Indlu yoWiso-mthetho  yeSizwe 

IPALAMENTE YOMZANTSI AFRIKA

IPalamente inezindlu ezimbini, ezibizwa ngokuba yiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe kunye neBhunga lamaPhondo  leSizwe 
 

INDLU YOWISO-MTHETHO (NA)

INdlu yoWiso-mthetho yeSizwe yonyulwa qho kwiminyaka emihlanu kunyulo lwesizwe.  
Ngexesha lonyulo abavoti bakhetha abo babafunayo njengabameli ngokuthi bavotele iqela lezopolitiko abalithandayo.


IINDIMA YENDLU YOWISOMTHETHO YESIZWE

INdlu yoWisomthetho yeSizwe inegunya loMgaqosiseko kwi: 

Ndima yokwenza imithetho
Omnye wemisebenzi engundoqo weNdlu yoWisomthetho yeSizwe kukwenza imithetho ekulawulwa ngayo ilizwe.  
Indlu yoWisomthetho yeSizwe igqithisela iMithetho eYilwayo kwiiKomiti 
ukuze zixoxe iMithetho eYilwayo Indlu yoWisomthetho yeSizwe ingayamkela, ingangayamkeli okanye iyibuyisele iMithetho eYilwayo kwakwiiKomiti ukuze ziqhubeke ngokuyixoxa.

Ndima yokubeka esweni
IPalamente inoxanduva lokuphicotha, lokubeka esweni kunye nokongamela izenzo zikarhulumente okanye naliphi na iziko laseburhulumenteni ngokuphathelele ekuqalisweni kwemithetho, ekusetyenzisweni kohlahlo-lwabiwo-mali, kunye nokuthotyelwa koMgaqo-sisek.

IPalamente igcina isigqeba esilawulayo siphendula ngokuvuma uhlahlo-lwabiwo-mali, ngokubuza imibuzo yasebuPalamenteni, ukubamba iingxoxo zasebuPalamenteni ngemiba ebalulekileyo kunye nokwenza izindululo nokuvotela iziphakamiso ezimalunga nomsebenzi karhulumente.

Ukonyula uMongameli
INdlu yoWisomthetho yeSizwe inegunya elingokoMgaqosiseko lokonyula uMongameli woMzantsi Afrika ovela kwakumalungu ayo.


UKWAKHIWA KWENDLU YOWISOMTHETHO YESIZWE

INdlu yoWisomthetho yeSizwe yenziwa ngamaLungu ePalamente onyuliweyo angama  400. 
AmaLungu eNdlu yoWisomthetho onyulwa ngendlela ebizwa ngokuba kukumelwa ngookwenani leevoti.   
Phambi konyulo, iqela ngalinye lezopolitiko lizoba uluhlu lwabameli ngokokubaluleka kwabo. Aba bameli bonyulwa ngokwenani leevoti iqela elo eliye lazifumana kunyulo. Umzekelo, ukuba iqela liphumelele isiqingatha seevoti, liya kufumana isiqingatha sezihlalo kwiNdlu yoWisomthetho yeSizwe.
AMAGOSA ENDLU YOWISO-MTHETHO

AmaGosa Ongameleyo
Kwindibano yokuqala yeNdlu yaWisomthetho, amalungu eNdlu yoWisomthetho onyula uSomlomo kunye noSekela-Somlomo ababizwa ngokuba ngamaGosa Ongameleyo eNdlu.  
AmaGosa Ongameleyo aphathiswe ngethemba ulawulo lwemicimbi yeNdlu yoWiso-mthetho.
USomlomo kunye noSekela-Somlomo bongamela iindibano zeNdlu yoWiso-mthetho.
Baqinisekisa ukuba amaLungu ePalamente athetha ngokukhulekileyo, kodwa babe bethobela imithetho yeNdlu.

OoSihlalo beNdlu
Imithetho yeNdlu ibonelela ooSihlalo beNdlu ngegunya lokuncedisa amaGosa Ongameleyo ekwenzeni imisebenzi yabo. OoSihlalo beNdlu banakho nokucelwa ukuba bongamele iindibano zeNdlu. 

Imisebenzi yooSihlalo iquka:
Ukulungelelanisa umsebenzi weeKomiti
Ukulungiselela iingxelo zemithetho
Ukulungelelanisa imisebenzi yeeKomiti yokongamela .
Ukubonelela amaGosa Ongameleyo ngenkxaso enobuchule bezopolitiko. 

