xhosa.1364.sangomas
Amagqirha ayazilungiselela
Eli ziko lizimisele ukufundisa abathandi bebhola bamazwe ngamazwe abasuka kwihlabathi jikelele amayeza amangalisayo ase-Afrika - lize ngale ndlela lenze nemadlana...
ABANTU BETHU
NJENGOKO u-2010 esemnyango, abemi beli abaninzi bangena kwishishini lezokhenketho. Iindawo zokuhlalisa abahambi nezibonisa ngenkcubeko ziyakhiwa kwindawo zonke. Ngoku namagqirha angenile kweli shishini.
IPhaphamani Vanghoma Heritage And Tourism Centre kwilali yaseMuhlava kufutshane neTzaneen eLimpopo elawulwa nephethwe ngamagqirha sele iyimpumelelo, itsala abakhenkethi abasuka eJamani, eBrithani, eFrance nase-United States.
"Siphuhlisa amayeza esintu abe ziimveliso ezinomtsalane ezithengisekayo," utsho umphathi wale projekthi u-Eddy Nhlangwini.
UNhlangwini wathwasa ngo-1991 kwaye ngoku nguye ophethe umbutho wamagqirha iGreater Tzaneen Traditional Healers Association, enamalungu angama-500 nekuyeyawo le projekthi.
Uthi isigqibo sokuvula iprojekthi yezokhenketho sithathwe kunyaka ophelileyo.
"Besifuna indlela yokwenzela lo mbutho imali size senze nendawo apho abantu beza kufunda ngamayeza.
"Sithi amagqirha makayeke ngoku ukusebenzela ebumnyameni nasemva kocango. Abantu mabakwazi esikwenzayo.
"Singulo mbutho sichasene namagqirha enza ubugqwirha okanye azibandakanya nokubulala. Ayingomagqirha okwenene lawo.
"Sizibona njengabacebisi nabaphilisi, kwaye amayeza ethu avela kwizinto zendalo nakwizinyanya."
Eli ziko livulwe ngokusesikweni nguMphathiswa wezeNdlela nezoThutho, uJustice Pitso ngoJuni kwaye inayo nemyuziyam, igadi yamayeza, urontabile wokuxilongela negumbi lokuphumla.
UNhlangwini uthi bazimisele ukonwabisa abakhenkethi behlabathi abaza kuza kwiNdebe yeHlabathi ka-2010.
"Siwulungele lo msitho kwaye silindele abatyeleli abaninzi abaza kuza kweli ziko," utshilo ngoncumo.
Lithe xa iqela leBONA lihamba kweli ziko, uNhlangwini wasinika isipho esikhethekileyo - iyeza elimdaka-bumnyama elisongwe ngeplastiki ekhanyayo.
"Yintoni le?" Ndabuza.
"Ngumvusa-nkunzi wesintu," utshilo. [x]
NewsFirst
Ibali nemifanekiso: Neville Maakana
Izixhobo zamagqirha ekuboniswa ngazo emyuziyam.
Abakhenkethi bafunda ngamasiko ase-Afrika.
U-Eddy Nhlangwini wamkela indwendwe kweli ziko.
