xhosa.156.yourceleb_mytownship
INGOMA
YASEKASI
IBONA ilandela umkhondo weengcambu zetalente yomculo kaNhlanhla Nciza ukususela kwilokishi yaseKagiso eNtshona Randi, apho wakhulela khona
USEGAZINI
Emva kokuchitha imizuzu embalwa endlwini awakhulela kuyo, kubelula ukubona ukuba kutheni umculo waba yinto ebalulekileyo ebomini bukaNhlanhla Nciza esemncinane.
Sithe sifika wabe esisa kwigumbi lakhe alithandayo, igumbi lokuphumla elimbeje-mbeje elizele ziintyantyambo zikayise.
Kweli gumbi kukho i-ogan kwaye uthe xa uNhlanhla esichazela ukuba usapho lwakhe luwuxabisile umculo kwaye uyise wayelilungu leqela lomculo wabe ehlala phambi kwayo eyikhalisa kancinane.
"Le ogan yayikho phantse bonke ubomi bam. Imel' ukuba utata wayithenga ndineminyaka emihlanu.
"Sasihlala siyingqonge silusapho simamele xa eyidlala. Nam ndafunda ukuyidlala kancinci kwaye ndiya ngokuba bhetele," utsho.
Abantakwabo nabo umculo usegazini kubo.
UBongani (25) angabe nje ungumzobi wezakhiwo
(i-archtect), kodwa ukwalilungu leqela lomculo. Kubekho noMusa (21), ongqinayo ukuba umculo wawusoloko ukhona elusatsheni, kwaye uthi uzimisele ukuzakhel' igama njengeprodyusa yomculo wehip-hop.
ABAHLOBO BAKUDALA
Kude kufuphi nakuloNhlanhla likhaya lomhlobo wakhe wasekukhuleni osenyongweni, uFezeka. Babefunda kunye kumabanga aphantsi naphezulu kwaye kudala besazana iminyaka engama-20.
"UFezeka yena wayengakuthandi ukuba semehlweni, kodwa ndandiye ndimnyanzele ukuba angenele ukhuphiswano lweetalente kunye nam kwaye sobabini sasicula ekwayaleni kwisikolo samabanga aphantsi," utsho uNhlanhla.
Iminyaka emininzi esi situphu bahleli kuso ngoku kwakuyindawo yabo yokumamela umculo neebrayi.
Bathe xa bethetha bekhwaza behleka kwacaca ukuba ngabahlobo bakudala.
"Ngoku sobabini sitshatile. Ndandingumkhaphi kaFezeka naye ngokunjalo kowam. Sinabantwana kwaye abam ndiyabazisa bazodlala," utsho uNhlanhla.
Sikhawuleze sabuza uFezeka ukuba asixelele into ehlekisayo neyenza iintloni ngoNhlanhla esengumntwana naye wakhawuleza ukuphendula: "Wayengelo nono ncam!"
U-ANTI AMTHANDAYO
Ngexesha sisengaphandle, uNhlanhla ubone u-anti wakhe uManana esangweni. "Ndinethamsanqa namhlanje," utshilo xa u-anti wakhe engena eyadini.
UNhlanhla ubeseleke wasibonisa ifoto yakhe esemncinane efote no-anti wakhe kwiklasi yomdaniso.
"Nali ke eliya nenekazi lisefotweni.Wayehlala ekhaya ndisemncinci kwaye sasidanisa sobabini. Sisoloko sikunye," utshilo ngexesha embulisa bencamisana.
ICAWE YAYIMNANDI
Icawe yamaWesile kufutshane neThembile Primary yenye indawo apho italente kaNhlanhla yaqala ukukhula. "Ndandicula kwikwayala yecawe iminyaka emithathu, kwaye ndandisiya eprekthizini kathathu ngeveki emva kwesikolo."
Noxa engazange abengumhlabeli okanye acule yedwa kodwa uyabona ukuba oko kwalungisa ilizwi lakhe wakwazi nokufunda umculo obhaliweyo.
"Ndandiyonwabela inkonzo. Ndandikuthanda nokunxiba iilokhwe ezineefrili neekawusi!"
SIBUYELE ESIKOLWENI
IThembile Primary School yenye indawo eyakhuthaza uNhlanhla ukuba awuthande umculo.
Owayesakuba ngumculisi wekwayala uNksk. Thabatha (osekunene ngasentla) ukuvuyele ukubona uNhlanhla esesikolweni.
Uthi noxa uNhlanhla wayekhuthele emculweni wayengacingi ukuba angaduma ngenxa yawo.
"Wayeneentloni kwaye kusoloko kundimangaza ukumbona ecula."
UNksk. Thabatha usise kwi-ofisi yenqununu sabona iindebe ezininzi ezaphunyelelwa nguNhlanhla nekwayala yesikolo.
Sifike noNksk. Simons ekhona. Wayengomnye weetitshala zikaNhlanha. Ukonwabele ukumbona baze banikana iinombolo zeselfowuni "bancokola nangezakudala". [x]
Umbhali: Ntokozo Maseko
Umfoti: Shaun Smith
INDUMASI NEKASI LAYO
UNGAYILIBALI IFASHONI!
UNhlanhla ngoku uneleyibheli yakhe yempahla, i-NN Vintage, kwaye uthando lwakhe lwefashoni kubonakala ngathi kudala lwaqala.
Iihambo zakhe nonina kwakuyiyona nto iphambili kuye kuba wayesazi uza kuthengelwa izihlangu nempahla.
Umama kaNhlanhla, u-Elize Mafu, ungumphathi kwivenkile yeemphahla apho uNhlanhla wasebenza khona naye emva kwebanga leshumi.
Ngokutsho kwakhe, ukuya edolophini noNhlanhla omncinane kwakuluyolo!
"Wayeziphatha kakuhle kwaye evuyela kwanto ayifumeneyo.
"Wayezithanda iimpahla esoloko ezibuka esipilini."
