






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > Iindaba > INdlela Eyenye Endaweni ka-N2 Ohlawulelwayo: iNkulumbuso, uMphathiswa weZothutho wePhondo kwaneQumrhu leeNdlela zoMzantsi Afrika bahlangana Nabahlali

INdlela Eyenye Endaweni ka-N2 Ohlawulelwayo: iNkulumbuso, uMphathiswa weZothutho wePhondo kwaneQumrhu leeNdlela zoMzantsi Afrika bahlangana Nabahlali


27 uJanuwari 2004
UMTHOMBO WEENDABA Premier van die Wes-Kaap (Wes-Kaapse Provinsiale Regering)

INGXELO EYENZIWE YINKULUMBUSO YENTSHONA KOLONI, UMARTHINUS VAN SCHALKWYK, NGOMHLA WAMA-27 KUJANUWARI 2004
1/27/2004

Enye indlela eHlawulisayo kuhola wendlela uN2: Indibano yeNkulumbuso, uMphathiswa, i-SA Roads Agency noLuntu

"Kucacile ukuba lo ngumbandela ongenazimpendulo zilula. Ngokwembali enabileyo ukusuka phaya emva kwisithuba seminyaka engaphezulu kwama-30 eyadlulayo, kananjalo neemvakalelo ezizikileyo kuluntu lwale ndawo, izicwangciso zokwenza inxalenye kuhola wendlela uN2 onqumla kwiindawo ezimeleneyo iHelderzicht/Paardevlei, zenze kwafuneka ukuba kukhuselwe isidima soluntu njengoko ezi ndawo zikwamele uqoqosho." La ngamazwi eNkulumbuso yeNtshona Koloni, uMarthinus van Schalkwyk, xa wayethetha noluntu olwaluxhalabile lwaseHelderberg ngoLwesibini.

INkulumbuso yayihamba noMphathiswa wezoThutho weNtshona Koloni, uTasneem Essop; uManejala woMmandla weSA National Roads Agency Limited (SANRAL), uKobus van der Walt; ooceba beengingqi kumnye naMalungu ePalamente amele la mmandla. Le ntlanganiso yayilolunye utyelelo lweNkulumbuso kunye noMphathiswa uEssop nolwalulandela ukuzibophelela kwabo ngo-Oktobha kunyaka ophelileyo, bezibophelela ekubeni kuya kubakho ukubonisana phakathi kweSANRAL kunye noLuntu.

" Siyayiqonda into yokuba lo hola wendlela uN2 ucetywayo yinto edala inkxalabo enkulu" itshilo iNkulumbuso, "Sikwayiqonda nento yokuba isenokukhokelela ekubeni kususwe izindlu ezithile kwanezinye zezakhiwo, kananjalo ize kwaneengxaki ezizezinye ezifana nokhuseleko lwabahambi-ngeenyawo, ingxolo kunye nokwahlula-hlulwa koluntu yindlela. Le miba asimicimbi ingenamsebenzi - kwaye noRhulumente weli Phondo uzimisele ukuqinisekisa ukuba iqwalaselwa ngamandla imeko yalo, kwaye inikwa ingqalelo ngaphambi kokuba kwenziwe naluphi na uphuhliso."

"Indawo ethile kuN2 ehamba phakathi kweHelderberg kudala yathathwa njengeneengxaki - kuba ineendawo eziyalela ukuthotywa kwesantya silingane nama-70km/h, iintlangano eziliqela zeendlela kwanamagoso-goso eendlela ezidla ngokukhokelela kwisiminya-minya sothontelwano lweemoto, le ndlela ikwadala ukuxhalaba malunga nokhuseleko ezindleleni, "utshilo uMphathiswa uEssop.

