






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > Iintetho > Intetho Engobume bePhondo ka-2005

Intetho Engobume bePhondo ka-2005


YI: Mr Ebrahim Rasool, Premier of the Western Cape
18 uFebruwari 2005

Ngomhla wesibhozo kwinyanga yoMqungu, ngo-1980, xa kwakubhiyozelwa ukugqitywa kweMinyaka engama-25 uSomqulu weNkululeko ukho, uMongameli we-ANC ngelo xesha yayinguOliver Tambo, owathi:
Lo Somqulu weNkululeko uqulathe ingcamango ebaluleke kakhulu yesininzi sabantu boMzantsi Afrika abafanele ukuxhamla inkululeko esiyilwelayo sisonke  Ngenxa yokuba uSomqulu lo uqulunqwe ngabantu, ngoko ke, uya kuhlala engowabantu, leyo yenye yeentetha zezopolitiko eziphambili ezimalunga neenjongo zethu apho baya kuthi basebenze benamathele kuwo bonke abantu abavela nkalwana zonke zezopolitiko namathandazwe oMzantsi Afrika alwela inkululeko.

Iintsika zedemokhrasi yethu yoMzantsi Afrika esisanda kubhiyozela iminyaka elishumi yenkululeko ngenxa yazo, zisabambelele kwiingcamango nakwimibono eyayiqulunqwe kumabala aseKliptown kwiminyaka engama-50 eyadlulayo, kwaye zazinawo amandla okufumana indlela yazo kuloo mbandezelo yocalu-calulo yoMzantsi Afrika kwaza kwavela ithemba lokuphila bhetele, into le leyo esimana ukuyibona isenzeka imihla ngemihla, iqhothoza kancinane kodwa ikwasinika ingqiniseko yokufezeka kwayo. Konke ke oku kwathatha iminyaka ngenxa yokwakusenzeka kwiminyaka engama-50 eyadlulayo, apho isizukulwana selo xesha yayingabantu ababengavumi ukuba bachitha-chithwe bubuzwe, ukucalulwa, ukungananzwa nokungalingani, okwakusenziwa ngabacinezeli bexesha elo.

Endaweni yaloo nto basuka baphatheka ngendlela engenabulungisa nenobuzwe bakuba bememelele ngamandla besithi:  UMzantsi Afrika ngowabo bonke abantu abahlala kuwo, bentsundu nokuba bamhlophe. Sesi simelelo esiwenze umgaqo-siseko wethu ukuba ucacise ngendlela emasiziphathe ngayo, kwaye ukwazenza iinzame zethu zikekelele ekwakheni isizwe esinye, nakuba siziintlanga ezahlukeneyo ngokwemveli, kweli lizwe, ngaphezu koko usenza sizimisele ekuqinisekiseni ukuba eli Phondo liineenkathazo zalo leNtshona Koloni libe likhaya lethu Sonke, Home for All, n Tuiste vir Almal.

Kwiinzame zethu zokuba siqaphele izinto ekufuneka zenzekile ezazimiselwe nguSomqulu weNkululeko ukuze  kukhuselwe amalungelo abo okuzalwa ngaphandle kokucalulwa ngokwebala, ubuzwe, isini okanye inkolo, kufuneka sibe nombulelo ngenxa yembali yeli Phondo linabantu abahlukeneyo kakhulu ngokwedemografi, nalapho lwathi londela kakhulu khona ucalu-calulo, nalapho asaxhanyulwa khona amalungelo exesha eladlulayo nalapho kusagquba ubuzwe ngamandla

Oku kuthetha ukuthi iinzame zethu ziya kulingwa, zisingelwe phantsi kwaye ngamanye amaxesha zingazelelwa nto, kuba iinkqubo zethu kufuneka zibe neenjongo, kwanokuba sisonke kufuneka sihlale silumkile ngenxa yezihendo zokuyisebenzisa ngendlela engeyiyo le nkululeko njengoko siqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika ngowabo bonke abantu abahlala kuwo kwanokuba iNtshona Koloni iba liKhaya lethu Sonke.

USean Field, uMlawuli weZiko iPopular Memory kwiYunivesithi yaseKapa, usichazela izizathu zokuba kungani umzabalazo lo kufuneka ube nzima nje, uthi: Abantu abangobantu nje kuba bebonwa bekwindawo ehlala abantu, koko bakwazizinto ezinazo neemvakalelo  zonke iimpawu zobuntu zithi ngokwenkcazelo zibonakalise ukuba umntu uxubile kwaye akalohlanga luthile lugqibeleleyo, zonke iimpawu zobuntu zizinto apha ezinochukumiseko nezinobu-ethe-ethe bazo. Ubu-ethe-ethe bazo zonke iimpawu zobuntu benzeke ngokuntlantlu-mbini okubonakaliswa kukuthamba kwanokomelela, kukuqhubeka nokunqumama, ukwahlukana nokufana, ukucacelwa nokubhideka.

Ngokwenene ubuqilima bentlalo eNtshona Koloni busemngciphekweni wobu-ethe-ethe. Iimpawu zobuntu zabemi bephondo eli zibonakala zisemngciphekweni othile. Ubudlelwane obuphakathi koluntu nabo busemngciphekweni. Njengoko sivula le ndlu yowiso-mthetho namhlanje obu buthathaka sinabo buza kubonakala ngenene: abahlali baseJoe Slovo, abathi kwiivekana ezidlulileyo bangabo abebesoloko besenzelwa iinceba ngabemi beli phondo ngenxa yokuba umlilo watshabalalisa yonke into abebenayo, namhlanje ngabo abankqenkqeza phambili kwimizamo yokumanya iintlanga ngamanye amaxesha loo mizamo iye izenzekele kanti nagamanye amaxesha iye ibe yecetyiweyo  mizamo leyo iyeyokuhlanganisa abantu abangenamakhaya eBokmakierie; abaqhubi beeteksi noogqirha kwiSibhedlele iTygerberg; abanini-mhlaba ePinelands nemizi-mveliso eEpping. Enyanisweni noku kungakhethi cala ngokobuhlanga, yinto esemngciphekweni, kanti ke lo rhulumente akanakukwazi ukumela amaqela ezopolitiko kwakhona awavumele kananjalo kunye neenkokeli zawo ukuba awusebenzise ngendlela engafanelekanga lo mngcipheko wobu bu-ethe-ethe.

Ukuba ngaba uSean unyanisile xa athi  zonke iimpawu zobuntu zihamba neemvakalelo kwaye zibuthathaka impikiswano ngeelwimi kwiSikolo samaBanga aPhantsi iMikro kufuneka ifundwe njengesifundo esibalulekileyo malunga nendlela esilakha ngayo iKhaya lethu sonke. Iziphumo zenkundla zibe ziziphumo ezisisisombululo esijonge calanye. ISikolo samaBanga aPhantsi iMikro siyasinyanzela ukuba sisinike ingqalelo nangakumbi islogan esithi, Sahlukene nje, sibanye. Ingaba ngumlinganiselo ongakanani wobunye, ingumlinganiselo ongakanani wokwahluka kwethu ngokwemveli ofunekayo ukuze ube ulungele iphulo IKhaya lethu Sonke? Ukubumbana kakhulu kusikhokelela ekubeni side singabi nakwaziwa kakuhle njengoko siya kusuka siphulukane nobutyebi beempawu zethu ezivela ngokwezithethe nenkcubeko, ulwimi nenkolo yethu. Ukuhlukana kakhulu kuthetha ukuba kukho indawo exegayo kweyona ndawo ingundoqo, into ke leyo ethi akukho nto isibambayo sibumbane sibe banye, kanti oko kuphinde kuthethe ukuba siya kuba sibambelele kumalungelo abantu abathile kuphela singalujonganga lona uxanduva lwento yonke.

Kufuneka sibe nolingano oluzinzileyo ngokubhekiselele kwislogan esithi Sibaninzi nje, sibanye. IMikro isifundisa isifundo esilula: awunakwenza ibango, uphinde ufumbathele kuwe into ongakwaziyo ukuyinika abanye. Xa siyibeka ngenye indlela, ikamva lesiBhulu kwanesithuba esidibene nolwimi lwesiBhulu kwintlalo yethu, kwimfundo nakuqoqosho lwethu ibonakaliswa likroba elivulela isiXhosa kungenjalo naluphi na ulwimi eMzantsi Afrika. ULwimi, njengophawu lobuntu luhamba neemvakalelo kwaye lunobuthathaka balo, kodwa kufuneka lukhuselwe kubakhuseli ngabo banezo mvakalelo zimandla zihamba nolwimi olo. Ikamva lesiBhulu alukho mgciphekweni. Lukhona nolungiselelo lwesiNgesi, nasesiXhoseni kufuneka kube njalo!

