Imirhumo yonyaka ka-2010
Imirhumo yonyaka ka-2010 imele ukuba sele ihlawulwe ekupheleni kukaMatshi. Ukuba owakho akukawuhlawuli, nceda uqhagamshelane ne-ofisi yakwa-SATI kamsinya apha: (office@translators.org.za), loo nto ingenza lingasuswa igama lakho kuluhlu lwabo sibathumelela imbalelwano. Amalungu aneziqinisekiso ayakhunjuzwa ukuba iziqinisekiso zawo zisebenza kuphela xa esengamalungu alo Mbutho.
Iindaba ezivela kwi-FIT
Uhlelo lwakutshanje lwesigidimi seendaba ze-FIT oluyi-Translatio, olusinika ingxelo ngentlanganiso yonyaka ophelileyo yeBhunga ebise-Istanbul nangemicimbi enxulumene neekomiti kunye namaziko eenqila, luyafumaneka kwiwebhusayithi ye-FIT. Ningatyhila apha: http://www.fit-ift.org/en/translatio-e.php > kuMatshi ka-2010 ukuze nizikhuphelele uhlelo lwe-PDF. 
Eziphathelele amalungu
Amalungu amatsha ngala:  nguPaula Avramidis, uPamina Bohrer, uThailys Freites-Valcárcel, uLeila Henderson, uAnya Klages, uMelusi Mnikathi, uMbuyiseni Molalose, uSedric Motha, uGrace Noge, uWendell Peters, uKara Smith
Okunika umdla
Abakwa-SATI bakhuphe ingxelo eya kwabeendaba ngokuxhasa isigwebo seNkundla ePhakamileyo somhla we-16 kuMatshi ka-2010 apho urhulumente ebenikwa umyalelo wokuhlonela izibophelelo zomgaqo-siseko ngokunxulumene nokusetyenziswa kweelwimi ezisemthethweni kule minyaka mibini izayo. Abakwa-SATI baye bayiphinda into yokuba bazimisele ukuxhasa urhulumente ngokupheleleyo ekuzalisekiseni umgaqo-nkqubo weelwimi ezahluka-hlukeneyo ukuze iilwimi zaseburhulumenteni nezisemthethweni zisetyenziswe ngendlela engenamkhethe. Amalungu asamkele ngezandla ezingemikhinkqi esi sigwebo, kananjalo ayivuyela nento yokuba abakwa-SATI bewunike ingqwalasela lo mba.
Ilungu le-SATI uWilna Liebenberg uza kube esenza intetho egameni le-SATI kwiLondon Book Fair (eya kuba ngomhla we-19 ukuya kutsho kowama-21 ku-Apreli ku-2010, kwi-Earls Court). Le ntetho enomxholo othi, “South African Translators’ Institute: Unlocking South Africa's Multilingual Treasure Trove”, iya kuba ngomhla wama-20 ku-Apreli kwiMarket Focus Pavilion. 
I-SOS Talk yinkqubo yamazwe ngamazwe yokutolika iilwimi efowunini, ivumela abaxumi ukuba basebenzise ifowuni ekutolikeni kwiintlanganiso zamashishini, kwiiholide okanye naphi na. Iitoliki zingabhalisa kule webhusayithi: www.sostalk.com. 
Iinkqubo zekhompyutha neeWebhusayithi
I-Langmates ilunxibelelwano lwabantu phakathi kwabaguquleli beelwimi kunye nee-arhente zokuguqulela iilwimi, kulapho oyisebenzisayo enako ukuqhagamshelana nomnye besebenzisa unxibelelwano lwe-intanethi, besabelana ngamava okuguqulela iilwimi nokuguqulela iinkqubo zekhompyutha kwiilwimi zomthonyama ukuze kufunyanwe iingongoma ezinokusetyenziswa kule webhusayithi.. Ningatyhila apha: 
http://www.langmates.com/home.php 
I-Lingoproz.co.za yiwebhusayithi entsha enguvimba wabaniki-zinkonzo beelwimi zase-Afrika. Eli qonga livumela iingcali ukuba zibhengeze iinkonzo ezizinikezelayo, likwavula neqonga leengxoxo kumalungu ukuba axoxe ngesigama nangeminye imiba enxulumene neelwimi, kwanephephancwadi elikwi-intanethi. Jongani apha: http://www.lingoproz.co.za. 
