






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > B &gt Qhuba Ngendlela - Yonga Amafutha - Yonga Imali

Qhuba Ngendlela - Yonga Amafutha - Yonga Imali





Isebe Lezimbiwa Namandla (The Government of South Africa)



ISISHWANKATHELO

Uninzi lwabaqhubi luqhuba izithuthi ezineenjini ezingekho mgangathweni, nto leyo ethetha ukuba imali ithi ivuthelelwe ngaphandle ngale mibhobho iphuma umoya omdaka wesithuthi! ISebe Lezimbiwa Namandla licebisa abasebenzisi bamafutha ukuba balandele la macebiso okusetyenziswa kwamafutha nendlela esemgangathweni yokuqhuba ukuze kongiwe ilitha nganye yamafutha esithuthi.






* Zivale iifesitile zenqwelo-mafutha xa uqhuba, kuba kaloku ifestile evulekileyo idala umoya obangela ukuba kusebenziseke amafutha ongezelelwe ngamashumi amabini ekhulwini kunesiqhelo. Kumntu ochitha ikhulu leerandi ngeveki kumafutha esithuthi, ukonga amashumi amabini ekhulwini kungathetha ukuba uya konga ama-R20 ngeveki, mali leyo inokuphinda-phindana iye kufikelela kuma-R80 ngenyanga. Leyo ke yimali umntu abenokuyihlawula kwityala lendlu yakhe okanye ibe yimali egcinelwa amaxesha obunzima.


* Sebenzisa ioli elungelelana neentlobo ezinininzi zezithuthi kuba yona inciphisa oku kusebenziseka kwamafutha amaninzi.


* Lolonga inqwelo-mafutha yakho uqinisekise ukuba isoloko isemgangathweni rhoqo.


* Sebenzisa incwadi oza kugcina kuyo onke amaxesha othenge ngawo amafutha enqwelo-mafutha yakho kwakunye nemigama osele uyihambile ukuze ube nokuzibekela amanqaku amatsha oqoqosho ukuze ube nokuwubona nomahluko ekusebenzieni kwezithuthi sakho ngenxa yokungasebenzi kwezixhoobo ezithile zaso.


* Ukuba unakho seka amaqela okuthuthana nezihlobo.


* Tshintshela kumatayala abizwa ngokuba zii-radial ply kuba kaloku wona axhathisa kancinci xa ejikeleza futhi ahlala ixesha elide kunala kuthiwa zii-cross ply.


* Kubaleke ukuqhuba ngamavili aonomoya osezantsi kuba kaloku umoya wamavili ophantsi kakhulu awandisi nje kuphela ukusebenza kwamavili, kodwa ke ukwanciphisa kakhulu ubomi bamatayala lawo.


* Zinqande ekuqhubeni umana ukumisa okokoko.


* Xa usenyusa isantya, kwenze kancinci oko.


* Musa ukuqhuba ngesantya esiphezulu. Okona usenyusa isantya kukokona usebenzisa amafutha amaninzi.






This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Amacebo Okonga Umbane (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 6 uJuni 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