INtshona Koloni nayo iyabubonisa obu buthathaka beempawu emadodeni. Yiyiphi enye into engacacisa into ebangela ukuba amadodana eBala azibandakanye nemigewu, apho ubungangamsha bawo abubonakalisa ngokusebenzisa izixhobo ezinobungozi njengemipu nokusebenzisa ubundlobongela obungaphaya kubantu basetyhini? Yintoni enye engacacisa ukuba enyanisweni ulwaphulo-mthetho oluchaphazela abasetyhini kuzo zonke iindawo zoluntu luhlala luphezulu kwanokuba izenzo zobundlobongela ekhaya, ubudlwengu, ukuxhatshazwa ngokwesondo, ukubethwa, nokungcungcuthekiswa kwakunye nokunyhukulwa zezona zinto zichaphazela kakubi amabhinqa nabantwana entlalweni. Abaphembeleli bezi zenzo kufuneka bohlwaywe, kunjalo nje bafumane isohlwayo sexesha elide, kuba sonke sinoxanduva lokusilungisa isidoda khonukuze amadoda, amaqabane ethu noonyana bethu bangabonisi ukomelela kwabo ngokuthi bacinezele abafazi babo, amaqabanekazi abo neentombi zethu.

Somlomo, enyanisweni ubuqilima bentlalo bubuthathaka kakhulu, kodwa oku akuthethi kuthi umnqweno wethu awubonakali ungonentsingiselo kuSomqulu weNkululeko. UHerman Melville, umbhali weenoveli wase-US wayesele eyiqonda kwaphaya kwiminyaka yoo-1800 into yokuba asinako ukuphilela thina. Kuninzi okusihlanganisa nabo sihlala kunye nabo; kwaye phakathi kwezo zinto, oku kufana nemisontwana yokwenza iimpahla, izenzo zethu zihamba ngokwezinto ezingunobangela, ze zibuyele kuthi ezo zinto sele zizinto ezizezethu. Lawo ngamazwi kaHerman Melville.

Izenzo zokuthinjwa kwelizwe, izenzo zocalu-calulo kwakunye nezenzo ezenzeke eNtshona Koloni kwisithuba seminyaka elishumi (10) ethe yadala kwaye yabenza bondela nangakumbi ubuhlanga, ukungabandakanywa kwezoqoqosho kunye nocalulo ngokwesini zezona zinto zihamba phambili.

Izinto ezingunobangela zisasithe nca

Iingxaki ezithe wambu ezentlalo nezoqoqosho ndawonye naMathuba

Izinto ezathi zadaleka ngenxa yokubakho kobuzwe phakathi kwezentlalo, zizinto ezo ezaye zathi ngaxeshanye apha ekuhambeni kwethuba zazala ukushiywa ngaphandle kwabantu bonke kwezoqoqosho. Ungquzulwano kwezentlalo lubonakalisa ukudaleka kothotho lwezinto ezinobungozi eluntwini nezingunobangela wentlupheko nokungalingani. Olu ngquzulwano lulo olulubambe nkxi ngobhongwane uluntu okanye olulubophe uluntu lwethu izandla neenyawo. Ukungabikho semgangathweni kwemizi, nokuba loo mizi iseKhayelitsha okanye iseManenberg okanye eRugby kodwa zonke ezo ndawo zinengxaki enye efanayo yokungabikho kwemisebenzi, ukungafumani zindlu zisemgangathweni kwaneenkonzo ezinjalo, ukusuka apho kusuke kubekho amanani axhomileyo ngokuphathelele kwisifo sephepha nesifo sotyatyazo. Kungathini ke ukuba ingabi nkulu into yokulahlekelwa lithemba nokufa ngenxa yale ntuntanja, kanti kwelinye icala kukwavela nesifo esibi sokuxhaphaza abantwana, udlwengulo, ubundlobongela ekhaya, amaqela emigewu, ukusetyenziswa kweziyobisi nengqondo ethe swii ekusebenziseni imipu?

De kube ngoku uninzi lwabantu bethu  isikakhulu basaswele  bazamana nezo meko zinzima abazibona sebephantsi kwazo ngenxa yemeko yexesha langaphambili apho sasisingelwa phantsi isidima sabo. Oku bakwenza ngenkxaso engengakanani abayifumana kwiindawo abahlala kuzo nakwiintsapho zabo, bezama nokubonisa ukomelela, kananjalo bekhondoza bezama ngako konke okusemandleni abo ukuba baphile ubomo obungcono. Aba bantu ngabantu ekufuneka sibaxhobise, nesifuna ukuyila iindlela zethu zongenelelo, sikwenza oko sisakhela phezu kwesiseko sobuqhawe babo obumandla nakwisidima sabo.

Intswela-ngqesho, iNtlupheko nobuNdlobongela

Kucacile kuthi ukuba akukho ingaphezu kwenye kukho intlupheko, intswela-ngqesho, impilo engekho mgangathweni namanqanaba aphakamileyo olwaphulo-mthetho. Ayimangalisi into yokuba eKhayelitsha ama-55% emizi athiwe wambu yingubo yentlupheko, kanti ilinganiselwa kuma-47% intswela  ngqesho ze alinganiselwe kuma-80% amatyotyombe. Kwelinye icala leSwartklip Road eMitchell's Plain kukho ubungcono noko ngokwenkcazo-manani nangona ikho into ebonisa ukuba umlinganiselo ongama-33% yimizi ehluphekayo ize ibe ngama-30% umlinganiselo wentswela-ngqesho, kanti wona amatyotyombe alinganiselwa kuma-31%. Ayothusi into yokuba liphakame inani lezenzo zobugebenga eKhayelitsha kweli phondo, kukho into ebonisa umlinganiselo oxhomileyo wokufa kweentsana apho siye siphulukane neentsana ezikumlinganiselo wama-44 kwi-1000 ngalinye labantwana abazalwayo. Iipateni ezikwanjalo ziyabonakala naphaya eMitchell' s Plain nakuzo zonke iindawo zamatyotyombe.

Kwelinye icala leli Phondo, phaya kwiKaroo ininzi into yokuthengiswa ngemizimba ngabantwana, into leyo eyaziswa kuthi yinkqubo yeSABC iSpecial Assignment ebutsheni bale veki. Izenzo ezingatshongo khona zasekuhlaleni ezenziwa ngokwamaqela, kwaye yiloo nto urhulumente esabela ngokweenkqubo ezicwangcisekileyo ngokwenziwa kweProjekthi eHlanganisayo nangongenelelo oluphambili kwimimandla yeedolophu neyamaphandle.

Ithemba phakathi kweengxaki

Andinakutha mandla ndiyekelele kule ntshabalalo, koko ndifuna ukuvuselela ngamazwi ombhali wodumo kwanomntu obalulekileyo eburhulumenteni, uVclav Havel, owathi:

Ithemba endisoloko ndicinga ngalo kukuba  eyona nto imandla ngalo kukuba ndilithatha njengento esisimo sengqondo, ingesiso isimo sezizwe zehlabathi. Nokuba sinalo na ithemba ngaphakathi kuthi okanye asinalo, ithemba yinto ehamba nomphefumlo, kwaye ayide ibe kufuneka ixhomekeke kwizinto ezithile ezithe zaqatshelwa zehlabathi okanye kwizinto eziqikelelweyo zemeko ethile[IThemba] asiyonto iqinisekisiweyo ukuba xa usenza into into ethile, loo nto iya kuba neziphumo ezihle, koko ithemba yinto eqinisekisa ukuba into leyo yenziwayo inentsingiselo kusini na, akukhathaliseki nokuba ke ibe naziphumo zinjani na.

Eyona nto inentsingiselo kum kukuba eli phondo lethu linamandla angenakunyinwa ngenxa yokuba abantu balo banobukrelekrele bengqondo athe wabuchaza kwimbalo yakhe uChris Ladochowiski, esihloko sithi, Cape Flats Details: Life and Culture in the Townships of Cape Town. Lo ngumsebenzi obaluleke kakhulu nocacisa amandla afumaneka ekuzinikeleni kwabantu bethu kwindlela yokuziphulisa nokusebenzisa amacebo kumathuba avelayo kwaye oko bekwenza ngendlela apha enozinzo, ebuyisela isidima soluntu nokuzixabisa, phakathi kwenkohlakalo nobundlobongela.

Abantu bethu bafumana iindlela zokufikelela kubuhle obunobuchule obanokuhlanganisa nempilo yabo. Ndicela ke ze niziqaphele ngeliso elibukhali iindawo ezibizwa ngokuba ngamatyotyombe; kananjalo ndicela ukuba niyibuke imisebenzi yobugcisa obumangalisayo ekumacandelo ezolonwabo; ndiyanicela kananjalo ukuba nisive isandi seengoma esithe gqolo ukuziqambela ngokutsha ngokwethu iingoma ezizodwa zeKapa. Endikucelayo ngoku kukuba kufuneka sibuyisele ithemba ngenkolo yokuba, ukuba ngaba wonke umntu unalo ithuba lokuba abe nesidima sakhe esiqinisekisiweyo baya kukhula ngamandla njengamalungu anegalelo kwinkqubela yethu yokusebenzela iKapa lethu Sonke.

