Bonke oomongameli nonobhala-jikelele wabaqeshwa abamelwe yimanyano yezemisebenzi
Bonke abantu abonyulwe ngabasebenzi ukubamela
Nkosikazi/ Mhlekazi/ Qabane elibekekileyo/obekekileyo
UMKHUHLANE OKHOYO ELIZWENI JIKELELE-A (i-H1N1) 2009 
NjengoMphathiswa wezeMpilo, ndim buqu okubhalelayo malunga nesifo esingasentla  ngezizathu ezibini: 
ukunika ulwazi oluya kunceda wena buqu ukusebenza ngesi sifo
ukucela uncedo lwakho nokubandakanyeka kwakho buqu noko kwe-ofisi yakho ephezulu ekudluliseni ngokusebenzayo imiyalezo engundoqo ngoMkhuhlane-A (i-H1N1) 2009 kwindawo ohlala kuyo.
Igama elisesikweni ngokwenzululwazi lesi sifo ngumkhuhlane okhoyo elizweni jikelele-A (i-H1N1) 2009. Uqale eMixico naseMerika ngo-Epreli kulo nyaka. Kuqala yayisaziwa njengomkhuhlane weehagu kuba kwakucingwa ukuba ivela ezihagwini. Ngoku, kuyaqondwa ukuba ngumxube weziqalo zabantu neentaka.  Ngoko ke, isifo asinanto yokwenza nokusebenzisa ihagu okanye iimvekiso zehagu. Ngoku kubhekiswa nje kuso njengomkhuhlane okhoyo elizweni jikelele okanye ngegama lawo elisesikweni elikhethiweyo, i-A (H1N1) 2009. 
Ukusuka ngo-Epreli walo nyaka intsholongwane isasazeke ngokukhawuleza kumazwe ali-166 kwilizwe jikelele. E-Afrika, ukuza kuthi ga ngoku isasazeke kumazwe ali-16. Ngeli xesha lokubhala le leta, intsholongwane ihlasele abantu abali-177 457 (kuqinisekisile elebhu) ne-1 457 esele liqinisekisiwe ukuba liswelekile. 
Namhla eMzantsi Afrika, siqinisekise izihlo ezingama-2 844 nesithandathu sabaswelekileyo.
Emva kwentlanganiso yesine yeKomiti kaXakeka ebibanjwe ngomhla we-11 kuJuni ka-2009, uMbutho weHlabathi wezeMpilo (i-WHO) ugqibe kwelithi indlela yesifo esikhoyo kwilizwe jikelele kuhlangatyezwene nayo kwaye uMlawuli-Jikelele, uGqirha Margaret Chan, wasibhengeza isifo esikhoyo elizweni jikelele (inqanaba lesi-6). Oku nje kuthetha ukuba isifo besihamba emazweni kwizithili nonke ze-WHO kwaye sasisasazeka ngokukhawuleza.  Nangona kunjalo ndinqwenela ukugxininisa ukuba ukubhengezwa kwesifo esikhoyo kwilizwe jikelele akuthethi kuthi isifo siyabulala. Kuthetha nje ukuba sisasazeka kulo lonke.
Ngomhla wesi-6 kuJulayi, i-WHO icacise ukusasazeka kwesifo esikhoyo elizweni jikelele kumazwe ahlaselweyo nakumazwe amatsha njengokuqhelekileyo nokungenakunqandwa. Ngethamsanqa noxa, oku kunganjalo, baqaphela ukuba abona bantu baninzi abasulelwa yintsholongwane bayakuba nenkqubo ezolileyo. Kodwa ke, njengamagosa ezempilo, kwilizwe jikelele nalapha ekhaya, sisaxhalabile koku kusweleka ekungoku sele kwenzekile (kwilizwe jikelele ngu-0,8% ize eMzantsi Afrika ibe ngu-0,2% wabantu abahlaselweyo).Ikakhulu intsholongwane yosulela abantu abakubudala beminyaka eli-10 ukuya kuma-29 – uninzi lwaba bantu basezikolweni okanye kumaziko emfundo ephakamileyo.  
I-WHO icebise ukuba amazwe mawagxile ekudambiseni impembelelo yesifo kwiindawo zoluntu. Ekwenzeni oku, unxibelelwano olusebenzayo ngundoqo. 
Indlela yokusasazela
Isifo sisasazeka ngamathontsi okosuleleka (oko kukuthi xa umntu owosulelekileyo ekhohlela okanye ethimla, uze uphefumle umoya othimlelweyo okanye okhohlelelweyo; nokuba bakhohlelela phantsi uze uphefumle umoya okwalapho usengasuleleka).
Iimpawu zesi sifo
Iimpawu zingohlulwa ibe ziindidi ezintathu
ngokuzolileyo
ngokuphakathi
ngokukhulu. 
Iimpawu zokuzola zibandakanya: 
iimpumlo ezimanzi okanye ezivalekileyo
ukukhohlela
umkhuhlane 
ukuqaqamba kwemisipha 
ukuziva ungaphilanga nje wonke.  
Uninzi oloyikisayo lwabantu kwilizwe ngokubanzi luneempawu ezizolileyo kwaye aluyi kufuna nkathalelo yonyango ekhethekileyo. Kodwa ke, abantu abaneempawu ezizolileyo bamele ukunyangwa kanje ngezinye iimpawu zomkhuhlane oqhelekileyo ngaphandle kwabantu abaneemeko ezilandelayo amabafune ujongo lonyango olukhawulezileyo nokuba baneempawu ezizolileyo: 
abantu abanentliziyo okanye isifo semiphunga
abasetyhini abakhulelweyo
abantu abaphila ne-HIV ne-AIDS 
abantu abaneswekile.