Lo hola wendlela uN2 ucetywayo kulo mmandla wawucetywe ukususela ekupheleni koo-1970, xa uRhulumente wayethatha umhlaba owawufuneka. Le projekthi yakha yemiswa ebutsheni boo-1980 ngenxa yokungabikho kwemali, kanti noluntu belusoko lukuchasa oku. Kwaye kwaqwalaselwa ezinye iindlela yiSANRAL phaya ekupheleni koo-1990, kwaza kwakho isiphakamiso ekugqibeleni sokuba kuqhutyekwe nesicwangciso esasenziwe. Oku kucetywa kwale ndlela kwakhona kuyinxalenye yesicwangciso esikhulu sokuba kwenziwe uhlolo lokwenza indlela iToll-Road kuhola wendlela u-N1/N2.

" Siyalivuyela eli thuba lokuba sibonisane nabantu baseHelderzicht/Paardevlei kunye nabe-SANRAL," itshilo INkulumbuso, "Ngaphandle nje kokuba ide yabe indlela le iyaxhaswa ekugqibeleni ngu-SANRAL, uRhulumente wethu ke ngoko ufuna ukubaqinisekisa abantu bale ndawo ukuba akukho nto ibiya kugqibeka enjengesiphakamiso esipheleleyo sokwenziwa kwetoll-road."

INkulumbuso yoleke ngathi: "Kusekuninzi okusafuneka kwenziwe. I-SANRAL kufuneka igqibe ekubeni izichaze iinjongo zayo zokuba yenze le ndlela irhafelwayo, khon' ukuze wonke umntu kuzo zonke iindawo zoluntu ezichaphazelekayo afumane ithuba lokuzibhalisa ngokusesikweni naziphi na izinto ezimxhalabisayo. I-SANRAL kuya kufuneka idibane noRhulumente wethu wePhondo kunye neSixeko saseKapa, kanti nathi siya kubhalisa izinto ezisixhalabisayo. Kuya kuba semva kokuba ezi zinto sele ziqwalaselwe apho uMphathiswa weSizwe aya kukwazi ukwenza isigqibo ngokupheleleyo malunga nokuba azivume okanye azikhabe na ezi zicwangciso. Ukuba ngaba uthe wazivuma, kuya kumemelelwa iziphakamiso zokubiza amaxabiso (tender) - kwaye oku kuya kwenzeka kuphela ngokweemeko ezichaziweyo ukuhlangabezana nezo zinto zixhalabisayo."

"Kubalulekile ke ngoko, ukuba abantu baseHeldericht/Paardevlei basebenzise eli thuba ukuvakalisa okubaxhalabisayo xa abe-SANRAL begqibe ekubeni bayichaze eyona njongo yabo ngokwenza le ndlela ihlawulisayo, "itshilo iNkulumbuso. "Imibandela efana neebhlorho ezizizo zabahamba ngeenyawo nezezithuthi, imigqala ethintela ingxolo, imbonakalo-mhlaba efanalekileyo, kwaneendawo engenangxolo ekufuneka izikolo zalo mmandla zibhaliswe kuzo, kuba ezi zezona zinto zixhalabisayo zisemthethweni eziya kufuneka ziqwalaselwe ngulowo uya kube engumbizi-maxabiso. Kwicala likaRhulumente wePhondo siya kubhalisa izinto ezixhalabisayo esithe sazaziswa - ekungabalulwa kuzo uqinisekiso lweendleko eziya kuza nolu lwenziwo lwale ndlela ihlawulelwayo, ingakumbi kwiinkalo zeendleko ezongezelelekileyo zokuphinda kwenziwe indlela ukuba aziyi kunyanzeliswa kubasebenzisi-ndlela, ngokuthi bahlawule amaxabiso axhome ngaphezu kweqondo. Njengoko kubalulekile ukuba andiswe uhola wendlela uN2, kufuneka siyibaleke nenkqubo eya kubabeka entlungwini abantu bendawo leyo iza kunqumla kuyo indlela le."
Imibuzo Ingabhekiswa: KuRiaan Aucamp
Iselula: 083 778 9923




This content also available in English

UVIMBA-MPEPHA WEENDABA


2009:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN     

2008:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2007:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2006:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2005:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2004:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2003:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 29 uMatshi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