Iincwadi
I-Translating Promotional and Advertising Texts, ka-Ira Torresi (ISBN 1-905763-20-4), iqulunqelwe ukusetyenziswa njengencwadi yezifundo enokusetyenziswa egumbini lokufundela okanye njengencwadana anokuzifundela yona umntu. Ukuguqulelwa kwemibhalo yenkuthazo ngeemveliso ezithile neyentengiso, kufuna ukuba makusetyenziswe ubuqili obujoliswe ekulondolozeni amandla ayo okurhwebesha abathengi. Oku kusoloko kufuna ukuba mayihlengahlengiswe ngokwabantu abo ijoliswe kubo, ukanti maxa wambi kubhalwe ngokutsha. Xa nifuna ezinye iinkcukacha tyhilani apha: 
http://www.stjerome.co.uk/page.php?id=541&doctype=Translation%20Practices%20Explained&section=3
Imicimbi kunye nekhwelo lokufakwa kwamaphepha
UkuQulunqa IiNcwadana EzineeNkcukacha NjengeNgcali (Building Brochures Like a Pro): Olu lucweyo oluya kubanjwa usuku olunye kwiZiko LeeLwimi leYunivesithi yaseStellenbosch ngomhla wesi-5 kuMeyi ka-2010, kuza kunikwana iingcebiso nobuqili bobu bugcisa bokuqulunqa iincwadana ezineenkcukacha zeengcali. Umhla wokugqibela wokufakwa kwezicelo ngowama-28 kuApreli ka-2010 (ngabantu abangama-20 kuphela abaza kwamkelwa). Ezinye iinkcukacha zifumaneka apha: www.sun.ac.za/languagecentre okanye uqhagamshelane no-Audrey Poole kule nombolo: 021 808 2167 okanye ngokubhalela kule dilesi: taalsentrum@sun.ac.za
INkomfa YeQela LabaHleli AbangooMakhwekhwetha (Professional Editors’ Group): Ukuhlela Iincwadi Zamabali Kwaneencwadi Ezimalunga Neziganeko Zokwenene: Iya kubanjelwa eFranschhoek ukususela kumhla we-13 ukuya kowe-14 kuMeyi ka-2010, oko kuya kwenzeka ngaxesha-nye noMnyhadala WobuGcisa BokuFunda NokuBhala kwaseFranschhoek. Eyona nxalenye iphambili yale nkomfa ye-PEG iya kuba lucweyo oluza kwenziwa ngezi lwimi: isiBhulu, isiNgesi kwanesiXhosa, noluya kubanjwa ngaxesha-nye kwezo ntsuku zimbini zale nkomfa. Oku kuza kunceda ngamava nangengqiqo malunga nezinto emaziqwalaselwe xa kuhlelwa le mibhalo-ngqangi yezi ndidi zimbini zolu ncwadi. Ukongeza apho, amalungu ahloniphekileyo akwishishini lokushicilela loMzantsi-Afrika aza kwabelana ngamava nangobugcisa bawo. Umhla wokugqibela wokubhalisa ngowesi-3 kuMeyi ka-2010. Imibuzo umntu anayo angayithumela apha: ellynbarry@telkomsa.net. Ezinye iinkcukacha zingafumaneka apha: http://www.editors.org.za/event.asp?p=856. 