Iimpawu eziphakathi zibandakanya uchatha weempawu ezizolileyo:
ukuqhawukelwa ngumphefumlo
isifuba esibuhlungu
ukukhupha okungapheliyo
utyatyazo neempawu zokoma.
Iimpawu ezinkulu zibandakanya iimpawu ezizolileyo neziphakathi ezinochatha  
ubunzima ekuphefumleni (ingxaki ngokuphefumla)
imilebe eluhlaza, ulwimi okanye ezinye iindawo zomzimba
ukozela okukhulu nokulahlekelwa zingqondo.
Namphi umntu oneempawu eziphakathi okanye ezinkulu makafune kwaye azuze ukujongwa ngokwezonyango okukhawulezileyo. 
Ukusasazeka kwesifo kumaphondo
Ukusasazeka kwesifo kumaphondo ethu njengepesenti yezosulelo epheleleyo kwilizwe lethu kolu lulandelayo:
EGoli		50% 	
ENtshona Koloni	31%	
KwaZulu-Natal	7%	
EMpuma Koloni	4%	
ELimpopo		2,4%	
EMpumalanga		1,9%	
EMntla-Ntshona		1,8%	
EFree State		0,7%	
EMntla-Koloni	0,1%	
Abantu abathandathu abaswelekileyo:
ENtshona Koloni	bathathu
EMpuma Koloni 	mnye
EFree State		mnye
KwaZulu-Natal	mnye.
Ukuvavanywa kwentsholongwane
Uvavanyo olusesikweni lwenziwa liZiko leSizwe lweZifo ezoSulelayo, elime eGoli laze lahlwayelwa kutshanje eNtshona Koloni. Ukuvavanya kwenziwa ngengcebiso kagqirha. Izigulane ezifuna inkathalelo kwinkqubo karhulumente yempulo mabangaceli uvavanyo lwaselebhu. Siqaphela ukuba ngoku oku yinto ekhoyo kwicandelo labucala lezempilo kodwa akucetyiswa yi-WHO. Oogqirha mabanyange iimeko ezikrokrelekayo malunga neeprothokholi ezinikwe liSebe lezeMpilo. 
Unyango 
Unyango olukhethiweyo liyeza lokunyanga nokuthintela umkhuhlane ekuthwa yiTamiflu. Eli limele ukumiselwa ngugqirha kwaye licetyiswa kuphela kwabo banee: 
mpawu ezizolileyo kwiindidi zomngcipheko ezithile njengoko kukhankanyiwe ngasentla.
abaneempawu eziphakathi
neempawu ezunkulu.
Unyango lwesininzi ngeTamiflu kuyakukhokelela kuxhathiso lwesininzi kwiyeza balinike ngokungeloncedo nakwabo bantu engabubomi kubo.
EMzantsi Afrika, sinamathamo ali-100 000 eTamiflu kumayeza akhoyo kwicandelo likarhulumente. Oku kuyakukhusela i-0,1% yenani labemi. Amazwe asentshona anamayeza akhoyo alungiselelwe i-1% yenani labemi.
Ukuvalwa kwamaziko
Amava elizwe lonke abonise ukuba ukuvalwa kwezikolo namaziko emfundela ephakamileyo, iindawo zokuthenga neendawo zokusebenza ebezingasebenzi ekuthinteleni ukusasazeka kwesifo. Endaweni yoko, abangele olukhulu uphazamiseko loluntu.
Sicebisa ukuba namphi umfundi, umhlohli okanye umsebenzi oneempawu ezizolileyo ahlale ekhaya. Ukuba baninzi abafundi kunye/ okanye abahlohli abahleliyo ngoko iziko elihlaselweyo malibonane neSebe leMfundo esiSiseko, neyakuthi yona neziphathamandla zempilo ziyakucebisa ngenyathelo elimele ukuthathwa.
Ucoceko olulula
Ngenxa yendlela yosasazeko lwesifo njengoko kukhankanyiwe kuqala, ucoceko olulandelayo luyacetyiswa:
hlamba izandla ngesephu qho
khohlelela okanye uthimlele kwithishu okanye emkhonweni
ungaze ukhohlelele ezandleni zakho, ngcono ukhohlelele engqinibeni
ukuba unyanzelekile ukuba ukhohlelele ezandleni zakho, sukuphatha nantoni efana nemiqheba yocango, iifestile, imiphezulu yetafile okanye izixhobo ude uhlambe izandla zakho ngesephu
ukuba uva iimpawu ezizolileyo, hlala ekhaya uze unqande ukubonana nabanye abantu.
Ndinqwenela ukukuqinisekisa ukuba yonke into yenziwe ziinzululwazi kwilizwe lonke, zisebenzisana ne-WHO ukuzama kunye nokuvelisa ugonyo. Ukuba izinto zihamba kakuhle, ugonyo olunjalo lungakho kwiinyanga ezimbalwa. Nangona kunjalo, kuqheleke imfuno eyoyikisayo yogonyo ngamagunya okuvelisa ambalwa – akukho gunya lise-Afrika.
Ndiyabulela ngokuthatha ixesha uzifundele le leta, kwaye ndikubulele ngokulindeleka kokubandakanyeka kwakho ekudluliseni nasekudambiseni iziphumo zesi sifo.
Ngebanzi imibuliso
GQIRHA A MOTSOALEDI, i-MP
UMPHATHISWA WEZEMPILO
UMHLA:
