






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > D &gt Imbeko Ezikolweni

Imbeko Ezikolweni



2003

Abalawulu Bemfundo Esebenzayo (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





Ngokucacileyo, imbeko iyimfuneko ukuze isikolo sisebenze kakuhle. Intswela-mbeko ayiphazamisi nje kuphela ukufundisa nokufunda koko ikwabeka nabafundi nootitshala emngciphekweni.


* Imigaqo Elawula Indlela Yokuziphatha
* Ukohlwaya Ngokubetha Nezinye Iindlela Zokohlwaya
* Ukunqunyanyiswa Nokugxothwa



IMIGAQO ELAWULA INDLELA YOKUZIPHATHA


Iqumrhu lolawulo lwesikolo ngalinye kufuneka lihlangane nootitshala, abazali nabafundi ukuze kuyilwe imigaqo elawula indlela yokuziphatha kwabafundi.

Le migaqo ilawula indlela yokuziphatha kufuneka iquke:
* iintlobo zokungaziphathi kakuhle eziya kohlwayelwa.
* iintlobo zezohlwayo eziya kunikezelwa ngeendlela ezahlukeneyo zokungaziphathi kakuhle.
* inkqubo eya kulandelwa sisikolo ekohlwayeni umfundi.
* iinkqubo zezikhalazo ezisuka kubazali nakubafundi ukuba bafuna ukufaka isikhalazo ngomnye wabafundi okanye ngesikolo.


Isikhokelo sokwenza imigaqo elawula indlela yokuziphatha iqulethwe kuxwebhu olusihloko sithi Ezinye Iindlela Zokohlwaya Ngaphandle Kokubetha


UKOHLWAYA NGOKUBETHA NEZINYE IINDLELA ZOKOHLWAYA EZINGEKUKO UKUBETHA


Ukohlwaya ngokubetha, umzekelo: ukubetha ngoswazi, kwapheliswa ezikolweni, yaye nabani na ofunyaniswe esakwenza oku uya kubekwa ityala lokuhlasela.

Ukuncedana nootitshala ngokubavezela ezinye iindlela zokohlwaya abantwana, iSebe Lesizwe Lezemfundo likhuphe uxwebhu olungokuveza Ezinye Iindlela Zokohlwaya Ngaphandle Kokubetha.

Abazali abafumanisa ukuba kusabethwa kwisikolo esithile kufuneka bahlangane nenqununu ze emva koko bahlangane noMphathi waloo Ngingqi Kwezemfundo, ekunokuqhagamshelwana naye ngokuthi kusetyenziswe eyona EMDC ikufutshane. Abafundi abafuna ukufaka ingxelo ngokohlwaywa ngokubethwa bengathanga bazixela amagama abo bangaqhagamshelana neziko elamkela iminxeba lezikolo ezikhuselekileyo kule nombolo yalo ingahlawulelwayo:0800 45 46 47.


UKUNQUNYANYISWA NOKUGXOTHWA


Imimiselo elawula amatyala amakhulu okungaziphathi kakuhle ithiwe thaca kwiNcwadi Yemithetho kaRhulumente wePhondo iExtraordinary 5190 eyaqala ukusebenza ngomhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yeDwarha ngonyaka ka-1997. Le mimiselo ikhankanya iintlobo zokungaziphathi kakuhle ezichazwa njengenkulu (ukufunyanwa okanye ukusetyenziswa kotywala neziyobisi, ukuhlasela, ubusela, ukuziphatha ngokungenazintloni, ukungazimasi isikolo kwakunye nendlela yokuziphatha ehlaza isikolo eso). Uluhlu lweendlela zokungaziphathi kakuhle lunikezelwe kuxwebhu olweza neSebe Lezemfundo elithi Ezinye Iindlela Zokohlwaya Ngaphandle Kokubetha.

Iqumrhu elilawula isikolo lingamnqumamisa umfundi ixesha eliya kuma kwiveki ngomkhwa ombi kakhulu wokungaziphathi kakuhle. Oku kunokwenzeka kuphela emva kokuchotshelwa kumanyelwe eli tyala ngokwemigaqo yemimiselo, oko ke kukuthi abazali nomfundi lowo kufuneka baxelelwe ukuba ityala eli liya kuchotshelwa nini futhi phi na, banikwe iinkcukacha ezigcweleyo ngetyala/ngamatyala abekwa wona umfundi, banikwe ithuba lokuzithethela, futhi banakho nokufumana umntu onokubamela, mhlawumbi igqwetha.

Ukuba iqumrhu elilawula isikolo eso lifumanise ukuba ityala eli likhulu ngokwaneleyo, linokudlulisela kwiNtloko yePhondo kwiSebe lezeMfundo iziphakamiso zokuba amgxothe umfundi lowo. INtloko Yezemfundo le kufuneka ithabathe isigqibo ngale nyewe kwiintsuku nje ezilishumi elinesine, ngelo xesha ke umfundi lo uya kube engavunyelwa ukuba azimase izifundo kwisikolo eso.

Ukuba umfundi uthe wagxothwa, yena (kunye okanye abazali bakhe) bangafaka isibheno kumphathiswa wePhondo Kwezemfundo.

Ukuba umfundi othe wagxothwa ukwiminyaka yobudala apho asanyenzeleke ukuba abe usesesikolweni, iNtloko Yezemfundo kufuneka yenze amalungiselelo okumfaka kwesinye isikolo sikarhulumente.





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Alternatives to Corporal Punishment (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 260 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Iziko Elitsalelwa Iminxeba Lezikolo Ezikhuselekileyo (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uNovemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





