Marketing (Maize)									IsiXhosa
Ukuthengisa umbona wakho nezinye izityalo
Imiyalelo:
Folio strap: Ukuthengisa
Byline: NguJenny Mathews, usihlalo weNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwamaFama
Grabber: Ukuthengisa okuyimpumelelo kuthetha ukuba nemveliso elungileyo, endaweni elungileyo, ngexabiso elilungileyo nangexesha elilungileyo.
Akukho nto ekunokuthiwa ivelisiwe ide ifikelele kwibanga lokusetyenziswa. Oku kuthetha ukuba amandla anokubakho ayo nayiphi imveliso awanakuzalisekiswa de ihlangabezane neemfuno zomthengi oya kukwazi ukuyisebenzisa.
Umzekelo, ubisi lufana nolungekaveliswa ngokupheleleyo lude lube sezandleni zomthengi oya kulusebenzisa ngokonwaba. Iitapile azikaveliswa ngokupheleleyo zide zibe sezandleni zenkosikazi egcine ikhaya ukuba iziphekele usapho lwayo. Ngokunjalo, umbona “awukaveliswa” ngokupheleleyo ude ube sezandleni zomthengi oya kuwuqhubela phambili ade awutye. Kude kufikelelwe kwelo banga umlimi wombona akasayi kufumana nzuzo kutyalo-mali lwakhe, yiloo nto inqanaba lokuthengisa kwinkqubo yemveliso libalulekile kwaye kufuneka liqwalaselwe singekalinywa isityalo. 
Ukuqhubela phambili imveliso nokuthengisa ziinkqubo ezimbini ezahlukileyo: masithi yinkqubo enye enganqamkiyo yokuguqulwa kwempahla engekasetyenzwa ide ifikelele ekubeni ibe nako ukusetyenziswa ngumthengi. Siya kuba sichan’ucwethe xa sisithi makungabikho nto eveliswayo engafunwayo ngomnye umntu.
Yiba soloko ukhumbula ummandla wentengiso!
Imveliso efanele ukulinywa mayibe yefunwayo ngabathengi kwaye mayithengiswe ngexabiso abalangazelelayo ukulihlawula. Isakhono sokuwugcina lo mthetho-siseko woqoqosho ngokwembono yawo sithetha ukuba umlimi uqhuba ishishini lakhe ngokwemithetho-siseko eya kuqinisekisa inkqubela yethuba elide. Enyanisweni zonke izigqibo ezithathwa ngumlimi ekugqibeleni zizigqibo eziphathelene nentengiso.
Ziliqela izigqibo malunga nokuthengisa ezifanele ukuthathwa ngumlimi:
Ndiza kulima ntoni? 
Ndiza kulima kangakanani? 
Ndiza kuyithengisela bani imveliso yam?
Ndiza kulima nini ndize ndithengise nini?
Zeziphi iindleko endinokukwazi ukuzithwala kwaye ileliphi ixabiso endiza kulamkela?
Imveliso yam iza kuba kowuphi umgangatho okanye udidi?
Kwakhona abalimi mabenze isigqibo ngokuba bafuna ukuthengisa phi kwaye baza kuyithengisa njani imveliso yabo:
Ingaba ndiza kuthengisa kumanyano lwamashishini lwendawo endihlala kuyo?
Ingaba ndiza kuthengisa ngokobhambathisa olugqithiselwayo?
Ingaba ndiza kuyigcina imveliso yam ndize ndiyithengise mva xa imfuno ebangwayo seyiphezulu okanye xa ummandla wentengiso ungasaxinenanga?
Ingaba ndiza kuwusila umbona wam okanye ndiza kuwunika iinkomo zam?
Kufuneka ndiwuthengise msinyane kangakanani ngokunjalo ungakanani umngcipheko endinokukwazi ukuwuthatha?
Iimpendulo ezinikwa ngumlimi zale mibuzo kufuneka zonke zinxulumane nemiba esisiseko yoqoqosho echazwe ngentla malunga nemfuno ebangwayo kunye nokusebenziseka! Abalimi bathundezwa ekubeni bavule amehlo abo malunga nokuthengisa xa besenza izicwangciso zemveliso yabo yexesha lonyaka. 
Yiba nolwazi!
Nangona esanda amanani abalimi ayiphawulayo le mithetho-siseko yoqoqosho malunga nokuthengisa, kusekho abaninzi ababona ukuthengisa njengesenzo esenzeka emva kokuqalisa kwexesha lonyaka lokulima kwaye bacinga ukuba mabaqale ngokuzikisa ingqondo kundoqo womsebenzi ekukulima nokuvelisa izityalo! 
Ewe, ukuvelisa isityalo esisemgangathweni obalaseleyo nako kuyimfuneko, kodwa ngenxa yefuthe lokhutshiswano lwehlabathi kwimimandla yentengiso kunye namathuba avezwa ngamandla anokubakho okuthenga nokuthengisa kuTshintshiselwano lweKamva lwaseMzantsi Afrika (South African Futures Exchange – SAFEX) ekuTshintshiselwano lweMpahla lwaseGoli (Johannesburg Stock Exchange – JSE), kubaluleke ngakumbi namhla ngaphezu kwalo naliphi ixesha langaphambili ukuba umlimi abe nolwazi ngamathuba avela entengisweni ngokunjalo nangezicwangciso-buqili zokubekwa kwamaxabiso anokuzifumana.
Iqonga le-SAFEX laziwa ngokuba ngummandla wentengiso yemveliso yorhwebo kwaye ibonwa njengesixhobo esincomekayo sabalimi sokulawula amathuba avelayo kummandla wentengiso kunye nemingcipheko ekubekweni kwamaxabiso phakathi kwemimandla yezolimo eMzantsi Afrika. Abalimi banako ukukhusela izityalo zabo eziziinkozo kwi-SAFEX ukuze baqiniseke ngexabiso elinqwenelekayo ngemveliso yabo kwaye ngomhla abawunqwenelayo kwixesha elizayo. Lo msebenzi unokunciphisa ithuba lokuba zizisulu kwabo kwimimandla yentengiso eguqu-guqukayo ngokunjalo ibakhusele kumaxabiso abekiweyo anokusuka ehle ngexesha lokuvuna xa ummandla wentengiso uxinene okanye unemveliso eninzi kakhulu.
Lumka!
Imveliso yokutya okuziinkozo eMzantsi Afrika iphantsi koxinzelelo. Iindleko zokufaka igalelo ziphezulu, imingcipheko iphezulu, imveliso ethengiswayo ininzi kunemfuno ebangwayo ukuze njengesiphumo sako oko amaxabiso ahlawulwa ngumthengi abe phantsi koxinzelelo ukuze angakwazi ukubuyisela umlimi iindleko zakhe zegalelo nemingcipheko ethathiweyo. Ekugqibeleni abalimi abakwazi kukhupha imveliso enenzuzo phantsi kwemeko enje! 
Umlimi ngamnye makahlalutye imeko yakhe ukuze athathe izigqibo ezibalulekileyo ngentengiso kwaye abambe ixesha malunga neshishini lakhe. Abanye basenokuba bakhethe ukutyala izityalo eziziinkozo ezincinci okwexesha langoku ide ithembeke imimandla yentengiso. Abanye banokukhetha ukujolisa kweminye imisebenzi eyahlukileyo yemveliso ngenjongo yokwandisa isakhono sokukhupha imveliso baphinde bakwazi ukugcina iindleko zegalelo ziphantsi. Kanti abanye abalimi benze uphando ngezenzo zokulima zokuhlakula okukona kuncinci okanye zokungahlakuli, zenzo ezo ezithoba iindleko zegalelo. 
Elokugqibela
Ngelishwa umlimi wezityalo eziziinkozo uyinxalenye kamatshini wehlabathi obeka ixabiso ngoko ke, umlimi omnye kuphela akanakukwazi ukuphembelela ukuguquka kwexabiso. Yiloo nto abalimi bekholisa ukubonwa njengabamkeli bamaxabiso kunababeki bamaxabiso ngokunjalo kungenxa yoko isicwangciso-buqili ngommandla wentengiso esikhethwa ngumlimi kufuneka isisigqibo esiqwalaselwe ngokuqaphela, esixhotyiswe ngemfundo nesenziwa ithuba liselihle phambi kwexesha lonyaka lokutyala! 
