xhosa.155.yourlifeguide_heaven
UNCEDO LOMPHEFUMLO
UMfundisi George unika iingcebiso kwiingxaki zakho zomphefumlo
Ongakunxiba ecaweni
Ndisemtsha, anditshatanga kwaye ndiqale ukuhamba kwinkonzo entsha ezinyangeni ezintandathu ezidlulileyo. Kutshanje kubekho abadala becawe abathe kukho abantu abakhalazayo ngendlela endinxiba ngayo.
Bathi izkeyiti ezifutshane neetophu ezimfutshane endizinxibayo ziwuveza kakhulu umzimba wam. Amanye amabhinqa akhala nangokuba amadoda awo athanda ukundijonga. Ndiyithini le ngxaki?
Ingaba uThixo uyikhathalele into esiyinxibayo?
nguMaria, eKapa
Bhota Maria: UThixo akanangxaki nokuba unxiba ntoni. Nangona kunjalo kaloku amadoda ayachukumiseka kwakubonayo. Xa unxibe iimpahla ezivelisa umzimba wakho kakhulu ubangela iingxaki, uphazamise namadoda ingakumbi ecaweni. UThixo uthi masingazicingeli thina kuphela, koko kufuneka sincame izinto esizithandayo ngenxa yabany' abantu (AbaseFiliphi 2: 3-4).
Olo ke luthando lokwenene.
Idimon kaSatan
Ndinengxaki yokungazithembi okwenza ihambe kancinane inkqubela yam ebomini, kuqka nokukhula ngokomoya.
Ndizibona ndingento yanto ndicinga nokuba abantu bacinga ntoni ngam. Oku akundincedi tu ekukhuleni kwam. Xa kukho umntu oke wathetha into embi okanye oke wandijonga kakubi ecaweni wona imini yam yeCawe yonke neveki elandelayo.
Ndikulwa njani oku? Ingaba uSatana uzama ukundidodobalisa ngeedimoni!
nguCG, eThekwini
Bhota CG: Oku ndikubona ikukuzidodobalisa ngokwakho. Sebenzisa iingcinga uThixo anazo ngawe (uJeremiya 29:11, iNdumiso 139:14-18).
UThixo uyakuthanda (uJeremiya 31:3) kwaye ukubona uxabisekile (uMateyu 10:31). Ukwamkela nokuba unjani (Abase-Efese 1:6) kwaye ukuthanda njengokuba ethanda uYesu
(1 Yohane 4:16; Yohane 17:23).
Utshabalalisa ubomi bakhe
Intombi yam iyonqena ukwenz' umsebenzi wayo wesikolo. Inomfana encuma naye omdala kunayo kwaye ndinexhala lokuba uza kukhulelwa, angasigqibi isikolo aze atshabalalise ubomi bakhe.
Okhathazekileyo, e-mail
Bhota Mfundi okhathazekileyo: Ufanele ukukhathazeka. Thetha naye kakuhle umchazele ngenkxalabo yakho.
Uninzi lolutsha luyafuna ukuthetha ngemiba ebalulekileyo yobomi nabazali kodwa luyoyika. Menze akhululeke, ungasuki nje umyalele ngokuthile okanye umgrogrise - zama ukumbonisa iziphumo zezenzo zakhe. Ungalibali nokumthandazela.
Ingaba kusisono?
Ukucamngca yindlela yaseMpuma yokuphumza ingqondo ukuze unxulumane noThixo. Abany' abantu bathi njengoko kuyinto eyenziwa "eMpuma" inxamnye nobukrestu. Ingaba yinyaniso leyo? Ingaba ukucamngca kukusondeza kuThixo kwaye kundincede ndive iimpendulo zikaThixo kwimibuzo yam?
nguKM, eSoweto
Bhota KM: IBhayibhile isifundisa ukucamngca ngeLizwi nangeMisebenzi kaThixo (uJoshua 1:8; Iindumiso 77:12).
Ukucamngca kukuzalisa ingqondo neengcinga zakho ngoThixo nendlela ojongana ngayo nezinto zobomi.
Ukucamngca kwaseMpuma kunomahluko. Kukwenza ufikelelwe "yimimoya" engeyiyo engcwele. [x]
NDISINDISIWE, UMNTU WAM AKASINDISWANGA - NDIMLAHLE?
NdingumKrestu owazalwa ngokutsha ethandana nendoda engazalwanga ngokutsha yona. Ndifun' ukuqhubeka nokuthandana nale ndoda nangona yona ingenguye umntu wecawe. Lungaqhubeka uthando lwethu ndibe nethemba lokuba ukholo nemithandazo yam iza kumnceda naye akholwe?
Okhathazekileyo, eRustenburg
Bhota mfundi: Asinako ukumtshintsha omnye umntu. Kungenzeka umfana oncuma naye amamkele uThixo, kanti kungenzeka angamamkeli. IBhayibhile ithi abantu abangakholwayo mabangacalulwa
(2 AbaseKorinte. 6:14-15). Ngamany' amazwi abantu abangakholwayo mabangathweswa umthwalo omkhulu. Ungamnyanzeli ukuba akholwe. Xa engowakho uza kumamkela uYesu ethubeni.
BONA XHOSA June 2009
UNYANGO LOMPHEFUMLO
Okunx-ibayo akumcha-phazeli uThixo
Bhalela uMfundisi George: Uncedo Lomphefumlo,
Box 473014, Parklands, 2121
