






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > K > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?

Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?



Umbuzo: Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?

Impendulo: Ewe, kuyenzeka ukuba wosuleleke yintsholongwane kaGawulayo xa usabelana ngesondo usebenzisa nomlomo. Ngokomngcipheko, ngokwaziwa kwawo, akukabikho luphando lwenziweyo ukuza nawona manqanaba achanekileyo okosuleleka yintsholongwane kaGawulayo xa usebenzisa umlomo. Ezinye izimvo zithi ukwabelana ngesondo kusetyenziswa nomlomo kuza nomngcipheko osezantsi ukuya kokwinqanaba eliphakathi, ze kubekho nezo ke zithi kuza nomngcipheko okwinqanaba eliphakathi ukuya kweliphakamileyo.

Kufuneka kukhunjulwe ke ukuba kungenxa yokuhlangana neencindi ezibeka emngciphekweni okwinqanaba eliphezulu zomntu ophila nentsholongwane kaGawulayo kwanokuthi ezi ncindi zomzimba zingene emzimbeni womntu othile, loo mntu naye unokosuleleka yintsholongwane kaGawulayo.

Inwebu yangaphakathi iqala emlomyeni ze yambathise onke amalungu ethu omzimba angaphakathi. Umntu angathi osuleleke xa le nwebu yangaphakathi inokuthi yonzakale. Ukuba uqweqwe lwale nwebu yangaphakathi luhlangene, oko ke kukuthi alonakelanga, intsholongwane kaGawulayo ayinakungena. Olu qweqwe luthambe kakhulu futhi lungonakaliswa ngokukhawuleza. Umzekelo ophilayo wendlela ethambe ngayo le nwebu nantsi: ukuba umntu ebenokuth agcwalise umlomo wakhe ngekofu eshushu kakhulu, inwebu esemlonyeni ibiya kukrazuka, ithambe, ze itshe. Oku konzakala kungayindlela yokungena keintsholongweane kaGawulayo iye egazini, futhi ukuba umntu othile ebenokuthi azibandakanye ekwabelaneni ngesondo ngendlela engakhuselekanga esebenzisa nomlomo, ekwenza oku neqabane eliphila nale ntsholongwane, ngokungathandabuzekiyo, lowo ebeye kosuleleka.

Kuyinyaniso eyaziwayo ukuba ubuncinci bangamashumi amathandathu anesibhozo eepesenti abantu kulo naliphi na ilizwe abazibandakanya nokwabelana ngesondo besebenzisa imilomo yabo ngaoo ndlela yabo. Izifo zemilomo, ezifana nokubola kwamazinyo, izilonda zomlomo, ukutyabuka kweentsini, njalo-njalo zidala ukonzakala kwale nwebu isemlonyeni. Ngoko ke, nabani na oyonakalisileyo inwebu eselmlonyeni wakhe angaba semngciphekweni wokosuleleka yintsholonwane kaGawulayo, ukuba ebenokuthi azifumane ehlangana neencindi ezinomngcipheko ophakamileyo zomntu ophila nale ntsholongwane ngexesha lokwabelana ngesondo kusetyenziswa nemilomo.

Ngokweenjongo zokwabelana ngesondo kusetyenziswa nemilomo, iincindi ezibeka umntu emngciphekweni omkhulu zezi: Igazi, incindi kabhuti kwakunye neencindi eziphuma kusisi.

IGAZI: Ngenxa yokuba okunye ukonzakala kwamalebe omntu asoloko engabonakali ngeliso lenyama (uksikeka okungephi kwakunye nezilonda) akukho lula ukuba asoloko esazi ukuba amalebe eqabane lakhe abelana nalo ngesondo asempilweni na. Ngoko ke umntu angathi kanti ungenisa izixa ezincinci zegazi emlonyeni wakhe yena engakuqwalaselanga oko.

Ukuba elinye iqabane linesifo esingumvuka wokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga emalebeni apho kuphuma incindi okanye kukho isilonda, umntu angazifumana engenwa ligazi, ubovu, njalo-njalo, ezinokuba kanti ziqulethe intsholongwane kaGawulayo. Nezinye izifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo zingadluliselwa kwelinye iqabane ngomlomo ngale ndlela, umzekeo: Izilonda zomlomo, igcushuwa okanye intsumpa. Izilonda zomlomo ezibangwa ngumkhuhlane nazo zingadluliselwa kumalebe elinye iqabane ngexesha besabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga.

INCINDI KABHUTI: Kuba intsholongwane kaGawulayo ifumaneka kwincindi yendoda ephila nale ntsholongwane, ukuba loo ndoda ibinokuthi ichithele emlonyeni weqabane layo, intsholongwane kaGawulayo equlethwe yile ncindi yale ndoda ingosulela elinye iqabane.

INCINDI KASISI: Intsholongwane kaGawulayo yaziwa njengefumaneka futhi ihlale kwiincindi zikasisi, ngoko ke, ukuba umntu ebenokuthi azibandakanye nokwabelana ngesondo esebenzisa umlomo wakhe futhi kukho ukonzakala elulwimini okanye kuloo mlomo wakhe (imilebe eqhekekileyo umzekelo), intsholongwane kaGawulayo ekwincindi kasisi ingadluliseleka ngale ndawo umlomo wonzakele kuyo, emilebeni okanye elulwimini lweqabane elisebenzisa umlomo walo kumntu wasetyhini ophila nale ntsholongwane.

Kwiingcebiso esizinikezelayo safumanisa ukuba inani labantu ababelana ngesondo besebenzisa imilomo yabo liyanda.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





