﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > A > Amalungelo Noxanduva Lwabazali - Isikhokelo soMgaqo-nkqubo Wezikolo Zaseburhulumenteni &gt Iintlawulo Zesikolo

Iintlawulo Zesikolo



Isikolo siya kukucela ukuba ukhuphe iintlawulo zesikolo neendleko zokufunda. Isixa saloo ntlawulo kuvunyelwana ngaso kwintlangano yoluntu yequmrhu elilawula eso sikolo, ntlanganiso leyo kufuneka ibanjwe minyaka le, futhi apho abazali bavotela isixa seentlawulo zesikolo ekufuneka sikhutshiwe. Kodwa ke, ukuba akukwazi kumelana naloo ntlawulo ifunekayo okanye ke mhlawumbi ungahlawula isixa esithile kuphela, ungabhalela iqumrhu elilawula eso sikolo incwadana yembalelwano apho ucela ukuvunyelwa ungazikhuphi iintlawulo zesikolo, okanye ke uvunyelwe uhlawule isixa esithile esisezantsi kweso sibekiweyo. Eli qumrhu ke liya kwazisa ngesigqibo salo ngesi sicelo. Ikopi yemimiselo elawula iintlawulo zesikolo iyafumaneka kwisikolo eso. Isikolo eso kufuneka sinkuncedise ukuba udinga uncedo ngesicelo sakho sokuvunyelwa ungazihlawuli iintlawulo ongenakumelana nazo.


* Ndingasifaka njani isibheno kwisigqibo sequmrhu elilawula isikolo?
* Ukuba ndivunyelwe ukuba ndingazikhuphi iintlawulo zesikolo, ingaba umntwana wam angalelwa ukuba ukuba angene esikolweni?
* Ukuba ndivunyelwe ukuba ndingazikhuphi intlawulo zesikolo, ingaba umntwana wam uangalelwa ukuba athabathe inxaxheba kuzo naziphi na iintshukumo zesikolo, okanye abanjelwe iziphumo zezifundo zakhe?
* Ingaba ndingalufumana uncedo-mali olunokundinceda ekuhlawuleni iintlawulo zesikolo?
* Ndingazifaka izicelo zokufumana iinkxaso-mali endinelungelo lokuzifumana?


Ndingasifaka njani isibheno kwisigqibo sequmrhu elilawula isikolo?

Ungasifaka isibheno sakho kwiNtloko yePhondo yeSebe Lemfundo. Intloko iya kuthi ikucacisele izizathu ngembalelwano ukuba isicelo sakhe sithe sakhatywa.

Ukuba kufikelelwe kwisigqibo sokuba ungamelana nokukhupha iintlawulo zesikolo, ze wena ungazikhuphi, ungathatyathelwa amanyathelo omthetho ukuqinisekisa ukuba uyazihlawula naziphi na iintlawulo osemva ngazo.

Ukuba ndivunyelwe ukuba ndingazihlawuli iitlawulo zesikolo, ingaba umntwana wam angalelwa ukuba angene esikolweni?

Hayi. Akukho mntwana unokwalelwa ukungena esikolweni ngenxa yokuba abazali bengenakumelana nokukhupha iintlawulo.

Ukuba ndivunyelwe ukuba ndingazikhuphi iintlawulo zesikolo, ingaba umntwana wam angalelwa ukuba athabathe inxaxheba kuzo naziphi na iintshukumo zesikolo okanye ke abanjelwe iziphumo zezifundo zakhe?

Hayi. Isikolo asinakuzibamba iziphumo zomntwana wakho okanye simkhuphe kuzo naziphi iintshukumo zesikolo kuba ungenakuzihlawula iintlawulo zesikolo.

Ndingayifumana inkxaso-mali ndihlawule iintlawulo zesikolo?

Ungavunyelwa ukuba uhlawule isixa esithile kuphela okanye ungayihlawuli yonke intlawulo yesikolo ngokuthi kujongwe umvuzo wakho.

Ungawongeza umvuzo wakho ngokufaka ibango leenkxaso-mali onokuzifumana. Nazi iinkxaso-mali ezimbini onokuzifumana:

* Inkxaso-mali yesondlo somntwana: le nkxaso-mali inikwa umntu okhathalela umntwana/abantwana abangaphantsi kwesixhenxe seminyaka ubudala. Umntu ojongene naba bantwana angangunina, uyise, umzali womzali, isizalwane, isihlobo okanye umntakawabo/udad' wabo omdala.
* Inkxaso-mali yomntwana oselugcinweni lomnye umzali: Le nkxaso-mali yeyabantwana abaselugcinweni lomntu ongenguye umzali wabo, mhlawumbi uninamkhulu/uyisemkhulu. Yinkundla eyalela ukusekwa kolu hlobo lobudlelwane.

Ndingazifaka njani izicelo zeenkxaso-mali endinelungelo lokuzifumana?

Kufuneka ufake isicelo sakho kwi-Ofisi Yentlalo-ntle okanye ke kweyona Ofisi kaMantyi ikufutshane nawe. Amagosa alapho aya kukubuza imibuzo ze bagcwalise iphetshana lesicelo esebenzisa iimpendulo zakho.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Amalungelo Noxanduva Lwabazali - Isikhokelo soMgaqo-nkqubo Wezikolo Zaseburhulumenteni

* Ukwamkelwa Komntwana Wakho Esikolweni
* Iintlawulo Zesikolo
* Ulawulo
* Ulwimi Lokufunda Nokufundisa
* Nalu Uxanduva Lwakho Njengomzali
* Iinkcukacha Zoqhagamshelwano





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uvavanyo Lokulungela Isikolo (IiNkonzo)
* Ukwamkelwa Ezikolweni (IiNkonzo)
* Isixhobo Sokukhangela i-"Fumana Isikolo" (IiNkonzo)
* Amaqumrhu Alawula Izikolo (IiNkcukacha Zoluntu)
* Imbeko Ezikolweni (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 27 uJanuwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





