﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Isikhokelo Sabafundi Sokufumana Inkxaso-mali - iNSFAS &gt Njani, Intoni, Nini, Phi ...

Njani, Intoni, Nini, Phi ...



Ingaba unikezela ngantoni uNSFAS?

* Amacebo okungena kwimfundo kumaziko emfundo ephakamileyo.
* Iimali-mboleko ezineenzala eziphantsi.
* Iimali-mboleko ezingenaziqinisekiso.
* Isicwangciso-ndlela zokubuyisa imali abakuboleke yona.

Yintoni iMli-mboleko?


* Imali-mboleko yimali oyibolekayo ukuze ube nokukwazi ukuhlawulela izifundo zakho zasemva kweBnga leshumi.
* Le mali-mboleko kufuneka iphinde ibuyiswe.


Yintoni iNkxaso-mali Yokufunda?

* Inkxaso-mali yokufunda yila ngxenye yewonga ekungadingeki ukuba ibuyiswe
* Ubungakanani benkxaso-mali yokufunda buxhomekeka ekuzimiseleni nakwizinga lakho lempumelelo esikolweni.

Ngubani Onethuba Lokufumana iMali-mboleko yeNSFAS?

Ukuze ube nethuba lokufumana le nkxaso-mali kufuneka:

* ube ngummi woMzantsi Afrika
* ube ubhalise wamkelwa kwidyunivesithi okanye kwiteknikoni yaseMzantsi Afrika
* ube uyafika kwiziko lemfundo ephakamileyo, futhi ube wenza isidanga okanye ke idiploma yakho yokuqala, okanye ke
* ufundela ukufumana isidanga sakho sesibini, ukuba kunyanzelekile ukuba ube naso ukuze ube nokusebenza kwezo zifundo zakho (iLLB okanye iHDE)
* ube uyakwazi ukuzibonakalisa isakhono nezinga lomqondo wakho ngempumelelo esikolweni
* ube uyadinga ngokwezimali okanye uyahlupheka.

Ingaba Ufumana Imali Engakanani?

Eyona nkxaso-mali ininzi ngo-2004 ibe ngamashumi amabini anesihlanu amawaka eerandi ze eyona isezantsi yangamawaka amabini.

Luyintoni na Uxanduva Lwequmrhu Lenkxaso-mali Yokufunda leDyunivesithi okanye leTeknikoni?

* Kukunikezela ngeengcebiso ngeeemali-mboleko.
* Kukukuedisa kwizicelo zenkxaso-mali yokufunda
* Kukukucacisela ukuba ungafikelela njani na kwiimali nokuba ungayibuyisa njani na le mali
* Kukuhlola amathuba namandla akho okuphumelela kwizifundo ozikhethileyo.
* Kukwenza uvavanyo lokufumanisa ukuba ngaba ngokwenene na uyingxenye yabo bahluphekayo ngokwezimali.

Usifaka Phi Isicelo Semali-mboleko?

KwiFinancial Aid Bureaux kwidyunivesithi okanye kwiteknikoni apho ufunda khona/unqwenela ukufunda khona.

Ingaba Ibalwa njani ingxenye yeSipho-mali sokufunda kwimali-mboleko yakho yokufunda?

De kuye kufukelela kuma-40% ale mboleko-mali angenziwa isipho-mali sokufunda, oko ke kuxhomekeke kwiziphumo zakho zokuphela konyaka.

* Ukuba uthi uphumelele zonke izifundo ozibhaliseleyo, usecicini lokufumana ama-40% njengesipho-mali sokufunda.
* Ukuba uthi uphumelele iikota ezintathu zezo zifundo, ungafumana ama-30% njengsipho-mali sokufunda.
* Ukuba uthi uphumelele isiqingatha sezifundo, unokufumana ama-20% njengesipho-mali sokufunda.
* Ukuba uthi uphumelele ikota enye yezo zifundo, ungafumana I-10% njengesipho-mali sokufunda.
* Ukuba uthi ungaphumeleli nasinye kwizifundo obuzenza, akunalungelo lakufumana nantoni na njengesipho-mali sokufunda.

