﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > A > Amalungelo Noxanduva Lwabazali - Isikhokelo soMgaqo-nkqubo Wezikolo Zaseburhulumenteni &gt Ukwamkelwa Komntwana Wakho Esikolweni

Ukwamkelwa Komntwana Wakho Esikolweni




* Ingaba kuyimfuneko ukuba ndibhalise umntwana wam esikolweni?
* Kuxa ebudala bungakanani umntwana wam apho kufuneka aqalise kwibanga lokuqala?
* Ndingambhalisa nini, phi umntwana wam?
* Ndingambhalisa nakwesiphi na isikolo umntwana wam nokuba sele singekho kufutshane nekhaya lam okanye indawo endisebenza kuyo?
* Yintoni ekufuneka ndiyazile phambo kokubhalisa umntwana wam?
* Zeziphi iimpepha ezifunekayo xa ndisenza isicelo?
* Zeziphi ezinye iimpepha ezifunekayo ukuba andingommi woMzantsi Afrika?
* Ndazi njani ukuba umntwana wam wamkelwe kweso sikolo?
* Ndingenza ntoni ukuba umntwana wam uthe walelwa ukungena esikolweni?


Ingaba kufuneka ndimbhalise umntwana wam esikolweni?

Ewe, bonke abantwana abaphakathi kwesixhenxe neshumi elinesihlanu leminyaka kufuneka bebhalisiwe.

Kuxa ebudala bungakanani apho umntwana wam kgfuneka eqalise kwibanga lokuqala?

Umntwana angaqala kwiBanga 1 kuphela ukuba uza kuba neminyaka esixhenxe ubudala kunyaka wakhe wokuqala esikolweni. Kumaxesha anqabileyo, iSebe Lemfundo lePhondo lingawaqwalasela amathuba okwamkelwa komntwana esikolweni ngaphambi kwexesha, oko ke kukuthi, ukwamkelwa esikolweni eselula kunobudala obuqingqiweyo, futhi izikolo zingakucebisa kulo mba.

Ndimbhalisa nini, phi umntwana wam?

Ungambhalisa umntwana wakho kwisikolo esikufutshane nekhaya lenu okanye kwisikolo esikufutshane nomsebenzi wakho phakathi kwenyanga yeThupha neyeNkanga kunyaka ophambi kwalowo aqala ngawo esikolweni.

Ndingambhalisa umntwana wam kuso nasiphi na isikolo nokuba sesingekho kufutshane nekhaya lam okanye nendawo endiphangela kuyo?

Ewe, ungambhalisa umntwana wakho kuso nasiphi na isikolo sikarhulumente . Noko kunjalo, izikolo zilindeleke ukuba ziqwalasele kuqala abantwana abanabazali abahlala okanye abaphangela kufutshane nesikolo eso.

Xa isikolo sele sigcwele, singangamthathi umntwana wakho ze simbeke kuluhlu lwabalindileyo. Kuya kufuneka ke ubhalise umntwana wakho kwesinye isikolo esisenayo indawo yokufunda.

Yintoni ekufuneka ndiyazile phambi kokuba ndibhalise umntwana wam?

Kufuneka wazi ukuba umntwana wakho akanandawo yakhe ayibekelweyo esikolweni de ube umbhalisile kweso sikolo.

Inqununu yesikolo eso kufuneka ikunike umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabantwana weso sikolo ze awucacise kuwe. Kufuneka ubuze ukuba zeziphi na ezisetyenziselwa ukufundisa kweso sikolo ze uthathe nesigqibo sokuba ezo lwimi zimlungele na umntwana wakho. Kukwafuneka ufumanise nokuba isikolo eso sibiza malini na ngokweentlawulo zokufunda. Ukuba akunakumelana nezo ntlawulo, kufuneka ubuze inqununu okanye ke igosa leso sikolo ukuba ungasifaka njani na isicelo sokuvunyelwa ungazikhuphi iintlawulo okanye ezinye iintlawulo zesikolo.

Isikolo sikarhulumente singanganyanzelisi ukuba umntwana enze aqale avavanywe ngoviwo lokwamkelwa kwisikolo eso. Uviwo lunokwenziwa kuphela ukuzama ukufumanisa ukuba mntwana afakwe kweziphi na izifundo kweso sikolo.

Kufuneka ucele ukubona umgaqo wokuziphatha weso sikolo ze uqinisekise futhi ukuba ungazibophelela kuwo ngokuthi uwutyikitye.

Zeziphi iimpepha ezifunekayo xa usenza isicelo?

* Isiqinisekiso sokuzalwa okanye ke incwadana yesazisi yomntwana; kunye
* nekhadi lokugonywa komntwana; kunye
* nekhadi lokukhululwa komntwana kwisikolo asuka kuso okanye ke ingxelo yomntwana yokugqibela kubantwana ababekhe bafunda ngaphambili.

(Qwalasela ke ukuba iziqinisekiso zokuphehlelelwa azinakuthatyathwa njengobungqina bosuku lokuzalwa komntwana.)

Zeziphi kanene ezinye iimpepha ezifunekayo ukuba andingommi woMzantsi Afrika?

* iphepha-mvume lokufunda; kunye
* nephepha-mvume lokuhlala kweli lizwe lexeshana okanye elisisigxiana elikhutshwa liSebe Lemicimbi Yekhaya; okanye ke
* ubungqina bokuba usifakile isicelo sephepha-mvume lokuhlala eMzantsi Afrika

Ndazi njani ukuba umntwana wam wamkelwe esikolweni?

Isebe Lemfundo leNtshona Koloni, ngokuthi lisebenzise inqununu, kufuneka likwazise ngeziphumo zesicelo sakho.

Yintoni endinokuyenza ukuba umntwana wam uthe akamkelwa esikolweni?

Ungacela ingcaciso ebhalwe phantsi kweli sebe, ngokuthi uhlangane nenqununu yesikolo eso. Ukuba awanelisekanga zizizathu ozinikiweyo ngokungamkelwa komntwana wakho esikolweni, ungafaka isibheno esibhalwe phantsi kumphathiswa wezemfundo kweli phondo.


UMTHAMO | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Amalungelo Noxanduva Lwabazali - Isikhokelo soMgaqo-nkqubo Wezikolo Zaseburhulumenteni

* Ukwamkelwa Komntwana Wakho Esikolweni
* Iintlawulo Zesikolo
* Ulawulo
* Ulwimi Lokufunda Nokufundisa
* Nalu Uxanduva Lwakho Njengomzali
* Iinkcukacha Zoqhagamshelwano





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uvavanyo Lokulungela Isikolo (IiNkonzo)
* Ukwamkelwa Ezikolweni (IiNkonzo)
* Isixhobo Sokukhangela i-"Fumana Isikolo" (IiNkonzo)
* Amaqumrhu Alawula Izikolo (IiNkcukacha Zoluntu)
* Imbeko Ezikolweni (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 27 uJanuwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