Leli themba ke elithe lakhulisa okuthe kwaphunyezwa nguPauline Malefane ngokusemgangathweni wezizwe ngezizwe kwifilimu ethi, u-Carmen eKhayelitsha, eyaye yafakwa phakathi koluhle lwamangenelo angama-800 oMnyhadala oMkhulu waseBerlin, obonisa ukuvumbuluka kwe-opera kwiilokishi zethu; obunye bobuchule obuthe bahlanganiswa kwaye ngoku buya naba kweli lizwe.

Kwangokufanayo, ulwimi olusetyenziswayo kule mihla (ingakumbi ngabantu abatsha) olungamiselwanga abazenzele lona apho kuthathwe iingoma zemidlalo kamabonwakude baza baziguqula befakela awabo amazwi njengo-Brasse vannie Kaap neyingoma esulungekileyo kaSevende Laan ukuchaza iimeko zemihla ngemihla zentlalo yaseCape Flats ngesingqi se-goema. Enye into efika engqondweni ngumsebenzi weqela iGodessa ohlasela iinkolo ngelicinga ukuba azifanelekanga kwiCD yabo yokuqala. Eyona nto iphambili kule talente lulonwabo nodlamko, ingaba ke angayenza njani umntu into yokuba angaqinisi ukwenza uphando ngeKhaya lethu Sonke ukuze anike intsingiselo ngalo mzuzu? Ukomelela okungaphakathi nokuqamba kubantu bethu kufuneka kukhawulezelwe ngenkxaso ngokweenkqubo-qhinga zorhulumente apho athi adale khona ngobuchule amathuba kwezentlalo nakwezoqoqosho.

Yiloo nto kanye siye sasebenzisa iqhinga esijonge ukulisebenzisa ixesha elide sisenzela ukukhula nophuhliso lweli phondo njengento esiya kusebenza ngayo neya kusikhupha entlungwini nasentluphekweni, into esiya kusebenza ngayo ukuzikhupha entluphekweni isise empumelelweni.
KwezoQoqosho

Iindaba ezimnandi Somlomo zezokuba kubonakala ngathi ezoqoqosho ziye zajika, kuba sisendleleni esinga ekwandiseni ukukhula kwezoqoqosho. Qwalasela into yokuba:

* Eyona Mveliso iPheleleyo yaseKhaya eyenziwa kweli - Real Gross Domestic Product (GDPR) yeNtshona Koloni ibalelwa kumlinganiselo wama-3.1% phakathi kowe-1999 nowama- 2003; kananjalo ihambelana nophuhliso lwesizwe, zombini ezi zinto zinamandla ngokulinganayo, kwaye kufuneka linyuke inani ngo-2005/6 ngama-4,1%. Kambe ke sisukuzana nokuhla nokunyuka kwamandla eRandi kwaye asikhuselekenga koko kuba sesichengeni sokhuphiswano lwezizwe zehlabathi. Asikade sifike kowona mlinganiselo ubalulekileyo oyi-6%+;
* UkuKhula kwinkalo yokuhanjiswa kweempahla eziphuma kweli zisiya kumazwe angaphandle kuthe kwisithuba seminyaka emi-6 kwanyuka nge-8-9% ngonyaka ngokwamaxabiso ale mihla, kuquka noko kulindelekileyo kwixesha elizayo kanti noko kubonakala kwezolimo apho eli phondo lethu liye libe negalelo elingama-50% iphelele impahla ethunyelwa kumazwe angaphandle ezisuka kweli.
* INtshona Koloni lelona phondo loMzantsi Afrika linempumelelo kwicandelo lokwakha, apho kubonakala kukho ukwanda kulwenziwo lweeplani zokwakha nge-57% ngo-2004 kunaxa kuthelekiswa no-2003 kwaye oku kubonakaliswa ngoomaslenge ababhabha emoyeni edolophini eKapa kwanangezakhono zabokhi abasele besidla umhlala  phantsi eziye zifuneke kwezo ndawo kwakhiwa kuzo.

Ke ngoko, imisebenzi emitsha engama-200 000 yadaleka ngo-1999 ukuya ku-2003 yathi ngandlela ithile yanokulinganiseka kukuhla kwenani kwezengqesho kumacandelo ohlukeneyo avelisayo. Inani lemizi-mveliso eyenza iimpahla kweli phondo lehla ngenani elingaphezulu kwama-400 ngo-1995 ukuya kutsho kuma-324 ngo-2001. Kwangokufanayo, kwehla nge-77% ngo-1995 ukutyalwa kwabasebenzi abangenazakhono kwezolimo kwaza kwehla ngama-42% ngo-2002. Kwelinye icala, ukutyalwa kwabasebenzi abanezakhono kwicandelo leenkonzo zemali nelemisebenzi lenyuka ukusuka kwi-17% laya kutsho kuma-25%.

Konke oku kuthetha ukutshintsha kwezoqoqosho apho ingeniso yezoqoqosho ilinganiselekayo kumacandelo aqesha abasebenzi abambalwa ngenxa yokuxhomekeka kwiinkqubo zophuhliso lwemveliso. Xa ibekwa ngenye indlela sifumana kukho ukungalingani phakathi kwezinto ezifunekayo kumacandelo ezoqoqosho ngokubhekiselele kwizakhono kwanezinto ezifumanekayo kwimalike yabasebenzi. Ukunqongophala kwezakhono kunyanzelisa ukuba anyuke amanqanaba emivuzo yabantu abanezakhono nabo bakumanqanaba okuphatha. Ziyanda ngokwanda iziphumo zemivuzo phakathi kohlanga oluthile naphakathi kweentlanga ngeentlanga.

Ukuphumelela imfazwe yokulwa ulwaphulo-mthetho

Njengoko kubonakala ngathi sisesemendweni onguwo ngokumayela nezoqoqosho, kubonakala ngathi sikwahamba ngendlela echanekileyo ekulweni ulwaphulo-mthetho. Khawuqwalasele into yokuba xa kuthelekiswa ezi holide zehlobo zimbini sele zidlule: Ukugetyengwa namalinge okugetyengwa kwabantu kuhle ngama-23,1%, udlwengulo luhle nge-13,2%, izenzo zophango ezinobugebenga zihle nge-19.4%, ukuxhatshazwa ngokubethwa emzimbeni kuhle nge-4,9%. Ukongeza koku, ukubiwa nokuxhwilwa kwabantu kuhle nge-14.2% kweli Phondo. Lulwaphulo-mthetho olunento yokwenza neziyobisi kuphela esingekathathi manyathelo afana nala sele siwathathile.

Oku sele kuphunyeziwe kuthundezwe kukusebenza koMthetho, iPrevention of Organised Crime Act, kanti ke ngoku urhulumente wesizwe ujonge ukusebenzisa lo mthetho kwisizwe siphela.

Ukuphumelela ngamandla kweprojekthi iBambanani enamavoluntiya angama-4000 athe asenza ukuba sibonakale kwaye sisabele kwimiba enento enokwenza nezitrato. Ibalulekile into yokuba esikuphumezileyo, ukugxininisa ukubaluleka kokubandakanya uluntu ekulweni kwethu ulwaphulo-mthetho. Ukwabiwa kwamaPolisa eNkonzo yoMzantsi Afrika eNtshona Koloni akhokelwe nguMkhomishina uPetros angama-6 000 sele ewalwa amanani aphakamileyo olwaphulo-mthetho ezitratweni kwanamaqela emigewu kananjalo.

Inye indlela yesisombululo esizinzileyo, ke ngoko, ekulweni ulwaphulo-mthetho kukuqonda oyena nobangela weengxaki esizifumanayo ezinxibeleleneyo nezihamba kunye. Ngokwaloo ngcamango ke, sizama amanye amacebo aliqela ongenelelo anganako ukujongana nemibandela enje ngale ngendlela enobuchule obukhulu kwaneya kuthi iqhube ixesha elide. Simemelela ukusetyenziswa kweli qhinga lineenjongo ezibanzi lephulo, iKapa Elihlumayo  growing and sharing the Cape. Ukuphunyezwa kweli phulo yeyona ndlela ikukuphela kwayo kwiphondo apho ngenye imini siya kunikeza ngezindlu, ukhuseleko nokubenza bakhululeke bonke abantu balo.

IKapa Elihlumayo: uMalathi-ndlela wethu osinga eMpumelelweni

Ukuza kuthi ga ngoku, Somlomo, ndijonge kumaphulo amakhulu okujongana neengxaki kwanamathuba esijongene nawo kweli phondo kwanezinto esele siphambili ngazo kwezoqoqosho nakwiimfazwe zokulwa ulwaphulo-mthetho. Ndifuna ukugxila koyena ndoqo wenjongo yethu njengoRhulumente wePhondo okwinkalo yeenkqubo ezenzeka ngaxeshanye zophuhliso. Loo njongo yinjongo esekelezwe kwezoqoqosho.

Sinoxanduva lokujongana nale ndima kufuneka siyidlale ngenxa yokuba sihamba ngokwendibaniselwano yezikhokelo zemigaqo-nkqubo yesizwe nokuphunyezwa kwayo kwingingqi. Sinomsebenzi onika umdla, msebenzi lowo ungowokuba sisebenzisane sibumba iqhinga elifanelekileyo lokuphuhlisa lephondo eliyinxalenye yengxubevange yesizwe neyeliZwekazi (le-Afrika). Sakhetha indlela yokukhula sikunye, singazibandakanyi kusinga-nkululeko kananjolo singayi kuzibandakanya kwizenzo zokuzigwazisa zamandulo apho sasixhamla esingakutyalanga.

