﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > A > Amalungelo Noxanduva Lwabazali - Isikhokelo soMgaqo-nkqubo Wezikolo Zaseburhulumenteni &gt Ulwimi Lokufunda Nokufundisa

Ulwimi Lokufunda Nokufundisa




* Ingaba uthini uMgaqo-nkqubo Wolwimi Olusetyenziswa Kwezemfundo?
* Ingaba umntwana wam akayi kuhleleleka ngokuthi afundiswe ngolwimi olungesiso isiNgesi?
* Ngubani othabatha izigqibo ngolwimi emalusetyenziswe ekufundeni nasekufundiseni?
* Ingaba umntwana wam angakwazi ukukhetha afuna ukufunda nokufundiswa ngalo?


Ingaba uthini uMgaqo-nkqubo Wolwimi Olusetyenziswa Kwezemfundo?

UMgaqo-nkqubo weSebe Lemfundo Wolwimi Emalusetyenziswe Kwezemfundo uyabakhuthaza abafundi ukuba bafunde iilwimi ezingaphaya kwesinye. Eli Sebe likwabakhuthaza abafundi ukuba basebenzise olona lwimi baluqonda kakuhle njengolwimi lokufunda nokufundisa. Bangazifunda ezinye iilwimi njengezifundo okanye bongeze ezinye iilwimi njengeelwimi zokufundiswa.

Ingaba umntwana wam akayi kuhleleleka ngokufundiswa ngolwimi olungesiso isiNgesi?

Ukufunda ngolwimi olusebenzisa ekhaya kwiminyaka yokuqala yokuhamba isikolo kuqinisekisa isisekelo esiluqilima ekufundeni kwixesha elisezayo, kwakunye nokufunda ulwimi olutsha/olulolunye.

Ngubano thabatha izigqibo lgolwimi emalisetyenziselwe ukufunda nokufundisa?

Iqumrhu elilawula isikolo kufuneka sifikelele kwisigqibo sokuba makusetyenziswe oluphi na ulwmi ukufunda nokufundisa kweso sikolo. Ulwimi oluya kuthi lusetyenziswe luya kuxhomekeka kolo luthandwa ngabafundi abaninzi kweso sikolo kwanezakhono zeso sikolo ekufundiseni ngolo lwimi luthandwe ngabafundi. Ngapha koko, eli qumrhulilawula isikolo kufuneka lucacise ukuba luceba ukukuphuhlisa njani ukusetyenziswa kweelwimi ezahlukeneyo kweso sikolo.

Ingaba umntwana wam angazikhethela ulwimi lokufunda nokufundiswa esikolweni?

Umfundi ngamnye kufuneka, ekubhaliseni kwakhe esikolweni, achaze ukuba angathanda ukufunda nokufundiswa ngaluphi na ulwimi. Naluphi na ulwimi kwezi zethu zilishumi elinanye lungakhethwa njongolwimi lungakhethwa njengolwimi lokufunda nokufundisa kwisikolo sikarhulumente. Apho kukho abantwana abagqithileyo kumashumi amathathu abace,a ukufunda nokufundiswa ngolwimi oluthile, isikolo eso kufuneka senze amalungiselelo okufumana abahlohli nezixhobo ezaneleyo zokufunda nokufundisa ngolo lwimi.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Amalungelo Noxanduva Lwabazali - Isikhokelo soMgaqo-nkqubo Wezikolo Zaseburhulumenteni

* Ukwamkelwa Komntwana Wakho Esikolweni
* Iintlawulo Zesikolo
* Ulawulo
* Ulwimi Lokufunda Nokufundisa
* Nalu Uxanduva Lwakho Njengomzali
* Iinkcukacha Zoqhagamshelwano





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uvavanyo Lokulungela Isikolo (IiNkonzo)
* Ukwamkelwa Ezikolweni (IiNkonzo)
* Isixhobo Sokukhangela i-"Fumana Isikolo" (IiNkonzo)
* Amaqumrhu Alawula Izikolo (IiNkcukacha Zoluntu)
* Imbeko Ezikolweni (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 27 uJanuwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





