






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaphulo > UMzantsi Afrika & neNtshona Koloni > Izithembiso Zekhulu Leentsuku Zokuqala: Ikhadi Lengxel

Izithembiso Zekhulu Leentsuku Zokuqala: Ikhadi Lengxel




INJONGO:

Ukubonisa abantu baseNtshona Koloni ukuba uRhulumente wePhondo uzinikele ekuziseni iinkonzo futhi uyaphendula kwiimfuno zabemi beli Phondo.


ISIQALO:

28 uMeyi 2004


ISIPHELO:

7 uSeptemba 2004


UMGANGATHO:

Liqoshelisiwe


INKCAZELO:




URhulumente wephondo leNtshona Koloni uzinikele ekuqinisekiseni ukuba eli Phondo liba liKhaya Kuthi Sonke. Njengengxenye yoku kuzinikela, iNkulumbuso uMnumzana Ebrahim Rasool, kwiNtetho yakhe Yobume Bephondo, wabhengeza ukuba kweli khulu leentsuku zokuqala (ntsuku ezo ziqale ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga kaCanzibe zaya kuma ngomhla wesixhenxe kwinyanga yoMsintsi), uRhulumente wePhondo uya kuthabatha amanyathelo acacileyo ukuphucula ubomi babantu baseNtshona Koloni

Kwizithembiso zayo zekhulu lokuqala leentsuku, iNkulumbuso yenze urhulumente wazinikela ekudaleni:




ikhaya elinempumelelo kumntu wonke

ukukhula kwenene kwamashishini ... iphulo lokufukanywa kwamashishini ... ingxowa-mali yoshishino lwezolimo ... inkqubo ehlanganyelweyo yabanini-mashishini kwicandelo lezotyelelo



ikhaya elikhuselekileyo kuthi sonke

amapolisa emizila kaloliwe ... amavolontiya ebambanani ... izikhululo zamapolisa eziphuculweyo ... amacandelo okuphathwa gadalala elusatsheni nempatho-mbi ngokwesondo ebantwaneni ... ukubanjwa kuvalelwe abathengisi nabathubelezisi beziyobisi ...



ikhaya elisempilweni kuthi sonke

amaxesha okulinda ancitshisiweyo ... amachiza onyango lwentsholongwane kaGawulayo ...



ikhaya esinokuphilisana kulo sonke

amabhunga ezemidlalo ... iinkqubo zokuzonwabisa ngemidlalo ... amaziko nezixhobo zemidlalo ezikolweni ... imidlalo yamaqela akwiingingqi ezisondeleleneyo ...



ikhaya elisiphilisa sonke

isikolo sezifundo zolimo ... ukuthengiselwa kwamazwe angaphandle iimveliso zeli ...



ikhaya lokusebenzisana kuthi sonke

ukuvulwa kwamaphulo okwakhiwa kwezindlu ... ulawulo lweentlekele ... iinkqubo eziluqilima zolawulo oluhlanganyelweyo ...



ikhaya elinokusithwala sonke

umsebenzi wokucocwa kwentshona koloni ...



ikhaya lokusebenza kuthi sonke

inkqubo eyongezelelweyo yesebe lemisebenzi yoluntu ... ukuvula kwe-ofisi yeetaxi ...



ikhaya kuthi sonke

ngena ngaphakathi, tyelela ikhompyutha, tsala umnxeba ... iphulo icape access ... umthetho osaqulunqwayo ongokusekwa kwebhunga lophuhliso lwephondo ... umthetho osaqulunqwayo ongokusekwa kwekomishoni yolutsha ... ukuphinda kuvulwe umzi-mveliso ...



ikhaya elisikhathalela sonke

ukubhalisela inkxaso-mali yesondlo sabantwana ...



ikhaya lokufunda kuthi sonke

ukufakelwa kombane ezikolweni ... isikolo usasazo ...


Izithembiso zekhulu lokuqala leentsuku zijolise ekuboniseni ngokuphandle abemi beNtshona Koloni, ukuba uRhulumente wePhondo leNtshona Koloni uzinikele futhi ubakhathalele ngokumangalisayo abantu baseNtshona Koloni.



"This is a responsive and caring government. Over the next 100 days citizens throughout this province will receive a clear signal of the care and commitment of this Government. Action to be taken over these 100 days is only a deposit on the better life, a deposit on the contract with the people to create work and to fight poverty, a deposit on the objectives of iKapa elihlumayo, namely: dignity, equity and prosperity. These hundred days will also serve as a tangible signal of our direction over the next five years."

iNkulumbuso Ebambeleyo yeNtshona Koloni , Ebrahim Rasool




IXHASWA NGEZIMALI YI-:

Premier van die Wes-Kaap (Wes-Kaapse Provinsiale Regering)




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans | Le nkcazelo iyafumaneka nangesi Xhosa

YAYAMENE

* State of the Province Address: 2004 - , Premier of the Western Cape (Iintetho) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Western Cape Budget 2004 - Isebe looNondyebo (UHlahlo lwabiwo-mali) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 26 uMeyi 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