Uqinisekisa ukusebenza kweenkqubo zethu zophuhliso njengoRhulumente wePhondo siyayiqonda into yokuba ikho imfuneko yemithombo yengeniso kulwabelwano olulungeleleneyo kwakunye neegranti ezimiselweyo. Imithombo emitsha yengeniso iya kwenza kubekho indawo yokuceba njengoko ingcali kwezongenelelo imisele ukuba kube njalo. Sele behambe umgama omde ngokubhekiselele kwirhafu yefuweli (amafutha) kwaye oko kuxhomekeke ekunikweni imvume nguNondyebo weSizwe ukuba nje ingathi iphunyezwe ekupheleni kwalo nyaka, apho kulindeleke ukuba ibe ngama-R300 ezigidi ngonyaka ekufuneka anikelwe kwizibonelelo. Sicela uMphathiswa uBrown ukuba amisele uphando olukwafana nolu apho kuya kujongwa ukuba ingenziwa na irhafu yamashishini awamkela abantu (anjengeerestyu neehotele) ukuqinisekisa ngokomelela kweshishini lezokhenketho, oko kusenziwa ngesibonelelo-mali esikhulu kwezeemalike nakuphuhliso ndawonye nokuxhotyiswa kweshishini elilolu hlobo. Okwesithathu, ndiya kulivakalisa kwinyanga ezayo igama leqela eliqhube ngamandla eliya kuba nomsebenzi wokukhangela iimeko/imo yokuphumeza irhafu yezophuhliso, ebizwa ngokuba yirhafu iRobin Hood. Oku kungayeyona nto ingaxhasa ngamandla ezentlalo kunye nenkqubo yolwakhiwo lwezindlu ndawonye nophuhliso lwezibonelelo, oku konke kusekelezwe ekukhuleni kwezophuhliso lwecandelo lezemihlaba. Kakade ukuqwalasela imithombo eyongezelelweyo ezimeleyo yengeniso kuyibekela phambili imeko yokuvulela amagunya okuboleka kwamaphondo (kwingxowa-mali) sele kuqhutywa uthetha-thethwano ngayo kunye neBhanki yoPhuhliso yoMzantsi Afrika.

Ukukhula kunye sonke yinto eyenziwa nkalwana zonke kwaye ingaqinisekiswa njengokukhula okuhamba ngokulinganayo noLungelelaniso, uZinzo, noKomelela msinya. Umalathi-ndlela wokukhula kunye sonke kuza ngokwephulo iKapa Elihlumayo. Somlomo, ndifuna ukuyixelela le ndlu malunga nohlaziyo oluphathelele kwinkqubo yephulo iKapa Elihlumayo, oko sikwenza ngolungelelaniso, uzinzo nokomelela. Onke amacebo aphambili aya kugqityezelwa ngoJuni 2005.

Ukukhula ngokuLungeleleneyo

Kucacile ukuba oku kukhula kunye kufuneka kunike wonke umntu ithuba elifanelekileyo lokuthatha inxaxheba kwezoqoqosho kwinkalo elinganayo yokwenza oko, oku kuboniswa yimo engalinganiyo kwimivuzo, kwiimalike zomsebenzi ingakumbi kwiimalike zemali. Oku kusebenza nakwabo bafikayo kwimalike yomsebenzi kwaye bangama-612 000 abantu abangasebenziyo kungoku nje kweli phondo, kananjalo nenani elikhulu lamashishini asakhasayo anganabanga nangenakubekwa kwisigaba sesibini sezoqoqosho ngenxa yokuba engenakufikelela kwimali eyinkunzi efikelelekayo, iimalike ndawonye neenkcukacha ezichaphazelekayo ukukhulisa amashishini abo.

Ukusabela kwiSicwangciso-qhinga soPhuhliso saBasebenzi siya kuza necebo elipheleleyo lokuqinisekisa ukuba abantu bethu abatsha balungiselelwa ngendlela engcono belungiselelwa iimalike zomsebenzi ingakumbi amacandelo enkonzo oqoqosho lwethu lommandla. Eli cebo lenze ukuba kwaziwe ngenxa yemacetyana apheleleyo, ukusebenza ngabo bantu kujoliswe kubo, neengxelo eziphathelele kwiziphumo ezilindelekileyo. Ngamanye amazwi Somlomo, sifikelele kwindawo apho singatsho ngokuqinisekileyo ukuthi siza kuliphucula ithuba lomsebenzi ndawonye nethuba lokufunda kwabantu bethu abatsha.

Esi sicwangciso sihamba neeNkqubo zokuSebenza ezaNdisiweyo zoRhulumente ezenziwa ngokuzimisela neziya kukhupha imisebenzi engama-120 000 ubuncinane ngeli xesha ndikwesi sikhundla njengento eluphawu lwezoshishino kwanokuba uluntu lubambisane kunye nathi ukuze sibone ukuba singawaphinda-phinda njani na la mathuba emisebenzi ukuze kusebenze wonke umntu ekuhlaleni.

Sikwajonge ukuba kusebenze uthotho lwamanyathelo enkxaso ukuphucula ukusebenza ngempumelelo nokuvuselela amathuba amashishini asakhulayo kweli phondo lethu, oko sikwenza ngokuqaliswa kokwenziwa kwamaziko aliqela okunika iingcebiso nenkxaso. Phakathi komhla wama-23 kuNovemba 2004 ukuya kowe-17 kuFebruwari 2995, bangaphezulu kwama-850 oosomashishini abanamandla nasele bekho abaye bafumana uncedo kwi-Red Door eKhayelitsha. Kwiziko eliyi-Red Door kufundwa ngendlela yokufikelela kwezemali, izakhono zokujongana neprojekthi enkulu nangendlela yokufikelela ezimalikeni.

La manyathelo abalulekileyo afunekayo akakoneli. Kufuneka sisebenze ngamandla ukuze siphumeze isikhokelo somgaqo-nkqubo esisekelezwe ekuXhotyisweni kwabantu abaNtsundu ngezoQoqosho. Oku kuya kwenziwa ngokwenkqubo ezijolisa kokuthile kwaye isikakhulu imimiselo yethu yentengo kuRhulumente wePhondo. Siyiqonda ngokupheleleyo into yokuba igalelo lethi kwezoqoqosho kuqoqosho lommandla kwaye sijonge ukulusebenzisa njengento ethundeza ukuba sikhulise amathuba oshishino kwabaNtsundu nakwabeBala. Ngokufutshane Somlomo, ukukhula kunye okanye ukukhulisana kunye kungaqatshelwa kuphela xa ngaba abo bantu bachaphazelekayo kwezoqoqosho bafumana ithuba elifanelekileyo lokukhuphisana njengabalinganayo.
Ukukhula okuZinzileyo

Uphuhliso lwezoQoqosho kufuneka lomelezwe kananjalo lujoliswe ngendlelwa apha eya kuqinisekisa ukuxatyiswa kweentlobo-ntlobo zethu zezinto eziphilayo. Isixhobo sokuthundeza ukukhula okuzinzileyo okukwamanyanisa uluntu siSicwangciso ekuthiwa yiProvincial Spatial Developmente Framework (PSDF). Emva kokuba kugqityiwe siya kuthi phakathi kwezinye izinto, size nepateni entsha yophuhliso lomhlaba ovulelekileyo weNtshona Koloni. Le mbono iya kujoliswa kutyalo-mali lwecandelo loshishino lwabucala ndawonye nokuqinisekisa ngokuhambelana kolwabiwo-mali oluhlanganisiweyo kuzo zonke iinkalo zorhulumente. Ukumiswa kwamabala okudlalela igalufa abesele ephakanyisiwe ngomnye wemizekelo wokusombulula ungenelelo ngendlela esiya kuthi siphendule ngayo ngokubhekiselele kwezoqoqosho ukuqinisekisa ngeziphumo ezizinzileyo nezibandakanya wonke umntu.

Somlomo iingxaki zethu esijongene nazo kungokunje neziziingxaki ezihlangeneyo njengembalela izandyondyo zemvulo ezifuna ukuna siziqwalasele ngokupheleleyo, zinto ezo zithi zichaphazele ukukhula okuzinzileyo asinto intle nemnandi ukuba isihlele kodwa okungaphezulu kufuneka ibe yinto ephambili efuna ukujongwa ngamandla kule nkqubo yokukhula kunye. Indlela epheleleyo esithe sayijonga ngayo ingxaki yokutshintsha kwemozulu ibonisa indlela asoloko ezigcine ngayo izisombululo zexesha elide engqondweni kunanxa kuthelekiswa nokuba nezisombululo zexesha elifutshane urhulumente. Le ndlela kusetyenzwa ngayo iboniswa kulo lonke jikelele xa bekutyikitywa iKyoto Protocol kule veki. Ngamany amazwi, Somlomo, uphuhliso oluzinzileyo sele luyeyona nto iphambili kumbono wethu kwanakwizinto esizenzayo njengorhulumente.

