﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Isikhokelo Esishwankathelweyo seNkqubo Yeengcebiso Nenkxaso yeThuso &gt Amaqumrhu Abandakanyekayo

Amaqumrhu Abandakanyekayo



Zonke iinkampani nemibutho echaphazelekayo kule nkqubo adweliswe kuluhle olungezantsi apha ze nemisebenzi noxanduva lwayo ichaziwe.

* Amashishini Asakhulayo Naphakathi
* uMququzeleli weThuso Kwimimandla
* Umcebisi
* Inkonzo yeKhula Exhasa Amashishini
* Isiqinisekiso Sokufumana Imali-mboleko kwiKhula
* iBhanki

iCandelo Lamashishini Asakhasayo Naphakathi

* Lithetha neofisi yeThuso ngoncedo lwangaphambi (lwezimali okanye lweengcebiso) okanye emva kwesicelo semali-mboleko
* Ligcwalisa ze lityikitye amaphepha ezicelo
* Liphendula imibuzo ze licacise nezinto okanye imiba ethi ikhankanywe
* Ityikitya izibhambathiso nemiqathango yamaphulo ndawonye noMququzeli noMcebisi weThuso (izibhambathiso nemiqathango zicacisa ekufuneka kwenziwe, ngubani, nini nokuba njani ze ekugqibeleni ziveze ukuba uMcebisi lo uya kubuyekezwa njani na)
* Yamkela izicwangciso zoshishino ezigqityiweyo okanye ingxelo yasemva kwesicelo semali-mboleko esuka kwi-ofisi yabacebisi
* Iqondisisa okanye iqinisekisise ze yamkele ingxam yesicwangciso soshishino okanye ingxelo yasemva kwesicelo semali-mboleko
* Ithetha neebhasnki ukuze ifumane uncedo lwezimali (ukuba kunyanzelekile, umfaki-sicelo uya kucela umcebisi ukuba abe yingxenye yeengxoxo zesicelo semali-mboleko nebhanki)
* Inikezela ngeemali-mboleko ezinikezelwe yibhanki kumashishini ngokwezicwangciso zoshishino nesivumelwano semali-mboleko
* Ikhupha intlawulo yomcebisi ebimele ukuphuma kumfaki-sicelo emva kokuba imali-mboleko iphunyeziwe

UMQUQZELELI WOMMANDLA WETHUSO

* Wamkela ahluze izicelo zamashishini asakhasayo naphakathi ngokwemigaqo ebekiweyo
* Ukhaba izicelo ezingamelaniyo neemfuno ezichaziweyo
* Uqinisekisa ukuba imiqathango yezibhambathiso ityikitywe ngabo bonke ababandakanyekayo
* Uqunusekisa ukuba bonke ababandakanyekayo bayazifumana iikopi zemiqathango yesibhambathiso
* Ujongisisa aqinisekise ukuba isicwangciso soshishino okanye ingxelo yasemva kwesicelo so iyahambelana nemigaqo yomgangatho
* Ubuyisela imisebenzi engekho mgangathweni kumcebisi
* Ubhala phantsi ze athumele kwicandelo Leenkonzo Zenkxaso Kubathengi iziphakamiso zokuba kuhlawulwe umcebisi emva kokuphunyezwa kwesicelo semali-mboleko okanye emva kokufumana ingxelo ekholisayo yasemva kwesicelo semali-mboleko
* Ugcina uqhagamshelwano neogisa lebhanki elinoxanduva lokujongana nee-akhawunti zamashishini asakhasayo naphakathi
* Wabelana ngeengxelo ze abambe neentlanganiso negosa lebhanki apho kuyimfuneko khona
* Wabelana ngeengxelo necandelo Eliqinisekisa Iimali-mboleko
* Ukhuthaza ishishini elisakhasayo neliphakathi ukuba liniker ibhanki ii-akhawunti zesebe lalo labalawuli
* Ujonga intsebenzo yabacebisi ze enze iziphakamiso zokuba bakhutshwe abo bangasebenziyo
* Uthabatha amanyathelo ngezicelo ezibhalwe kwiibhanki ezicela ukuba angenelele kwiintlekele ze aqinisekise futhi ukuba iingxelo zingenisiwe kwiibhanki
* Ubamba iintlanganiso neebhanki, abacebisi nala mashishini eza nezicelo zeemali-mboleko

