Conservation (Maize 									IsiXhosa
Ulondolozo lomhlaba wethu – singenza ntoni?
Instructions:
Folio strap: Ulondolozo lomhlaba
Byline: NguJenny Mathews, usihlalo weNkqubo yaseGrain SA yoPhuhliso lwamaFama 
Malunga nokhukuliseko lomhlaba oxabisekileyo wokulima waseMzantsi Afrika kunokutyholwa unqongophalo lolwazi lwabantu nokusetyenziswa komhlaba kakubi. Kubalulekile ukuba abalimi bafunde banzi ngokhukuliseko nolawulo loqukuqelo kwaye balwamkele uxanduva lokuthobela ngenene izenzo zolondolozo eziya kukhusela umhlaba.
"Ukuba abantu abanakusungula kwaye basebenzise iindlela zokuphatha umhlaba, neziya kulondoloza umthombo wobutyebi bobomi, kufuneka sijonge phambili kwelo xesha – nokuba likude kangakanani, kodwa elicacileyo, xa abantu esingabo, sebonakalise ilifa labo elikhulu, lide libe ngumhlaba ophelele emoyeni ngenxa yomonakalo abawenzileyo.” NguNjingalwazi N.S. Shaler kwiYunivesithi yaseHarvard, 1896. 
Loo mazwi ayebhalwe ngowe-1896; kodwa namhla asinakuyiphikisa loo ngxaki. U-Dalai Lama uphawula ukhukuliseko lomhlaba njengentlekele eyothusayo kodwa nantso isichwechwela njengesela elithe cwaka.
"Isoyikiso sezixhobo zokulwa ngesazulu see-athomi nesakhono somntu sokutshabalalisa ubume bemeko obumngqongileyo sothusa kakhulu. Ngaphezu koko, kukho nezinye iinguquko ezingathi aziqondakali kakuhle. Ndikhumbula ukuphelelwa kwemithobo yethu yobutyebi bendalo ngakumbi ngenxa yokhukuliseko lomhlaba kwaye mhlawumbi ubungozi bezi ziganeko buthe chatha kuba mhla saqalisa ukubona iziphumo zazo liya kuba selisishiye kakhulu ixesha.” (Iphepha le-144 leNcwadi eNcinci kaDalai Lama ngoXolo lwangaPhakathi – Dalai Lama's Little Book of Inner Peace: 2002, Element Books, London).
Ulondolozo lomhlaba
Ukhukuliseko lomhlaba yinkqubo eyindalo, kodwa ingxaki kukuba izenzo zomntu zikholisa ukonakalisa ngokukhawulezisa kunaxa bekunokwenzeka ngendalo. Xa umhlaba utshayeleka emasimini athile okanye efama, uhamba nezondlo ezixabisekileyo, izichumiso, izibulali-zinambuzane kunye nezinto eziyindalo ezikuwo. Abalimi abanakuyithwala ilahleko yemali okanye iziphumo ezibi kubume bemeko ebangqongileyo ngokuvumela umhlaba ukuba utshayeleke okanye uphaphatheke.
Ufundo-nzulu lubonise ukuba ilahleko yomhlaba ngonyaka ngamnye eMzantsi Afrika ininzi kangangeetoni ezizigidi ezingamakhulu ama-300 ukuya kuma-400 enokubalwa phantse kangangeetoni ezintathu ngehektare nganye. Ixabiso lezondlo ezisemhlabeni nezichumiso ezihlanjelwa elwandle yimilambo yaseMzantsi Afrika ngonyaka ngamnye zilingana nezigidi ekunzima ukuzibala zezigidi zeerandi. Ngetoni nganye yemveliso yezolimo efana nombona, ingqolowa, amazimba neswekile, uMzantsi Afrika ulahlekelwa ngumyinge weetoni zomhlaba ezingama-20. Umbutho we-Food and Agricultural Organisation weZizwe eziManyeneyo zaseMelika uqikelela ukuba ilahleko yehlabathi yamasimi emveliso eyeniwa lukhukuliseko ziihektare ezizigidi ezihlanu ukuya kwezisixhenxe ngonyaka ngamnye. (Kuvela kwiEnviro Facts, kwiyYnivesithi yaseNtshona-Koloni).
