFrentshi:Jean-Christophe Courbin
Iguqulelwe kwisiPedi: Mapule Moswane
__________________________________________________________________________________________________________________
Dintlha tsa go ikgolaganya le Setheo:
     Marion Boers. Mogala: 011 803-2681. Fekese: 0866 199 133. Imeili: publications@translators.org.za
     Irene Dippenaar. Mogala: 079 492 9359. Fekese: 086 511 4971. Imeili: registrar@translators.org.za
