﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > K > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?

Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?



Umbuzo: Ndifuna ukuya kuzivavanyela uGawulayo kodwa ke ndixelelwe ukuba kufuneka ndifumane iingcebiso noncedo lokumelana neziphumo zovavanyo phambi kwayo yonke loo nto. Ingaba kuyimfuneko oku?

Impendulo: Umthetho awukuvumeli ukuvavanyelwa intsholongwane kaGawulayo de ube waziswe ngokupheleleyo ngaphambi kolu vavanyo. Injongo yezi ngcebiso kukukunika ulwazi oluchanekileyo ukuze ube nokufikelela kwizigqibp zokuba ukulungele na ukuvavanywa kwakunye neziphumo zolo vavanyo. Oku kukuvumela ukuba unikezele "ngemvume oyinikezele usazi."

Ukunikwa iingcebiso ngaphambi kovavanyo nako kuyimfuneko ukuze uqinisekise ukuba ixesha lolu vavanyo likulungele ukuze ube kuqinisekiswe ukuba ufumana impendulo ethembakeleyo.

Ukuba uvavanto lwenziwe ngokukhawuleza kakhulu ngaphambi kokuba kwenziwe uvavanyo lomngcipheko, uvavanyo olu lungangakuniki ziphumo zichanekileyo. Umzekelo, ukuba ubukhe wazibandakanya ekwabelaneni ngesondo ngendlela engakhuselekanga kwiiveki ezilishumi elinesithathu ezidlulileyo ze wosuleleka yintsholongwane kaGawulayo kwelinye laloo matyeli, ukuzivavanyo ngeli xesha kuya kube akuyomfuneko, futhi nempendulo oyifumanayo mhlawumbi ingangachaneki xa isithi uyifumene le ntasholongwane. Oku kwaziwa njengokuba Ukwixesha Lokuzikhangela".

Injongo yolu vavanyo kukufumanisa ukuba "izibulali-zintlungu" ezilwa nentsholongwane kaGawulayo zikho na egazini. Ukuba umziba wakho sele ukhuphe iiseli (ezaziwa njengezibulali-zintlungu) ukulwa nale ntsholongwane, oku ke kuthetha ukuba le ntsholongwane sele ingenile emzimbeni wakho. Kodwa ke, kuthatha ukuya kwishumi elinesithathu leeveki ukusuka kusuku lokosuleleka ukuze ezi zibulali-zintlungu zibe nokubonakala, ngoko ke kuyimfuneko ukuliliindela eli xesha de ligqithe ukuze uqinisekise ukuba isiphumo solo vavanyo sichanekile.

Ukuze ube nokwazi xa ubukhe wasemngciphekweni, udinga ukwazi okokuqala ukuba zeziphi na iindlela onokosuleleka ngazo nokuba ngawaphi na amanqanaba okuba semngciphekweni. Umzekelo, abanye abantu bacinga ukuba ukuphuzana ngokungadibanisi mathe kubeka emngciphekweni, noxa kungenjalo. Ngokucacisa iintshukumo ezibeka emngciphekweni nezingabeki mngciphekweni sikunika amandla okulazi ixesha owagqibela ngalo ukuba semngciphekweni nokuba bungakanani na ubuzaza bomngcipheko okuwo. Kwezinye iimeko kuye kucace ukuba mhlawumbi akuyo mfuneko ukuya kuvavanywa. Kwezinye iimeko uvavanyo kufuneka lulityazisiwe umzekelo, ukuba usekwixesha lokulinda.

Iingccebiso ziyakuqukaukuncokolangokwabelana ngesondo nokuziphathakwakho kwisondokodwake abantu abacebisayo basoloko beyinikelakuwe indaba yokuba uziva ukhululeke kangakanani na ukubaungancokolanab ngawe, kukho nengcinga yokuba injongo yoku kukukunika isiphumo onokusithemba. Sikwanikezela ngenkonzo yeengcebiso ukunikezela ngolwazi ngeendlela zokuthintela ezisebenzayo. Iimvavanyo ezi ngokwazo zithembakele kakhulu. Kodwa ke kunjalo, kubalulekile ukuba zenziwe ngexesha elichanekileyo, ze ubukhulu becala apho buxhomekeke ekubeni ulwazi olunikezelayo ngexesha kwanesimo somncipheko okuwo sichaneke. Ukugcina kungasengela phantsi kuphela ukuthembakala kolu vavanyo.

Ukuba sele uphumile kwixesha lokulinda futhi iziphumo zakho zithi akunayo intsholongwane kaGawulayo, eso siphumo sichanekile futhi akunayo intsholongwane kaGawulayo. Kodwa ke, ukuba uvavanyo luthi wosulelekile yintsholongwane kaGawulayo, kuya kufuneka kwenziwe olunye uvavanyo oluqinisekisa oko ukuze kususwe nayiphi na impazamo ekunokuthi kanti yenzekile, noxa ke amava ethu ukuza kuthi ga ngoku esithi uvavanyo lwesibini luqinisekisa olokuqala. Ukufumana iziphumo ezithi uphila nentsholongwane kaGawulayo akuthethi ukuba unoGawulayo kodwa kuyayitsho inyaniso yokuba ungabosulela abanye. Ngokucacileyo, kuya kuvela mininzi imiba eya kuvela xa unokuthi ufumane iziphumo ezithi uphila nale ntsholongwane. Kwa-ATTIC, sininikezela ngeemvavanyo de zibe ntandathu emva kovavanyo l9okuqala ukuxhasa abo bathi bafunyaniswe bephila nale ntsholongwane kunye namaqabane abo. Ezi mvavanyo zenziwa ziingcali zempilo yengqondo ezibhalisiweyo ezinamava angawo kweli candelo. Akukho ntlawulo yaye zonke iingcebiso neentuthuzelo zenziwa ngeyona mfihlelo iluqilima.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





