xhosa.1552.sibusisoNEW
UBUMHLOPHE obuphandlayo. Ubumhlophe bomkhenkce obugqobhoza kwiimpahla ezolekiweyo butshis' ufele lwakho. Umoya obhudla ngamandla wona uthath' ikhephu ukugibisele ngalo kube ngathi uhlatywa yimikhonto. Uhamba nzima ugobile, umzimba wakho unga ukutsalela emva.
Utsala isileyi esinobunzima obuli- 120kg.
Ukuhamba eludakeni akuthathi nto kuba apha ungazibona utshona emngxunyeni okanye kuthanda lomkhenkce olunzulu.
Kanye embindini wale meko imbi apho amaqondo engqele eku -30 C, uSibusiso Vilane oneminyaka engama-37 uyacinga uthi "Ngenene ndide ndafika!"
Ukucanda amathafa anekhephu asiyonto wayezimisele ukuyenza njengomntu okhulele eShongwe Mission ngaseNelspruit, ezelusel' iinkomo phantsi kwelanga elifudumeleyo lase-Afrika.
Kodwa uhambo ngenyawo olusingise kwiSouth Pole, ngaphandle kwamaqela amncedisayo okanye izinja zokumtsalela isileyi, yimpumelelo nje ayifumene ngokuzithandela.
Kaloku ngo-2003 waba yindoda yokuqala emnyama ukunyuka intaba i-Everest eyeyona iphakamileyo - kwaye ngo-2005 wayonyuka okwesibini le ntaba.
Ubunzima
Kukwityeli lesibini lokonyuka i-Everest apho uVilane nogxa wakhe u-Alex Harris okwangumqabeli-ntaba abaqala ukuceb' ukuya kwiSouth Pole.
Kwakunzima ukulungiselela olo hambo lodelo-ngozi ngokomzimba nangokwasengqondweni.
"Ndabaleka ugqatso lwemigama emide kwakabini, ndazomeleza nangebhayisekile. Ndanditsala namavili amakhulu imigama emide ukuze ndilungele ukutsala isileyi."
Nokunyuka i-Everest kwamnceda kuba kwamfundisa ukumelana nemeko yengqele emandla.
Phofu ke ukomelela ngokwasemzimbeni bekuyeyona nto ilula. Eyona nto ibibalulekile kukwakha iingcinga ezizizo engqondweni.
Xa uqala ukumjonga lo mfo wakwaVilane obude buyi- 1,6m umfumana enomoya othobekileyo kwaye ethethela phantsi, ukanti ezi mpawu zifihla ukomelela kwakhe.
Asele ekuzuzile
"Kundomelezile ukusebenza njengegame ranger. Kundomeleze emzimbeni nasengqondweni kuba bendihamba imigama emide endle. Kuphinde ke kube nendima nokukhulela ezilalini ndisolusa iinkomo, ndisikha amanzi emilanjeni, ndihamba imigama emide ukuya esikolweni, ndidlal' imidlalo enzima," utshilo.
UVilane onabantwana abane uyavuma ukuba uzimisele ukwenza izinto ezingazange zenziwa ngabantsundu ngaphambili, uthi yiyo kanye loo nto emkhuthazayo ukuba abheke phambili naxa umzimba sel' ungavumi.
"Andingomntu ukuvumelayo ukoyiswa. Ndifuna ukubonisa bonke ababecinga ukuba andinakuphumelela ukuba akunjalo," utsho.
Ethetha ngohambo lwakhe awaluthabathayo noogxa bakhe ukusingisa kwiSouth Pole uthi: "Babesitsho besithi akukho namnye umnntu ontsundu oseke wanyathela kweliya cala - ngoko ke njengomdaka wokuqala, ndandifanele ndiphumelele. Kufuneka ndizanelise mna, ndibonise nabantu ukuba unako ukuphumelela xa uzimisele."
Umceli-mngeni
Ngaphandle kwengqele nobungozi bohambo lwakhe olude uVilane wazifumanisa ejongene nomnye umceli-mngeni owayengawulindelanga. Wafumanisa ukuba intombi yakhe yamagqibelo inesifuba kwaye imeko yayo iya ngokubambi.
"Loo nto yaphantse yandonzakalisa. Kwakungathi alusapheli uhambo, ndingxamele ukugoduka ukuze ndibe kunye nomntwana wam ogulayo. Kwaba ngathi ngumzimba kuphela olapho intliziyo yona sele isekhaya. Ndandifana nesidumbu esilandela emva kwabanye."
Eyona nto yayisenza kube nzima ngakumbi kukuba imo yayimaxongo uVilane noHarris babengakwazi ukuthetha ngexa besenyuka intaba.
"Unxibelelwano yinto esiyithatha lula, kodwa yasuka yayinto enqabileyo nesiyinqwenelayo. Linye ixesha apho sasikwazi ukuncokola, kuxa sasithath' ikhefu silungisa nento esiwa phantsi kwempumlo."
