
Isicelo sokunika ingxelo malunga nesigulo esibangelwa ngumsebenzi kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

NgokoMthetho weMbuyekezo kuMenzakalo neZigulo eMsebenzini, ka-1993, abaqeshwa mabazixele zonke izigulo ezibangelwa ngumsebenzi kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Abaqeshi mabazalise ifom-Ingxelo yoMqeshi ngeSigulo eMsebenzini  kwisithuba seentsuku eziyi-14 emva kokuba befumene inkcazelo ngokumalunga nesi sigulo.
Mabathumele ingxelo ku:
UMkhomishinari weMbuyekezo
PO Box 955
Pretoria
0001
Abaqeshi mabathumele noku kulandelayo:

ingxelo yonyango yokuqala emalunga nesigulo esibangelwa ngumsebenzi 
ibango lembuyekezo kwisigulo esibangelwa ngumsebenzi 
imbali enika inkcazo ngomsebenzi 
iingxelo zonyango ngokuqhubekayo , de imeko yokugula komsebenzi ibe yezinzileyo
ingxelo yonyango yokugqibela emalunga nesigulo esibangelwa ngumsebenzi , yakuba imeko yomsebenzi izinzile)
ingxelo i-Diagnostic audiogram ukuba umsebenzi uye wangeva ngeendlebe ngenxa yengxolo emsebenzini
ingxelo ye-ENT  emayihanjiswe ne-Diagnostic Audiogram apho kunokwenzeka
iimvavanyo zokusebenza kwemiphunga ukuba isigulo sisemiphungeni
iingxelo ngemeko yesikhumba/yolusu ukuba isikhumba/ulusu luyachaphazeleka 
iziphumo zovavanyo lwegazi, iziphumo zovavanyo lwesikhohlela, iziphumo ze-gesi, njl.njl.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Compensation for Occupational Injuries and Diseases Act,  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Oku kungathatha iintsuku eziyi-60.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Employer's Report of an Occupational Disease, ID: W.CL.1 
First medical report in respect of an occupational disease, ID: W.CL.22 
Notice of an occupational disease and claim for compensation, ID: W.Cl.14 
Final or progress medical report in respect of an occupational disease, ID: W.Cl.26 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


