xhosa.1577.career
SIYAKUNCEDA UKUZE UZINCEDE ihlelwe nguPatricia McCracken
Nantsi imfihlelo yamagala
Amagala angakubonisa indlela yokuphila kweli lizwe
ILIZWE lifana nomhlatyana wesanti omalunga nesikwere esiziikhilomitha ezintlanu kumagala amaninzi - kwaye usuku kule ofisi yawo kukho umona ngezikhundla, ukukhuphisana, ulawulo lwabaqeshwa kwaye alwela ukuphila ngaphezulu kwaye nawuphi na umntu osebenzayo kweli.
"Adibana neengxaki yonke le mihla. Alwela ukufa, engalweli nje iziqu zawo kupheka, kodwa esindisa namalungu eqela lawo," sitshilo isithethi esikhuthazayo, u-Estienne de Beer kwi-Old Mutual Soul Sessions. UDe Beer ucebisa ukuba ulandele indlela yokwenza yamagala ukukunceda ukwazi ukuwugqiba unyaka nangaphezulu...
1. SEBENZA NZIMA
Amagala ayemba asuse isanti enobunzima obuphinda-phindene kangangama-50 ngaphezulu kobunzima bawo! Nawe yenza okungaphezulu eshishinini lakho, ucebisa atsho uDe Beer,
umsebenzi osoloko umninzi uza kuwubona uphela.
2. ZINIKELE UZIPHUHLISE
Amaqela amagala yimibutho yokuphila nokufunda. Aphila ngokufunda ukujongana nemiceli-mngeni emitsha - kwaye ayaludlulisela ulwazi ngokuthi aqeqeshe amanye ukuze afunde.
3. ISIBINDI ESINGAGUNGQIYO
Phantse zonke izidalwa ziyabasusa abo bakhuphisana nazo - amagala akathandabuzi ayabambisana ukuze agxothe utshaba nokuba lungakanani.
4. INTSEBENZISWANO EYIYO
Amagala aphila ngokuthi azahlula-hlule ngokwemisebenzi - kukho agada utshaba, akhangela ukutya, nakhusela isizukulwana esizayo. Ngokuqhubeka zisomeleza ubuhlobo bazo ngolu hlobo kuzinceda zikhulise nokuthembeka kumaxesha anzima.
5. MAKUKHOKELE AMAVA
Amagala asebenzisana ngobuchule. Asebenza kakuhle xa kuliqela elinamava elilawulayo - lize iqela elishiyekileyo likhusele iinkokeli.
Patricia McCracken
BONA XHOSA November 2008
KOLU SHICILELO
92 Omawukwazi ngeHDTV 95 Ukongela amatikiti ka-2010
96 Ubuchule bokuphendul' umnxeba 98 Ezolimo 100 Ukuchophel' intlanganiso yoluleko lomsebenzi 102 Buz' uSis Sarah 104 Sithetha ngamayez' esintu 107 UFat Charlie uthetha ngokuzibekel' iinjongo 110 Amacebiso abazali
