﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Ukhuseleko Ekuhlaleni > Ukuqhagamshelana, Ukubhalisa okanye Ukufumana Uqeqesho Nezixhobo Lweqela Elilwa uLwaphulo-mthetho Ekuhlaleni

Ukuqhagamshelana, Ukubhalisa okanye Ukufumana Uqeqesho Nezixhobo Lweqela Elilwa uLwaphulo-mthetho Ekuhlaleni




INKCAZELO:

Iqela elilwa ulwaphulo-mthetho ekuhlaleni liqela labahlali basebumelwaneni nabathi bavumelane ekusekeni eli qela emva kokuxoxa lo mba kunye nabantu abahlala kummandla wabo. Injongo yeli qela kukukhuthaza ubudlelwane obufanelekileyo phakathi kwabahlali kwakunye nokusebenza njengo-'gcinikhaya' kulo mmandla, ngamanye amaxesha ngokujikeleza, kwaye ngamanye amaxesha ngokuhlala rhoqo belindele okunokwenzeka kwimisebenzi yolwaphulo-mthetho ze bazise amapolisa xa okunjalo kuthe kwenzeka.

Amapolisa aya kuzama ukonyula amapolisa ahlala ekhaya anokubizwa nanini na ukuba abe liliso koku kugada nangaliphi na ixesha eli qela lamasolomzi lisebenza ngalo. Amanye amalungu eli qela aye abe ngamapolisa ahlala ekhaya alindele ukubizwa nanini na. Iqela ngalinye loogcinikhaya linendawo yalo enemida ecacileyo ngaphakathi kummandla wamapolisa. Kungakho ngaphezulu kweqela elinye loogcinikhaya kummandla nelincedwa sisikhululo esinye samapolisa, njengoko imimandla yezikhululo zamapolisa imikhulu kakhulu.

Iqela lakho loogcinikhaya kufuneka libhalise kwisikhululo samapolisa kwingingqi kunye nakwiForum yamaPolisa Asekuhlaleni (CPF) kummandla wakho wamapolisa. Xa ubhalisa, kufuneka wamkele umgaqo-siseko nomgaqo wendlela yokuziphatha ohambelana noMgaqo-siseko wePhondo noMgaqo Wokuziphatha Wamaqela ooGcinikhaya. Ekuqalekeni kunyaka ka-2003, bekukho amaqela oogcinikhaya angamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anesixhenxe abhalisiweyo eNtshona Koloni.

Xa sele iqela lakho loogcinikhaya sele libhalisiwe, ungalicelela inkxaso-mali kwakunye nezixhobo kunye noqeqesho kwiSebe laseNtshona Koloni loKhuseleko loLuntu. Angaphezulu kwekhulu elinamashumi amahlanu amasolomzi eNtshona Koloni asele afumene izixhobo kunye noqeqesho kweli Sebe.

Iindidi zoqeqesho onokuthi ulufumane kweli Sebe luquka:
* ukusonjululwa kweempikiswano
* inkqubo yolwaphulo-mthetho
* ubundlobongela basekhaya
* amalungelo oluntu
* ukulwa umlilo
* uncedo lokuqala
* inkqubo kanomathotholo
* ukuzikhusela.

Izixhobo onokuthi uzifumane kweli Sebe ziquka:
* oonomathotholo abagcina iinkcukacha zeengozi
* iintonga zamapolisa
* izixhobo zoncedo lokuqala
* izixhobo zokuqhobosha izandla zabarhanelwa nabaphuli-mthetho
* iibhatyi
* iivesti ezibonisayo
* iithotshi
* izixhobo zokukhangela zezithuthi
* oonomathotholo ekuqhagamshelana kuzo abantu ababini
* iimpempe.



IMIYALELO:


* Ukuqhagamshelana neqela lakho loogcinikhaya
* Ukubhaliswa koogcinikhaya
* Uqeqesho lwamalungu eqela loogcinikhaya

UKUQHAGAMSHELANA NEQELA LAKHO LOOGCINIKHAYA
Ukuqhagamshelana neqela lakho loogcinikhaya, jonga kolu luhlu. Umntu onokuqhagamshelana naye kwiqela ngalinye loogcinikhaya ubhaliwe kolu luhlu. Khumbula ukuba kungakho ngaphezulu kweqela elinye loogcinikhaya kummandla wakho. Kungenjalo, ungaqhagamshelana nesikhululo samapolisa esikufutshane nawe okanye iForum yamaPolisa Asekuhlaleni.
UKUBHALISWA KWEQELA LOOGCINIKHAYA

Ukubhalisa iqela lakho loogcinikhaya, kufuneka ubhalise kwisikhululo samapolisa kwingingqi kunye ne-CPF ekufutshane kwingingqi yakho kwakunye neSebe loKhuseleko loLuntu. Kufuneka ugqibelise ngeSebe xa usenza ubhaliso lwakho. Oku kubangelwa kukuba enye yeemfuno zalo kukuba kufuneka ubonise ukuba ubhalisile kwingingqi yakho kuqala. Amapolisa kwingingqi kunye ne-CPF baya kufuna olu lwazi lulandelayo malunga neqela lakho loogcinikhaya xa ulibhalisa kubo:
* amagama neenkcukacha zoqhagamshelwano zamalungu ekomiti yakho
* inani lamalungu
* ikopi yomgaqo-siseko wenu
* ikopi yomgaqo wendlela yokuziphatha
* iingxelo zemali, ukuba oogcinikhaya bane-akhawunti ebhankini kunye nobukho okanye ukwenzeka kwentengiselwano ngezemali
* eyona ndawo ekuza kusetyenzwa kuyo, umzekelo, amagama ezitalato.


ISebe loKhuseleko loLuntu liya kufuna ukuba ninikezele iphetshana elineenkcukacha. Kweli phetshana, kufuneka nichaze ukuba nibhalisile kwisikhululo senu samapolisa kwingingqi kunye ne-CPF kwakunye nokuba ninawo umgaqo-siseko kunye nomgaqo wendlela yokuziphatha ohambelana noMgaqo-siseko wePhondo kunye noMgaqo weNdlela Yokuziphatha yoKwakhiwa kweqela elilwa ulwaphulo-mthetho ekuhlaleni. Ukuba unawo nawuphi na umbuzo malunga nokubhalisa iqela lakho loogcinikhaya, ungaqhagamshelana no:
John Cloete
USekela Mphathi: Kwimisebenzi Yezokhuseleko
ICandelo loMlawuli Wezokunqandwa koLwaphulo-mthetho Ekuhlalenii, iSebe loKhuseleko loLuntu
Inombolo yomnxeba: 021 483 4571
Inombolo yefeksi: 021 483 2016
Inombolo yomnxeba wesandla: 082 574 4845
jcloete@pgwc.gov.za

Ungaqhagamshelana naye naxa ufuna ukwenza isicelo sezixhobo.

UQEQESHO LWAMALUNGU EQELA LOOGCINIKHAYA
Ukwenza isicelo sokusekwa kweqela loogcinikhaya, kufuneka uqhagamshelane no:
Isak Kamaar
ICandelo loMlawuli Wezokunqandwa koLwaphulo-mthetho Ekuhlaleni, iSebe loKhuseleko loLuntu
Inombolo yomnxeba: 021 483 3954
Inombolo yefeksi: 021 483 3485
Inombolo yomnxeba wesandla 083 686 1727
ikamaar@pgwc.gov.za


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Ibutho Elijongana Nokhuseleko Ekuhlaleni


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 6 uEpreli 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