Ihambo-nzima
Esi sibini saqala uhambo lwaso ngoNovemba 2007 sicwangcise ukulugqiba ngeentsuku ezingama-60. "Kodwa ngenxa yekhephu nesaqhwithi bathabatha iintsuku ezingama-65.
"Kukho ixesha apho ikhephu lawa iiveki ezimbini zonke kwabe kukho nomoya ovuthuzayo onesantya esingu-20km/h. Kwabanzima kakhulu ukuhamba ngokwexesha ebesilibekile leeyure ezilishumi ngemini. U-Alex wafumana amanxeba okutyiwa liqabaka. Kodwa ke mna ngethamsanqa ufele lwam lwakwazi ukuyinyamezela ingqele," utshilo encumile
Noxa kunjalo, uthi ukucanda phakathi emkhenkceni yeyona nto yakhe yanzima kuye.
"Emva kokuwa kwekhephu kwakunzima ngakumbi ukuhamba kuba lwalungathi lungumgubo ohleli ngaphezulu. Iintsuku zazifana. Sasivuka, sisong' iintente zethu sipakishe iimpahla siqhubeke nohambo lwethu phezu kwekhephu."
Inkxaso
Wafika ekhaya imeko yentombi yakhe sele ibhetele.
Uthi usapho lwakhe - oluquka owakwakhe, uNomsa (32) nabantwana bakhe uSethabile (15), uBhekiwe (13), uBavukile (7) kunye noSiphesethu, onguyena umncinci osandul' ukugqiba iinyanga ezili-14 ezelwe bayamkhuthaza kakhulu.
"Kunzima xa kufuneka ehambile, kodwa sonke siyazingca ngaye," utsho uNomsa.
Phofu ke asingabo bonke abantu abacinga njalo, abahlali abamboni uVilane njengomntu ophumeleleyo.
"Kubo umntu ophumeleleyo bambona ngezinto eziphathekayo azizuzileyo. Kwaye mna ndisengulaa Sibusiso Vilane ohlala kulaa ndawo ndandihlala kuyo ngaphambi kokuba ndinyuke i-Everest okanye ndiye kwi-South Pole."
Le nto ayithethi ukuba abekho abantu abayibonayo intsebenzo kaVilane.
"USibusiso ngumntu ozimiseleyo, obesoloko ebonisa iimpawu zobukroti kwasekuqaleni. Ukwangumntu olungileyo omthandayo owakwakhe nabantwana bakhe," utsho uSifiso Nkosi owayesebenza naye njengegame ranger
Izicwangciso zikaVilane zengomso...
Uzimisele ukucanda i-Alaska. Mhlawumbi emva koko, yena no-Alex bangake bathabath' uhambo oluya e-Empty Quarter, enye yeentlango ezinkulu ehlabathini, apho amazantsi eSaudi Arabia ubukhulu becala ezinze khona kunye neengigqi ezifana ne-Oman, i-United Arab Emirates neYemen.
Ngexesha lokwahlukana kwethu, ndiye ndakrwaqula izandla zakhe ngexa endixhawula ndaze ndafikelwa ziingcinga zobunzima ezi zandla esezike zajongana
nabo. [x]
BONA XHOSA - May 2008
IBALI STEVEN MAKHANYA KUFOTE SIBUSISO VILANE & ALEX HARRIS
Dibana nenye yamadoda aseMzantsi Afrika omelele ngokwenene
Uyenyuke kabini i-Everest ukanti sel' esuka nakwiSouth Pole. UNelson Mandela wamqhwabel' izandla esithi ungumzekelo omhle kwabantsundu ehlabathini liphela. Kodwa ingaba ukhuthazwa yintoni uSibusiso Vilane othobekileyo nowomelele ngokumangalisayo?
UBOMIBOKWENENE
BONA XHOSA - May 2008
u
t
Likho ithuba apho kwaw' ikhephu iiveki ezimbini kukho nomoya onamandla ohamba ngama-20km/h
BONA XHOSA - May 2008
Uthunjana kaSibusiso, uSiphesethu. Ukuva ukuba uhlutshwa sisifuba kwenza uhambo lwakhe lwanzima ngakumbi.
Idelangozi limi phezu kweNtaba i-Everest, eyona ntaba iphakemeyo ehlabathini.
Yomelela
Amacebiso kaSibusiso okuphumelela...
Zimisele ngento osele ugqibe ukuba uza kuyenza.
Kholelwa ekubeni usoloko usilwela ukuphumelela.
Zilungiselele xa uza kwenza into.
Cinga ngokuhle kodwa lonk' ixesha.
Khetha ukwenza izinto ezizisa ixabiso ebomini bakho nakwabanye abantu.
Yiba nakho ukumelana nayo nayiphi na imeko odibana nayo.
Cwangcisa.
Musa ukucinga ukuba impumelelo yimali kuphela.