UkuKhula ngokoMelela

Izinto ezibalulekileyo eziphathelele kulungelelaniso nozinziso azinakuhlulwa kwezona zinto ziyinene ezingqina ukuba singummandla odlala indinyana ethile kuqoqosho lommandla, olo qoqosho luba negalelo kuqoqosho lwezizwe ngezizwe, apho imigaqo idla ngokungathotyelwa ubukhulu becala ngenxa yokuba inzala iphakame ngamandla kwaye iba sezandleni zabo bongamele ezoqoqosho. Umsebenzi wethu kukwalatha indlela esingangenelela ngayo ukwenza amacandelo ethu ohluka-hlukeneyo omelele nangakumbi ukuze abenako ukumelana nemo engenalusini yehlabathi kwanokungazinzi kwamandla emali. Ngokucacileyo, xa amacandelo ethu ezoqoqosho engenakuvuselelwa kwiimalike ezikumgangatho wokhuphiswano oxhomileyo wehlabathi, ngaloo ndlela iya kuba incinane imbono esinayo yokusombulula iingxaki ezihlanganisiweyo esijongene nazo kwezentlalo, kwi-ikholoji nakwezenkcubeko.

Yiloo nto kufuneka sityale ngokwesicwangciso-qhinga senkqubo yophuhliso ukuze sibone ukuba singenza ntoni na ngeyona nto ibalulekileyo ngoqoqosho olungebanzanga. I-MEDS iya kuba yincwadi esisikhokelo esiya kuyisebenzisa ukujonga indlela emasingenelele ngayo ukukhuthaza ukukhula kwecandelo eli ndawonye namathemba omsebenzi kwisithuba sexesha elithile kwanexesha elide. Injongo yesi sikhokelo seMEDS koku:

* Ukumiselaukunyanzelisa isiseko sezoqoqosho olunxa-zonke;
* Ukuqinisa amacandelo ngamandla anawo okukhula, umz. ukhenketho, umhlaba nezakhiwo zawo, iingcali kwezemveliso, iinkonzo zemali, ushishino ngeendawo zekhefu, amaziko ekuqondwa kuwo izinto (call centres) neenkonzo zenkcubeko;
* ukunika inkxaso kuhlenga-hlengiso oluqhubeka nzima ngenxa yobunzima bokuhlanganiswa kweenkqubo zezizwe zehlabathi ukuze zibekwe kwinqanaba eliphezulu ngokomgangatho nexabiso, umz. icandelo leempahla netekstayili;
* ukukhuthaza amacandelo asakhasayo ngeenkqubo ezimandla zophuhliso lwezentlalo neze-ikholoji, umz. amashishini okusingqongileyo, uqoqosho oluya kuqinisekisa ngenkxaso kwezentlalo kwimimandla entlithwa kanobom yiHIV/Aids kwakunye nezinye izigulo ezingubhubhane;
* ukuphucula imo yezoshishino ngokuthi kuncitshiswe imida, oko kusenziwa ngokwamalinge omthetho i-Integrated Law Reform; ndawonye
* nokuqalisa ukusetyenziswa koCwangciso lweZibonelelo oluCetywe ngobuchule (SIP) , lucwangciso olo luya kube lujonge ekuphuculweni kwezothutho, nendlela ecwangcisekileyo kunye nocwangciso lokulawulwa kweempahla zePhondo.

Somlomo, injongo yethu yokuphathisana ngokukhula iya kubakho apha ekuhambeni kwethuba. Kufuneka ngoko ke, sikulungiselele oko kwaye sikhusele abo bangabona basengozini apha phakathi kwethu.

Ekulungiseleleni ukukhula kunye, indawo yokuqala kukulungiselela abantu bethu kunye nobuchule ndawonye nolwazi abanalo. Sizijonge ngeliso elibukhali iimfuno zezoqoqosho eziya kulungela ixesha elithile kanti nezikwalungele kwanexesha elide ngaphezu koko seziqalisa ukuziqonda iimfuno zaBasebenzi beNtshona Koloni. Seyisiya icaca ngokucaca into yokuba icebo eliya kusebenza kuBudlelwane obuphakathi kwabantu bokusebenza kufuneka bumiselwe kwindlela esizinikele ngayo ukuze kwandiswe inani labafundi abathe baphumelela imatriki emagqabini kwizifundo zezibalo nezenzululwazi, nabebezenze ngohlelo oluphezulu. Umbuzo ke ovakalayo ngothi, siya kukuphumeza njani oku? Umphathiswa uNaledi Pandor sele ewathabathile amanyathelo ngokuthi avakalise ukuba ikho into elibhaso elifumanekayo emvuzweni kootitshala bezifundo zeZibalo nabezifundo zeNzululwazi, oko ebekuvakalise ebutsheni bale veki. Kufuneka sithabathe inyathelo ekugqityiweyo ngalo xa abantwana beli phondo kufuneka benekamva kuqoqosho oluvelayo eNtshona Koloni, olwenziwe zii-ICT, iboitechnoloji, ukuphanda nge-oli nangegesi, icandelo leenkonzo zemali, njlnjl. Ingaba alifikanga na ixesha lokuba kunyanzeliswe izifundo zezibalo nezenzululwazi ukuba zenziwe ngohlelo oluphezulu ngumntu wonke ezikolweni? Ingaba esi ayisiso na eso sigqibo sisifunayo ukuba ngaba sifuna ukwenza igalelo/ ifuthe kule nkalo? Xa zivulwayo izikolo kunyaka ozayo ngo-2006, akukho mfundi weBanga 8 omakanikwe undlela mbini wokuba angazenza na izifundo zezibalo nezenzululwazi apha eNtshona Koloni. Kuya kufuneka bezenzile. Akuyi kubakho ndlela mbini wokuba izifundo ezo zenziwe ngohlelo oluphezlu okanye ngohlelo olusezantsi na. Sifuna kusetyenziswe uhlelo oluphezulu kuphela ukususela kulo nyaka uzayo ukuya kufika kwimatriki. Ndenza isicelo kootitshala nabafundi ukuba bakwenze kusebenze oku. Esi sisitshixo esikhusela ikamva lethu.

Ingcamango ephathelele kubemi, imizi noluntu oluphila kukuzenzela , iphumezeka ngokweCebo lokuSekwa koBudlelwane obuphakathi kwabantu bokusebenza, cebo elo lithi lisikhokelele ekubeni singawavaleli amathuba abanokuba namandla nobuchule kuwo abantu, oko kusenziwa ngokungenelela kwabantu abangundoqo ekuphuhliseni uluntu. Abantu abanjalo baya kutyalwa eluntwini ukuze kuqinisekiswe ukuba abantu bethu banolwazi ngendlela ekunokufikelelwa ngayo kwizibonelelo zorhulumente kwanakwezinye iinkonzo ukuba ngaba ziyafuneka. Ngaphezu koko, kufuneka baqinisekise ukuba abantu bebonke kufuneka bazibone benoxanduva lwempilo yabo ngokuthi bathathe inxaxheba kuMaqumrhu aLawula iZikolo, kwiiFoeram zokuGada zoLuntu, kuMsebenzi wokuNonotshelwa kweMpilo, msebenzi lowo uya kuba kukukhangela indlela ezisebenza ngayo iikliniki, amagosa obupolisa angamavolontiya akuBambanani. Iikomiti zeWadi, njalonjalo.

Ithuba elibalulekileyo: Indebe yeHlabathi 2010

Somlomo, kwiKhabhinethi yethu yeLekgotha kule veki iphelileyo, iKhabhinethi yaye yathwaliswa uxanduva lokujongana nomngeni: wokuba ingaba singayitshintsha njani na imincili esinayo ibe zizenzo njengoko siphumelele ilungelo lokuba siqhube imidlalo yeNdebe yeHlabathi ngo-2010 ingakumbi indima ebaluleke kakhulu eya kudlalwa yiNtshona Koloni koku [apho sinethemba lokuqhuba umsitho wokuvula le midlalo, amaqela amabini kanti kwanemidlalo yee-semi-final] ukuze ibe lilifa lanaphakade labantu beNtshona Koloni elo.

Ndikholelwa ekubeni iKhabhinethi yeLekgotha, emva kokubonisana ne-SAFA kunye neSixeko iya yathabatha inyathelo lokuqala elithambekele ngakule njongo ngokuthi liqinisekise ukuba istediyam sase-athlone siya kusebenza njengendawo ephambili yokuqhutywa kwemidlalo yeNdebe yeHlabathi ngo-2010 kweli Phondo.

I-WC 2010 iya kube ibonisa amathuba ezoqoqosho angahambelani nanto ukuze iqiniswe njengendawo ephambili yezokhenketho iNtshona Koloni kwihlabathi liphela. Ke ngoko, ingaphezu kokuba kunjalo. I-WC-2010 ikwalithuba lokuqalisa ngotyalo-mali kwizibonelelo ezibalulekileyo ekukhuleni kwezoqoqosho lwethU nakuphuhliso olulinganayo lwezentlalo, kuqukwa nokuphuculwa kohola uN7 kwanokuqalisa ukusetyenzwa kwendlela eya eAgulhas.

