xhosa.159.yourfamily_child
Ubuciko boonomngqusho
INDLELA YOKUYEKISA ABANTWANA UKUNCANCA
Abantwana abancinane bayaliva igama elithi "hayi" - ngoko qala ngokumxelela ukuba mdala ngoku ngoko kufuneka aliyeke ibele.
Qiniseka ngalo "hayi" kuba ukuthi "ewe" namhlanje uphinde uthi "hayi" ngenye imini kuza kumbhidisa.
Ungachukunyiswa ziinyembezi. Mange umphuze endaweni yokumncancisa.
Mphazamise ngenye into ngexesha aqhele ukuncanca ngalo. Khupha ezona zinto zakhe zokudlala azithandayo okanye nenze imidlalo ayithandayo.
Abanye abantwana bathuthuzelwa kukuncanca, ngoko khangela ezinye indlela zokumthuthuzela, njengokumanga, umphulule umqolo okanye umculele.
Ungabapha abantwana iziselo okanye amashwamshwam phambi kokutya.
Kwimeko enzima qala ngokunciphisa amaxesha okuncanca. Mxelele indawo namaxesha okumncancisa. Umzekelo: "Siza kuncanca xa sekumnyama phandle." [x]
Umqulunqi: Ntokozo Maseko
(Isuka: www.minti.com maku- www.babycentre.co.uk)
ULesedi Maseko waseSprings eJoburg simyeke wathetha yonke into afuna ukuyithetha
Ibilusuku lwakho lokuzalwa kwiintsuku ezidlulileyo, uthanda ntoni ngosuku lokuzalwa?
Ndiyaluthanda usuku lwam lokuzalwa kuba litheko lam kwaye ndifumana iilekese ezininzi, ijusi nezinto zikaBarbie.
Usuku lokuzalwa luthetha ukuba uyakhula, ufuna ukuba yintoni xa sele umdala?
Ndifuna ukuba ngumama kuba kumnandi kwaye ndiza kuya eSprokies (ikhreshi yakhe) ndibafundise ihomework.
Yeyiphi enye into oyithandayo ngokuba ngumama?
Oomama banxiba izihlangu ezikhulu, baqhube iimoto zabo baye nasecaweni.
Ingaba nawe uyayithanda icawe?
Ewe, kuba batya ibuscuit basele nejusi kwaye ndiyamthanda uThixo ndifuna ukumbona.
Ngubani omthanda njengoThixo?
Ndiyamthanda utata kuba xa endibiza akathi Lesedi, uthi "mabhebeza" mna ndihleke.
UMNTWANA WAKHO
Ukuba unqwenela ukuba "sidlan' indlebe" nonyana okanye intombi yakho encinci, sibhalele kule dilesi BONA/Kidspeak, Box 473014, Parklands, 2121. Sixelele iminyaka yomntwana wakho ufake nefoto yakhe kunye nenombolo yomnxeba esiza kukufumana kuyo emini.
Amaxesha okulala
Izicwangciso zamaxesha okulala zizinto zesiqhelo enizenza rhoqo. Kwaye amaxesha esiqhelo ayakukhulula kuba uyakwazi omawukulindele. Oku kunika wena nosana lwakho indlela ethile eniyilandelayo yokwenza izinto ebusuku. Oku kwenza kube lula ukululalisa usana lwakho. Kwaye loo nto iya kunilungela nobabini, utsho uJacqui Flint weBaby Love, inkampani eyenza iindibano zocweyo ezifundisa oomama abakhulelweyo nabanabantwana abaneminyaka emibini ukwehla ngokucwangcisa amaxesha okulala.
Amaxesha okulala ningaqala ukuziqhelisa ngale mini nifika ngayo nisuka esibhedlela, utsho. Wakulifumana ixesha elinilungeleyo nobabini, okubalulekileyo kukuba uligcine ntsuku zonke, ngaphandle kokuba usana luyagula.
Amacebo kaJacqui okukunceda uqale ukusebenzisa amaxesha okulala:
Musa
Ukumshushuzela, umbhambazele okanye umqhube ngesitulo sakhe ukuze alale.
Ukumyeka alale encanc' ibele okanye ibhotile.
Ukumlalisa ebusuku kakhulu kuba ucinga ukuba uza kulala ubusuku bonke kuba ediniwe. Umntwana uza kugqushalaza kube nzima kuye ukulala.
Ukumnyanzela umntwana ukuba angalali nokuba kutheni na. Kubalulekile ukuba balale ngokwaneleyo xa besebancinci.
Ofanele ukwenze
Mbeke phantsi umntwana engekalali, ukuze afunde ukuzilalela.
Myeke agushuze akhale kancinci ukuze afunde ukuzithuthuzela ngokwakhe.
Mkhuthaze ukuba akugqibe ukutya.
Funda izikhalo ezahlukeneyo zosana lwakho ukuze umnike akufunayo - njengaxa efuna ukulala, xa elambile okanye efuna nje ukudlala.
Yibani nexesha lokuthi cwaka phambi kwexesha lokulala, ukuze usana luphumze ingqondo
nomzimba.
