﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaphulo > Ingqesho > INkqubo Eyandisiweyo Yemisebenzi Yoluntu

INkqubo Eyandisiweyo Yemisebenzi Yoluntu




INJONGO:

Iinjongo zale Nkqubo kukusebenzisa iimali ezisuka kuhlahlo-mali lukarhulumente nolwamaqumrhu karhulumente ukunciphisa nokwehlisa amazinga entswela-ngqesho ngelixa isandisa amathuba abasebenzi okufumana ingeniso, mhlawumbi ngempangelo okanye ngeentshukumo zokuqala nokuqhuba amashishini.Injongo kukwehlisa amazinga entswela-ngqesho aye kuma kwizinga elisezantsi kwesigidi sabantu (ubuncinci amashumi amathandathu eepesenti zamanina, amashumi amathathu eepesenti zolutsha nesibini seepesenti zabantu abakhubazekileyo) eMzantsi Afrika phakathi ko-2004 no-2009.


ISIQALO:

2004


ISIPHELO:

2009


UMGANGATHO:

Liyaqhubekeka


INKCAZELO:


I-EPWP yabhengezwa nguMongameli Thabo Mbeki kwiNtetho yakhe Yobume Besizwe ngenyanga yoMdumba ngo-20003.

Le nkqubo kazwelonke ibandakanya onke amabakala karhulumente kwakunye namashishini ombuso. Ijolise ekutsaleleni abantu abaninzi abangaphangeliyo ekusebenzeni ngendlela eveza iziqhamo futhi ikwaqulethe noqeqesho oluza kwangeza izakhono namandla okuba nakho ukufumana ingeniso.

I-EPWP ijolise kumacandelo amane:

* izibonelelo zokwakha
* ezoqoqosho
* ezendalo
* nophuhliso loluntu



INKQUBO YEZIBONELELO ZOKWAKHA


Le nkqubo ijolise ekudaleni amathuba engqesho ngokwamaphulo emisebenzi yoluntu akha ngokusebenzisa abantu ngobuninzi babo. Malunga namashumi amathathu anesixhenxe amawaka eekilomitha zemigaqo, amashumi amathathu ananye amawaka eekhilomitha zeendlela zemibhobho, iwaka elinamakhulu amahlanu eekhilomitha zemisele yamanzi ezaqhwithi nekhulu elinamashumi amahlanu eekhilomitha emigaqwana yabahambi ngeenyawo yasezidolophini iya kwakhiwa.

Oku kuya kudala amathuba empangelo angamakhulu asixhenxe anamashumi amahlanu amawaka kusenzelwa abantu abangaphangeliyo kwiingingqi enzeka kuzo la maphulo.(Kuba ixesha eliqhelekileyo lala maphulo lidla ngokuba ziinyanga ezine, oku kuthetha ukuba ngabantu abangamakhulu amabini anamashumi amahlanu amawaka abaqeshwayo ngonyaka.) Bonke abasebenzi abaqeshwe kula maphulo baya kufumana uqeqesho, oluxhaswa ngezimali liSebe Lemicimbi Yabasebenzi.


INKQUBO YEZOQOQOSHO


Inkqubo yokufunda yecandelo lezoqoqosho ijolise ekubandakanyeni amakhulu amathathu abantu abangaphangeliyo kwizifundo zokuvula nokuqhuba amashishini kule minyaka mihlanu izayo. Kuqikelelwa ekubeni ishishini elincinci ngalinye elisekiweyo liya kuqesha abanye abantu abathathu abongeziweyo.

Le nkqubo yezifundo iya kunceda abanini-mashishini abaseneminqweno yokuphuhlisa izakhono namava adingekayo ekusekweni kwamashishini amancinci, aphakathi namakhulu. Abafundi baya kubhaliswa kwiinkqubo yezifundo ezixhaswa ngezimali yiSETA ze zixhaswe ukuseka amashishini amancinci. Izibhambathiso zokufunda ziya kubonelela ngamava asemsebenzini kubafundi. Abafundi baya kuziphumelela izifundo zabo benolwazi lobugcisa oludingekayo ukuze baqhube amashishini abo, ulwazi lokuba liqhutywa njani na ishishini, isiqinisekiso seNQF, amava kwanokusekwa kweenkcukacha zomntu zemali-mboleko.


