xhosa.1589.lettermar
Ileta ezuze i-R100
APHA ebomini kufuneka uzifundise ukwenz' izinto ngobulumko, ukwahlukanisa okubi kokulungileyo nokungathandabuzi. Loo nto ndiyifunde xa ibisenzeka kum...
Ndihlala nomakazi wam yaye uye waphelelwa ngumsebenzi nyakenye. Sasingenamali waza wandishiya ePolokwane wayofun' umsebenzi eGauteng. Ndandiphil' ubomi beenzingo!
Abahlobo bam azange bandincede nganto kuba nabo babengathathi ntweni baza bandixelela into yokokuba bona imali bayifumana ngokuthengisa ngemizimba yabo, besithi nam mandenze njalo.
Ndandibulawa yindlala ndaza ndabhitya. Ndaba yinto engqiba ezitratweni...
Ndabon' ukuba mandinyaniseke ngemeko yam. Ndaya kubamelwane ndacela umsebenzi ukuze ndifumane ukutya kanye ngemini.
Bandisizela baza bandinik' ukutya ne-R100 ngenyanga - iinyanga ezintandathu.
Umakazi wam wawufuman' umsebenzi kwakhona yaza imeko yabuyela kundalashe. Ndasifund' isifundo. Asoze ndiyek' ukusebenza nokufun' ukuziphucula.
Ngoku ndineshishini elincinci endiliqhubela ekhaya ukuze ndibe nemali.
Abahlobo bam babuyile bazocel' uxolo ngendlela abandiphatha ngayo. Ngelishwa abanye babo basweleka bashiya iinkedama.
Ukuba ndandimamele iingcebiso zabo ngabe nam sele ndabulawa ngugawulayo. Kumnandi ukuba nekamva yaye uyazikhethela into omawuyenze. Khetha ukwenz' izinto ezintle.
Lumkela abahlobo abalahlekisayo. Ungaze uthengis' umzimba. Ulwaphulo-mthetho lukwenzel' iingxaki.
Cinga, wenze izinto ngobulumko Sebenzis' izandla zakho nengqondo ulwele ikamva eliqaqambileyo!
nguMolosadi Modiba, eSegopje
FUNDA LE LETA!
Iza kubuguqul' ubomi bakho!
Iileta Zenu
Mabaphathwe njengabantu
Iyandimangalisa into yokuphathwa kakubi kwabantu abaneziphene emzimbeni.
Xa bekhwel' iiteksi neebhasi bayaphoxwa yaye abantu ababanyamezeli.
Masibakhathalele abantu abaneziphene emzimbeni thina bemi beloMzantsi Afrika. Abohlukanga kuthi!
nguThando Ntombela, eDobsonville
Uphuhliso ezilalini
Xa sifuna ukuphuhla ezilalini kufuneka sizifundise ukwabelana!
Masiyibulele imizamo karhulumente wethu. Masizisebenzise ngokukuko izinto asinika zona urhulumente.
Asoze sikwazi ukuba nezindlu, umbane, amanzi neendlela sonke ngaxeshanye.
Kukho abantu abahlala kwizindlu abazakhelwe ngurhulumente, abanombane, abantu abafuman' imali yesondlo sabantwana kodwa babe bekhalaza besithi urhulumente akazizisi iinkonzo ebantwini.
Masizifundise ukunyamezela siyazi into yokokuba sonke siza kuncedwa ngurhulumente
Iititshala, isondo, nolutsha
Uyingxaki enkulu umba weetitshala ezithandana nabafundi ezikolweni zeli.
Azibathandi aba bafundi koko ziqhutywa yinkanuko!
Kwenzeka ntoni ke emva koko" Umzali uthumel' umntwana esikolweni ukuze afumane imfundo aze afike umntwana abe likhoboka lesondo kwititshala yakhe.
Nditsho nokuba bevumelana bobabini, ayivumelekanga loo nto ngokwasemthethweni kuba umntwana uselula akakwazi ukuthatha izigqibo ezilolo hlobo.
Akufanelekanga ukuba enze ezi zigqibo esikolweni!
Loo nto intama ukuba iititshala ezenza lo mkhwa zizidlwengu.
nguRantlo Mlangeni, eSoweto
BONA XHOSA - March 2007
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli,
Box 32083, Mobeni,
4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail:
bona@dbn.caxton.co.za
u
t
lisakufik' ixesha lethu.