Kwenzeka Ntoni Ukuba Uthi Ube Nemali Eseleyo Kwi-account yakho?

* Akunakho tu ukufumanaimali engaphezu kwaleyo umele ukuyifumana kwi-NSFAS.
* Ukuba kusekho imali eseleyo kwi-account yakho yeentlawulo zesikolo ekupheleni konyaka (umzekelo, ukuba uthe wafumana iwonga lesipho-mali sokufunda okanye iwonga lokuphumelela emagqabini emva kokuba ufumene nale yeSNFAS), iFinancial Aid Bureau kufuneka ibuyisele le mali kuNSFAS. Le mbuyekezo ke iya kuthi ithatyathwe njengentlawulo yakho yokuqala yale mali-mboleko.
* Imali eseleyo kwi-account yakho ayinikezelwa kuwe tu! Okunye, kuncedwana nawe xa kuqinisekiswa ukuba le mali ibuyiselwe ku-NSFAS ukunqanda ukufakwa kwenzala kuyo.

Malunga nenzala?

Inzala kumawonga eNSFAS iya kuba kwi-7% ngo-2004 ukususela ngomhla wokuqala kwinyanga kaTshazimpuzi.

Yintoni Inzala futhi kutheni uNSFAS eyifuna nje?

Inzala yindleko yokuboleka imali. Imali, njengayo nayiphi na impahla enexabiso, inexabiso elayanyaniswe nayo. Ukuba uthi ufake imali kwi-account yebhanki, ufumana inzala - ngamanye amazwi, ibhanki iya kuhlawula kuba inakho ukuyisebenzisa imali yakho ngelixa isekuyo. Xa uyilanda imali yakho ebhankini, uyayeka ukufumana inzala. Ukuba uthi uboleke imali ebhankini, kukwafuneka uhlawule ibhanki ngokusebenzisa imali yayo

Kwiminyaka engaphambili iibhanki zoshishino bezibadla ukuya kufikelela kuma-23% enzala abafundi kwiimali-mboleko zokufunda. Ukuba wawukhe wafumana enye yezi mali-mboleko ubuya kulindeleka ukuba uyihlawule kwixesha elithile eliqingqiweyo, uphangela ungaphangeli. Xa kuthelekiswa, inzala yeNSFAS ilingana nezinga lokwenyuka kwamaxabiso (ingakumbi leyo yangeminyaka yoo-1990, eyayisi-9%) kwakunye ne-2%. Esi sibini seepesenti sincedisa ekugcineni eli nyathelo lemali-mboleko. Yenza igalelo kwiindleko zolawulo kwakunye nokusilela okungumvuka wokusutywa kukufa nokungahlawulwa kwala matyala eemali-mboleko ngenxa yentswela-ngqesho ethabatha ixesha elide.

Yintoni Ukwenyuka Kwamaxabiso?

* Nyaka nonyaka, imali iphelelwa lixabiso futhi zimbalwa kuphela izinto enokuzithenga.
* Ukwehla kwexabiso lemali minyaka le kubizwa ngokuba kukwenyuka kwamaxabiso.
* Umzekelo wokuba ukwenyuka kwamaxabiso kuzichaphazela njani na izifundo zakho kukweyuka kweentlawulo zesikolo mihla le.
* Ukuze uNSFAS abe nokubanceda abafundi kwixa elizayo, uNSFAS kufuneka azame ukuqinisekisa ukuba ixabiso lemali yayo iligcina likwisimo esisiso. Yiyo le nto izinga layo lenzala layanyaniswe nezinga lokwenyuka kwamaxabiso.
* Inzala yeNSFAS iphantsi kuba incediswa ngamalizo aphuma kurhulumente, iinkmpani zabucala kwakunye neenkmpani namaqumrhu aphesheya kweelwandle.



UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Isikhokelo Sabafundi Sokufumana Inkxaso-mali - iNSFAS

* Intshayelelo
* Njani, Intoni, Nini, Phi ...
* Ukuhlawula le Mali-mboleko
* Izinto Ezilishumi Ekufuneka Uzazile nge-NSFAS
* Ezinye Iinkcukacha





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uFebruwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





