xhosa.1598.consumer
Sithini xa ukutya okuyimfuneko njengesonka, ubisi nemifuno kuxhome kangaka ngexabiso kwaye kubonakala iintsapho ezininzi zingazukwazi ukuzondla" IBONA icebisa abathengi...
Sinik' isonka sethu
semihla ngemihla
INGABA kutshanje uyoyika nokuyijonga irisithi yokutya okuthengileyo" Asithethi ngezinto zobunewu-newu nezimuncumuncu apha. Sitsho izinto ezingundoqo ezifana nesonka, ubisi, amaqanda nokunye ezishiya ipokotho yakho ilambatha.
Yinyaniso ukuba amaxabiso okutya onyukile kwaye ayothusa. Ngokwengxelo yakutshanje engamaxabiso okutya ekhutshwe yiNational Agricultural Marketing Council (NAMC), amaxabiso sele enyuke ngaphezulu kwe-13% ukususela ngoJanuwari ka-2007.
Isonka esimdaka nesimhlophe zonyuke nge-16% kunye ne-19%.
Ixabiso lengxowa yomgubo wombona eyi-5kg inyuke ngama-22% (xa iyisupha) kunye nama- 28% (xa isispeshali).
Iimveliso zobisi zonyuke ngama- 33% laze ixabiso lemifuno laxhuma laya kuma kuma-38%.
Ixabiso lenyama nalo lonyukile, kodwa ke xa uyithelekisa nokunye ukutya noko iyanyamezeleka.
Ingaba thina bathengi yintoni esingayenza ngala maxabiso"
Mhlawumbi ke ongakwenza kukuqwalasela kwakhona indlela oyisebenzisa ngayo imali.
"Singena exesheni elinzima kwezezimali kwaye abathengi kufanele bazikhwebule ekwenzeni amatyala exesha elifutshane banciphise nawexesha elide," ucebisa atsho uGqr. Mohammad Karaan weSebe lezoQoqosho kwezoLimo kwiYunivesithi yaseStellenbosch.
Ungasebenzisi icredit card ekuthengeni ukutya, ubunewu-newu neempahla.
Ukuthenga ngetyala kungaba licebo elihle ngelo xesha, kodwa cinga imeko ozakuba kuyo emva kwexesha elide...
Xa usebenzisa icredit card budget account unetyala eliyi-R5 000 ube uza kulihlawula ngeenyanga ezili-12 ngokwenzala yemali-mboleko ngoku, ungazibona sele uhlawula i-R5 760 seyisonke.
UKaraan woleke ngelithi ukunciphisa izinto ozithengayo kuyanceda xa ufuna ukonga imali.
Khawuzibuze ukuba ingaba ukuphuculwa kwezinto zokufaka ukutya, ukutyela ezivenkileni okanye"ukuphucula ixabiso" sisizathu esivakalayo na sokonyuka kwamaxabiso.
Ixabiso
Isonka sona sinamaxabiso ohlukeneyo ngokukaJannie De Villiers ongumlawuli oyintloko weNational Chamber Of Milling.
"Sifumanise ukuba sixabisa ukususela kwi-R4,50 ukuya kwi-R8," utsho.
Ngaphezulu iivenkile ezininzi ziyasehlisa isonka xa kuyimpelaveki. Abathengi abanakho bangasithenga isonka sibe sininzi ngeli xesha sisehlisiweyo baze basifake emkhenkceni.
Isonka esimdaka sesona sifikelelekayo kunesimhlophe ngaphandle kokuba sifakelwe izinongo eziphucukileyo kuba sona asihlawulelwa rhafu.
UNjing. Andre Jooste weSebe lezoQoqosho kwezoLimo kwiYunivesithi yaseFree State ucebisa ukuba sijongisise phambi kokuba sithenge ukuqinisekisa ukuba sifumana ixabiso elifanele imali esiyihlawulayo.
Isonka umzekelo sithengiswa siyilofu engama-600g okanye ama-800g kwaye kufuneka wazi ukuba sesiphi omawusithenge.
UJooste ukwathi kufuneka sijonge nesonka sasekhaya ukuba akusiso na esibhetele ngexabiso.
Ubunzima
Kuphando olusandul' ukwenziwa yiSouth African Bureau Of Standards (iSABS) luveze ukuba ama-23% ezonka ezivavanyiweyo zikhaphu-khaphu kunokuba kufanele.
Kaloku "ubunzima obubhengeziweyo" buthetha ubunzima besonka kanye emva kokubhakwa. Siza kuya ngokuba lula ngokuya sisiba sidala, izinto ezinjengezi zingenzeka - kodwa abathengi bayabongozwa ukuba baqhagamshelane neSABS xa kukho umehluko omkhulu phakathi kobunzima obubhaliweyo nobona bunzima besonka.
UMphathiswa wezoLimo, uLulu Xingwana ucebisa ukuba kukhuliswe inani leevenkile ezibhaka izonka ezilalini ukunciphisa ixabiso nokuzisa isonka kufutshane nabantu.
UDe Villiers uyavumelana nalo mbono kuba uthi iivenkile ziza kukhuphisana zize zehlise ixabiso lesonka.
Noxa kunjalo, iivenkile ezininzi ezincinci ezibhaka iizonka ziye zanyanzeleka ukuba zivale kule minyaka imbalwa idlulileyo, kungenjalo zitsala nzima.
UNjing. Hester Steyn weSebe leMicimbi yabaThengi (iDep. of Consumer Sciences) kwiYunivesithi yaseFree State uthi ukuqala ivenkile yesonka akuyondlwan' iyanetha,.
"Abantu abaninzi bazifumana bengenayo nepeni yokuthenga iflawa bakube bethenge zonke izixhobo zokubhala."
Xa sijonga ukwenyuka kwemifuno, ukuzilimela akusosisombululo ncam, kuba ubanemifuno eminizi ezintlobo ezimbalwa ngamaxesh' ohlukeneyo.
Ukonga iindleko zobisi ingathi kokona kunzima. USteyn uthi ubisi olungumgubo okanye ilong-life lungalolona long' imali kunobisi nje.
Kodwa nalo luxhomile ngexabiso. Ngaphezulu, ubisi olungumgubo alumnandanga kanti ilong-life yona ifuna ukufakwa efrijini yakuvulwa.
UJooste ucebisa ukuba ubisi uluthenge kwiindawo apho uza nento yakho yokulugalela. Kodwa ke ukwathe qiniseka kuqala ukuba ubisi olo lucociwe na. [x]
(kuba thina asinako ukuzipha!)
IZELULEKOZABATHENGI
Ungabi nexhala!
Ezifikelelekayo zilungile
Abanye abantu bakholelwa ekubeni isonka "esibiza imali encinci" asinampilo njengesixhomileyo ngexabiso. UJannie De Villiers weNational Chamber Of Milling uyasiqinisekisa ukuba akunjalo.
"Yonke iflawa esetyenziselwa ukubhaka ityetyisiwe ngezakha- mzimba, ngoko ke sonke isonka esithengiselwa uluntu sisempilweni. Isonka esixabisa kancinci siyakhawuleza ukuba sidala kuneso sinexabiso eliphezulu kodwa asiyongxaki le kwiintsapho ezinkulu, ezitya ilofu yonke ngemini."
