

Ukuxela umntu olahlekileyo

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo yenzelwe ukuba uluntu lukwazi ukuxela umntu olahlekileyo. Ungamxela umntu olahlekileyo kwangoko wakube ukrokrela ukuba kukho into embi eyenzekileyo kulo mntu.

Akukho xesha limisiweyo lokulinda phambi kokuba umxele umntu olahlekileyo. Ukubanga ipolisa likuxelela ngenye indlela, thetha nelinye igosa elingentla ngesikhundla kweli uthetha nalo,uqhubeka wenze njalo ude ufumane uncedo oluyimfuneko. Ukuze ufumane inkcazelo ngabantwana abalahlekileyo, yiya kwiZiko lase Mzantsi Afrika laBantwana abalahlekileyo .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Ukubangaba ukrokrela ukuba umntu ulahlekile, zama ukunxulumana naye kuqala.

Ukubangaba awude unxulumane naye, yiya kwamsinyane kuso nasiphina isikhululo samapolisa okanye inkonzo yeeklayenti.

Nika inkcazelo esisiseko ngalo mntu, kulicebo elihle ukukhupha ifoto esandul'ukufotwa.

Gcwalisa ifom ekuthiwa yi-SAPS 55  kwaye utyikitye  ifom yokukhupha amapolisa etyaleni ekhusela iNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika ekuthiwa yi-South African Police Services  kwiingxelo "zemfeketho okanye into engeyonyani".

Ukubangaba umntu olahlekileyo ufunyenwe, yiya kwesa sikhululo samapolisa bekuxelwe kuso ukulahleka kwalo mntu, wazise ipolisa okanye igosa eliphanda ngale nyewe.

Gcwalisa ifom ekuthiwa yi-SAPS 92 ukuze kucinywe inkqubo yokusasazwa nokupapashwa kokulahleka kwalo mntu.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Police Service Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ungamxela umntu olahlekileyo kuso nasiphina isikhululo samapolisa, akuyomfuneko ukuba ude uye kummandla apho lo mntu akrokreleka ukuba ulahlekele kuwo.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Reporting a person missing ,SAPS 55 A 
Cancellation on circulation system at the Missing persons bureau, SAPS 92 Ukucinywa kwenkqubo yokusasazwa nokupapashwa kokulahleka komntu kwiziko labantu aBalahlekiley0)

Entla

Iinkcukacha zonxulumano

National Missing Persons Bureaux 

Head office 012-393 2002
Gauteng /Limpopo/North West 011-607 6316
Western Cape 021-918 3452
Free State / Northern Cape 051-503 2862
Eastern Cape 041-394 6640
Kwa-Zulu Natal 031-325 4757
Mpumalanga 013-249 1138

iMpuma-Koloni
iFreyistati
Gauteng
KwaZulu-Natal
Limpopo
Mpumalanga
uMntla-Ntshona
uMntla-Koloni
iNtshona-Koloni


