﻿

Amaziko e 10 111

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Eli liziko lokutsalela umnxeba lokuxela ngobugebenga elisebenza iiyure ezingama 24 , kwaye lisingatha izikhalazo zoluntu. Ungatsala umnxeba kwifowuni ye-telkom okanye kwiselulafowuni. Yonke iminxeba engena kweli ziko iyashicilelwa.

Qaphela: Cofa le nombolo kuphela kwiimeko zonxunguphalo nongxamiseko. Ungayenzi indlalo le nombolo kuba oko:

kuthintela iminxeba esuka kubantu abakwiimeko ezibeka ubomi babo emngciphekweni kwaye abadinga uncedo lwamapolisa

kuchitha ixesha lamapolisa njengoko amapolisa kungafuneka aye ngenqwelo okanye ngenqwelontaka kuloo ndawo ekuthiwa kwenzeka kuyo ubugebenga

kuyinkcitho yezinto eziyimfuneko njengoko amagosa engasiwa kwindawo engenanxunguphalo nangxamiseko.


Kwizikhalazo nje ezingephi kunye naxa ubuzisa ngokubanzi, tsalela umnxeba kwisikhululo samapolisa esikufuphi kuwe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Tsalela umnxeba kwinombolo ethi 10 111 naphina eMzantsi Afrika.

Igosa eliphendula iminxeba liyaphendula, lize ke lithabathe yonke inkcazelo neenkcukacha eziyimfuneko

Inkcazelo ifakwa elugcinweni, uze ke unikwe inombolo yokubuzisa njengobungqina nokwenzela ukuba ubuzise ngayo kwixa elizayo.

Isikhalazo sigqithiselwa kwiZiko lendawo leNkonzo yaBahlali ye-SAPS, ekuthiwa yi-SAPS Community Service Centre , kwiZithuthi zeCandelo okanye kwiZithuthi zaMapolisa ahamba eMoyeni .


Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Police Service Act, 1995 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Zonke iifowuni ezingenayo ziphendulwa kwamsinyane kangangoko kunokwenzeka.

Entla

Iindleko

Umnxeba osuka kwi-telkom: Inkonzo ayihlawulelwa
Iminxeba esuka kwiiselulafowuni: Uhlawuliswa ngokwamazinga esiqhelo

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho zifom zigcwaliswayo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


