﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaphulo > Ezemfundo > Uphuhliso Lwezikolo > Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Lokufunda Kuthi Sonke

Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Lokufunda Kuthi Sonke




ISIQALO:

28 uMeyi 2004


ISIPHELO:

7 uSeptemba 2004


UMGANGATHO:

Liqoshelisiwe


INKCAZELO:




Ukufunda kuye kwaxhaswa kweli khulu lokuqala leentsuku, ngokuthi:
* Ukufakelwa kombane kwizikolo ezintandathu zeli phondo
* Kugqityezelwe isikolo Usasazo eKhayelitsha



UKUFAKELWA KOMBANE


Ekuqaleni konyaka ka-2004 bekusekho ishumi elinesibini lezikolo ezisebenza ngaphandle kombane eNtshona Koloni. Kweli khulu lokuqala leentsuku, ezintandathu kwezi zikolo zafakelwa umbane ngokuthi zidityaniswe nebhokisi yamandla ombane esembindini, njengoko yathembisa iNkulumbuso, ze ezinye ezintathu zafakelwa nazo kwenye ibhokisi yamandla ombane, efana nenjini yediesel, okanye amandla ombane welanga. Ezo zikolo zezi:

Ezifakelwe kwibhokisi esembindini:
* yiSt. Boniface Primary School, Rietpoort
* yiRheboksfontein Primary School, Darling
* yiSeekoeigat , Southern Cape
* yiVoorsorg
* yiBracken Hill
* neKliprivier


Ezifakelwe kule ize mva:
* yiKlawerlei
* yiNuwefontein
* neTanqua


Ukufakelwa kombane kukhangeleka kunganefuthe elikhulu kakhulu kubafundi. Le nkqubo yokufakelwa kombane iya kuqhubekeka kwezi zikolo zintandathu ziseleyo.


ISIKOLO USASAZO


Usasazo ngesiXhosa luthetha "ukunikezela" "nokusasaza". Eli gama yinkcazelo ephaphamileyo yembali yesi sikolo. Phantse de kube lishumi leminyaka, esi sikolo besisoloko sikhangela ikhaya elisisigxina. Isikolo Usasazo kungoku nje side sabe kanti sibuyela ekhayeni kwisakhiwo saso, esigqitywe ukwakhiwa ngenyanga yeThupha ngo-2004, eBangisa Drive, eKhayelitsha.

Ukugqitywa kwesi sikolo kwaba sisithembiso seNkulumbuso njengengxenye yezinye iinkonzo eziya kunikezelwa kwiintsuku ezilikhulu nje kungeniwe kwiintambo zolawulo lukarhulumente omtsha weli phondo.

Ibali le-Usasazo liqala ngokunikezelwa kwezikolo ezimbalwa kakhulu liSebe Lemfundo Noqeqesho lexesha leminyaka ephambi ko-1994. Ukwanda kwemfuduko ukusuka eMpuma Koloni ukuya kwingingqi yaseKhayelitsha, okwalandela ukususwa komthetho iGroup Ares Act neminye imimiselo eyayilawula ukufudukela kwabantu kwiindawo ezithile zeli lizwe kwaphakamisa isidingo sokwakhiwa kwezikolo kule ngingqi.

Ekuqaleni konyaka ka-1995, iKhayelitsha Education Forum (iKEF ngamafuphi) yafumanisa ukuba abafundi abamalunga namawaka asixhenxe abanandawo yakufundela ze bathetha-thethana neSebe elitsha Lemfundo eNtshona Koloni, (iWCED ngamafuphi) becela uncedo. Kwajongwa kwaphicothwa amaqhinga ahlukeneyo, ze iNkulumbuso yelo xesha, uHernus Kriel, wanceda ekwenziweni kwamalungiselelo ezakhiwo eRuiterwacht.

Kodwa kwathi kusenjalo, abantu ekuhlaleni bala bezama ukubonisa urhulumente ngeendlela ezingaginyisi mathe besithi akuyi kulunga tu ukufakwa kwabo bafundi kwelo hlomela-dolophu futhi kwacaca mhlophe nakwiSebe eli neKEF ukuba kufuneka kuxozwe mphini wumbi ukuze kusonjululwe le mbambano.I-KEF yathetha-thethana nabahlali baseMaitland icela ukusebenzisa umhlaba owawukumgangatho osezantsi kakhulu futhi ungasetyenziswa kuloo ngingqi. Abahlali baseMaitland balixhasa eli nyathelo ze bavuma ekubeni kuhlanganiswe izikolo ezimbini esele zisebenza kula ngingqi, ze kwenziwe esinye sezo zikolo sivuleleke kubafundi abasuka eKhayelitsha.

Malunga newaka elinamakhulu amahlanu abafundi bathi basuka eRuiterwacht baya eMaitland ukuseka isikolo ekungoku nje saziwa njenge-Usasazo Secondary School. Eli Sebe ke ngoku lathi lenza amalungiselelo okufaka abafundi abaseleyo kwezinye izikolo ezintathu - iVuyiseka, iEsangweni neBelhar Secondary. IBelhar Secondary yathi ekuhambeni kwexesha yatshintshwa igama yayiHarry Gwala Secondary.

I-WCED ne-KEF zaseka igqiza elaliya kudlana iindlebe nootitshala ababeza kuqeshwa kuzo zone ezo zikolo. Inqununu yokuqala yase-Usasazo, uMnumzana Kgati, useyinqununu yesi kunanamhla.

Ngexesha lokwakhiwa kwe-Usasazo eMaitland kweza nesisombululo kwingxaki eyayingxamisekile, kwakungenakuza nasisombululo sisisigxina, ingakumbi xa kuqwalaselwa inkcitho ezibandakanyeka ekuthuthweni kwabafundi ntsuku zonke, ukuya nokusuka eKhayelitsha kwaneziphazamiso nokulibaziseka abazifumana bephantsi kwako abafundi.

Umaspala wesixeko saseKapa wathi ke wachonga umhlaba ekunokwakhiwa kuwo isikolo esitsha eKhayelitsha njengengxenye yenkqubo yokufakwa ngokutsha kweentsapho ezihlala kumatyotyombe kwisiza sesikolo kwingingqi yeKuyasa, ze iSebe Lemisebenzi Yoluntu Nothutho lanikezela esi siza kwinkampani eyakhayo ukuze iqale ukwakha ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga yoMqungu kunyaka ka-2002.

Aba bakhi bawugqiba lo msebenzi wokwakha ngenyanga yeThupha apha ku-2004. Ixabiso leli phulo laba lishumi lezigidi namakhulu asixhenxe amawaka eerandi. Oku kumele ukwayanyaniswa nenyaniso yokuba kule minyaka imbalwa idlulileyo, eli Sebe lichithe ukuya kuma kwizigidi ezintathu namakhulu amane amawaka eerandi ngonyaka ukuthutha aba bafundi ukusuka eKhayelitsha ukuya kwizakhiwo ezazivulelekile eMaitland

Abafundi abangeni kwezi zakhiwo ngoko nangoko, ukunqanda ukuphazamisana neemviwo zematriki zenyanga yoMsintsi, eziphela ngomhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yoMsintsi. Okwangoku, abakhi baya kulungisa naziphi na iimpazamo kwisakhiwo eso ze baqinisekise futhi ukuba isiza eso sibalungele abafundi xa isikolo eso singena ngempelaveki esuka kwishumi elinesixhenxe ukuya kwishumi elinethoba kule nyanga.


Ukubuyela Kwizithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhadi Lengxelo >




IXHASWA NGEZIMALI YI-:

iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 7 uSeptemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