Ukusetyenzwa kweKlipfontein Corridor kufuneka kufikelele esiphelweni ngo-2009. Oku kuya kumenza nohola uN2 Gateway abe semgangathweni. Iprojekthi N2 Gateway yinto engaphezu kokuba kufuneka kanti naleyo yokwakhiwa kwezindlu isekwangaphezu kokuba kufuneka, kwaye kujongwe nomcimbi waseJoe Slovo. Ngokubhekiselele kwi-Athlone Stadium neKlipfontein Corridor, oku kuthetha ukuvuselelwa kommandla weCape Flats, neyindawo engumbindi apho kucingwa ukuba khe iqwalaselwe ngokutsha into yezibonelelo zoThutho zikawonke-wonke.

Ngoko ke sibona ukuba intsebenziswano phakathi kwamacandelo oRhulumente namacandelo oshishino abucala adale ukuba kubekho izithuthi eziya kudubanisa isikhululo seenqwelo-moya kunye nesixeko saseKapa, into ke leyo eyayisoloko ingummiselo owawusekwe kwakudala, ukuba ngaba sifuna ukusombulula iingxaki zengxinano yezithuthi esele iqhube ixesha elide. Ngamanye amazwi Somlomo, kwisithuba nje siminyaka emihlanu uMbindi weSixeko saseKapa ungaguquka ngaphezu kokuba sicinga.

Ngaphezu kwezinto esithe sasizama nzima ukuziphumeza silungiselela i-WC 2010, ukuba ngaba loo migudu icetywe kakuhle kwaza oko kwalawulwa ngendlela efanelekileyo naxa sikhulisa umoya ofanelekileyo wemidlalo, loo nto iya kuba yinto enkqenkqeza phambili ukutshintsha iindlela zokuphila phakathi kwabantu abatsha beli phondo, abangamaxhoba eHIV  AIDS, iziyobisi, amaqela emigewu, ulwaphulo-mthetho kanti bakwangabatu abangenathemba. Isikolo ngasinye, igumbi lokufundela ngalinye, ibala lokudlalela ngalinye kwiindawo zethu zoluntu, kufuneka sizibone sele singenakuphuncuka kwiibhola ekhatywayo nemidlalo ngokubanzi. Olu hlobo loguquko kwezentlalo luya kufuna ukuba sisebenzise amathuba esidalwe nawo ukuze kuhlaliswane ngamoya mnye ekuhlaleni. IWC 2010 kufuneka ibe ngowona mqondiso wethu wephulo, iKhaya lethu Sonke.

Kufuneka iphulo iWC 2010 lifikelele kumalinge aphezulu enziwe liKapa okuba libe lelona likumgangatho olindelekileyo wezizwe zehlabathi ngokwemidlalo. Indebe yeHlabathi kwiMidlalo yoMbhoxo ngo-2011 yeyona nto siya kulandelisa ngayo kwi-ajenda yethu. Imidlalo yeCommon Wealth yango-2014 nayo ikwiingcinga zethu. Ukwandisa imidlalo yethu, izithuthi nezibonelelo zentlalo kuya kuthetha ukuba iKapa liya kuthi kwakhona lonwabele ukuqhuba imidlalo yee-Olimpiki ngo-2020.

Ubuchule nolwazi oluphuhlisayo loRhulumente

Saye saphinda sakhunjuzwa kwakhona kule veki iphelileyo ukuba imeko emandla yokubambezeleka kubuchule nolwazi kwicandelo lorhulumente iya ibheka phambili. Oku kuyisingela phantsi kakhulu into yokunikwa kwengqalelo kwemigaqo-nkqubo ephathekayo necacisa ngokumhlophe ezona zinto kufuneka zibonelelwe nekujoliswe kuzo ngamandla. UMongameli ukubeke ngokungenalusini oku kwintetho yakhe. Ubuchule nolwazi lokuphumeza iinkqubo zethu kufuneka zibe yeyona nto iphambili kulo nyaka uzayo. Sivakalisa ukuzimisela kwethu ekwakheni umbuso onophuhliso ofanelekileyo, osebenza ngokwamacebo akhayo nanempumelelo oko sikwenza kunye nabasebenzi baseburhulumenteni, kodwa ke oko akupheleli nje ekusebenzeleni abantu esibakhonzileyo kuphela, koko kufuneka kubekho nobuchule kwakunye nendlela yokuziphatha efanelekileyo ukuze imiba ephambili yorhulumente ifezeke. Kungenxa yoku ukuze sibe sinikwe umsebenzi wokuphanda ukukhangela ukuba abasebenzi bethu bazi kangakanani na, benolwazi nengqiqo engakanani na malunga nokukhula kwephondo nangesicwangciso-qhinga sophuhliso, iKapa Elihlumayo.

Kudala inzolo kwaye kuyakhuthaza okuthe kwafunyaniswa xa bekuqhutywa uphando, apho ibe ngama-45% abasebenzi bethu abangekeva nokuva ngesicwangciso, iKapa Elihlumayo, kodwa bengaphezu kwama-90% abanolwazi ngaso. Oku kubonisa ukuba isicwangciso, iKapa Elihlumayo asikasebenzi kakuhle. Eyona nto ixhalabisayo ke ngoko kukuba ama-54% abo banolwazi ngesicwangciso, iKapa Elihlumayo abakhe bayicinge into yokuba esi sicwangciso singayichaphazela indlela abasebenza ngayo kanti nendlela eliya kusebenza ngayo isebe kwixesha elizayo. Somlomo, sithi abawenze mncinane umsebenzi wethu wokuphumeza ingqiqo kwakunye nokuzinikela kwi-ajenda entsha esakha ngayo.

Ukuphendula malunga nezinto eziphathekayo eziphathelele kurhulumente woorhulumente, sinqwenela ukuvakalisa uthotho lwezinto ezilungenelelo eziphambili ngokokubaluleka eziya kujongwa kulo nyaka:

* Siya kuqhuba uphando olumandla kubasebenzi bethu sizama ukuqonda ukuba kungani na ukuba inkonzo yoburhulumente ingabonakalisi mdla kulo lonke jikelele kwi-ajenda ezintsha eziqulathwe kwiphulo iKhaya lethu Sonke nephulo iKapa Elihlumayo. Akufuneki sicingele nje ubuvila okanye ukugxekwa, koko kufuneka sikhangele into oluluncedo ngayo unxibelelwano lwethu kunye nabasebenzi sikhangele kwanamandla la wethu ukuze sibaqinisekise ukuba le ndlela intsha, izakhono ezitsha ezifunekayo, isimo esitsha sokuziphatha esilindelekileyo ngokweBatho Pele, nokuzinikela ekunikeni inkonzo ebalaseleyo ukuba zezona zinto zingundoqo sizifunayo.
* Siya kwenza uphando olufuna ukuqonda ngezakhono noluya kusinceda ekuqondeni eyona ndlela ingcono esinokuthelekisa ngayo ubuchule nolwazi kwezona zinto ziphambili ngokubaluleka ekungafuneka kuqalwe ngazo ukunikwa kweenkonzo, size sinike bonke abasebenzi umqondiso wokuba siyafuna ukutyala kubo njengabantu kwanabaqeshwa, kodwa oko kusenziwa ngokuqhutywa zezona zinto ziphambili zifuna ukwenziwa kananjalo neemfuno zorhulumente. Asinakukwazi ukunika amakhefu athathwa ixesha elide kwanamakhefu okufunda ahlawulelwayo anikwa abantu abathatha izifundo ezingahambelaniyo nophuhliso lorhulumente.
* Siya kuwenza amaziko esiqeqeshela kuwo abe zizixhobo kwakhona, lo maziko ngamaziko afana neCape Administrative Academy. Kubalulekile ukuba la maziko kunye nothungelwano ngeenkqubo zamaziko-mfundo ephakamileyo lunike inkxaso enempumelelo ekufezekiseni iphulo iKapa Elihlumayo.
* Sikholelwa ekubeni iiMbizo zabasebenzi zezona zixhobo zibaluleke kakhulu ezivumela umntu wonke kwiqumrhu eli ukuba azibandakanye kumbono nakwimigaqo-nkqubo yorhulumente wephondo, kwanokuba kuya kuqaliswa ngenani leeMbizo zabasebenzi kwisithuba seenyanga ezintathu ezizayo.
* Siya kuphumeza iNkqubo yoLawulo lweNdlela yokweNzizwa koMsebenzi esebenzayo. Ziphelile ezo ntsuku zazisayanyaniswa nobuvila, nokungaboni ngasonye ndawonye nobukrwada kubasebenzi baseburhulumenteni. Ukusebenza ngokubambisana kunye neKhomishoni yeeNkonzo zasebuRhulumenteni kuya kwenza kukhawuleziswe inkqubo yokumisela iinkonzo ezinikwayo ezisemgangathweni kuwo onke amasebe kwisithuba sonyaka. Urhulumente uya kutsho abe nako ukusebenzisa le migangatho yeenkonzo njengesixhobo esiya kusenza sikwazi ukuphendula.
* Lo ngunyaka wokuba siphumeze iSicwangciso-qhinga esiLungeleleneyo seNgqesho kunye nokuzinikela, iGqiza elijongene noMsebenzi leSizwe liya kutyalwa lisebe loMphathiswa uFraser-Moleketi osebenza ngamandla esebenzela ukuhlangabezana nemihla yokuvala ekuMatshi 2005 esenzela esi sicwangciso-qhinga sinabileyo malunga nalo mbandela.