INkongolo YesiBhozo YamaZwe NgamaZwe kunye NemiBoniso NgokuDluliselwa KweeLwimi NgoThungelwano LezoSasazo: New Media – New Contexts – New Translator Profiles? Iya kubanjelwa eBerlin eyidolophu yaseJamani ukususela kumhla wesi-6 kuyiwe kowesi-8 ku-Oktobha ka-2010. Le nkomfa iya kunyathela kwimiba engundoqo efana nempembelelo ye-Facebook, eye-MySpace nakolunye unxibelelwano loluntu olwenziwayo ngosasazo, ukunikelwa komsebenzi kwiqela labantu, kwakunye nokuguqulelwa kwemidlalo kwiilwimi zomthonyama. Izindululo, iingcebiso nezinye iimbono zingathunyelwa ngomhla wesi-3 ngoMeyi ka-2010 apha:  info@languages-media.com. Ezinye iinkcukacha zingafumaneka apha: http://www.languages-media.com/conference_cfp.php 
I-Lexicography: IziChazi-magama – Ingcamango nenkqubo yokubhalwa kwezichazi-magama: Oku kuya kwenzelwa kwiYunivesithi yasePitoli ukususela kumhla we-10 ukuya kowe-11 kuMeyi ka-2010 okanye kwiYunivesithi yaseStellenbosch ukususela kumhla we-13 ukuya kowe-14 kuMeyi ka-2010. I-Kommuniko imema abo basebenza ngokunzulu ngeelwimi nabanqwenela ulwazi oluthe vetshe ngezinto ezimele ziqukwe, indlela yokwakha, kwanemisebenzi yezichazi-magama ezishicilelweyo, nezo zifumaneka kwi-intanethi ukuze babekhona kwenye yezi ndawo zolu cweyo. Umhla wokuvalwa kobhaliso ngowesi-5 kuMeyi ka-2010. Ningaqhagamshelana noGqirha Amanda Lourens kule nombolo: (084 514 811, okanye kule dilesi: alou@iafrica.com) ukuze nifumane amaxwebhu okubhalisa, okanye ningatyhila kule webhusayithi: (www.kommunico.co.za). 
UkuBhala IiNgxelo EzineNtswane KwabaziFundayo: Kuya kubakho ucweyo lweentsuku ezimbini kwiZiko LeeLwimi leYunivesithi yaseStellenbosch ukususela kumhla we-17 ukuya kowe-18 kuMeyi ka-2010. Kuza kuxoxwa ngemibandela yezicwangciso-nkqubo malunga neengxelo, inxaxheba yazo kwinkampani nendlela yokwazi abafundi emakujoliswe kubo, nangesimbo esikhethekileyo sokubhala ingxelo leyo kuquka imigaqo yokubhala ingxelo eyondeleleneyo nebhalwe ngolandelelwano olululo. Umhla wokugqibela wokwamkelwa kwezicelo ngowesi-6 kuMeyi ka-2010. Ezinye iinkcukacha zilapha: http://www0.sun.ac.za/taalsentrum/index.php?id=158 okanye ningaqhagamshelana no-Audrey Poole kule nombolo:  021 808 2167 okanye kule dilesi: taalsentrum@sun.ac.za
INkomfa Ka-2010 YamaZwe NgamaZwe YokuLawula UkuGuqulelwa KweeLwimi EYurophu (TM-Europe 2010 International Translation Management Conference): Yona iya kubanjelwa eKrakow, ePoland ukususela kumhla wama-30 kuSeptemba ukuya kuthi gaa kowoku-1 ku-Oktobha ka-2010. Umxholo uthi: Project and Technology Management, and Business Optimisation for the Translation and Localisation Industry. Kanti ke ngaphambi kwale nkomfa kuya kubakho ucweyo lomhla wama-29 kuSeptemba ka-2010. Niyabongozwa ukuba nize nezindululo zeentetho, amaqela eengxoxo kunye nezimalunga nocweyo. Umhla wokugqibela wokungeniswa kwazo ngowesi-7 kuMeyi ka-2010. Ezinye iinkcukacha zifumaneka apha: http://www.tm-europe.org 
Fifth International Maastricht-Łódź Duo Colloquium on Translation and Meaning 2010: Iseshoni yaseMaastricht: KwiSikolo SezoNxibelelwano SamaZwe Ngamazwe saseMaastricht, eNetherlands, ngomhla we-19 kowama-22 kuMeyi ka-2010. Apho lujoliswe khona olu dederhu lweentetho kukuvula iqonga lamazwe ngamazwe eliza kuxoxa nezifundiswa zokuguqulela/ukutolika kunye neengcali ngemiba yentsingiselo ekuguquleleni iilwimi nasekutolikeni. Iseshoni yase-Maastricht iya kugxininisa kushishino. Inkcazelo engakumbi ifumaneka: kuGqr. Marcel Thelen (m.m.g.j.thelen@hszuyd.nl) okanye apha http://www.translation-and-meaning.nl 