Ulondolozo lwamanzi
UMzantsi Afrika lilizwe eliphantse ukubharha. Amanzi ahlaziyekileyo ngowona mthombo wobutyebi onothintelo olukhulu. Ubukho bamanzi ngoku nakwixesha elizayo buxhomekeke ubukhulu becala kwimozulu, kwizenzo zokusetyenziswa kwamanzi nolawulo lwawo nasekusetyenzisweni komhlaba. Ngenxa yokuba amanzi ayimveliso enqabileyo, kubalulekile ukuba abalimi basebenzise iindlela ezibalaseleyo zolondolozo kangangoko banako. Imvula ena kakhulu kuwo nawaphi amathambeka ibangela iintanda (ukucandeka okunzulu kumphezulu wentsimi elinyiweyo) nokhukuliseko lomhlaba oluxhalabisayo nokutshayeleka okunokwenzeka. 
Ukulima ngokweekhonto
Ukulima ngokweekhonto kukholisa ukwenziwa emasimini asemathambekeni apho kulinywa khona izityalo eziveliswa ngonyaka. Yindlela athi umlimi enze amaqolo nemisele ngexesha lokulima nokutyala, ukuze aguqule intsingiselo yokutshayelekayo ukuba kungehli ngqo ukuya ezantsi ethambekeni kuze kuxande ethambekeni kangangoko kunako. Izenzo zokulima kwiikhonto zithintela ukuqukuqela kwamanzi okugqithisileyo kuba yonke imiqolo iya kujika ixananaze ethambekeni kanti imisele yona iya kujika ngokwegophe lamasimi. Le miqolo ekwikhonto ithintela kwaye icothisisa ukuqukuqela kwamanzi emva kwemvula kanti nomhlaba ukwanikwa ithuba lokufunxa isixa esithile samanzi.
Sisixokelelwano solawulo lolondolozo esifanelekileyo:
Ukucutha ukhukuliseko olumcaba nolweentlanjana;
Ukucutha isixa somhlaba ongaphezulu esitshayelwa ngumqukuqelo wamanzi kunye;
Nokwandisa ukuhluzeka kwamanzi.
Iindleko
Ezinye izenzo zolondolozo zikhatshwa ziinkcitho zemali kodwa izivuno ziye zincomeke, njengesiphumo sokwenza iikhonto ezigcina umhlaba ongaphezulu namanzi axabisekileyo, senzo eso esiya kuthintela iilahleko zamathuba amafutshane kwiminyaka embalwa enokuba mibini okanye mithathu. Ufundo-nzulu lubonise ukuba ukwenza iikhonto kunako ukwandisa izivuno ngeepesenti ezintlanu ukuya kwezilishumi kanti iindleko zamafutha anika amandla nezoomatshini ziyehla, xa kuthelekiswa nentsimi elinywe ukusuka phezulu ukuya ezantsi ethambekeni.
Kucetyiswa iikhonto kunokulima ngokwesiqhelo
Izenzo zokulima ngokweekhonto ziyakhuthazwa ziingcaphephe zolondolozo lomhlaba njengenye yeendlela zokusombulula ingxaki ekhulayo yokhukuliseko lomhlaba. Isixa somhlaba olahlekileyo sixhomekeke kwinkqubo yokulima elandelwa ngumlimi. Iziphumo ezizezona ziphucukileyo zifunyaniswe apho kungasetyenziswa zindlela zokulima ngokwesiqhelo kuba apho kufumaneke eyona lahleko incinci yomhlaba nezona pesenti ziphantsi zamanzi aqukuqelayo. Xa kungekho kulima ngokwesiqhelo, umhlaba awuphazamiseki kanti imbewu yesityalo esitsha ityalwa ukuze igqobhoze isigcina-kufuma nezikhondwana ezishiyeke kwisityalo ebesilinywe mva. 
