






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Ityala Neemali-mboleko &gt Yintoni Ityala? Yintoni Imali-mboleko?

Yintoni Ityala? Yintoni Imali-mboleko?



Xa kuthethwa ngetyala kubhekiswa kumalungiselelo apho uthenga izinto ze uzihlawule emva kokuba sele uzisebenzisa. Ngamaxesha amaninzi uyihlawula into ngezavenge ezitsala de kube lithuba elithile.

Imizekelo yetyala iquka:

* ii-akhawunti kwiivenkile (umzekelo, I-akhawunti kwivenkile yempahla)
* ii-akhawunti kwiivenkile ezinikezela ngeenkonzo (umzekelo, iakhawuntu kwagqirha)
* izivumelwano zokuqesha okanye izivumelwano zokuthenga uhlawule ngezavenge (umzekelo, apho uvuma ukuhlawulela into kwisithuba sexesha elithile, njengakwivenkile yefenitshala  ezi ke zazisakwaziwa njengezivumelwano zokuthenga ngetyala).

Usenakho nokulifumana ityala ngokuboleka ebhankini okanye kumatshonisa. Kule meko ke, unikwa imali-mboleko eziinkozo. Ulindeleke ukuba uyibuyise le mali ngexesha ekuvunyelwene ngalo. Ukwalindeleke ukuba uhlawule nenzala kule mali-mboleko.

Kubalulekile ke ukuqwalasela ukuba, xa uthenga ngetyala, ungahlawula ngaphezu kokuba ubunokuhlawula ukuba ubuzithenge wazihlawula ngoko nangoko izinto ozithengileyo:
* imali elixabiso laloo nto kunye nezinye nje iindleko
* iya kuba yimalini na iyonke
* imali yokuqala ekufuneka uyibekile njengentlawulo yokuqala iya kuba yimalini na
* ziya kuba yimalini na izavenge ekufuneka uzihlawule ngenyanga
* ungathabatha ixesha elingakanani na ukulihlawula eli tyala.



UMTHAMO | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Ityala Neemali-mboleko

* Yintoni Ityala? Yintoni Imali-mboleko?
* Yintoni Isivumelwano Setyala?
* Yntoni Uncedo-mali Lwezinga Olusezantasi?
* Yintoni iMbalana Yamatyala? Yaye Yintoni Ukubekwa Kwiincwadi Zabangawahlawuli Amatyala abo?
* Angayithimba Xa Kutheni Umntu Endimtyalayo Impahla Yam?
* Amabinzana Aluncedo





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Izikhalazo Zabathengi (IiNkonzo)
* Ii-Ofisi Zeengcebiso Kubathengi (IBakala Lezxhobo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 9 uFebruwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