ISikolo Sehlobo SamaZwe NgamaZwe SeSigama Ngo-2010 (International Terminology Summer School 2010) (TSS 2010): Siya kuba kwiYunivesithi yaseVienna, eOstriya, ngomhla wama-24 ukuya kutsho kowama-28 kuMeyi ka-2010, yaye siya kuququzelelwa ngabakwa-TermNet (International Network for Terminology) bedibene neZiko LeZifundo ZokuGuqulela IiLwimi (Centre for Translation Studies). I-TSS zizifundo zoqeqesho zomsebenzi zeveki enye ezijoliswe ekulungelelaniseni isigama. I-TSS ijoliswe kwiingcali, abafundi kunye nezazinzulu ezifuna ukukhe zifakwe kwingcamango nomsebenzi wesigama osengqiqweni nowezi mini. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: www.termnet.org/english/events/tss_2010/index.php  
International Technical Translation Conference: KwiUniversidade Nova, eLisbon, ePortugal, ngomhla wama-28 ukuya kutsho kowama-29 kuMeyi ka-2010. Njengoko iququzelelwa yiTradulínguas nazezinye iingcali zokuguqulela ezobugcisa, le nkomfa iya kuba neeseshoni ezimbini zokufunda – iingqungquthela zokuguqulela nesigama (ngesiPhuthukezi, isiNgesi ne-Spanish, neelwimi ezingakumbi ukuba kunokwenzeka) – ukulungiselela iingcali zabaguquleli beelwimi neetoliki kwimiba yezobugcisa, ezobunjineli, ezobunzululwazi nezoshishino. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: http://www.tradulinguas.com/conf-tech/ 
Travelling Languages: Culture, Communication and Translation in a Mobile World: KwiYunivesithi KaMasipala OMbaxa WaseLeeds, eUK, ngomhla wesi-3 ukusa kowesi-5 kuDisemba ka-2010. Izicatshulwa zenkomfa ye-10 YoNyaka YoMbutho WamaZwe NgamaZwe WeeLwimi NeeNkcubeko NgeeNkcubeko zifanele zithunyelwe kuJane Wilkinson apha IALIC2010@leeds.ac.uk ungadlulanga owoku-1 kuJuni ka-2010. Inkcazelo ethe xhaxhe ifumaneka apha: www.leeds.ac.uk/german/ialic_conference_2010.htm 
I-Seventh International Conference on Translation: The paratextual elements in translation kunye nethi First International Symposium for Young Researchers in Translation, Interpreting and Intercultural Studies: KwiYunivesithi ezimeleyo yaseBarcelona, eSpeyin, ngomhla wama-21 ukuya kutsho kowama-23 kuJuni ka-2010. Le nkomfa iya kuchankcatha phezu kwemiba ehlobene nezinto ezingenakuthanani nezifundo zokuguqulela iilwimi yaye olu dederhu lweentetho luya kuhlahl’ indlela yokuba abaphandi abasebatsha abasaqalayo beze ngaphambili nomsebenzi wabo. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi yiya: kwi-http://www.fti.uab.es/departament/congres-simposi/international-conference-on-translation/ 
Translating Multimodalities: KwiYunivesithi yasePortsmouth, eUK, ngomhla wesi-6 kuNovemba ka-2010. Ngokuqhelekileyo xa uguqulela ubhala phantsi, kodwa kwimeko yanamhlanje eneenkalo ezahluka-hlukeneyo abaguquleli bolwimi bamele bacingele nezinto ezibalulekileyo (imifanekiso emiyo neshukumayo, izazobe, umculo, itayipografi okanye ukulungiswa kwephepha). Kumenywa abanokuba negalelo kwimiceli-mngeni ejongene nabaguquleli ngenxa yezi zinto zahluka-hlukeneyo. Imibuzo kunye/okanye izicatshulwa zamagama angama-300 zifanele zithunyelwe kuCarol O’Sullivan ku-carol.osullivan@port.ac.uk ungadlulanga umhla wama-30 kuJuni ka-2010. Inkcazelo engakumbi: www.port.ac.uk/translationconference.    