Masivuke sizenzele. Kukho iiprojekthi ezilalini yaye ikho nemali yokuncedisa ukumilisela nokukhulisa ezo projekthi.
Abantu kufuneka bavuke emaqandeni bazi ukuba kwenzeka ntoni na.
nguN. Mbobo, eMount Fletcher
Mabalinganiselwe abantwana
Iititshala ezininzi zifundisa abantwana ukuba babe nolwazi yaye bazicingele kodwa kufuneka silumkele ukubaxhobisa ngokugqithisileyo abantwana.
Bangamelana njani neengxaki zopolitiko babe besafunda ukusombulula ezabo iingxaki"
Bangayazi njani imiba yokusingqongileyo besafunda ukuzithanda bona ziqu"
Baza kuyazi njani imiba yonxibelelwano lweentlanga zehlabathi ekubeni bengayazi ukuba bamelane njani neentanga zabo ezibaxhaphazayo xa bedlala"
Xa sibathwalisa iingxaki ezingaka abantwana bethu siyababhidisa yaye siyaboyikisa. Anditsho ukuba mazibethiswe ngoyaba ezi ngxaki zinkulu. Masingazingxameli.
Masibafundise ngesantya esilungileyo ukuze bakwazi ukuziqonda.
Umzekelo xa sifuna ukufundisa abantwana bethu abaneminyaka emithandathu nesixhenxe ngemiba yezendalo masiqale sibafundise ukukhathalela i-akwariyam.
nguAndrew Noge, eLyndhurst
Ungoyiki!
Lixesha lokubaxelela abantu abasondeleyo kuwe xa uneHIV. Kubalulekile ukwenjenjalo kuba bayakwazi ukukunceda yaye bakuxhase.
Kaloku xa uneHIV yaye uyifihla uba noxinzelelo nangakumbi.
Asikho isizathu sokuba ube neentloni ngemeko yakho!
Baxelele abantu! Qala ngabo basondeleyo kakhulu kuwe, abazali nabantakwenu. Xa becaphuka usakubaxelela musa ukukhathazeka kuba uza kwenza izinto zibe mbi kakhulu.
Bashiye ubanike ixesha lokuhlisa umothuko nokwetyisa le nto ubaxelele yona.
Ungavumeli imeko yakho ime endleleni yakho eya empumelelweni.
nguZokwana Papikie, eMogoto
Amagqirha asengozini
Ndikhathazekile yindlela abenza ngayo abantu abanentwaso. Amanye amagqirha azibeka ebungozini ngokuthwasa ngendlela engeyiyo.
Xa umntu enobizo lwentwaso aze angalunanzi, uhlaselwa kukugula okumandla.
Xa sele egula ke umntu kufuneka kwenziwe isiko elithile. Umntu owenza elo siko kufuneka aqale aye emlanjeni nomntu lowo ogulayo ayothetha nezinyanya ukuze zimcebise ukuba enze ntoni na nokuba asebenzise ntoni ukuze anyange lowo ugulayo.
Emva kokuba kwenziwe eli siko ke kungaqaliswa isiko lentwaso elenziwa kwabo banobizo lwentwaso.
nguMM, eKing William's Town
BONA XHOSA - March 2007
Iileta Zenu
ZIMISELE NGOTHANDO:
kungani KULUNGILE
'ukuthandana' nebanjwa
Impendulo yebanjwa...
NDIFUNA ukuphendula aba bafundi bathi abantu mabayeke ukuchith' ixesha labo ngokuthandana namabanjwa.
Andiboni ngxaki mna xa umntu ethandana nebanjwa kuba nawo kaloku amabanjwa ngabantu yaye akho lawo azimiseleyo ngothando noxa nje ekho adlalisayo.
Ngubani owaziyo ukuba uza kulifumana phi iqabane aza kutshata nalo nokuba uza kudibana njani na nalo. Baninzi abantu abaqala ukuthandana ngolu hlobo baze bagqibele sele betshatile.
Masiyazi into yokokuba akho amabanjwa alungileyo. Xa ulibanjwa ube usazi ukuba kukho umntu okuthandayo iyakunceda loo nto kuba uyabona ukuba awubukulwa ngumntu wonke.
nguAlbie Ncama, ePatensie Correctional Services
SIBHALELE: Wakhe wathandana nomntu oseluvalelweni" Kwenzeka ntoni" Naqhubeka nonwaba esakukhululwa entolongweni" Sibhalele usixelele! [x]
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
