﻿

Isicelo sesikhokelo sokuxhuzula irhafu – iingxowa-mali zepenshele nezokubonelela 

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Apho abalawuli bengxowa-mali kufuneka behlawule isibonelelo , ifom yokwenza isicelo ukwenzela umyalelo wokutsala irhafu kwingeniso  mayingeniswe. Umyalelo wokutsala irhafu kwingeniso   ukhutshwa yiNkonzo yeNgeniso yaseMzantsi Afrika  (SARS) ukuyalela umlawuli wengxowa-mali okanye umqeshi ngesixa semali serhafu yomqeshwa ekufuneka angayinikwa (withheld) kwezi ntlawulo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifom yokwenza isicelo uze uyingenise ku-SARS.

Le ngcaciso incinane ilandelayo iyimfuneko khon' ukuze kusetyenzwe isicelo sakho somyalelo wokutsala irhafu kwingeniso:


igama lomhlawuli-rhafu
ii-inishiyali  zomhlawuli-rhafu
umhla wokuzalwa womhlawuli-rhafu.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo


Isicelo ngonxibelelwano lwekhompyutha ukwenzela umyalelo wokutsala irhafu kwingeniso  kuqheleke ukuba sivunywe kwiiyure eziyi-48.


Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Zalisa uze ungenise ifom yakho yesicelo ngonxibelelwano lwekhompyutha. Okunye ongakwenzayo, kukuyikopa  ifom: Request for a Tax Deduction Directive, Form A&D .

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