Society for Editors and Proofreaders (SfEP) AGM and 21st annual conference: KwiYunivesithi yaseStrathclyde, e-Glasgow, e-UK, ngomhla wesi-4 ukuya kuma kowesi-6 kuSeptemba ka-2010. Le nkomfa iya kuquka iingqungquthela eziya kunyathela kwimixholo enjengethi typesetter-copy-editor interface, exploiting social internet platforms for professional networking, nothi ethics and plagiarism in publishing, kwaneengqungquthela ezahlukeneyo. Iincwadi zivalwa ngomhla wesi-9 kuJulayi 2010. Inkcazelo ethe vetshe ifumaneka apha: http://www.sfep.org.uk/pub/confs/conf10/conf2010_advance.asp 
Critical Link 2010 Conference: Interpreting in a changing landscape, yona iya kuba kwiYunivesithi yase-Aston, eBirmingham, e-UK, ngomhla wama-26 ukusa kowama-30 kuJulayi ka-2010. Injongo yayo kukuhlola iinkalo zokutolika kwinkonzo yaseburhulumenteni neyasekuhlaleni kwezopolitiko, ezomthetho, ezamalungelo oluntu, ezamazwe ngamazwe, ezoqoqosho, ezentlalo yoluntu, kunye nezeelwimi zoluntu. Inkqubo ecwangcisiweyo iya kufumaneka ngomhla woku-1 kuMeyi 2010. Ukuze ufumane inkcazelo ethe vetshe tyelela iwebhusayithi ye-Critical Link 6 apha http://www.aston.ac.uk/CL2010 okanye qhagamshelana noNjing. uChristina Schaffner apha c.schaeffner@aston.ac.uk.
TKE (Terminology and Knowledge Engineering) Conference 2010: KwiYunivesithi yaseDublin, e-Ireland, ngomhla we-12 ukuya kowe-13 kuAgsti ka-2010. Le nkomfa ingokukhuthaza ulwazi nokusasaza ubugcisa ukwenzela unxibelelwano olukhethekileyo lweelwimi phezu kweenkqubo zesigama nenkcazelo. Iya kubek’ umnwe ngokukodwa kumxholo wokuza nesigama kunye nezinto ezandisa ulwazi kwi-intanethi. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha:
http://www.dcu.ie/fiontar/conference/home_baile.shtml
Fifth International Maastricht-Łódź Duo Colloquium on Translation and Meaning 2010: Iseshoni yaseŁódź: Iya kubanjelwa kwiYunivesithi yaseŁódź, ePoland, ngomhla we-16 ukuya kuthi xhaxhe kowe-19 kuSeptemba ka-2010. Apho lujoliswe khona olu dederhu lweentetho kukuvula iqonga lamazwe ngamazwe eliza kuxoxa nezifundiswa zokuguqulela/ukutolika kunye neengcali ngemiba yentsingiselo ekuguquleleni iilwimi nasekutolikeni. Le yaseŁódź iSeshoni yona iya kuchankcatha phezu kwengcamango. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: kuNjing. uBarbara Lewandowska-Tomaszczyk (duoduo@uni.lodz.pl) okanye apha http://www.translation-and-meaning.nl
Eighth National Conference and International Forum on Interpreting in China: Iya kuba kwiYunivesithi yaseSichuan, eChengdu, ngomhla we-15 ukuya kutsho kowe-16 ku-Oktobha ka-2010. Umxholo wayo uthi: Interpreting in the Age of Globalization. Inkcazelo engakumbi nantsi apha: www.kouyi8.org, www.flc.scu.edu.cn, www.tac-online.org.cn okanye apha www.fltrp.com.
