﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > F > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?

Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?



Umbuzo: Ndiceba ukuya kuzivavanyela intsholongwane kasGawulayo. Ingaba kufuneka ndodwa okanye ndiye neqabane lam. Ukuba iqabane lam liyandikhapha, ingaba kuya kufuneka ndiveze imbali yemicimbi yam yesondo phambi kwakhe? Ingaba akho amathuba apho kungalunga ndiziyele ndodwa?

Impendulo: Ukuba iqabane lakho liyavuma ukukukhapha yaye liyavuma nokuvavanyelwa intsholongwane kaGawulayo, le yenye yezona meko zibukelekayo. Enye yezona njongo ziphambili zokuya kuzivavanya nokufumana iingcebiso ngale ntsholongwane, kukuthintela ukosuleleka koluntu yintsholongwane kaGawulayo ngokutsghintsha iindlela zokuziphatha. Uphando lwehlabathi lubonise ukuba xa amaqabane la evavanywe omabini ngexesha elinye, amathuba okuzigcina kwesi sibini sikhuselekile aphakame kakhulu. Esinye sezizathu zale meko ke kukuba ngokuzivavanya nobabini nibonakalisa kuni nobabini ukuzinikela ekubeni sempilweni komnye.
Ngokuphandle ke nidiza elubala umba wokuthembakala nokukwazi ukuthembela komnye ekubeni akasoze angcolise ubomi bakho kolo thando.

Oku akuthethi noko ukuba amaqabane la acetyiswa ze afumane noncedo kunye. Kwelinye icala, kubalulekile ukuba abantu aba bacetyiswe ze bafumane noncedo ngokwahlukeneyo phambi kokuba ukuze kube nokukwazi ukufikelelwa kumba womngcipheko weqabane ngalinye kula. Le ncoko ke iba yimfihlelo ngokupheleleyo. Neziphumo zomntu ekuthe kanti uphila nentsholongwane kaGawulayo ke zikwanikezelwa kumntu lowo wazo ekhusini ukuze abe nokufikelela ngokwakhe kwizigqibo Okuba uza kumelana njani na nalu lwazi andula ukulufumana. E-ATTIC, abantu banikwa ithuba xa belifuna, lokuncokola ngezi ziphumo zabo phambi kwabacebisi babo. Oku kuyasinceda esi sibini ukuba sincokole ze size namacebo okuthintela ukosuleleka nokuqwalasela eminye imiba ebalulekileyo efana nokuthembana kwilixa elizayo.

Ngamanye amaxesha iba liqabane elinye elifumaniseka liphila nale ntsholongwane. Iimeko ezinjalo ke ke zithatyathwa njengeemeko ezingangqinelayo ngokwesimo sanetsholongwane kaGawulayo. Kwiimeko ezinjalo kuye kuphinda-phindwe ukwenziwa iimvavanyo zesi sifo ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba ngenene eli qabane lifumaniseke lingenayo le ntsholongwane lihlala linjalo kusini na, kuba kaloku kusenokuba lisekwixesha apho esi singabonakaliyo noko sikho emzimbeni. Kuyanceda ke ukuba la maqabane asoloko enikwa iingcebiso nenkxaso ngeli xesha leentandabuzo. Ngokucacileyo ke, xa omabini la maqabane efumaniseka ephila nentsholongwane kaGawulayo, zikwaluncedo nalapho iingcebiso nokunikezelwa kwenkxaso eqhubekekayo ekubancediseni bakwazi ukumelana nemeko abazifumana bekuyo.

Ziluthotho ke iimeko apho kunokumnceda umntu ukuba aziyele kuvavanyo lwale ntsholongwane. Ezi meko ke zisukela kwiimeko zothando apho kukho ukungathembakali kwelinye iqabane kwelinye, unxibelelwano olufileyo kwakunye/okanye nobukho bamathuba empatho-mbi okanye obundlobongela. Kakade kukwakho nemeko apho uthando lwandula ukuphela, kodwa ke kufuneka ikhumbuleke neyokuba kunyanzelekile ukuba kulindwe iinyanga zibe ntathu emva kokuphela kwethuba lokugqibela lokwabelana ngesondo ngaphambi kokuya kuvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo.

Enye into entle ke ukuba omabini amaqabane aya ngaxesha-nye kuvavanyo lwale ntsholongwane yaye iqabane ngalinye kuwo belingenaye omnye umntu elincuma naye/elabelana naye ngesondo ubuncinci isithuba seenyanga ezintathu le ngxaki yokufuneka ulinde ixesha iinyanga ezintathu ukuze kube nokufumaneka iziphumo ezinyanisekileyo nezigqibeleleyo ayibikho ukuba bobabini bafumaniseka bengenayo le ntsholongwane.

iATICC inikezela ngeenkonzo zokuya kufumana uvavanyo neengcebiso kumaqabane, nkonzo ezo zinikezelwa ngumcebisi onamava kwicandelo lentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