ABabhexeshi abaziNtloko
Iqela ngalinye lezopolitiko kwiNdlu yoWiso-mthetho lioyula uMbhexeshi oyiNtloko ukuze alawule imicimbi yalo.  .
UMbhexeshi ngamnye oyintloko ukhathalela aMalungu eqela lakhe lezopolitiko. 


  INkokheli yemiCimbi kaRhulumente 
UMongameli wonyula iNkokheli yemiCimbi kaRhulumente eza kusebenza namagosa eziNdlu zombini.
INkokheli yemiCimbi kaRhulumente inoxanduva lokujonga iimfuno zeKhabhinethi kunye nemicimbi kaRhulumente ePalamente.
INkokheli yemiCimbi kaRhulumente iqinisekisa ukuba amaLungu eKhabhinethi aqhuba imisebenzi yawo yasebuPalamenteni abayabelweyo.


IIKOMITI ZENDLU YOWISO-MTHETHO

Uninzi lwemisebenzi yeNdlu yoWiso-mthetho lwenziwa kwiiKomiti. 
Iikomiti zeNdlu yoWiso-mthetho zibizwa ngokuba ziiKomiti zeMicimbi yamaSebe. 
Umsebenzi weKomiti nganye unxulumene nesebe laseburhulumenteni elihambelana nalo. Umzekelo, iKomiti yeMicimbi yeSebe lezoRhwebo noShishino ichophela yonke imicimbi engqamene neSebe lezoRhwebo noShishino.
Ikomiti nganye inoSihlalo wayo oqinisekisa ukuba umsebenzi uqhutywa ngokusulungekileyo.
IiKomiti zeMicimbi yamaSebe zinoxanduva lokuba neengxoxo, iingxoxo-mpikiswano kunye nokwenza uhlengahlengiso kwiMithetho esaYilwayo..
IiKomiti zisenokubamba iindibano zovakaliso-zimvo ezingemithetho okanye ngemiba ephathelene nemithetho. 
IiKomiti zinoxanduva lokongamela kunye nokubeka esweni imisebenzi yamaSebe karhulumente.
INXAXHEBA YOLUNTU 

NgokoMgaqo-siseko, iPalamente inyanzelekile ukuba ibandakanye uluntu ekwenziweni kwemithetho kunye nezinye iinkqubo zasePalamente.  
IiKomiti zeMicimbi yamaSebe zinyanzelekile ukuba ziqhagamshelane noluntu ukuze zifumane izimvo zize zive neembono zalo kwimiba ebalulekileyo kwisizwe.
Uluntu luyakhuthazwa ukuba luthathe inxaxheba ngomdla omkhulu xa iiKomiti zibambe iiNdibano Zovakaliso-zimvo.
Abantu okanye amaqela nawo akwakhuthazwa ukuba enze iziphakamiso ezibhaliweyo okanye ezomlomo ezingemiba ebachaphazelayo.
Amalungu oluntu anelungelo lokuthatha inxaxheba kwiinkqubo nemisetyenzana yasePalamente ngoku:

Zimasa iintlanganiso zeeKomiti zeMicimbi yamaSebe.
 Qhagamshelana naMalungu ePalamente akwiNdlu yoWiso-mthetho  
     ukuze babuze malunga okanye bacele ulwazi ngomsebenzi wabo ePalamente 
 Zimasa iiNdibano Zovakaliso-zimvo ezibanjwa ziiKomiti . 
 Bukela iingxoxo-mpikiswano zocweyo kwiNdlu yoWiso-mthetho umzekelo Iivoti zoHlahlo-lwabiwo-mali 
 Bhala uxwebhu lwezikhalazo eziya ePalamente malunga nemiba 
ebachaphazelayo. Amaxwebhu ezikhalazo asiwa ePalamente kufuneka abe nenkxaso yeLungu lePalamente. 


Ishicilelwe yi-Ofisi yokuRhabulisa uLuntu
Parliamentary Communication Services
IFUTHELWE LULUNTU

www.parliament.gov.za
P.O. Box 15, Cape Town, 8000
Ifowuni:	(021) 403 3341
Ifeksi:	(021) 403 3303

Eli phecana liyafumaneka ngazo zonke iilwimi ezisemthethweni zoMzantsi Afrika.