Ngaphezu koko sikwaqwalasele nento yokuba kukho ukusilela kwizixhobo ezithile ezinentsingiselo zorhulumente ngenxa yobucukubhede obufunekayo bobugcisa kuzo. Enye yezo zinto yiNkqubo yoLawulo lweNdlela yokwenziwa koMsebenzi apho siya kuhamba ngokweentshukumo ezo. Kulandela le ntetho, izivumelwano eziphathelele kwindlela yokusebenza phakathi kwaBaphathiswa kunye neentloko zamasebe abo ekufuneka zinikwe imvume yiNkulumbuso. Iziphumo zokuQhutywa koMsebenzi, izinto ekujoliswe kuzo kwanezalathisi aziyi kuphinda zichazwe ngendlela engacacanga kwaye aziyi kwenziwa ngendlela equka nje konke. Kufuneka zibe namandla, zibe nokulinganiseka, kwaye zenziwe zihambelane ncakasana nezicwangciso-qhinga zephulo, iKapa Elihlumayo. Okona kubaluleke kakhulu, kufuneka zenziwe ngendlela eqinisekisa ukuba iNtloko yeSebe eli izihambisa ngendlela elawulekayo neya kwenza kuphendulwe ngazo.

Ubudlelwane phakathi kooRhulumente

Kule veki iphelileyo kwiNtetho yakhe yeSizwe, uMongameli uThabo Mbeki uye wathetha kwavokotheka ngobundoqo kurhulumente weedolophu kwinkqubo efanelekileyo yocwangciso lophuhliso noziso lweenkonzo phakathi koorhulumente. Ugxininise kwinto yokuba: iKhabhinethi isebenzela ukungqamanisa iNjongo yoPhuhliso loMhlaba oVulekileyo yeSizwe kunye nokuKhula kwiPhondo ndawonye neZicwangciso zoPhuhliso kunye naMacebo oPhuhliso aHlanganisiweyo omasipala.

Ukuqinisekisa ukuba oku kuyasebenza kuqulunqwe uMthetho osaYilwayo wezoBudlelwane phakathi kooRhulumente apho lo mthetho usayilwayo uya kuwiswa khona, oko kusenziwa ePalamente xa lo nyaka usiya ekupheleni. Ngulo mthetho usayilwayo omisela ubudlelwane obuphakathi kweenkalo zoRhulumente kwanoqinisekisa intsebenziswano ekucebeni nasekufezekiseni oko kucetyiweyo.

Ukubona ukuba uMthetho osayilwayo uba nguMthetho ngoku, ndiya kuqalisa ukudibana neForam yoburhulumente yeNkulumbuso ngo-Epreli 2005 ukuqwalasela imiba ephambili yokuba kudaleke intsebenziswano phakathi kwe-NSDP kunye nesicwangciso, iKapa Elihlumayo kwakunye nee-IDP ezahluka-hlekeneyo zoomasipala beNtshona Koloni, isiphumo esiya kuphuma apho siya kugqibela ngokuba sisenzo esihlanganisiweyo nesilungelelanisiweyo ngokweProject Consolidate kwakunye nezo ndawo ziphakanyisiweyo neziBekwe elisweni nguMongameli ndawonye, nokucokisisa intsebenziswano ekunyuseni iinzame zokoyisa ukusilela okukhoyo kwezezindlu, oko sikwenza ngesicwangciso esiHlanganisiweyo sokuHlaliswa kwaBantu ezindlwini.

Iforam yasebuRhulumenteni yeNkulumbuso iya kuba yiforam elindelekileyo nefanelekileyo ekuhlanganiseni nasekwenzeni izigqibo kwimisebenzi eyenziwayo nasekusebenzeni koomasipala, kwaye oku kusivumela ukuba sikwazi ukuqwalasela iingxaki zolawulo neyolwazi nobuchule olusasilelayo kwabanye oomasipala abakweli Phondo. Asinako ukuyinyamezela into yokungasetyenziswa kolwabiwo-mali, ingakumbi kwimicimbi ephathelele kulwakhiwo lwezindlu nezibonelelo, okanye ukusilela kwezinto kwiinkqubo zentengo apho bekufanele ukuba ezo ziinkqubo ezithe tse ezingenakukhalazelwa.

Ingxoxo ephathelele kwezentlalo kunye neNtsebenziswano

Yinto eqinisekisiweyo ukuthatha kwethu inxaxheba kwinkqubo yedemokhrasi ukuba i-ajenda echaziweyo kule ntetho kufuneka iqhutyelwe phambili ngokwentsebenziswano kunye noluntu ndawonye necandelo loshishino lwabucala. Sinebhongo ukunika ingxelo yokuba saye sahlanganisana ngempumelelo kwiNgqungquthela yokuKhula noPhuhliso ngomhla wama-28 kuJanuwari ngo-2005. Kwabekwa isiseko sokuzikisa izinto eziphunyezwayo zezivumelwano ekwagqitywa kuzo xa kwakumiselwa iNgqungquthela yokuKhula noPhuhliso kunyaka odlulileyo. Okwaphunyezwayo kukwamisela ukubaluleka kweKhansile yoPhuhliso lwePhondo njengendawo yengxoxo apho singakwazi khona ukuvakalisa izinto esahlukana ngazo kodwa sifune kwanezinto esingqonelanayo ngazo ekuphuculeni umgangatho wokuphila kwabantu. Ndinovuyo ke ngoko lokuba ndiqinisekise ukuba ndiye ndavakalisa amalungu amatsha ePDC izolo. La malungu aya kuvakaliswa esidlangalaleni ebutsheni bale veki izayo xa sele sabaxelela bonke abaza kuba kwezo zikhundla.

Ukongeza koku, Somlomo, ndiya kusele ndivakalisa ukuba abo kuthe kwaphakanyiswa amagama abo njengabaza kuba kwiKhomishoni yoLutsha baya kuqalisa ngoLwesihlanu, umhla wama-25 kuFebruwari 2005. Ukunikwa iintsuku ezingama-72 ezifuneka ukusuka kunyulo olo ukuya ekumiselweni, sinengqineseko yokuba xa lufikile olo Suku loLutsha siya kuba nequmrhu esele limile esiya kuthi sikunye nalo sisebenze zonke izinto eziphambili kumaqela oyamene nolutsha. Siya kuba neKhomishoni yoLutsha eya kuwenza ume ngendlela umgaqo-nkqubo kunye nezabelo zorhulumente ngokubhekiselele kufundo, kuqeqesho lomsebenzi, kwiiprojekthi zolutsha njalo-njalo.

Ukuqinisekisa ukuba imeko esekelezwe kwezesini ehamba nezifo zasentlalweni kweli Phondo kwanokuqhubeka kusingelwa phantsi isidima samabhinqa kwezoluntu nakwezoqoqosho, asingeke siyibukele sihlele nje singawakhuseli amabinqa ekuphathweni dlakadlaka nasekuxhatshazweni. Kodwa unyaka u-2005 kufuneka ibe ngunyaka apho siphinda siphonononge iinkqubo zokubonisana zikarhulumente nokuqinisekisa ukuba inkqubo yamabhinqa ekuthuwa yi-Women in Dialogue eNtshona Koloni iba liqonga lokuthundeza ukuxhotyiswa kwabasetyhini, kwanokuvuselelwa kwesidima sabo ndawonye nokuthathelwa ingqalelo ngokolingano kwamabhinqa eluntwini. Imeko yendalo kufuneka ibe yimanyano eyomeleleyo iWomens Movement apho lo mbutho uya kuthi uzithethele khona.

Ubudlelwane nezizwe zeHlabathi

Ukwanda kwezoqoqosho kwiimalike zehlabathi kunye namathuba amatsha kunye nobudlelwane, sinawo amandla angaphelelanga nje ekutsaleni utyalo-mali, koko sikwanawo nawokuvula iimalike ezintsha. Ukuza kuthi ga ngoku siya kuyihambela iAfrika, iChina kunye ne-Indiya ukomeleza nokwandisa amaqhina akhoyo. INtshona Koloni kufuneka ikhethe awona mahlakani aphambili ehlabathini. Kulo nyaka siya kubona ukuqhutywa kwe-ajenda ye-NEPAD njengoko iphondo eli lizayamanisa ne-Afrika kwakhona.

