XHOSA.1570.teens
Zalisekisa
AMAPHUPHA
akho
NJENGOKUBA sekumbovu kuphel' unyaka, lixesha lokuba sijonge esikufezekisileyo kunyak' ophelayo. Kaloku kuthiwa maxa wambi kufuneka ubuy' umva kancinane ukuze ufuman' amandla okuya phambili.
Abanye benu mlisela nomthinjana wakowethu basenokuba bagqib' unyaka wokuqala esikolweni samabang' aphakamileyo, ukanti abanye basajongene naloo nyaka ngokuya bekhula.
Abanye baza kothuka emva kokubhal' iimviwo zematriki okanye ezaseyunivesithi. Abanye bangazibona besashiyekelwe yiminyak' emininzi ngaphambi kokuba bagqib' ukufunda.
Akukhathaliseki ukuba ukweliphi ibanga lemfundo nokuba uneminyaka emingaphi. Nokuba iyintoni injongo yakho ngobomi okwangoku.
Mhlawumbi okwangoku usafuna ukuqhuba kakuhle esikolweni. Mhlawumbi ufuna ukuba sisinhanha, okanye ufun' ukutshata ubenabantwana. Kungenzeka nokuba unqwenel' ukudlalel' iBafana Bafana okanye ukuba yimvumi ephambili. Nokuba umnqweno wakho mkhulu okanye mncinane, inye indlela yokuwufezekisa. Umdlali webhola ophambili nomlinganisi kwimidlalo yeTV, isinhanha nomfundi okrele-krele - bonke bafikelela ngendlela enye kumanqanaba abakuwo. Bonke basebenzise into enye esiyaziyo sonke. Naku ofanele ukwenze...
Cinga ngeminqweno nangeenjongo zakho zobomi, uze uzibhale phantsi.
Oku ungakubona kuyinto elula, kodwa bangaphi abantu abayenzayo? Kubalulekile ukuzibhala phantsi iinjongo kuba ukubhala luphawu lokuqala lwendlela yakho esinge ekuzizalisekiseni.
Ukuyibhala iminqweno yakho kwenza ibonakale iyinyaniso yaye ingafezeka lula. Linga ukubone oko.
Ziphikise wena, kaloku bakhona abantu abaza kukuphikisa.
Ebomini uza kudibana nabantu abazama ukukudodobalisa, abanye bakwenza intlekisa nangokuba neenjongo ozibhalileyo. Ungazithambeli. Ingaba ezi zezona zinto uzifunayo? Okanye ingaba ezinye uzifake kuba ufun' ukuzibonakalisa kwabanye?
Ingaba ngenene ufun' ukuba ligqwetha - okanye ugqirha - okanye ububukela iinkqubo ezininzi zeTV?
Ingaba ufun' ukunciphisa umzimba wakho kuba uthanda - okanye kuba umfana oncuma naye ekugrogrise ngokukushiya?
Uya kuba ufeketha ngexesha lakho xa ungazibekeli izinto ofuna ukuzifezekisa "ukuze uzivuselele yaye ubenomdla wokuzenza ezo zinto."
Yitsho into oyifunayo.
Ukuthi: ndifun' ukunciphisa umzimba wam okanye ukuthi ndifun' ukuba sisinhanha ayizonjongo. Yiminqweno leyo. Iminqweno ibaziinjongo xa unesicwangciso sokuyifezekisa. Endaweni yokuthi ndifuna ukunciphis' umzimba wam, yithi ndiya kuba ndiwunciphise nge-10kg umzimba wam ngomhla woku-1 kuFebruwari ka-2009. Leyo yinjongo oyibekele ixesha lokuyifezekisa.
Okulandelayo, bhal' izinto ekufuneka uzenze ukuze ufezekise injongo yakho.
Yenza kubelula.
Uya kuqaphela ukuba uneenjongo ezahlukeneyo - uza kuba neenjongo zexesha elide nezexesh' elifutshane eziza kukunceda ufikelele kwezexesh' elide.
Ukufezekisa iinjongo zakho kufuna uzingise kwaye usebenze nzima, kodwa ungenza kubelula ngokuzibekela iinjongo ezilula zexesh' elifutshane.
"Xa unenjongo enkulu kuyenzeka uzibone ungenzi nkqubela kuyo, kwaye kungalula ukuphelelwa lithemba kuyo," itsho enye ingcali yezengqondo.
Kaloku awunako ukunyuka kwileli enamanqwanqwa ambalwa. Xa amanqwanqwa esondelelene ufika ngokukhawuleza phezulu!
Iinjongo zanamhlanje zithabathe kwezexesh' elide.
Zibekele ofuna ukukufezekisa kuqala.
Wakuzibhala iinjongo zakho, zibekele ofuna ukuzifezekisa kuqala. Oko kuya kukwenza ungaziboni uxakwe kukuba neenjongo ezininzi, kwaye kuya kukunceda uzame ukufezekisa ezona uzibona zibaluleke kakhulu.
Zivavanye.
Kufuneka usoloko uyijonga inkqubela yakho ekufezekiseni iinjongo zakho. Xa woyisakele ungancami. Zibekele eliny' ixesha uze usebenze nzima. Ungade ucinge nangokuzohlwaya ngokuyibukela iiyure ezimbalwa iTV uze uchith' ixesh' elininzi ekuzameni ukuphumeza iinjongo zakho.
Khumbula ukuba ukoyiswa yinto akuthethi kuthi ungungantweni.
Yivumele inguqu.
Iinjongo zakho ziza kuguquka ngokuhamba kwexesha. Zilungelelanise rhoqo ukuze zibonakalise ukukhula kolwazi namava akho. Zilahle ozibona zingasenamdla.
Zibekele okunokufezekiseka.
Iinjongo zakho mazibe zezinokufezekiseka neendlela ezinokwenzeka zokuzifezekisa.
Uthetha ukuthini uFat Charlie?
Xa ungakwazi ukudlal' ibhola awunakuba nenjongo yokuba ngumdlali webhola ophambili.
Ukuzibekela indlela yokufezekisa iinjongo zakho kubalulekile kwaye ufanele uyisebenzise! [x]
UNGOYIKI UKUBA NAMAPHUPHA!
Kufuneka uqale uyiphumeze engqondwei injongo yakho kuba yeyona inamandla. Ukusoloko uzibona uphumelele kuko okukukhuthazayo. Uya kuziva njani wakuyifezekisa injongo yakho? Uya kuthini? Ingaguqula ntoni? Ungoyiki ukuba namaphupha...
BONA XHOSA November 2008
UFAT CHARLIE
Ukuzibekel' iinjongo yindlela ebalulekileyo yokugqiba ofun' ukukufezekisa ebomini. Oko kuyakukhuthaza yaye kukwenze uzithembe...
"Thabath' inyathelo libe linye ngemini lokufezekisa injongo enye ebuncinaneni"
BONA XHOSA November 2008
UNGALIBALI...
Zibekele isantya sokufezekisa iinjongo zakho. Ngamany' amazwi zibekele iinjongo onako ukuzilawula. Ayikho into etyhafisa njengokoyiswa yinjongo ngenxa yesizathu esingaphezulu kwamandla akho. Umzekelo, emidlalweni ezo zinto zingaquka ukungenzi izigqibo ezifanelekileyo, imozulu embi, ukwenzakala, okanye ukungabi nathamsanqa. Ukuba uzibekele iinjongo ngokwendlela oqhuba ngayo, ungakulawula ukufezekisa ezo njongo uze uzive wanelisekile yiloo nto.
