﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > H &gt Iindlela Zokonga Amanzi

Iindlela Zokonga Amanzi



2001

Isixeko saseKapa



ISISHWANKATHELO

Olu shicilelo luqulethe iingcebiso ngokonga amanzi ekhayeni, emsebenzini kwanasesitiyeni sakho. Kungayinto elula nje ukonga ishumi ekhulwini kwimali oyihlawula emanzini ngonyaka, ngaphandle kokwenza nantoni na eza kuguqula kakhulu indlela obuphila ngayo ubomi bakho.





Nazi ke iingcebiso ezimbalwa ngeendlela zokonga amanzi (nemali) ekhayeni:


* Yivale impompo xa uhlamba amazinyo akho (oku ke konga malunga namashumi amabini eelitha zamanzi), okanye xa ucheba iindevu (eli ke lona longa ukuya kumashumi amane anesihlanu eelitha zamanzi!).


* Isitya sokuhlambela sisebenzisa amanzi abeleleka kwikhulu elinamashumi amathandathu eelitha zamanzi. Sebenzisa ishawa ebdaweni yesi sitya sokuhlambela, kodwa ke ukuba kunyzelekile ukuba usebenzise sona, sebenzisa isitya esincinane okanye uhlambe nomnye umntu.


* Qinisekisa ukuba umatshini wakho wokuhlamba impahla kwakunye nesitya ohlambela kuso izitya zigcwele phambi kokuba uzisebenzise.


* Cinga phambi kokuba uhlambisise iiglasi namacephe phantsi kwamanzi abalekayo.


* Nciphisa amaxesha oyigungxula ngawo indlwana yangasese. Ukufaka isingxotyana esibizwa ngokuba yiHippo okanye ke ukubeka ibhotile yeplastiki ethwala iilitha ezimbini uyigcwalise ngamanzi kwithobi lendlu yakho yangasese kungakongela amanzi ama-7300 eelitha ngonyaka.


* Khangela ukuba indlwana yakho yakho yangasese ayivuzi na ngokuthi ugalele amathontsasa edayi yokutya kwithobhi lakho - ukuba loo mbala ungena kweso sitya, iyavuza. Ukuvuza kwendlwana yangasese kungakuchithela amanzi afikelela kwiilitha ezingamashumi amathathu ngeyure!


* Impompo echiphizayo (ithontsi elinye ngomzuzwana) ingakuchithela iilitha zamanzi ezifikelela kumashumi amathathu ngeyure - nto leyo eyenza ulahlekelwe lishumi lamawaka eelitha zamanzi ngonyaka!)


* Qinisekisa ukuba uyajonga ukuba indlwana yakho yangasese nempompo azivuzi ekhayeni lakho, esikolweni okanye emsebenzini ze ubize umntu ozilungisayo ukuba kukho ukuvuza okukhoyo. Ngamaxesha amaninzi imali ehlawulwayo ukungciba ukuvuza kubuyiswa ziintlawulo ezehlileyo zamanzi ngexesha elithile (amaxesha amaninzi ibuyiseka kwixesha elingaphantsi konyaka).


* Ingaba usihlamba ngombhobho isithuthi sakho? Khawucinge ngomahluko xa ubunokusebenzisa amabhakethi amabini amanzi ekuhlambeni esi sithuthi? Oku ke kukongela amanzi afikelela kwiilitha ezingamashumi amathathu ngalo lonke ixesha uhlamba isithuthi sakho.




Ukonga amanzi esitiyeni:


* Izitiya zengca zizezona ndawo zinkcenkceshelwa kakhulu yaye zisebenzisa amanzi awaphinda-phinda kane amanzi asetyenziswa zezinye izitya. Qwalasela indlela onkcenkceshela ngayo, ingaba amanzi onkcenkceshela ngawo aphumela esitalatweni?


* Nkcenkceshela isitiya sakho kuphela ngaphambi kwentsimb yeshum ekuseni okanye ke emva kwentsimbi yesine malanga.


* Wuqwalasele nomba wokusebenzisa amanzi obuhlamba ngawo kwanawezitya ekunkcenkcesheleni iaiatiya sakho. Iinkqubo zokphinda kusetyenziswe amanzi abesele esebenzile ziyafumaneka ezivenkileni.


* Khumbula eli cebo: ukunciphisa amathuba okunkcenkceshela isitiya sakho, kodwa wenze nzulu (ixesha elide),kukhuthaza indlela enzulu yeengcambu, nto leyo wkhokelela kwizityalo ezomeleleyo. Le ndlela ingadala izityalo eziwongayo amanzi kwizityalo ezininzi ezaziwayo.




Nazi ke ezeCandelo Lezoshishino Nemizi-mveliso:


* Ingaba umzi-mveliso okanye isakhiwo osebenza kuso silawula, okanye sinemitshini yokugungxula yombane? Aba matshini ke zezona zinto zidlalayo ngamanzi. Ukuba akunakukwazi ukubatshintsha bangazisebenzeli koko bagungxulwe ngumntu, nceda uwacime amanzi emva kwexesha lomsebenzi nangeempelaveki. Njengomzekelo ke, izikolo ezikwenzayo oku zonga imali efikelela kumawaka amahlanu eerandi kumatyala azo amanzi onyaka.


* Ingaba umphathi wesakhiwo enisebenzela kuso uhlmba iindawo zokusebenzela nezokuhamba zesi sakhiwo ngombhobho? Lo mkhwa uyinkcitha nje wona ngokucacileyo (loo nto ke ikwathetha kwemali).


* Ingaba sele ukhe wakhangela na ukuba akukho zindawo zivuza manzi kwindawo osebenzela kuyo?


* Ukulungiswa kwempahla yezindlwana zangasese nako kungakongela amawaka-waka eelitha zamanzi agungxulwe kungekho mfuneko. Izindlwana zangasese kufuneka zithathe ixesha eliyimizuzwana emibini ukuya kwemine yaye zona iindawo zokuchamela kufuneka zithathe imizuzwana emithandathu ukuya kwesibhozo, ubuninzi.




Kungayintot elula ukonga ishumi ekhulwini kwityala lakho lamanzi lonyaka, nto leyo eya kukhokelela ekwenzeni ngcono indlela obuphila ngayo bakho.





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Amacebo Okonga Umbane (IiNkcukacha Zoluntu)
* Qhuba Ngendlela - Yonga Amafutha - Yonga Imali (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uJanuwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