Kufuneka sibe ngamahlakani ngokupheleleyo kwaye sizimisele ekuyinikeni ingqalelo inkqubo yokuvuselelwa kwe-Afrika njengoko nathi siliphondo le-Afrika. Somlomo, uMongameli uMbeki walinika eli Phondo umsebenzi omkhulu ekudlaleni indima ephambili emaliyenze kwiprojekthi yokulondoloza, ukuvuselela nokuyenza yaziwe ingqokelela ebalulekileyo yeembalo zangenkulungwane yeshumi elinesibini eziseTimbukthu, eMali. Iya kuba sithi abaya kwenza unyuso lwengxowa-mali yokwakha imyuziyam eza kugcina iimbalo isigxina, le myuziyam iya kwakhiwa liqumrhu labokhi abasuka kweli Phondo.

Ukuvala

Sathi xa sasingena kwezi zikhundla ngoMeyi 2004, saqalisa ngokukhawuleza ukusebenza ngenkqubo yeentsuku ezili-100. Oko sasikwenzela ukuba sikhawuleze ukujonga ezona zinto zifuna ukuqwalasela kuqala apha eNtshona Koloni kananjalo nokubenza ukuba basithembe abantu ababesakungananzwa ngoorhulumente ababengazinzanga beNtshona Koloni. Kanti ke kwakhona oku sakwenziswa nayinto yokuba sasisazi ukuba inkqubela eyiyo kufuneka iqhutywe yimiba ephambili kwakunye neenjongo ezilinganisekayo. Sele siphumeze ama-90% ezinto esasijolise kuzo kwisithuba nje seentsuku ezili-100. Asikhange sithi ngenxa yokuba sikuphumezile oko, sasele siyekelela umxakatho kodwa siye sathi ngokukhawuleza saqalisa ngezinto ezintsha ekuye kwafuneka kujoliswe kuzo nekufuneka zibe ziphunyeziwe ngo-Epreli ka-2005. Oku ke sithi xa sikubiza sithi liPhulo lePasika kwaye sijonge ukuba sihlangabezane nezo zinto sijolise kuzo.

Nakubeni ngeli xesha sisebenza ukubeka ilitye elisisiseko kwimpumelelo yesizukulwana esithile ndawonye nempumelelo eyakhelanayo nezinye izizukulwana kufuneka siqinisekise ngokukhawulezisa nangokuphumelela kwenkqubo yokunikwa kweenkonzo ngexeshana elifutshane. Ukugxininisa koku ndinike uMphathiswa weKhabinethi ngamnye umsebenzi wokuba abonise isisombululo salo rhulumente.

UMphathiswa uStali wanikwa umsebenzi wokuvuselela imidlalo ezikolweni, ukubenza abantwana bethu bathambise imizimba yabo ezikolweni kwakhona, badlale nokuba ngumdlalo mnye okungenani nokuqinisekisa ukuba ootitshala abangxameli ukugoduka ngo-2 emalanga koko bahlale esikolweni besenza ulungiselelo lweenkqubo zasemva kwemini. Le yeyona ndlela esingabujika ngayo ubomi bolutsha.

UMphathiswa uRamatlakane uya kuqhuba neenzame zakhe zokunciphisa ulwaphulo-mthetho olukhatshwa bubundlobongela nokufa okwenzeka ezindleleni zethu. Simbekele izinto emakajolise kuzo ekwenzeni oko, apho ngoku kukho ukuncipha kwezi zinto nge-7% nange-5% ngokokulandelelana kwazo, kwanamapolisa angama-400 akwaloliwe aya kuthi ehle esenyuka noololiwe.

UMphathiswa uEssop uya kuthi ngo-Epreli abe efezekise iProvincial Spatial Development Framework njengesiseko salo lonke icebo lethu kananjalo nento eqinisekisa ukuba uwiso-mthetho olucwangcisiweyo alusayi kutshintshwa bubundlobongela nabubuqhetseba.

UMphathiswa uMqulwana uya kuzalisekisa isibhambathiso sethu esiphathelele kubantwana bethu sokuba bakhuseleke banikwe namathuba angawo xa beqalisa imfundo, oko kusenziwa ngokuphuculwa kwamaziko e-Early Childhood Development ali-120, msebenzi lowo uya kuqaliswa ngaphambi kwePasika.

UMphathiswa uBrown uya kuqhuba nokuvulela ezoshishino ngokuthi avule iiRed Door ezintsha ezintlanu, eAtlanstis, eHermanus, eBeaufort West, e-Oudtshoorn nasePaarl.

Izinto ajolise kuzo ngo-Epreli uMphathiswa uDugmore kukuba uza kuqalisa ngokwakha izikolo ezisixhenxe ezitsha khon ukuze zibe zigqibekile kulo nyaka uzayo kanti ngePasika izikolo ezingama-320 kwezingama-432 ziya kube sele zixhotyiswe ngeelabhoretri zeekhompyutha.

UMphathiswa uSkwatsha ujolise kunxulumaniso lokunikwa kweenkonzo ngokwenkqubo eze namathuba angama-16 000 emisebenzi ebizwa ngokuba yi-Expanded Public Works Programme njengento eligalelo kulo nyaka kweyona nto bekujoliswe kuyo kwisithuba seminyaka emihlanu ama-120 000 ngokweSicwangciso-qhinga sokuKhula noPhuhliso

UMphathiswa uDowry uya kuqinisekisa ngogqithiselo lomhlaba olinganiselwa kwiihektare ezingama-5000 kumafama ayesakunganakwa ngaphambili angama-500, encediswa ngamagosa ezolimo angama-63.

UMphathiswa uUys uya kuqinisekisa ngophuculo lweenkonzo nokuncitshiswa kwexesha lokulinda kumaziko ali-15 ezempilo ewonke, oko kusenziwa ngo-Epreli kwaye kuya kuvulwa neKliniki yokuqala ezinikeleyo yeHIV/AIDS eGugulethu.

UMphathiswa uFransman uya sele ekhuphe iziza ezili-15 000 apho sele kwakhiwe izindlu ezintsha ezingama-9 000 kulo nyaka-mali umileyo, eyisebenzise ngendlela enempumelelo nemali evela kuhlahlo-mali eyayigqithiselwe ukusuka kunyaka-mali odluleyo eyiR150 yezigidi.

Ngamanye amazwi, Somlomo, lo ngurhulumente ogxile ngokulinganayo ekwenzeni eyona nto ifunekayo ixesha elide engajonge nje kubaluleko lokunika iimfuno ezikhawulezileyo ebantwini. Ngokuqinisekileyo, icebo elinjalo alisetyenziswanga nje ngaphandle kwenjongo kwanocelo-mngeni kodwa oku kuyinto eqinisekileyo ukuba kungani na icace kangakanani into yokuba ngulo rhulumente kuphela, ngokweli xesha, onawo amandla okusitshabalalisa isenzo sexesha elidlulileyo.

Ngo-1955 xa abantu babehlanganisene bequlunqa uSomqulu weNkululeko emva kokufuna iimbono zoluntu nkalwana zonke zeli lizwe, babesazi ukuba kufuneka abantu bayivandlakanye ixesha elide baze bahlale bengagungqi kwingqiniseko yokuba oko babekwenza bezimisele kusomqulo lowo kuya kuthi ekugqibeleni kube neziqhamo ezihle, ezingaphaya kokuba babelindele ngexesha lokudla kwabo ubomi. Kwintetho yakhe emandla uHelen Joseph eyathi yasisongezelelo kulo moya ibekwe ngokwale ndlela ilandelayo:

Ndiyaweva amandla ndiyibona nenjongo engagungqagungqiyo yaba bantu njengoko bebambe umngcelele woqhankqalazo Aba ngabantu abavela kuzo zonke iinkalo abeze kule ndibano, ngelize kuva, babonisane bamkele usomqulu wabo olungiselelwe ikamva labo, lo somqulu uyilwe ngoko kusuka kwezo ntliziyo zikrazukileyo nakuba benethemba nje Oku yayikukuzalwa kosomqulu wanaphakade ongavumiyo ukutshabalala nokuba zazingavunyelwa kangakanani iintlelo ngeentlelo zakhe okubhalwe ephepheni kunganyhashwa kodwa zingenakufa zona izimvo ezibhaliweyo kuye.
Namhlanje siya kwazi ukuthi apha eNtshona Koloni ezo ngcamango zazivakaliswe ngokubhalwa ephepheni eKliptown kwisithuba seminyaka engamashumi amahlanu eyadlulayo sifumane intsulungeko kwisicwangciso buchule sokukhula kunye, iKapa Elihlumayo, umbono wethu weKhaya lethu Sonke.




This content also available in English

YAYAMENE

* State of the Province Address: 2008 - Mr Ebrahim Rasool, Premier of the Western Cape (Iintetho) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* State of the Province Address: 2007 - Mr Ebrahim Rasool, Premier of the Western Cape (Iintetho) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* State of the Province Address: 2006 - Mr Ebrahim Rasool, Premier of the Western Cape (Iintetho) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* State of the Province Address: 2004 - Mr Ebrahim Rasool, Premier of the Western Cape (Iintetho) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)

UVIMBA-NKCUKACHA WEENTETHO


2009:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR     

2008:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2007:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2006:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2005:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2004:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2003:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2002:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     

2001:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     




Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 12 uEpreli 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





