﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?

Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?



Umbuzo: Umyeni wam wafumaniseka ephila nentsholongwane kaGawulayo. Besisoloko sihlangana nomcebisi kodwa ke isekho eminye imiba endingekayiqondi ngezinto awandixelela zona. Saxelelwa ukuba akunakuyifumana intsholongwane kaGawulayo ngokuthi wabelane ngekopi, amacephe namalaphu, kodwa ke ndinabantwana abathathu abaminyaka ilishumi elinesibini, elishumi nesixhenxe ubudala yaye ukungazinzi kwam kusukela kwinto yokuba ndicinga ukuba singabosulela ngendlela nje elula ke phofu.

Impendulo: Ukuze ube nakho ukuthintela ukosuleleka yintsholongwane kaGawulayo kubalulekile ukuba umntu azazi iindlela esasazeka ngayo le ntsholongwane ukuze abe nokuthintela ngempumelelo ukosuleleka.

Umcebisi wakho ebenyanisile xa ebesithi akunakho ukosuleleka yintsholongwane kaGawulayo ngokudibana nje nomntu ophila nayo, mhlawumbi ukwangana, ukwabelana ngokutya, ukusebenzisa izixhobo zokutya ezinye, ukuxhawulana, ukusebenzisa indlu yangasese enye, okanye ke ngenye indlela yokuhlangana apho kungekho gazi libandakanyeka ngenxa yesilonda esivulekileyo somntu onayo. Izinambuzane ezifana neengcongconi nazo aziyisasazi intsholongwane kaGawulayo ngokuthi zimfimfithe amagazi abo.

Zine iindlela umntu anokosuleleka ngazo yile ntsholongwane kaGawulayo:

1. Ukwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga.

Abantu abaninzi bosuleleka ngokuthi babelane ngesondo ngendlela engakhuselekanga (ngamanye amazwi ke ngokungasebenzisi zintsilathi).

2. Ukosulelwa Kosana Ngunina

Amanina aphila nentshlongwane kaGawulayo angayidlulisela le ntsholongwane kwiintsana zawo ezingekazalwa ngexesha esakhulelwe, ngexesha lokubeleka nokukhutshwa kosana esibelekweni, okanye ke nangokobisi lwebele.

3. Ukufaka Igazi Esele Losulelekile Emzimbeni Wakho.

Umntu angosuleleka yintsholongwane kaGawulayo nangokuthi kufakwe igazi elinale ntsholongwane emzimbeni wakhe. Oku ke kungenzeka ngenxa yesilonda esivulekileyo, ukwabelana ngezinto zokucheba iintshebe okanye iinaliti ebezisetyenziswe ngumntu osele ephila nale ntsholongwane, ngokufumana igazi elinale ntsholongwane xa kunikezelwa ngegazi.

Kodwa ke, lonke igazi ekuphiswa ngalo liqala livavanyelwe intsholongwane kaGawulayo ngaphambi kokuba ligqithiselwe kwabanye abantu ukuqinisekisa ukuba igazi elinikezelwayo likhuseleke kangangoko.

Ingathinteleka njani kanene le ntsholongwane kaGawulayo?

Abazali kufuneka bancokole ngemiba yesondo nabantwana babo kuselithuba. Abantu, ingakumbi abantu abasebatsha, kufuneka bakhuthazwe ukuba bangazibandakanyi kwiintshukumo zokwabelana ngesondo de babe bakulungele oko yaye kufuneka bavumelane namaqabane abo ngokuthembakala omnye komnye kuthando oluzinzileyo.

Iintsilathi kufuneka zisetyenziswe rhoqo apho umntu azibandakanya kwintshukumo yokwabelana ngesondo nomntu angenguye lo mnye athandana naye.

Xa kusetyenziswa izixhobo zokugqobhoza isikhumba ezifana ne , iinaliti okanye izirinji, ezi zixhobo kufuneka zibe ntsha okanye ke zihlanjisiswe kakuhle. Ezi zixhobo akufuneki kwaberlwane ngazo ngabantu.

Iziyobisi zokuzonwabisa ziyawadodobalisa amandla amajoni omzimba ze zenze nomzimba ube semngciphekweni wokuhlaselwa zizifo ezininzi.

Onke amanina kufuneka afune ulwazi ngokukhulelwa ngaphambi kokuba akhulelwe futhi bazame ukufumanisa ukuba abanayo na le ntsholongwane kaGawulayo, umntu abhalise ukukhulelwa kwakhe kweyona khlinikhi yemicimbi yokubeleka ikufutshane naye ukuze abe nokuvela kwiincwadi zeklinikhi leyo ukuqinisekisa ukuba banakho ukwenza konke abanakho ukuthintela ukosuleleka kweentsana zabo yintdholongwane yile ntsholongwane.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





