






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Isikhokelo Sabafundi Sokufumana Inkxaso-mali - iNSFAS &gt Ukuhlawula le Mali-mboleko

Ukuhlawula le Mali-mboleko



Uqala Nini Ukuhlawula le Mali-mboleko?

Xa sele ufumene umsebenzi futhi umvuzo wakho ngama-R26.300 nangaphezulu.

Uhlawula Knagkanani?

* Iintlawulo zibalwa ngezinga elingayi kubeka mthwalo mkhulu kuwe.
* Ngoko ke, iintlawulo zisekelwe kumvuzo owurholayo.
* Futhi iintlawulo ziqala kuphela xa umvuzo wakho ungama-R26.300 ngonyaka (oko ke kukuthi amaR2, 192 ngenyanga). Kweli nqanaba intlawulo yakho si-3% kumvuzo wakho.

Izinga oyihlawula ngalo imali-mboleko yakho iyabonakaliswa kwiReady Reckoner Table.

Ingaba Uyibuyisa Njani le Mali-mboleko?

* I-NSFAS ithumela incwadana enetyala lakho rhoqo ngekota yonyaka kubo bonke abafundi futhi iya kuthi ithumele incwadana yembalelwano ikwazisa ngezibhambathiso zakho zokuhlawula xa uthi ube kwinqanaba lokuba ungayihlawula le mali-mboleko. Oku ke kwenzeka xa uqalisa ukufumama umvuzo ongaphezu kwama-AR26.300 ngonyaka.
* Kukweli xesha ke apho ulindeleke ukuba wenze amalungiselelo eentlawulo ngokwezigqibo. La malungiselelo ke anokuquka ukunika iNSFAS igunya lokuthabatha iintlawulo ngqo kwi-account yakho yebhanki, ngokwemiyalelo yeposi, iitsheki okanye ukutsalwa kwezi ntlawulo ngumqeshi emvuzweni wakho emsebenzini.
* Ngelixa iNSFAS iya kukwazisa ukuba ulindeleke ukuba ukhuphe malini na njengentlawulo, kuluxanduva lwakho kaloku ukuba usoloko uqhagamshelana nabo


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Isikhokelo Sabafundi Sokufumana Inkxaso-mali - iNSFAS

* Intshayelelo
* Njani, Intoni, Nini, Phi ...
* Ukuhlawula le Mali-mboleko
* Izinto Ezilishumi Ekufuneka Uzazile nge-NSFAS
* Ezinye Iinkcukacha





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uFebruwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





