xhosa.1560.telephone
nantsi INDLELA yokuphendula umnxeba!
Indlela othetha ngayo emnxebeni ingakukhulisa okanye ikutshabalise emsebenzini wakho. Naku omawukwenze - nomawukuphephe ...
Kubhale uNkosazana Sithole
UMNXEBA sesona sixhobo sibalulekileyo e-ofisini yakho - ngoko ukuba umsebenzi wakho unento yokwenza neminxeba, ukwabubuso baloo nkampani. Ubunjani bakho yeyona ndlela abantu abasebenzisana nenkampani abayibona ngayo inkampani leyo.
Xa uphendula kakuhle iminxeba abaphathi bakho bayakuqaphela kuba ilizwi eliphendula iminxeba lingayikhulisa okanye liyingcolise inkampani. Ukungaphenduli kakuhle iminxeba kungakugxothisa.
Yakha isakhono sakho ngala macebo afundiswa nakumaziko ezifundo zoomabhalane kwaye ungazibona sele usonyuselwa...
Ukuphendula umnxeba
Musa... ukuwuyeka umnxeba ukhale ixesha elide.
Omawukwenze... zama ukuba ungakhali umnxeba kude kube ngaphezulu kwesithathu ungekawuphenduli. Bulisa uze utsho igama lenkampani negama lecandelo okulo xa kuyinkampani enkulu.
Bonakalisa umdla
Musa... ukuvakala ungenamdla okanye ude ubengathi ungxamele ukuwubeka phantsi umnxeba.
Omawukwenze... vakala uncumile elizwini lakho - abengathi uphambi kwakho.
Xa udlulisa umnxeba
Musa... ukumshiya nje umntu emnxebeni engazi nokuba uza kudityaniswa kusini na nomntu amfunayo.
Omawukwenze... Phendula isicelo somntu ngokuthi, "Mandikujongele ukuba uMnu. Mkhize uza kubanako na ukukunceda. Ndicel' ubambe?"
Ukuba umntu osemnxebeni akakakuniki igama lakhe yithi: "Ndicela ukubuza ndithetha nabani?"
Ukuba uza kumlindisa, thetha naye kwakhona uxolise ngokumlibazisa ukuze angacingi ukuba ulityelwe.
Nceda
Musa... ukuthi, "UMnu. Mkhize uxakekile akanakuthetha nawe" - awubonakalisi mizamo kwaye ubonisa ukungabaluleki kwaloo mntu ucela uncedo. Ungakutsho noku, "Uxolo, uNksz. Mchunu usaye endlwini encinane" - akukho mfuneko yoko!
Omawukwenze... yithi, "Ndicela uxolo uMnu. Mkhize akakho" okanye uthi akazukubanako ukuphendul' umnxeba, "Uxolo, uMnu. Mkhize usabambekile."
Wakugqiba ukutsho ezo ndaba zimbi landelisa ngokuthi uza kumnceda. "Ndingakunceda, okanye ndingamcela uMnu. Mkhize akutsalele umnxeba xa sele enako?" Oku kuthetha ukuba unokuba luncedo xa ingxaki incinane - loo nto itsho ikwenze mhle kumphathi wakho. Ukuba uthembise umntu ukuba uza kutsalelwa umnxeba ngokukhawuleza kwenze oko.
Ukuthatha imiyalezo
Musa... ukumcingela ukuba umntu uthini kwaye ungalibali ukudlulisa umyalezo ukuze uthathelwe ingqalelo!
Omawukwenze... wufunde kwakhona umyalezo ukuze ujonge umhla, ixesha, indawo, namanani. Cela akupelele amagama ongawevayo. Wubeke umyalezo womntu edesikeni yakhe emva komnxeba.
Ukhumbule ukusebenzisa ububele nobukrele-krele bakho nokuba awumboni umntu othetha naye. [x]
BONA XHOSA November 2008
AMANDL' OMSEBENZI
