﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?

Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?



Umbuzo: Umhlobo wam wafunyaniswa ukuba uphila nentdholongwane kaGawulayo kwisithuba seminyaka esibhozo eyadlulayo futhi uqalisa ukugula kungoku nje. Ungumzali oyedwa futhi ukhathzwa kukuba ngubani na na oya kujongana nentwazana yakhe eneshumi elinesibini leminyaka ubudala ukuba uthi asutywe kukufa. Undicelile ukuba ndiyihoyw le ntwazana, yaye ndiya kwenjenjelo. Ingxaki ke kukuba akazi ukuba makayichazele njani na le ntwazana ukuba uphila nale ntsholongwane. Ingaba kukho endinokukwenza ukumnceda kulo mba?

Impendulo: Into ekubalulekileyo ukuba umhlobo wakho ayazi kukuba lininzi ixesha lokucinga nokucwangcisa ekumele kwenziwe. Enye yezona zinto zinzima abazali abaphila nentsholongwane kaGawulayo ekufuneka bejamelene nazo kukuxelela abantwana babo ukuba baphila nale ntsholongwane. Amaxesha amaninzi boyika kakhulu ukuthetha nabantwana babo. Kodwa ke oku kuthula kungayingozi kumntu wonke. Abantwana bayakhathazeka xa bebona ukuba kukho nto ingahambi ngendlela futhi bangazigxeka bona ngokugula nokukhathazeka kwabazali babo.

Ukuyixelela intwazana yakhe kungabaluleka ukuze ibe nokuzilungiselela ixesha apho unina athi asutywe kukufa, udinga ixesha lokuthi ndlela-ntle. Kufuneka babe kunye kangangoko banakho.

Ayiyo nto ilula kubazali ukuxelela abantwana babo ukuba baphila nentsholongwane kaGawulayo. Abantwana banokuzifumana bekwimeko efanayo naleyo abazali babekuyo xa babeqala ukufumanisa ukuba baphila nale ntsholongwane. Umzekelo, kusenokuba baziva besoyika, benemisindo okanye benxunguphele. Kufuneka ikhumbuleke ke neyokuba ukuziva ngolu hlobo ngexesha lale meko yinto eqhelekileyo.

Xa exelela intwazana yakhe ukuba uphila nentsholongwane kaGawulayo, umhlobo wakho kufuneka aqwalsele ezi zinto zilandelayo: (a) intwazana yakhe le ingabuza imibuzo emininzi futhi ingadinga inkxaso eninzi. Kubalulekile ke ukuba avunyelwe abuze imibuzo. (b) Zama ukunikezlea iimpendulo ezicacileyo nezinyanisekileyo. Kufuneka enikwe zonke iinkcukacha ezichanekileyo ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo (c) Umhlobo wakho kufuneka ayithathele ingqalelo indlela intwazana yakhe eziva ngayo ngalo mba ze futhi ayikhuthaze ukuba ithethe ngendlela eziva ngayo ingakumbi ngoloyiko lwakhe ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu.

Kungabaluleka kakhulu kumhlobo wakho ukuba acele elinye/amanye amalungu osapho osapho (asele wawaxelela ngaphambil ngalo mba) ukuba abekho emva kokuba edize isimo sakhe ngale ntsholongwane kwintwazana yakhe, ukuyinika ufifana lokuba ungibani na yena. Ubukho bakho ukuza kunikezela ngenkxaso ngeli xesha linzima kangaka kuya kuba lulutho, njengoko buya kunceda ekusekeni ubunye phakathi kwakho nentwazana le. Ukuvumela le ntwazana ukuba iveze indlela eziva ngayo ngokosuleleka kukanina yintshologwane kaGawulayo kuya kuyinceda izive ixhasiwe. Oku kungakwenza lula ukuba ithethe nawe namane amalungu osapho ngonina emva kokuba ethe wasutywa kukufa. Intwazana le iya kudinga inkxaso eninzi ngoku ingakumbi ngexesha lokusweleka kukanina. Inkxaso enikwa intwazana yakhe iya kumenza umhlobo wakho naye azive ephumle.

Kungaluncedo kumhlobo wakho nentwazana yakhe ukuseka indlela yokuphilisana ekhayeni, into abaya kuthanda ukuyenza ngamaxesha onke. Oku kungenzeka kanye ngeveki mhlawumbi. Umzekelo, ukuba nesidlo esisodwa sasemva kwemini, ukubukela umboniso bhanya-bhanya kunye. Inokuba yinto intwazana le engakhetha ukuqhubekeka iyenza nawe emva kokusweleka kukanina, into eza kukhumbulula unina ngayo neya kumnika amandla okuqhubekeka nobomi.

Enye yeendlela zokudala iinkumbulo ezibalulekileyo ingakukugcina ibhokisi yeenkumbulo. Umhlobo wakho lo angaqokelela yonke into ebalulekileyo kuye ze ayifake kule bhokisi yeenkumbulo, umzekelo, ingalisuntswana lempahla enxitywayo, imifanekiso, izihombiso okanye amakhadi awodwa. Umhlobo wakho usenokubhalela intwazana yakhe incwadana yembalelwano eyixelela indlela ayithanda ngayo ze ayifake le ncwadi kule bhokisi yembalelwano ukuze ibe nokuvulwa emva kokusweleka kwakhe. Iintwazana le mhlawumbi ingafumana ukuzinza okukhulu ekuberni nento ebambekayo ukuze iyikhumbuze ngonina kwanothando abebenalo bobabini.

Bobabini umhlobo wakho nentwazana yakhe badinga inkxaso eninzi kweli xesha, futhi banethamsanqa ngokuba wena uzibnika ixesha lokuba nabo ubaxhase ngeli xesha linzima kangaka ebomini babo.


UMTHAMO | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