16th International Congress of the Names Society of Southern Africa (NSA): Homo Nominans – Mankind, the namer: Iya kuba kwi-Club Mykonos, eNtshona Koloni, ngomhla wama-26 ukuya kutsho kowama-28 ku-Oktobha ka-2010. Le yona inkomfa iya kuhlola ukuthiya amagama kunye nomnqweno uluntu olungakwazi kuwubamba wokuthiya imibutho amagama. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, qhagamshelana noBertie Neethling ku-bneethling@uwc.ac.za.
International Postgraduate Conference in Translation and Interpreting (IPCITI) 2010: From Reflection to Refraction – New perspectives, new settings and new impacts: KwiYunivesithi yaseManchester, eUK, ngomhla wama-29 ukuya kuthi xhaxhe kowama-31 kuOktobha ka-2010. Le iya kube iyinkomfa yesithandathu kolu dederhu, ejoliswe ekuvuleleni abaphengululi abaselula ithuba lokwabelana ngophando lwabo nokuthath’ inxaxheba kumcimbi omkhulu wokudl’ imbadu noluntu lwamazwe ngamazwe. Umhla wokugqibela wokufakwa kwezicatshulwa ngumhla wama-30 kuMatshi ka-2010. Imibuzo ifanele ibhekiswe apha ipciti2010@manchester.ac.uk. Inkcazelo ebhekele phaya ifumaneka apha: http://www.ipciti.org.uk/ 
Translation and Interpretation in a Multilingual Context: INkomfa YamaZwe NgamaZwe YokuGuqulela IiLwimi Nokutolika: EBangkok, eThailand, ngomhla woku-1 ukuya kowesi-3 kuNovemba ka-2010. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha: http://www.ictithailand.com/.
International Conference on Literary Translation: Writing Past Each Other? Literary Translation and Community: KwiYunivesithi iVictoria eWellington, kwelaseNew Zealand, ngomhla we-11 ukusa kowe-13 kuDisemba ka-2010. Le nkomfa ijonge ukuhlola indlela ukuguqulelwa koncwadi ekukuzisa ngayo ukukhanya kwanendlela yokwamkela ezinye iinkcubeko, ngoxa ngaxesha-nye isenza sibe banye ekuhlaleni nakumazwe ngamazwe – okanye indlela ukulambatha kwezo zinto okuyibukula ngayo inkcubeko yoncwadi. Kuza kubakho kwaneengqungquthela kunye neeseshoni zokufunda. Inkcazelo engakumbi ifumaneka apha:
http://www.victoria.ac.nz/victoria-conferences/default.aspx 
Iguqulelwe kwisiPedi: Mapula Moswane
Iguqulelwe kwisiTswana: nguPeter Mekgwe, kwanoPauline More
Iguqulelwe kwisiSuthu: nguMike Mahase
Iguqulelwe kwisiXhosa: nguAngelinah Dazela, kwanoSonwabile Cotiyana
Iguqulelwe kwisiFrentshi: nguJean-Cristophe Courbin
Iguqulelwe kwisiBhulu: nguAnne-Marie Beukes kwanoEttienne van Zyl
Iguqulelwe kwisiZulu: nguManzo Khulu
__________________________________________________________________________________________________________________
Dintlha tsa go ikgolaganya le Setheo:
     Marion Boers. Mogala: 011 803-2681. Fekese: 0866 199 133. Imeili: publications@translators.org.za
     Irene Dippenaar. Mogala: 079 492 9359. Fekese: 086 511 4971. Imeili: registrar@translators.org.za