INKQUBO YEZENDALO


Malunga namakhulu amabini ananye amawaka namakhulu asixhenxe anesithathu samathuba empangelo aya kudalwa ngokweenkqubo ezifana:
* neNkqubo Yokunonotshelwa Komhlaba
* Inyathelo Elihlanganisa Abantu Neepaki
* Inkqubo Yokunonotshelwa Kweengingqi Eziknxweme
* Iphulo Eliphilayo leempilo Zasemhlabeni
* Inkqubo yokucocwa koMzantsi Afrika
* Inkqubo Yokukhuliswa Koqoqosho Lwezotyelelo
* Iphulo Lokusebenzela Amanzi
* Iphulo Leengingqi Ezinamalwandle
* Inkqubo Yomlilo


Le nkqubo iya kukhokelela ekususweni nasekukhuculweni kwezivuno zezinye iingingqi kumakhulu amabini amawaka eehektare zomhlaba, ukulungiswa kwamashumi amane eengingqi zomhlaba ezinamanzi, ukusekwa kwamashumi amabini elwa nenqanda imililo, ukucocwa kwamakhulu asixhenxe eekhilomitha zonxweme, ukulungiswa kweshumi lamawaka eehektare zomhlaba, ukusekwa kwamashumi amathathu anambini eenkqubo zolawulo lobumdaka kwanokusekwa kwekhulu elinamashumi amahlanu amaphulo olondolozo lwembali namacandelo ezotyelelo loluntu ekuhlaleni.


INKQUBO YOPHUHLISO LOLUNTU


Iinkqubo ezimbini kwicandelo lophuhliso loluntu sele zichongelwe iEPWP ka-2004/5:
* Unonophelo Lwasekhaya Olusekelwe Kuluntu Ekuhlaleni
* Ukukhula Kwabantwana Abaselula.



Inkqubo Yononophelo Lwasekhaya Olusekelwe Kuluntu Ekuhlaleni ijolise ekudaleni ikhulu elinamashumi amabini anesibini lamawaka namakhulu amabini anamashumi amane ezithuba zemisebenzi (ishumi elinesixhenxe lamawaka namakhulu amane kuloo mathuba iya kufumaneka ngokwezibhambathiso zokufunda) eziya kutsala iminyaka emihlanu ngokwenkqubo embombo-ntathu eqhutywa ngentseenziswano neSETA Yezempilo Nentlalo-ntle.

Inkqubo Yokukhula Kwabantwana Abaselula ijolise ekuphuhliseni izakhono zeshumi elinethoba lamawaka nesibhozo samakhulu abantu abanonophela abantwana kwisithuba seminyaka emihlanu, ngoko ke babe bongeza amandla abo okufumana ingeniso kwangaxesha-nye kuphuculwe icandelo lononophelo neendawo zokufundela zabantwana bethu.



Ulwazi oluphangaleleyo ngale Nkqubo luyafumaneka kwiwebsite ye-EPWP..



UHLAHLO LWABIWO-MALI:

Icandelo Lezibonelelo: Izibonelelo zenkxaso-mali efikelela kumashumi amane anesihlanu ezigidi-gidi zeerandi enikezelwa phantsi kwemiqathango kwisithuba sale minyaka mihlanu izayo (kujoliswe ekufikeleleni kwisinye esithathwini sesi sixa)
Icandelo Lezoqoqosho: liseza kuqinisekiswa
Icandelo Lendalo Nenkcubeko: izigidi-gidi ezine zeerandi kwisithuba seminyaka emihlanu ezayo
Icandelo Lophuhliso Loluntu: amakhulu amathandathu ezigidi zeerandi kwisithuba seminyaka emihlanu ezayo


IXHASWA NGEZIMALI YI-:

Die Regering van Suid-Afrika




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 8 uOktobha 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





