﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > A > Amalungelo Noxanduva Lwabazali - Isikhokelo soMgaqo-nkqubo Wezikolo Zaseburhulumenteni &gt Ulawulo

Ulawulo




* Yintoni iqumrhu elilawula isikolo
* Ungonyulwa njani umele abanye abazali kwiqumrhu elilawula isikolo?
* Ndingayazi njani inkqubo yolonyulo?
* Kwenzeka njani ukuba andithanga ndonyulelwa kwiqumrhu elilawula isikolo?
* Ngubani othabatha izigqibo ngemicimbi yesikolo?
* Ndingasikhaba njani okanye kubani isigqibo okanye intshukumo?


Yintoni iqumrhu elilawula isikolo?

Iqumrhu elilawula isikolo liqela labantu elilawula isikolo. Lelona qela lithenjiweyo ngokulawulwa kwesikolo. Eli qumrhu lisebenzela isikolo futhi linikezela ingxelo yalo esikolweni eso. Libandakanya inqununu, abameli abonyuliweyo kubahlohli, abasebenzi beso sikolo abangahlohliyo, abazali nabafundi, kwizikolo zamabanga aphezulu. Eli qumrhu nalo lisenokuchonga abantu abanezakhono ezizodwa ekuhlaleni ukuze babe ngamalungu angavotiyo eli qumrhu.

Ndingonyulwa njani ukuze ndimele nabanye abazali kweli qumrhu?

Ungabamela abanye abazali kwiqumrhu elilawula isikolo ukuba uchongiwe ze wonyulwa ngabo bazali ukuze ube lilungu lelo qumrhu lilawula isikolo somntwana wakho. Iqumrhu elilawula isikolo lonyulelwa ithuba eliyiminyaka emithathu. Umntu ngaphinda azigqatse kulonyulo olulandelayo emva kokuba ebekhe wakumalungu equmrhu langaphambili. Ukuhamba komntwana wakho wokugqibela kwesosikolo, kufuneka usishiye isikhundla sakho njengelungu lebhodi yequmrhu elawula isikolo eso njengoko ungasenalungelo kwelo qumrhu. Abazali bangaphinda bonyulelwe kwibhodi yequmrhu isikolo esithile kuphela xa besenabantwana abafunda kweso sikolo.

Ndingazi njani ngenkqubo yolonyulo?

Inqununu/iqumrhu elilawula isikolo eso silindeleke ngokomthetho ukuba sinike bonke abazali iinkcukacha ngenkqubo yokonyulelwa kwibhodi yequmrhu elilawula isikolo. Kufuneka uvote kulonyulo ngalunye lweli qumrhu.

Kwenzeka ntoni ukuba ndithe andonyulelwa kwibhodi yequmrhu elilawula isikolo?

Nokuba sele ungonyuelwanga kweli qumrhu, kufuneka ulixhase kwimisebenzi yalo futhi kufuneka uziphendule izaziso eziyimbalelwano esuka kweli qumrhu, zicela impendulo.

UNELUNGELO lokuzibandakanya kwimiba yesikolo ngokuthi uzimase imihlangano yabazali okanye eminye nje imihlangano eququzelelwe sisikolo, kuquka nomhlangano-jikelele wonyaka wequmrhu elilawula isikolo eso. Isikolo kufuneka sikunike isaziso salo mhlangano ubuncinci iintsuku ezingamashumi amathathu phambi kokubanjwa kwawo. Kulo mhlangano, eli qumrhu kufuneka linikezele ngohlahlo lwabiwo-mali lwalo kwakunye nengxelo yalo yezimali yonyaka. Isikolo sona kufuneka sikhuphe ingxelo ngeentshukumo zaso ubuncinci kanye ngonyaka.

UKWANELUNGELO lokwaziswa ngabahlohli okanye yinqununu ngeentshukumo zasesikolweni zomntwana wakho. Inqununu nabahlohli kwisikolo somntwana wakho kufuneka bakwazise kwangexesha yaye rhoqo ngentlalo-ntle, ukuziphatha, ukuzimasa kwakunye nenkqubelo ezifundweni ngomntwana wakho. Kukwafuneka waziswe futhi umele umntwana wakho kuzo naziphi na iinkqubo zokohlwaywa kwakhe ngokwemigaqo yesikolo Yemiqathango Yokuziphatha.

Ngubani othabatha izigqibo ngemicimbi yesikolo?

Intloko yeSebe Lemfindo lePhondo, ngokusebenzisa inqununu, yiyo ethabatha zinke izigqibo ngemfundo ezikolweni. Kufuneka wzise ngezi zigqibo futhi unelungelo lokufumana ulwazi ngesikolo eso nemfundo yomntwana wakho. Isikolo eso kukwafuneka sibe Nemiqathango Yokuziphatha. Unelungelo lokwaziswa xa kusenziwa le Miqathango Yokuziphatha nokulungiswa kwayo.

Ndinasikhaba phi isigqibo okanye intshukumo?

Ungasikhaba isigqibo okanye intshukumo:
* yomhlohli, kwinqununu;
* yenqununu, kwiNtloko yeSebe Lemfundo yeli phondo;
* yebhunga elimele abafundi, kwiqumrhu elilawula isikolo eso, ze,
* yelungu lequmrhu elilawula isikolo, kuMphathiswa weSebe Lemfundo leli phondo.



UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Amalungelo Noxanduva Lwabazali - Isikhokelo soMgaqo-nkqubo Wezikolo Zaseburhulumenteni

* Ukwamkelwa Komntwana Wakho Esikolweni
* Iintlawulo Zesikolo
* Ulawulo
* Ulwimi Lokufunda Nokufundisa
* Nalu Uxanduva Lwakho Njengomzali
* Iinkcukacha Zoqhagamshelwano





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uvavanyo Lokulungela Isikolo (IiNkonzo)
* Ukwamkelwa Ezikolweni (IiNkonzo)
* Isixhobo Sokukhangela i-"Fumana Isikolo" (IiNkonzo)
* Amaqumrhu Alawula Izikolo (IiNkcukacha Zoluntu)
* Imbeko Ezikolweni (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 27 uJanuwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