Ngokuqinisekileyo iindlela ezisetyenziswayo mazilungiselelwe ukuba zifaneleke kangangoko kumasimi ahluka-hlukeneyo kwifama nganye kanti isicwangciso ngasinye solondolozo masihlangabezane neenjongo zomlimi ngamnye. Izenzo zolondolozo ezifana nokulima ngokweekhonto zivumela ukususwa okukhuselekileyo kwamanzi angasetyenziswayo agwantye entsimini kanti zikwanika ukhuseleko kwimimoya eyonakalisayo. Nangona kunjalo, isicwangciso solondolozo esilungileyo kananjalo masibandakanye ukusetyenziswa kwezichumiso ngobulumko (nokuba zezithengwayo okanye ezomgquba wemfuyo), ukusetyenziswa kwemichiza ebulala izitshabalalisi zezityalo, ukomeleza izidalwa eziyindalo ezihlala kuwo nokulondoloza amanzi emasimini. Ulondolozo luya kukhusela amasimi kuze kuphucule isiseko sawo semveliso. Kwakhona lukwandisa ixabiso lamasimi.
Isicwangciso sokwenza iikhonto
Ngaphandle kwamathandabuzo buyafuneka ubungcali bexabiso elithile kanti nobuchule bobunjineli kwezolimo xa kuqaliswa ngokwenza isicwangciso naxa kusekwa iikhonto. Iliqela imibandela eyahluka-hlukileyo enokuphembelela ukwenziwa kwesicwangciso:
Iintlobo zomhlaba ekunzima ukuhamba ngezithuthi kuwo;
Ubude bamathambeka;
Ukuna kwemvula nokhukuliseko;
Iintlobo ngeentlobo zomhlaba;
Isigqubuthelo somhlaba ongaphezulu kunye nokungalungelelani kwamasimi;
Ububanzi obufuneka kwiikhonto nomgama ofuneka phakathi kwazo iikhonto; kunye
Nokufumaneka kwimida ephakathi kweekhonto, umzekelo amaqolo, imisele okanye imicu yamadlelo anengca.
Kufuneka sithethe nabo bezixokelelwano ezinika inkxaso zikarhulumente, iSebe lezoLimo namagosa esolulo afanele ukuncedisa abalimi ngolwazi nangezakhono zobuchule malunga nokukhathalelwa kwamasimi.
Umlondolozi nomgcini
Njengabalimi kufuneka siyamkele indima yethu njengabagcini bomhlaba nabemithombo yobutyebi bendalo exabisekileyo yelizwe lethu. Kufuneka sikuqaphele esikufumana emhlabeni neempembelelo zokufumana oko kuwo. Omnye wabalimi abaphambili kummandla waseRustenburg, uKarabo Phele, uphendule ngobekuphawulwa malunga nendlela anethamsanqa ngayo ukuba akwazi ukufumana izivuno zomgangatho ophezulu zikajongilanga engakhange agalele zichumiso kuloo mhlaba wezigaqa ezimnyama ofumaneka apho, "Xa kukho ulutho olusuka emhlabeni, ngonyaka ngamnye, nokuba mhle kangakanani, xa ungakhe ube nento ebuyiselwayo kuwo, uyakuxozeka kwaye mhlawumbi wena okanye izizukulwana zexesha elizayo niya kufumanisa ukuba umhlaba awusakwazi kunika oko wawukhe wanako". 
Elokuphetha
Amasimi amahle okulima alahlekelwa ngumhlaba oxabisekileyo ongaphezulu kunye nesakhono saloo mihlaba sokunika imbuyiselo siyetha kanti nomlimi usoloko etsala nzima ukufumana ukutya okulungileyo kuloo masimi. Ukhukuliseko nokulahleka kokuchuma komhlaba kukhokelela umhlaba ekufeni! Asiyondalo kodwa nguMntu owenza intlango. Ulondolozo lomhlaba wethu nemithombo yobutyebi bamanzi lubaluleke kangangoko ekuphileni kouqoqosho lwethu nasekuphileni komntu! 
