






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Iinkonzo Zoluntu > Abantu Abadala > Indawo Yokuhlala Yabantu Abadala

Indawo Yokuhlala Yabantu Abadala




INKCAZELO:

Kukho intaphane yamakhaya afumana uncedo lwezimali kumbuso apha eNtshona Koloni.

Isebe Leenkonzo Zoluntu Nokupheliswa Kwentlupheko linakho ukunceda ekuhlawulweni kweentlawulo zendawo yokuhlala yabantu ababuthathaka kakhulu nabadinga uncedo.
Nabani na onakho ukumelana neentlawulo ezipheleleyo zokuhlala angasifaka isicelo sendawo yokuhlala kwelinye lala makhaya.


IMIYALELO:

Ukuze ube nokufaka isicelo sendawo yokuhlala kwikhaya labantu abadala, kufuneka ufake isicelo kwikhaya elo ngqo, kuba kaloku ikhaya ngalinye lineemfuno neentlawulo zalo. Isebe Leenkonzo Zoluntu Nokupheliswa Kwentlupheko lijongisisa abafaki-zicelo futhi liya kunikezela ngoncedo lwezimali kwabo babuthathaka kakhulu okanye bakhubazeke kakhulu futhi badinga uncedo. Isigqibo sokugqibela ngokwamkelwa komntu senziwa ngumbutho olawula elo khaya. Abo bangaludingiyo uncedo lwezimali ngokuhlala kwabo basenokuzifaka nabo izicelo zabo ngqo kumakhaya lawo. Kuxhomekeke kubalawuli bekhaya elo ukufikelela kwisigqibo sokuba amkelwe na okanye angamkelwa umntu othile.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Iindawo Ekuhlaliswa kuzo Abantu Abadala


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Department of Social Development (Provincial Government of the Western Cape)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Old Age Pensions (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Reporting Abuse of the Aged (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 24 uNovemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