UMCEBISI

* Uqinisekisaiimfuno zeshishini kwelo shishini
* Ungomnye wabantu abatyikitya imiqathango yesibhambathiso neshishini kwakunye noMququzeleli weThuso
* Wamkela ikopi yemiqathango yesibhambathiso eso
* Uncedisa ekuqulunqweni kwesicangciso soshishino okanye ekucebiseni ishishini emva kwesicelo semali-mboleko njengoko kukhankanyiwe kwimiqathango yesibhambathiso eso
* Ungenisa isicwangciso soshishino okanye ingxelo yasemva kwesicelo semali-mboleko kwi-ofisi yeThuso
* Ushukuxa ingxam yesicwangciso soshishino okanye yengxelo yasemva kwesicelo semali-mboleko
* Wenza iinguqu nezilungiso ezilindelekileyo kwiingxelo ze ke angenise ingxelo yokugqibela
* Wmakela intlawulo yeenkonzo ezinikezelweyo emva kokuphunyezwa kwesicelo semali-mboleko okanye ingxelo ekholisayo yasemva kwesicelo semali-mboleko

ICANDELO LEENKONZO ZENKXASO KUMASHISHINI

* Lithi thaca kwanomkhomba-ndlela wenkqubo Yeengcebiso yeThuso
* Lijongisisa intsebenzo kwakunye nabasebenzi benkqubo Yeengebiso yeThuso
* Liqhuba amabango abacebisi aphakanyiswe yi-ofisi yeThuso
* Liqinisekisa ubukho bobudlelwane obuphilileyo phakathi kwabo bonke ababandakanyekayo kule nkqubo Yeengcebiso yeThuso
* Linika amanqaku ze ibhalise futhi ikhabele ngaphandle abacebisi abangenantsebenzo nabangathobeliyo
* Lamkela izicelo elizibhalelwe ziibhanki ze izithumele kwii-ofisi zabacebisi ezifanelekileyo ukuze zijongisiswe kakuhle
* Liqinisekisa ukuba iibhanki ezibandakanyekayo zifumana imbalelwano eziyidingayo ukuqinisa ubudlelwane nokwenza lula intsebenziswano

ICANDELO LEKHULA ELIQINISEKISA IZICELO ZEEIMALI-MBOLEKOKHULA

* Libonelela ii-ofisi zeThuso ngoluhlu olugqibeleleyo lwawo onke amashishini asakhasayo naphakathi aqinisekisiweyo
* Lihlala lifaka izicelo zokungenelela kwiintleke zeemeko ezingaqhelekanga kwiThuso
* Lamkela iingxelo kwii-ofisi zeThuso
* Ligcina uqhagamshelwano nawo onke amaqumrhu abandakanyekayo

IBHANKI

* Yamkela iphepha elinesicelo senkxaso-mali ndawonye nesicwangciso soshishino kwishishini elisakhasayo okanye eliseza kubakho
* Idlana iindlebe namashishini, lihlole ze liphicothe izicelo zenkxaso-mali ngokwemigaqo yaloo bhanki
* Iphumeza okanye likhabe izicelo zemali-mboleko
* Yazisa ishishini elifake isicelo kuqala ze ilandelise ngomcebisi, igqibelise ngoMququzeleli weThuso ngesi sigqibo ifikelele kuso
* Ifaka isicelo Sokukhulwa Kwesiqinisekiso Semali-mboleko ukuba isicelo eso sithe saphunyezwa
* Ikhupha inkxaso-mali emva kokuphunyezwa kweisiqinisekiso semali-mboleko yiKhula
* Yazisa ishishini ukuba ze lize nimcebisi xa lityikitya iimpepha phambi kokukhululwa kwemali-mboleko leyo
* Ifaka isicelo, ngembalelwano, sokuba ishishini lifumane iingcebiso simahla kumcebisi kwiinyanga ezintathu zokuqala. Ngapha koko, iingcebiso zinganikezelwa ngentlawulo enokuhlalelwa phantsi ithethwe isixhosa.
* Yamkela iingxelo zeengcebiso zokuqala kwii-ofisi zeThuso
* Ifaka isicelo, ngembalelwano, sokungenelela kwiintlekele
* Yamkela iingxelo
* Ibamba iintlanganiso noMququzeleli, umcebisi, kwakunye neshishini elo


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Isikhokelo Esishwankathelweyo seNkqubo Yeengcebiso Nenkxaso yeThuso

* Intshayelelo
* Amaqumrhu Abandakanyekayo
* Indlela Esebenza Ngayo le Nkqubo
* Ingcaciso-magama Neenkcukacha Zoqhagamshelwano





This content also available in English

YAYAMENE

* Iingcebiso Kumashishini Asakhasayo (IiNkonzo)
* Amaziko eRED Door Anikezela Ngeengcebiso Kumashishini Asakhasayo (iCandelo Likarhulumente)
* Resources for Small Businesses (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uOktobha 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





